IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • IsiProfeto
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • ngokuqinisekileyo kubalulekile. Kodwa ubusazi na ukuba esinye isizathu esenza amaYuda enkulungwane yokuqala asilela ukumamkela yayisesokuba akazange anikele ingqalelo efanelekileyo kwisiprofeto?’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (1) ‘Iziprofeto ezikwiZibhalo zesiHebhere zazilixele kwangaphambili ixesha laxa uMesiya (uKristu) awayeya kuvela ngalo noko wayeya kukwenza. Kodwa amaYuda ngokubanzi akazange akuthobele oko kwathethwa zezo ziprofeto. Ayeneengcamango ezizezawo ngoko kwakumele kwenziwe nguMesiya, ibe ngenxa yoko amchasa uNyana kaThixo. (Bona iphepha 397, 398, phantsi kothi “UYesu Kristu.”)’ (2) ‘Namhlanje siphila kwixesha laxa uKristu eqalisile ukulawula njengoKumkani wasezulwini ibe wahlula abantu bazo zonke iintlanga, ebahlulela ubomi okanye intshabalalo. (Mat. 25:31-33, 46) Kodwa abantu abaninzi bakhangele kwenye into.’

      Okanye unokuthi: ‘Ndiyavuma ukuba ukuba ngumKristu olungileyo kubalulekile. Kodwa ngaba bendiya kuba ngumKristu olungileyo ukuba bendenze ezinye zezinto uYesu awazifundisayo kodwa ndakutyeshela oko wathi simele sikubeke kuqala ebomini? . . . Phawula awakuthethayo njengoko kubhalwe apha kuMateyu 6:33.’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: ‘Akuyonyaniso na ukuba uYesu wasifundisa ukuba sibuthandazele obo Bukumkani, de sibubeke ngaphambi kokucela kwethu ukuxolelwa izono ngenxa yokukholwa kwethu kuye njengoMsindisi? (Mat. 6:9-12)’

  • UkuQhomfa
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • UkuQhomfa

      Ingcaciso: Ukuqhomfa kukukhutshwa kokukhawulweyo okanye kwemveku engekazalwa ngokuqhelekileyo ethi ingakwazi ukuphila ngaphandle kwesibeleko. Ukuqhomfa okuzenzekelayo okanye ukuphum’ isisu kusenokubangelwa kukungafezeki komntu okanye yingozi. Ukuqhomfa okubangelwe ngabom okukukuphepha nje ukuzala umntwana ongafunwayo kukubucima ngabom ubomi bomntu.

      UMthombo wobomi bomntu ufanele uyichaphazele njani imbono yethu ngalo mcimbi?

      Ize. 17:28: “[KuThixo] sihleli, siyashukuma, sikho.”

      INdu. 36:9: “Likuwe [Yehova Thixo] ithende lobomi.”

      Roma 14:12: “Elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo.”

      Ngaba uYehova ubujonga ubomi bomntwana njengobuxabisekileyo kwanasebudeni bamanqanaba angawona okuqala ekukhuleni emva kokukhawulwa?

      INdu. 139:13-16: “Wandibiyela [uYehova] esizalweni sikama. . . . Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, zazibhalwe encwadini yakhe iimini zonke ziphela.”

      Wakha wayichaza na uThixo into yokuba umntu kwakuya kufuneka eziphendulele ngokwenzakalisa umntwana ongekazalwa?

      Eks. 21:22, 23: “Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli. Ukuba uthe wenzakala, uze urhole umphefumlo ngomphefumlo.” (Zimbi iinguqulelo oku zikwenza kubonakale ngathi kulo mthetho kaSirayeli umcimbi obalulekileyo yayikoko kwakwenzeke kunina, kungekhona kwimveku engekazalwa. Noko ke, isiHebhere santlandlolo sibhekisela engozini esenokubulala unina okanye umntwana.)

      Imbi kangakanani into yokubucima ngabom ubomi bomntu ngesizathu esingagunyaziswanga nguThixo?

      Gen. 9:6: “Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wenziwa ngokomfanekiselo kaThixo.”

      1 Yoh. 3:15: “Akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso.”

      Eks. 20:13: “Uze ungabulali.”

      Ngaba uluvo lukagqirha lokuba ukuvumela ukumitha kuqhubeke ngokupheleleyo bekuya kuba yingozi empilweni kamama luyakuthethelela ukuqhomfa?

      Maxa wambi izimvo zoogqirha ziphosakele. Bekuya kuba kufanelekile na ukubulala umntu onguwenu kuba yena ebesenokwenzakalisa umntu onguwabo? Ukuba ngexesha lokuzalwa komntwana kumele kukhethwe phakathi kobomi bukanina nobo bomntwana, kuxhomekeke kwabo bantu babandakanyekileyo ukukhetha. Noko ke, inkqubela kwiinkqubo zamayeza emazweni amaninzi yenze le meko yayenqabe gqitha.

      Ukuba Ubani Uthi—

      ‘Kodwa mna ndinelungelo lokugqiba ngemicimbi echaphazela owam umzimba’

      Usenokuphendula uthi: ‘Ndiyayiqonda indlela ovakalelwa ngayo. Namhlanje amalungelo ethu anyhashwa ngokufuthi ngabanye; uninzi aluyikhathalele nje into eyenzeka kwabanye abantu. Kodwa iBhayibhile inikela imigaqo yokhokelo enokusikhusela. Noko ke, ukuze sifumane iingenelo sikwamele samkele iimbopheleleko.’ Usenokongeza uthi: (1) ‘Oomama abaninzi baye balahlwa ngamadoda angooyise babantwana babo. Kodwa kwikhaya apho indoda nomfazi bephila ngokwemilinganiselo yeBhayibhile, indoda iya kumthanda ngokwenene umkayo nabantwana ize ngokunyaniseka ihlale nabo yaye ibalungiselele. (1 Tim. 5:8; Efe. 5:28-31)’ (2) ‘Ukuze thina ubuqu sifumane olo hlobo lothando nentlonelo, kwanathi kufuneka sisebenzise imilinganiselo yeBhayibhile kwisimo sethu sengqondo kumalungu entsapho yethu. IBhayibhile ithi sifanele sibajonge njani abantwana esibazalayo? (INdu. 127:3; thelekisa uIsaya 49:15.)’

  • URhulumente
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • URhulumente

      Ingcaciso: Lilungiselelo lokwenza imithetho nokuyiphumeza. Oorhulumente badla ngokuchazwa ngokomthombo nomlinganiselo wegunya labo. UYehova uThixo unguMongami Wendalo Iphela, ojizeka igunya kwabanye ngokuvisisana nokuthanda nenjongo yakhe. Noko ke, uSathana uMtyholi, ongoyena mvukeli mkhulu wolongamo lukaYehova, ‘ungumlawuli wehlabathi’—oku kwenzeka ngokuvunyelwa nguThixo okwethuba elilinganiselweyo lexesha. IBhayibhile ichaza le nkqubo yomhlaba yolawulo lobupolitika njengerhamncwa ize ithi “inamba [uSathana

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share