Ithala Elityebileyo Lenkcazelo
Leyo yindlela abafundi beMboniselo noVukani! abawagqala ngayo la maphephancwadi.
Ibhalela yona nentsapho yayo, indoda evela ePhilippines yabulela iWatch Tower Bible and Tract Society ngokuxhasa kwayo ngeenkupho ezidluleyo, isithi:
“Njengakulo lonke uhlelo lwamaphephancwadi enu, aqulethe inkcazelo etyebileyo. Akakhanyiseli nje kuphela kwimicimbi yonqulo kodwa akwagubungela ngokubanzi kwimimandla enjengezenzululwazi, ezamayeza, ezembali, ezoburhulumente neelwimi. Kuyabonakala ukuba nkupho nganye iqulethe amanqaku angawomdla okhethekileyo kuthi.
“Ndimele ndikukhankanye nokuba sineenkupho zexa elidluleyo zeMboniselo noVukani! ezingumqulu. Ngoku kukho imiqulu emine elolo hlobo ekwiishelufu zethala lethu elikhethekileyo. Anemibandela eneembekiselo ezibalaseleyo, yaye sisoloko sibuyela kuwo ukuze sifumane icebiso nokhuthazo oluluncedo.”
IMboniselo noVukani! banokuthunyelwa kuwe ekhayeni lakho. Thumela nje ii-R9,75 yaye uya kuwafumana omabini la maphephancwadi (imibhalo emithathu ngenyanga) unyaka wonke.
Ncedani nindithumelele umrhumo wonyaka wamaphephancwadi IMboniselo noVukani! Ndithumela ii-R9,75 zeenkupho ezingama-36.