IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/92 iphe. 8
  • Indlela Yokuhlakulela Umdla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Yokuhlakulela Umdla
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubuyela Kukhokelela Kwizifundo ZeBhayibhile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Qweba Inkalipho Ukuze Ubuyele
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Ukubuyela Ukuze Sakhe Umdla EBhayibhileni
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukwenza Amabuyelo Ngendlela Elula Nephumelelayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 11/92 iphe. 8

Indlela Yokuhlakulela Umdla

1 Esinye isichazi-magama sithi igama elithi “hlakulela” lithetha ukulungiselela okanye ukubangela okuthile kukhule. Kodwa kwakhona eli gama linokuthetha ukuphucula ngokusebenza, ngokunyamekela, okanye ngokufundisisa. Ukwenza abafundi yinkalo ebalulekileyo yobulungiseleli bethu. (Mat. 28:19, 20) Ngoko ke, sifanele senze umgudu wokuhlakulela umdla esiwufumanayo kubulungiseleli basentsimini.

2 Ngokuqhelekileyo kusoloko kuyimfuneko ukutyelela ngokuphindaphindiweyo ukuze abantu abantliziyo zinyanisekileyo bakhule ngokomoya. Izihlandlo zokubuyela ezinemveliso zifanele zikhokelele kwisifundo seBhayibhile esithe rhoqo.

3 Ngaba ubuyela kuphela kwabo babonakalisa umdla ongamandla? Akuyomfuneko ukuba ude uhambise uncwadi ukuze ubuyele. Omnye uvulindlela ongasoloko ehambisa uncwadi olungako kutyelelo lwakhe lokuqala uyabuyela kuye nabani na obonakalisa ubuhlobo. Ingxubusho entle odlulisela kuyo ingcamango ethile engokweZibhalo inikela isiseko esihle sokubuyela.

4 Sebenzisa Amaphecana Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile Kumabuyelo: Imibandela eyahlukahlukeneyo yamaphecana ethu ifanelekile kumhla wethu. Ibethelela imfuneko yokungenisa ulwazi lweBhayibhile nokulusebenzisa.

Unokuthi:

◼ “Kwixesha elidluleyo sithethe ngezizathu ezithile zokuthembela eBhayibhileni. Luhlobo olunjani lwekamva iBhayibhile ethetha ngalo?” Qalisa ngokufunda isiqendu sesibini kwiphepha 3 lephecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo. Funda izibhalo. Mbuze umninimzi ngendlela avakalelwa ngayo koko ukufundayo. Qukumbela ngokuqwalasela umbandela okwiphepha 5 phantsi komxholwana othi “Indlela Onokuphila Ngayo Apho.”

5 Ngendlela efanayo, unokusebenzisa iphecana elithi Liyintoni Ithemba Ngabafileyo Abathandekayo?

Usenokuthi:

◼ “Njengoko siye ngaphambili sakuqwalasela oku ngokufutshane, abantu abaninzi abanayo intembelo kuThixo. Ngokomzekelo, babuza oku, ‘Ukuba uThixo unamandla kangako, kutheni evumela abantu ukuba bafe?’ Eli phecana linokukunceda ukuba uphendule loo mbuzo.” Yalathisel’ ingqalelo kwinxalenye eqala kwisiqendu sesine kwiphepha 2. Buza umbuzo ofanelekileyo emva kwesiqendu ngasinye, wandule uqwalasele izibhalo ezibonisiweyo ezingacatshulwanga. Apho abantu sele benalo uncwadi lwethu usekwanokunikela amaphephancwadi akutshanje.

6 Ukuqhubeka Nesifundo: Ngokulandela iindlela ezicetyiswe apha, uqalisa isifundo seBhayibhile sekhaya. Ukuze uqhubeke nengxubusho rhoqo, mbuze oku umninimzi ekuqukumbeleni utyelelo lwakho: “Ngaba uphawulile ukuba siphendule imibuzo ebalulekileyo kwimizuzwana nje embalwa? Kwiveki ezayo sinokuchitha ixesha elingakumbi sithetha ngethemba lovuko okanye ngomnye umbandela obangel’ umdla kuwe.” Usenokusebenzisa nje umbuzo omnye kwekhankanywe kula manqaku kwixesha ngalinye utyelela. Ngexesha elifanelekileyo, usenokuphethukela kwincwadana enemifanekiso okanye uqalise isifundo kwincwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade.

7 Hayi indlela ekwanelisa ngayo ukuqhuba isifundo seBhayibhile nomntu oyifuna ngokwenene inyaniso! Ngamana singasikelelwa ngobulungiseleli obunemveliso ngokusebenzisa amacebiso angendlela esinokuhlakulela ngayo umdla esiwufumanayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share