IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 5/15 iphe. 32
  • ‘Andikwazanga Ukuyibeka Phantsi’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Andikwazanga Ukuyibeka Phantsi’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 5/15 iphe. 32

‘Andikwazanga Ukuyibeka Phantsi’

KWISIQITHI saseCaribbean iSt. Lucia, unovenkile okwisixeko esikhulu wafumana umbhalo wencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Umntu awayifumana kuye loo ncwadi ubhala oku:

“Ingekapheli iveki, wandibizela kwivenkile yakhe izihlandlo ezithathu njengoko ndandidlula phambi kwevenkile. Wayezifundile iinxalenye zencwadi yaye efuna ingcaciso ebhekele phaya ngesihogo, umphefumlo, ukungabi ngunina kaThixo kukaMariya, njalo njalo. Nangona wayengunovenkile oxakekileyo yaye engazinikelanga kangako ekufundisiseni, wayifunda incwadi kwiiveki ezimbini, yaye wathi: ‘Andizange ndifunde kangaka ebomini bam. Kwanaxa intloko yam yayindikhathaza ngenxa yokufunda, andikwazanga ukuyibeka phantsi loo ncwadi.’”

Le mpapasho ixubusha ngokusengqiqweni ngeemfundiso zonke zeBhayibhile eziphikiswayo, ihlanganisa bonke ubungqina ngendlela emfutshane necacileyo ukuze iimpendulo zemibuzo zicace kumfundi. Zifumanele owakho umbhalo, yaye uya kusiqonda isizathu sokuba ixatyiswe kangaka.

Khanindithumelele, iposi ihlawulelwe, incwadi eneqweqwe elilukhuni, enamaphepha angama-256 nenemifanekiso ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Ndithumela ii-R4,50.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share