Licekise Ngokupheleleyo Ikhondo Elilihlazo Leli Hlabathi
“Abathe nqa ngako ukuba ningabaleki kunye nabo, ukuya kwakuwo loo melelo wokuzibhubhisa.”—1 PETROS 4:4.
1. IBhayibhile ilichaza njani ikhondo langaphambili lehlabathi athi amaKristu amaninzi enkulungwane yokuqala abaleka kulo?
‘UMELELO wokuzibhubhisa.’ Leyo yindlela umpostile uPetros ayichaza ngayo imeko elihlazo ababekuyo abaninzi kwinkulungwane yokuqala ngaphambi kokuba babe ngamaKristu. Ezinye iinguqulelo zithetha ngalo ‘njengomgxobhozo wokwenza unothanda’ (The New American Bible); “umhadi wamabibi wokuzifica” (The New Testament, nguKleist noLilly). Yintoni eyayiphakathi kulo melelo wokuzibhubhisa? Umpostile ukhankanya ngokungqalileyo uburheletyo, iinkanuko, ukutshiswa yiwayini, iindywala, imithayi nokukhonza izithixo.—1 Petros 4:3, 4.
2. Kutheni le nto amaKristu emele anconywe namhlanje?
2 Onjani umahluko okhoyo phakathi kweli hlabathi nebandla lamaKristu okwenyaniso! UPetros wawancoma ngokufudumeleyo amaKristu awathi wawabhalela ngokuthi angaqhubeki ebaleka namaqabane awo angaphambili ehlabathi kulo mgxobhozo, kulo mhadi wamabibi, wobubi. Kuyasivuyisa kakhulu ukunikela uncomelo olufanayo kumaKristu namhlanje, xa iimeko ezikhoyo zimbi ngakumbi kunokuba zazinjalo kwinkulungwane yokuqala. AmaNgqina kaYehova enza umgudu wenkuthalo ekuqheliseleni unqulo olucocekileyo nolungadyobhekanga olukholisa uThixo nonguBawo wethu, oluquka ‘ukuzigcina kukabani engenabala kweli hlabathi.’ (Yakobi 1:27) Umlinganiselo wawo ophakamileyo wokuziphatha uzisa uzuko olukhulu egameni lika Yehova.
3. Yintoni eyabangela uPawulos abe buhlungu, njengoko kunjalo nakuthi namhlanje?
3 Noko ke, ukuze balondoloze umlinganiselo wabo ophakamileyo njengentlangano ecocekileyo, maxa wambi abantu bakaThixo kuye kufuneke babohlwaye okanye bade babasuse ebudlelaneni abambalwa ngentelekiso abathi bazivumele ukuba babanjiswe luqheliselo lokuzibhubhisa lweli hlabathi. Oku kubangela intlungu, ibe sivakalelwa ngendlela umpostile uPawulos awavakalelwa ngayo xa wabona imeko efanayo ngenkulungwane yokuqala. Wabhala: “Kuba baninzi abahambayo, endathetha futhi kuni ngabo, ngoku ke ndithetha ndilila nokulila, ndisithi, bazizo iintshaba [zomthi wentuthumbo, NW] kaKristu; abasiphelo siyintshabalalo, abaThixo usisisu sabo, abaluzuko lulihlazo labo, abanyamekela izinto zomhlaba.” (Filipi 3:18, 19) Thina, njengabantu ngabanye, sinokukuphepha njani ukwenzeka kwento enjalo kuthi? Ngokufunda ukuxelisa uYesu ekuthandeni imilinganiselo ephakamileyo yobulungisa kaYehova nangokuthiya ukungcola kweli hlabathi.—Hebhere 1:9.
Musa Ukukhangela Emva
4. (a) Kutheni le nto kunokwenzeka ukuba sirhintyelelwe ekubuyeleni kuqheliselo oluthob’ isidima lweli hlabathi? (b) Yintoni eya kusinceda ukuba sikuphephe ukuyileka komnqweno ophosakeleyo?
4 Ungaze uwajongele phantsi amandla esono. Izinto ezinomtsalane zeli hlabathi zinamandla yaye zininzi; uMtyholi unamaqhinga yaye uneengcwangu; intliziyo yomntu inenkohliso. (1 Yohane 2:15-17; 1 Petros 5:8; Yeremiya 17:9) Xa intliziyo ithi izinze kumnqweno wayo wokufuna okuthile, idla ngokungakufuni ukuqiqa. Kungoko sifumana izikhumbuzo ezininzi kangaka eLizwini likaThixo zokusinceda sikwazi ukugcina iintliziyo zethu zizinikele kuYehova nasekwenzeni ukuthanda kwakhe. Kubaluleke kakhulu ukungavumeli umnqweno ophosakeleyo kwaukuba uqale ukuyileka entliziyweni. (Yakobi 1:14, 15; Mateyu 5:27-30) Sifanele sihlale sizomeleza iintliziyo zethu ngezizathu zokuba sifanele sithande okulungileyo nokuba sizicekise ngokupheleleyo yaye singazamkeli iindlela ezingcolileyo zeli hlabathi. Umpostile uPawulos wakushwankathela ngale ndlela oku: “Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.”—Roma 12:9.
5. Kutheni kububulumko nje ukuzihlolisisa ngenyameko iintshukumisa neminqweno yethu?
5 Ngenxa yengozi ekhoyo yokutyeka kwikhondo lamaKristu, kububulumko ukuba ngamnye kuthi aqhubeke ehlolisisa iintshukumisa zethu, iminqweno yethu, nezinto ezilusukelo lwethu. Ngaba wena ngokobuqu unjengaloo maKristu umpostile uPetros awathi wawancoma kuba engazange abuyele kwakuloo “melelo wokuzibhubhisa”? Okanye ngaba maxa wambi ubonakalisa isimo sengqondo somfazi kaLote, owathi wakhangela emva ngolangazelelo kwizinto awaye wahlangulwa kuzo?—Genesis 19:26; Luka 17:31-33.
Ubungendawo Besamele Kule “Mihla Yokugqibela”
6, 7. (a) Sisiphi isimo sengqondo sokuziyolisa ethi iBhayibhile sasiya kuphawula ‘imihla yokugqibela’? (b) Abantu beli hlabathi bakubonisa njani ukucinga nezenzo zabo ezingacocekanga?
6 Khawucinge nje okomzuzwana ngehlabathi esizifumana sikulo ekupheleni kwale nkulungwane yama-20. Okunjani kona ukwesamela kobungendawo! Njengokuba umpostile uPawulos waxela kwangaphambili, amadoda nabafazi ‘bangabathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.’ Ngenene, ‘abantu abangendawo noosiyazi, kukhona behambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa.’—2 Timoti 3:1, 4, 13.
7 Ukrexezo, uhenyuzo, ubufanasini nokuqhomfa—la magama namanye aye aba ngundabamlonyeni. lzinto ezinjalo kuthethwa nje ngokukhululekileyo ngazo nangendlela yokuzincoma kunomathotholo nakumabonwakude, kwezonqulo nakwezemfundo. lzinto ezibonisa amanyala zilishishini elikhulu yaye zihleli zikho ukuze zifumaneke kubo bonke abantu. Eminye yemifanekiso eshukumayo emininzi ethandwayo, imidlalo yeqonga, namabali achukumisa iimvakalelo akumabonwakude aqhutywa ngokweziqendu aquka amabali anokuthanani nohlobo oluthile lokuziphatha okubi. Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba singeyonxalenye yezi zinto! Ibe hayi indlela ekufuneka silwe nzima ngayo ukuze siqiniseke ukuba iinkqubo eziyingozi ngolo hlobo azizichaphazeli iintliziyo zethu!
8. Mayela noqheliselo lokuziphatha okubi kweli hlabathi, iBhayibhile ithi yintoni esifanele siyenze nesingafanele siyenze?
8 AmaKristu alumkileyo ayasithobela isilumkiso sikaPawulos: “Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele; . . . [hlalani, NW] nicikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi . . . Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko.” Kunoko, uPawulos wathi, sifanele sicinge ngezinto eziyinyaniso, ezibubulungisa, ezinyulu, ezithandekayo nezinesidima.—Efese 5:3-16; Filipi 4:8.
9. Yintoni enokwenzeka ngokulula ukuba sikhetha ukuzonwabisa okuthandabuzekayo?
9 Ngaba uhlala ulikhumbula ngenyameko eli cebiso liphilileyo xa unyula izinto zokuzonwabisa? Khumbula ukuba, okukhona siphulaphula izinto ezithoba isidima, kokukhona indlela yobomi yeli hlabathi ibonakala isamkeleka, ngaphaya koko ingembi kangako. Sisenokude siqalise ukubancoma okanye sibaxelise ngokufihlakeleyo abo badumileyo kwezemidlalo okanye kwizinto zokuzowabisa abaqhelisela izinto ezinjalo. Hlala uphaphile kulo naluphi na utyekelo olunjalo.
Ungaweli Emgibeni Wokuqiqa Kweli Hlabathi
10. Yiyiphi intanda-bulumko yobomi eyayiqheliselwa ngamaEpikure enkulungwane yokuqala?
10 Ngomhla kaPawulos abaninzi bahambisana nentanda-bulumko yamaEpikure, awayephilela ukuziyolisa, esanelisa iingqiqo zawo. Athi, xa usifa yonke into engawe iphelile. Ngoko kutheni le nto ungaziyolisi ngazo zonke izinto ezifumanekayo ebomini ngoxa usaphila, kuba ngomso usenokufa.
11. Abantu abaninzi behlabathi namhlanje bawaxelisa njani amaEpikure ngendlela abacinga nabenza ngayo?
11 Abaninzi namhlanje banesimo sengqondo esifanayo. Bathi ngokungenazintloni bazifice kuzo zonke iintlobo zeziyolo, bengacingi nto ngendlela ihambo yabo ebachaphazela ngayo abanye. Kubo, uThixo akaphili, okanye ukuba uyaphila, akanabungqina abunikelayo bokuba uyayinyamekela imicimbi yabantu. Ekubeni umntu evele ngendaleko—njengoko besitsho—ngenene akukho bani kufuneka bephendule kuye ngaphandle kwabo nakwibutho abahlala kulo. Kukho nesingxengxezo sokuba benze izinto ngokufana nezilwanyana. Ukuba uqheliselo lokuziphatha okubi olugwetywayo yiBhayibhile luzisa uyolo kwiingqiqo zabo, ngokuqinisekileyo abamelwe bagxekwe. Abantu abanjalo baqiqa ngelithi, kutheni le nto simele siphile ubomi obungqongqo nobukatyisayo, xa sonke siphelela kwindawo enye—ingcwaba?
12, 13. (a) Yiyiphi ingozi ekhoyo ukuba amaKristu azichanaba kwindlela yehlabathi yokuqiqa? (b) Wawuyintoni oyena nobangela wengxaki eKorinte? (c) Kufanele kwenziwe ntoni ukuze sithinteleke ekubeni sichatshazelwe yile mbono yokuzingca yobomi?
12 Kuphawuleka ukuba wambi amaKristu aseKorinte kubonakala ukuba achatshazelwakukuqiqa ngale ndlela. Ebhalela apho kwelo bandla, uPawulos wathi “ukuba abafileyo abavuki,” ngoko ayeya kuba sengqiqweni amazwi aqhelekileyo aloo mhla athi: “Masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa.” Kodwa ngokukhawuleza uthi abhence le ndlela yokuqiqa iphosakeleyo esithi: “Musani ukulahlekiswa. lncoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo. Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswelakumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.”—1 Korinte 15:32-34.
13 Phawula indlela uPawulos afikelela ngayo koyena nobangela wengxaki yaloo maKristu aseKorinte. Ukucinga kwawo ngendlela ephosakeleyo kwakuvela kunxulumano olubi. Sinokufunda okuthile koku. Ukuba asilumkanga, sinokuqalisa ukucinga ukuba sifanele singcamle iziyolo ezithile ezalelweyo ngaphambi kokuba sibe ngabakhule kakhulu ukuba sizinandiphe okanye ngaphambi kokuba sife. Ukuba sinotyekelo oluthile lokuqiqa ngale ndlela, kufuneka siyiguqule ngokukhawuleza indlela yethu yokucinga. Njani? Khumbula ukuba le mbono yokuzingca ibonisa ukutyeshela imilinganiselo kaThixo yobulungisa. Ibonakalisa ukungabi nalukholo kumadinga aqinisekileyo kaThixo, kuquka nethemba lovuko. Kwanakwimeko esebenzisekayo, abo baphila ubomi bokuzibhubhisa bazizisela iintlungu neenkathazo ezininzi. Ukuze bafumane ingqiqo elungileyo, kufuneka ‘baqabuke kakuhle, bangoni.’ Abanakuqiqa ngokuchanileyo nangokuqabukileyo ukuba ‘bakuswele ukumazi uThixo.’
14. Ngoobani abangayi kuzidla ilifa iintsikelelo zoBukumkani bukaThixo, kanti uPawulos wavuma ntoni ngobomi babathile kumaxesha adluleyo?
14 Ekuqaleni kwincwadi yakhe eya kwabaseKorinte, umpostile uPawulos wacacisa ukuba abahenyuzi, abakrexezi, abakhonzi bezithixo, amafanasini, amasela, amabawa, amanxila, abatshabhisi nabaphangi, bantu abo babebaninzi eKorinte, babengayi kuba yinxalenye yoBukumkani bukaThixo. Wongezelela wathi: “Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo.” Ukuhlanjululwa kwabo ngale ndlela kwabonisaãmandla eLizwi likaThixo nawedini lentlawulelo. (1 Korinte 6:9-11) Ngokuqinisekileyo, ukubuyela ekungcoleni kwehlabathi elidala kwakuya kuba yeyona nto yakha yabubudenge!
15. UPetros wasebenzisa waphi amazwi acacileyo ekuchazeni imeko yabo bathi babuyele kuqheliselo lokungcola lweli hlabathi?
15 UPetros wathi: “Kuba xa bathi, besindile nje kuzo izidyobho zehlabathi ngokuyazi iNkosi, uMsindisi uYesu Kristu, babuye ke bazibhijele ngazo, boyiswe zizo, zisuke iziphelo zabo zaba mandundu kuneziqalo zabo. Bahlelwe ke ngokomlinganiselo oyinene, othi, Inja ibuyele emhlanzweni wayo, nehagukazi eyahlanjwayo iye ekuzityikatyikeni eludakeni.” (2 Petros 2:20, 22) Lawo ngamazwi anamandla! Kanti, amazwi anamandla ayafuneka maxa wambi ukuze abethelele kuthi ubunzulu besiluleko esinikelwayo. Esi silumkiso sanikelwa kumaKristu kwinkulungwane yokuqala side saba sesifaneleke ngakumbi kuthi namhlanje.
Sivuna Oko Sikuhlwayeleyo
16. Kungaziphi iindlela apho athi umntu ‘avune oko akuhlwayeleyo’ xa ephila ubomi bokuzibhubhisa?
16 AmaKristu kuzo zonke izinto eziwangqongileyo abona ubungqina bokuba ukuphila kweli hlabathi ngendlela yokuziphatha okubi, yokuzibhubhisa kuyingozi, kuyabulala. (Roma 1:18-32) Kumbandela nje wesini kuphela, khawucinge ngentlungu nokubandezeleka okuba ngumphumo xa umthetho kaThixo wokuziphatha okuhle ungahlonelwa: amakhaya aqhekekileyo, ukumitha okungekho mthethweni, ukuqhomfa, ukudlwengula, ukonakalisa abantwana ngokwesini nezifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, ukukhankanya nje izinto ezimbalwa. Kwandula ‘kubekho iingxaki zempilo ezithi zibekho xa umzimba usetyenziswa kakubi ngokutya nokusela ngokugqithiseleyo, nokusebenzisa iziyobisi ngenxa yoyolo eziluzisayo. Ukuyekelela ekubaweni kudla ngokuphumela ekubeni nasekuqhatheni. Kungenkankulu ukuba ukuvukela umthetho kaThixo nangayiphi na indlela kube akunakuphumela kwingozi yomzimba okanye yeemvakalelo kulowo uwaphulayo. Kunjengokuba umpostile uPawulos wakhumbuza amaKristu: “Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.”—Galati 6:7, 8.
17. Kutheni le nto umKristu efanele ashukunyiselwe ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yobulungisa kaThixo?
17 Kwelinye icala, ezinjani zona izizathu ukuba namandla ezinikelwa ziZibhalo mayela nokwenza ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. Hayi indlela ekuyinyaniso ngayo oko likuthethayo iLizwi likaThixo: “lndoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi”! (IMizekeliso 28:20) Abo balicekisayo ikhondo elilihlazo leli hlabathi baphepha imiphumo emibi yobomi bokuzibhubhisa. Banandipha ulwalamano olucocekileyo nabazalwana noodade babo noThixo wabo, uYehova. Ngaphezu koko, banethemba elizukileyo lokufumana umvuzo wobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo. Ekubeni ngoku sis ondela kanye esiphelweni sale nkqubo yezinto, abo ‘bezinye izimvu’ bade banethemba elikhethekileyo lokuphila ukutyhubela “imbandezelo enkulu” yaye bangafi konke konke. Banokholo olupheleleyo lokuba, ukuba ukufa kuyabafikela ngaphambi kwelo xesha, uThixo uthembisa ukuvusa bonke abo basemangcwabeni. (Yohane 5:28, 29; 10:16; ISityhilelo 7:14) Ngenxa yako konke oku, kutheni le nto nabani na ebengacinga ngokubandakanyeka kuqheliselo olulihlazo lweli hlabathi?—Roma 6:19-23; 1 Petros 4:1-3.
18. (a) UYehova uya kuwuphumeza njani umgwebo wakhe nxamnye ‘nabantu abangahloneli Thixo’ ‘kwimbandezelo enkulu’? (b) Mayela nomgwebo, uYehova uchaza njani kumazwi akhe okugqibela abhalwe eBhayibhileni?
18 IBhayibhile ibonisa ngokucacileyo ukuba siphila kwinxalenye yokugqibela yoko ikubiza ngokuba ‘kukupheliswa kwephakade eli.’ (Mateyu 24:3) UPetros wathi “izulu langoku, nawo umhlaba lo . . . ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimi yomgweOO nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.” (2 Petros 3:7) Xa le mini yomgwebo ekudala ilindelwe ifika, ibango lokuba umntu unokuzenzela izinto ngaphandle kokulawulwa nguThixo nento yokuba ukuziphatha kwakhe okubi okunemvukelo kubangelwe nje yindaleko, iya kuphelela emoyeni. (Kolose 3:5, 6) Phulaphula indlela uThixo akuchaza ngayo oko kuya kuba ngumphumo kwabo bamkhonzayo nakwabo bangamkhonziyo emazwini akhe okugqibela abhalwe eBhayibhileni: “Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo. . . . Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi. Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki.”—ISityhilelo 22:12-15.
19. Sifanele sibe yintoni isigqibo sethu njengoko sijongene nekamva?
19 Njengoko imeko yokuziphatha kweli hlabathi iya isiba mbi, qina kwisigqibo sokukholisa uYehova ngokwenza okucocekileyo, okubekekileyo nokuthe tye. Hlala uzabalazela ukufumana umvuzo wobomi. Kubhebhethe ukubizelelwa ‘kumelelo wokuzibhubhisa’ weli hlabathi, okungumngxuma wokufa. Unokuphumelela edabini elinxamnye nokucinga ngokuzibhubhisa ukuba ulicekisa ngokupheleleyo ikhondo elilihlazo leli hlabathi!
Unokuphendula Uthini?
◻ Kutheni le nto kukho ingozi yokubandakanyeka kuqheliselo olulihlazo lweli hlabathi?
◻ Kutheni le nto simele silumke kakhulu ekukhetheni indlela yokuzonwabisa?
◻ Yiyiphi indlela yokuqiqa ebulalayo enokuslphembelela ngokulula ukuba sinxulumana namaEpikure anamhlanje?
◻ Uyintoni umgwebo kaYehova nxamnye nabo bathi ngokungaguqukiyo babuyele kwikhondo elilihlazo leli hlabathi?
◻ Ziziphi iintsikelelo ezingaphambili zabo bangahambiyo ngekhondo elicekisekayo leli hlabathi?
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Ukulicekisa ngokupheleleyo ikhondo elilihlazo leli hlabathi kuya kunceda abakhonzi bakaThixo ukuba bangene kwihlabathi elitsha lobulungisa
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukuzonwabisa kwehlabathi okulihlazo kunokumrhintyela umKristu ongaphaphanga