IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • AbaFazi
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • ukuba balungelelane kwisimo sengqondo sabo ngokubhekisele ekuzilungiseni nakwisinxibo, ngokuphambili bebalaselisa ukuzihombisa ngokomoya.)

      1 Tim. 2:9, 10: “Mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu; mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo.” (Ngokwenene yintoni enomsebenzi kuThixo—ngaba yimbonakalo kabani yangaphandle okanye yimeko kabani yentliziyo? Ngaba uThixo ebeya kuvuya ukuba umfazi ebengazihombisi okanye engafaki isihombo segolide kodwa ephila eziphethe kakubi? Okanye ngaba ebeya kukholiswa ngabafazi abathozamileyo nabanengqondo ephilileyo ekusebenziseni kwabo izinto zokuzihombisa nesihombo segolide nabathi ngokuphambili bazihombise ngeempawu zokuhlonel’ uThixo nehambo yobuKristu? UYehova uthi: “Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.”—1 Sam. 16:7.)

      IMize. 31:30: “Bubuxoki ubuhle, ngamampunge ubunzwakazi; ngumfazi owoyika uYehova yedwa oya kudunyiswa.”

  • IGazi
    Ukuqiqa NgeZibhalo
    • IGazi

      Ingcaciso: Lulwelo olungummangaliso ngokwenene olutyhutyha imijelwana yabantu neyoninzi lwezilwanyana ezineeseli ezininzi, lunesondlo neoksijini, lufudusa umphutha luze lube nendima enkulu ekulondolozeni umzimba nxamnye nokusulelwa zizifo. Igazi libandakanyeke ngokungenakwahlulwa kwiinkqubo zobomi kangangokuba iBhayibhile ithi “umphefumlo wenyama usegazini wona.” (Lev. 17:11) NjengoMthombo wobomi, uYehova ulungiselele imiyalelo engqalileyo ngendlela elinokusetyenziswa ngayo igazi.

      AmaKristu ayalelwa ukuba ‘azile negazi’

      Ize. 15:28, 29: “Kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi [qumrhu elilawulayo lebandla lamaKristu], ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezi ndawo zifunekayo: zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo [okanye, ebuleweyo ayophiswa], nombulo [“nohenyuzo,” NW]; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle.” (Apha ukutya igazi kulinganiswa nokunqula izithixo nohenyuzo, zinto ezo esingamele sifune ukuzifica kuzo.)

      Inyama yezilwanyana isenokutyiwa, kodwa hayi igazi

      Gen. 9:3, 4: “Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke. Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla.”

      Nasiphi na isilwanyana esisetyenziselwa ukutya sifanele sophiswe ngokufanelekileyo. Esikrwitshiweyo okanye esifele emgibeni nokuba sesifunyenwe sesifile akufanelekanga ukuba sityiwe. (Ize. 15:19, 20; thelekisa iLevitikus 17:13-16.) Ngokufanayo, nakuphi na ukutya okongezwe igazi elipheleleyo okanye intwana yalo akufanele kutyiwe.

      Kuphela kukusetyenziswa kwegazi njengedini okwakukhe kwavunyelwa nguThixo

      Lev. 17:11, 12: “Umphefumlo wenyama usegazini wona. Mna ndaninika lona esibingelelweni, ukuba kucanyagushelwe imiphefumlo yenu; kuba igazi eli licamagusha ngomphefumlo. Ngenxa yoko ndithe koonyana bakaSirayeli, Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi; nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu makangalidli igazi.” (Onke loo madini ezilwanyana phantsi koMthetho kaMoses afanekisela kusengaphambili idini elinye likaYesu Kristu.)

      Heb. 9:11-14, 22: “Ke yena uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu . . . wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengalo negazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela. Kuba, ukuba igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa abaziinqambi, lungcwaliselwa ekuhlambululeni inyama: lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngomoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo? . . . Kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.”

      Efe. 1:7: “Esinayo sikuye [uYesu Kristu] inkululeko ngokuhlawulelwa

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share