IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • LUTSHA Yintoni Eniza Kuyenza Ngobomi Benu?
    IMboniselo—1987 | Agasti 15
    • LUTSHA Yintoni Eniza Kuyenza Ngobomi Benu?

      “Ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.”—2 KORINTE 5:15.

      1. Ngawaphi amazwi okubonakalisa umbulelo abantu abaye bawathetha, yaye ngoba?

      ‘ENKOSI! Ubusindisile ubomi bam!’ Abantu abahlangulwe kwindlu etshayo okanye ekurhaxweni ngamanzi baye bathetha oko kubantu ababahlanguleyo. Yaye ulutsha olungamaKristu olunoxabiso luye lwavakalisa umbulelo onjalo kubazali balo. Belungathethi nje ngobomi bokoqobo olwabuzuza kubazali balo kodwa beluthetha ingakumbi ngenyameko enothando noqeqesho oluye lwagcina ulutsha lukwindlela yokufumana “idinga, awalibekayo ngokwakhe kuthi, ubomi obungunaphakade.”—1 Yohane 2:25.

      2. Kungenxa yayiphi inkcazelo le nto umele ucinge ngombuzo othi, Yintoni oza kuyenza ngobomi bakho?

      2 Luthando olwashukumisela uYehova uThixo ukuba enze ngamnye kuthi abe nokufumana ubomi obungunaphakade, “ubomi bokwenyani.” “[Wasithanda] yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.” (1 Timoti 6:19, TE; 1 Yohane 4:10) Kwakhona, cinga ngothando olwabonakaliswa nguNyana wakhe uYesu ngokufa ukufa okubuhlungu ukuze sibe nokuzuza ubomi obungunaphakade! (Yohane 15:13) Ngenxa yoko sele kukhankanyiwe, Yintoni oza kuyenza ngobomi bakho?

      3. Ngokufuthi yintoni emisela oko abantu baya kukwenza ngobomi babo?

      3 Abantu abacebisa abafundi ezikolweni okanye abanye abanomdla kwikamva labo badla ngokubuza ulutsha lo mbuzo okanye umbuzo ofana nawo. Yintoni eya kumisela impendulo yakho? Ngaba iya kumiselwa nje zizinto ozikhethayo ngokobuqu? Ngaba into eya kukushukumisela ukuba wenze isigqibo iya kuba licebiso labo bafuna ukuba ufikelele isikhundla esinqabisekileyo kweli hlabathi? Okanye ngaba into oya kuyenza ngobomi bakho iya kumiselwa kukuqwalasela kwakho izinto eziphakamileyo? Amazwi aphefumlelweyo nakhumbuzayo athi: “Wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo.” (2 Korinte 5:15) Hayi indlela ekukuhle ngayo ukuba indlela esibusebenzisa ngayo ubomi bethu ibonise ukumbulela uYesu Kristu noYise wasezulwini ngoko basenzele kona!

      Eyona Mizekelo Ithandwayo

      4. Yiyiphi eyona mizekelo ithandwayo namhlanje?

      4 Kanti, ngoobani abona bantu bathandwayo namhlanje, abo ngokuqhelekileyo abantu abaselula babamkela njengemizekelo yokulandelwa? Ngaba asizozinhanha nabantu abadumileyo beli hlabathi, kungakhathaliseki ukuba injani na imilinganiselo yabo yokuziphatha? Xa uphos’ iliso kumagumbi abantu abaninzi abaselula, yimifanekiso yoobani oyibona ijinga ezindongeni? Ngokufuthi yimifanekiso yeemvumi, iintshatsheli zemifanekiso eshukumayo neembaleki. Ngokuqhelekileyo ulutsha luphupha ukuba ngaminazana ithile lofikelela impumelelo ekwanjalo ehlabathini okanye mhlawumbi litshate nothile oneempawu zomzimba ezikwaba bantu. Kuthekani ngawe? Yintoni oyifunayo ebomini?

      5, 6. (a) Kutheni le nto kunokuthiwa impumelelo yehlabathi ayiluzisi ulwaneliseko lokwenene? (b) Uyintoni umthombo wokwaneliseka ngokwenene?

      5 Ukuba uyifikelele impumelelo yeli hlabathi yodumo olunconywayo, ngaba eneneni ubuya konwaba uze waneliseke? Omnye wabona badlali beqonga ababa nempumelelo eHollywood wathi: “Ndiye ndabungcamla ubutyebi nazo zonke izinto eziphathekayo. Azibalulekanga. Zonke iintsapho ezimi kakuhle apha zisoloko zibonana nogqirha wengqondo ngenxa yeengxaki ezinazo, kungasathethwa ke ngoqhawulo-mtshato nangabantwana ababathiyileyo abazali babo.”—INtshumayeli 5:10; 1 Timoti 6:10.

      6 Imbaleki eyayingumfundi obalaseleyo, neyaphumelelayo ngowe-1981 kukhuphiswano lwamabhinqa lomgama oziikhilomitha ezili-10 eNew York, yaphoxeka gqitha kangangokuba yazama ukuzibulala. Kamva yabhala oku, “Kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo ndiye ndafunda iinyaniso ezininzi ngobomi. Enye yazo kukuba ulwaneliseko lokwenene alufikelelwa ngeendlela abantu abaninzi kangaka abakuzabalazela ngazo ukuba babe ngabagqibeleleyo nabafeza izinto ezithile. Akuzange kundanelise ukuba ngumfundi ophumelela emagqabini, imbaleki emela ilizwana okanye ukuba nomzimba onomtsalane.” Ewe, kufuneka abantu baqonde ukuba ulwaneliseko lokwenyaniso lubakho kuphela ngokuba nolwalamano lobuqu noThixo, okuphela komntu onokunikela uxolo nolonwabo lokwenyaniso.—INdumiso 23:1, 6; 16:11.

      7. Ngokubhekisele ekufumaneni ulwaneliseko lokwenyaniso, imfundo yakwanokholeji nokuphumelela kweli hlabathi kubaluleke kangakanani?

      7 Ngoko, kuyacaca ukuba akufanele ufune ukuxelisa abo balwela nje ukufumana udumo nobutyebi. Kwanababhali behlabathi bayavuma ukuba impumelelo yehlabathi ayiluzisi ulwaneliseko lokwenyaniso. Umbhali wemihlathi uBill Reel wabhala oku: “Ugqiba imfundo yakwanokholeji uphupha ngekamva. Okulusizi kukuba, inkoliso yamabhongo akho iya kuba luthuthu. Andifuni kukutyhafisa, kodwa ukwamele uyiqonde le nyaniso: Xa uzuza izinto ozinqwenelayo, ukuba uyazizuza, naxa ufikelela kwimpumelelo oyifunayo, ukuba uyayifikelela, akuyi kwaneliseka. Kunoko, kanye ngelo xesha laxa ubuya kulindela ulwaneliseko kwimpumelelo yakho, uya kuziva uliphanga kunokuba waneliseke, udandathekile kunokuba uvuye, unxunguphele kunokuba ube noxolo.”—New York Daily News, kaMeyi 26, 1983.

      8. Sisiphi isizathu esibambekayo sokungasukeli umsebenzi wehlabathi?

      8 Kodwa kuthi thina bayiphapheleyo intsingiselo yeziganeko zehlabathi ngenxa yoko kuboniswa ziziprofeto zeBhayibhile, sinezizathu ezibambeka ngakumbi zokungabalaselisi imisebenzi yehlabathi ebomini. (Mateyu 24:3-14) Sinokuzifanisa nomntu obona isakhiwo esinomqondiso othi: “Le Nkampani lyatshona.” Ngaba besingafuna umsebenzi apho? Ngokuqinisekileyo besingayi kwenjenjalo! Yaye ukuba besisebenzela inkampani enjalo, ngobulumko besiya kufuna umsebenzi kwenye indawo. Kaloku, kuwo onke amaziko eli hlabathi kukho lo mqondiso, “Liyatshona—Isiphelo Sigalelekile!” Ewe, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba, “ihlabathi ke liyadlula.” (1 Yohane 2:17) Ngoko, ngobulumko, asiyi kukufuna ukulandela imizekelo yabo babandakanyeke gqitha kulo.

      Icebiso Emalilandelwe

      9. Liliphi icebiso lehlabathi elisenokunikelwa ngabo babonakala befuna ukuba uzuze okona kulungileyo?

      9 Abantu abagqiba ngobomi bakho asingabo abo ubaxabisileyo kuphela kodwa ngokufuthi zizalamane nabahlobo, ngokutsho kwabo, ‘abafuna ukuba uzuze okona kukulungeleyo.’ Basenokuthi, ‘Kufuneka uzame ukuma kakuhle.’ Ngoko basenokukucebisa ukuba ufumane imfundo yakwanokholeji okanye eyaseyunivesithi ukuze uzilungiselele ukufumana umsebenzi ohlawula kakuhle. Basenokuthi, ‘Umbhali weBhayibhile uLuka wayengugqirha, yaye umpostile uPawulos waqeqeshwa ngumqondisi-mthetho uGamaliyeli.’ (Kolose 4:14; IZenzo 5:34; 22:3) Kanti, khawulihlolisise ngenyameko elo cebiso.

      10. Liliphi icebiso elanikelwa nguLuka noPawulos, ibe kunokuthiwani ngemisebenzi yabo yangaphambi kokuba babe ngamaKristu?

      10 Ugqirha uLuka akazange awakhuthaze amaKristu ukuba alandele umzekelo womsebenzi wakhe wangaphambili ngokuthi abe ngugqirha; kunoko, wawakhuthaza ukuba axelise ubomi bukaYesu nobabapostile bakhe. Ngokucacileyo uLuka waba ngugqirha ngaphambi kokuba afunde ngoKristu kodwa kamva ubulungiseleli bakhe bobuKristu wabenza eyona nto iphambili ebomini. Kwakukwanjalo nangoPawulos. Kunokukhuthaza amaKristu ukuba amxelise njengokuba yena wayexelise uGamaliyeli, uPawulos wabhala oku: “Yibani ngabaxelisa mna, njengokuba nam ndixelisa uKristu.” Ngoko uPawulos wayeluxabisa gqitha ulwazi lukaKristu kangangokuba wathi ngokwentelekiso zonke izinto awayezisukela ngaphambili wayezigqala ‘njengeziyinkunkuma.’—1 Korinte 11:1; Filipi 3:8.

      11. (a) UPetros wathini kuYesu, ibe kwakungani? (b) Waphendula njani uYesu?

      11 Khumbula ukuba, ukuthabatheka ngokweemvakalelo kunokude kubangele ukuba nabo bakuthandayo bakunike icebiso elingekho ngqiqweni. Ngokomzekelo, xa uYesu wathetha ngokwakuza kumehlela ebudeni bobulungiseleli bakhe eYerusalem, umpostile uPetros waphendula ngokuthi: “Makube camagu kuwe, Nkosi; oko akuyi kukha kubekho kuwe.” UPetros wayemthanda uYesu ibe wayengafuni ukuba eve ubunzima. Kanti uYesu wamkhalimela uPetros ngenxa yokuba wayeqonda ukuba ukuphumeza ukuthanda kukaThixo kwakuya kubandakanya ukuva ubunzima nokubulawa ngabachasi.—Mateyu 16:21-23.

      12. Liliphi icebiso abantu abaneenjongo ezilungileyo abanokulinika ulutsha, yaye ngoba?

      12 Ngokufanayo, bambi abazali okanye abahlobo basenokukudimaza kwikhondo lakho lokuzincama. Ngenxa yoluvo olungafanelekanga, basengaba mathidala ukukukhuthaza ukuba ungenele ubulungiseleli bobuvulindlela bexesha elizeleyo, ukuba ukhonze njengomvangeli wasemazweni, okanye wenze umsebenzi wokuzithandela kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova. Basenokuthi: ‘Kunoko, kutheni ungatshati nje uze uzihlalele kufuphi nathi?’ Okanye, ‘Uyabona, kusetyenzwa nzima eBheteli. Mhlawumbi kungakuhle ukuba uhlale nathi.’ Ngamanye amazwi, njengokuba uPetros watshoyo, “Makube camagu kuwe.”

      13. (a) Yiyiphi imbono ephuculiweyo uPetros awayivakalisayo? (b) Yintoni ebandakanyekileyo ekubeni ngumKristu wokwenyaniso?

      13 Maxa wambi kwanabakhonzi bakaYehova kufuneka bahlengahlengise indlela abacinga ngayo, UPetros kwafuneka ukuba enjenjalo, yaye ngembono ephuculiweyo, wabhala oku: “Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe.” (1 Petros 2:21) Ukuphila njengomKristu wokwenyaniso kubandakanya ukuzincama kwanokuva ubunzima. Asilokhondo lilula, kodwa lelo sabizelwa lona njengamaKristu. Ukulamkela kubandakanya ‘ukungabi saziphilela, kodwa ukuphilela lowo wafayo ngenxa yethu.’ (2 Korinte 5:15) Ukuhlala sicinga ngemizekelo emihle esinokuyilandela kuya kusinceda ukuba sibusebenzise ubomi bethu ngale ndlela yokuzincama.

      Imizekelo Emasicinge Ngayo

      14. UYesu wanikela wuphi umzekelo?

      14 Umzekelo ekufuneka uhlale uwukhumbula ngokukhethekileyo ngulowo wanikelwa nguYesu. Njengomntu owayefezekile, wayenokuba yeyona mbaleki idumileyo, imvumi, ugqirha okanye igqwetha elidumileyo kwawakha abonwa ehlabathini. Kodwa ingqalelo yakhe wayitsolisa ekukholiseni uYise wasezulwini, kwanaxa uYesu wayeselula. (Luka 2:42-49) Kamva wathi: “Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43) Kwihlobo elidlulileyo ileta eyayikwiphephancwadi lecawa iMinistry yacacisa oku: “UMsindisi wethu wayekuthanda ukuzishiya izihlwele, aze ke aye kwindlu ngendlu—ezingela umphefumlo. Ukuphulaphulwa ngumntu omnye kwakuyinto eyayimyolisa. Akuwufumana wayeyivakalisa inyaniso—uthando lukaThixo.”—Luka 10:1-16.

      15. (a) Kutheni le nto ukushumayela kwindlu ngendlu kulucelo-mngeni? (b) Yintoni ebonisa ukuba ubulungiseleli bendlu ngendlu obenziwa ngabaselula bunempumelelo?

      15 Kuyavunywa ukuba, ukushumayela kwindlu ngendlu akulula. Ukuziqonda iindaba ezilungileyo zoBukumkani kufuna ufundisiso lwenkuthalo yaye ukulungiselela indlela enentsingiselo yokuzinikela kufuna umsebenzi omkhulu. Kwakhona, le nkonzo ifuna ube nenkalipho, ekubeni abaninimzi abaninzi bengenamdla, yaye bambi bekwanentiyo. Kanti, ubulungiseleli bendlu ngendlu obenziwa nini baselula buba nomphumo omangalisayo, njengokuba kwaphawulwa kwiphephancwadi laseItali elilelecawa iLa Voce. Umbhali wathi: “Mna ngokobuqu, ndiyawathanda amaNgqina kaYehova,” athi, ngokucacisa kwakhe, “atyelele ekhayeni lakho.” Wagqabaza esithi: “Endiwaziyo mna aziphethe kakuhle, athetha kamnandi; akwangabantu abahle yaye amaninzi kuwo aselula. Xa ubona ubuhle nobutsha bawo uchukumiseka ngenene.”

      16. (a) Nguwuphi umsebenzi ulutsha olufanele lunconywe ngawo? (b) Intlangano yamaNgqina kaYehova ithelekiseka njani nezinye iicawa ekuphumezeni owona msebenzi ubalulekileyo emhlabeni?

      16 Ngokuqinisekileyo, nina baselula bathe bamamkela uKristu njengomzekelo wenu nikufanele ukunconywa! Ulutsha olungaphezu kwe-12 000, oluneminyaka engama-25 ubudala nangaphantsi koko, lukumsebenzi wobuvulindlela eUnited States, yaye amashumi amawaka angakumbi angoovulindlela kwezinye iindawo. (INdumiso 110:3) Qinisekani yinto yokuba awukho omnye umsebenzi eninokuwenza obaluleke ngakumbi kunalo! Kwanombhali wephephancwadi lecawa elikhankanywe ngasentla wathi: “UThixo uthi owona msebenzi ubaluleke kunene kukuya kwizindlu ngezindlu—kuzingelwa imiphefumlo,” kanti wahlabela mgama esithi, “Ucinga ntoni ngoku? Mna nawe siya kwizindlu ezingaphi? Andikhange ndive kukhankanywa nto ingako ngolu hlobo lomsebenzi kwiMlNlSTRY.” Ngaba asinakuba nombulelo ngokuba sinxulumana nentlangano ebalaselisa imfuneko yokuxelisa umzekelo kaYesu wokushumayela?

      17. Yintoni uTimoti awayifezayo ngoxa kusenokwenzeka ukuba wayesekwishumi elivisayo, ibe yintoni ebonisa ukuba usenokuba wayesemncinane ngelo xesha?

      17 Ekubeni oko uya kukwenza ngobomi bakho kuya kuphenjelelwa ubukhulu becala ngabo ubaxabisileyo, yiba noxabiso nangomzekelo owaboniswa nguTimoti oselula. Ekubeni wazalwa nje ngaphambi kokufa kukaYesu, uTimoti esengumfana wayishiya intsapho yakowabo waza wathelela umpostile uPawulos kuhambo lwakhe lwesibini lokushumayela. Kwiinyanga ezimbalwa kamva ihlokondiba lanyanzelisa ukuba uPawulos noSilas bemke eTesalonika, kodwa oku kwenzeka sele bebenzile abafundi abathile. (IZenzo 16:1-3; 17:1-10, 13-15) Ngokukhawuleza kamva uPawulos wathumela uTimoti kuloo mmandla uyingozi ukuba aye kuthuthuzela aba bafundi kwizilingo zabo. (1 Tesalonika 3:1-3) Kunokwenzeka ukuba uTimoti wayesasukela nje amashumi amabini eminyaka ngelo xesha, ekubeni kwiminyaka enokuba li-12 ukuya kweli-14 kamva uPawulos wayesathetha ‘ngobuncinane’ bakhe. (1 Timoti 4:12) Ngaba akunalo uxabiso ngomntu oselula okhaliphe nozincama ngolo hlobo?

      18. Kutheni le nto uPawulos wayeza kuthumela uTimoti kubantu baseKorinte?

      18 Kwiminyaka emihlanu emva kokuba uTimoti wayabelwe ukuya komeleza abazalwana eTesalonika, ese-Efese uPawulos wabhalela abantu baseKorinte oku: “Yibani ngabaxelisa mna. Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti . . . oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke.” (1 Korinte 4:16, 17) Ekubeni wayesele esebenze noPawulos kangangeminyaka emihlanu, uTimoti oselula wayeqhelene kakuhle neendlela zikaPawulos zokufundisa. Wayeyazi indlela uPawulos awayesinikele ngayo isigidimi kubantu base-Efese, kwanendlela awabafundisa ngayo “ekuhleni nakwizindlu ngezindlu.” (IZenzo 20:20, 21) Ekubeni wayeqeqeshwe kakuhle kwiindlela ezilolo hlobo zokushumayela, olunjani lona ukuba luhle uncedo uTimoti awayenokuba lulo emabandleni!

      19. Wathini uPawulos ngoTimoti kwiminyaka engaphezu kweshumi emva kokuba beqalisile ukusebenza kunye?

      19 Kudlula eminye iminyaka emihlanu okanye emithandathu, ibe uPawulos usentolongweni eRoma. UTimoti, naye obesandul’ ukukhululwa entolongweni, ukunye naye. (Hebhere 13:23) Khawube nomfanekiso-ngqondweni wokuqhubekayo: Mhlawumbi esebenzisa uTimoti njengonobhala wakhe, uPawulos ubhala incwadi eya kubantu baseFilipi. Ethetha ngokuqiniseka, uPawulos uhlabela mgama esithi: “Ndithembele eNkosini uYesu, ukuba ndonithumela uTimoti kamsinya . . . Kuba andinamntu wumbi, umphefumlo uvana nowam, owothi ayikhathalele ngokwenyaniso imicimbi engani . . . Ukucikideka ke kwakhe niyakwazi: ukuba wathi, njengomntwana kuyise, wakhonza kunye nam kuzo iindaba ezilungileyo.”—Filipi 1:1; 2:19-22.

      20. Yintoni eyenza ukuba uTimoti abe ngumzekelo oncomeka ngolo hlobo kulutsha?

      20 Ngokuqinisekileyo, uTimoti oselula ungumzekelo oncomekayo! Wayeliqabane likaPawulos elinyanisekileyo nelithembekileyo, enamathele kuye ngamathuba axakileyo nalungileyo, emxhasa kumsebenzi wokushumayela, yaye ekuvuma ukukhonza naphi na apho athunyelwa khona. Wancama ubomi basekhaya ekufane kuthiwe bobusemgangathweni, kanti okunjani kona ukwaneliseka ebomini bakhe awakuziselwa yinkonzo kaThixo! Eneneni uTimoti ‘wayengasaziphileli, koko wayephilela uKristu owathi wafa ngenxa yakhe.’ (2 Korinte 5:15) Ngaba ushukunyiseIwa ukuxelisa umzekelo wakhe?

      Ukuphilela Ihlabathi Elitsha LikaThixo

      21. Kutheni le nto sinokuthi uTimoti wayecinga ngezinto zokomoya?

      21 Ngokungathi kunjalo, uTimoti wayephilela ihlabathi elitsha likaThixo. Wayengacingeli nje usuku lwanamhlanje kodwa wayecinga ngokusebenzisa ubomi bakhe ukuze bube neengenelo ezihlala zihleli. (Mateyu 6:19-21) Ekubeni uyise kaTimoti wayengumGrike yaye ngokucacileyo engelokholwa, usenokuba wambongoza uTimoti ukuba asukele imfundo ephakamileyo yaye afune nomsebenzi ehlabathini. Kodwa ngenxa yokuqeqeshwa ngendlela yokuhlonel’ uThixo ngunina noninakhulu, ubomi bukaTimoti bakhuliselwa kwibandla lamaKristu. Wasukela izilangazelelo zokomoya, ekucaca ukuba wahlala engatshatanga ubuncinane okwexesha elithile, waza wafanelekela ukusebenza nompostile uPawulos.—2 Timoti 1:5.

      22. Incwadana enemifanekiso ethi Isikolo ilibalaselisa njani namhlanje ikhondo lobomi elifana nelikaTimoti kulutsha?

      22 Kuthekani ngawe? Ngaba ubutsha bakho uya kubusebenzisa ngendlela uTimoti awabusebenzisa ngayo? Incwadana ethi Isikolo NamaNgqina KaYehova yayithetha ngekhondo elinjalo lobomi xa ngokubhekisele kulutsha olungamaNgqina yathi: “Usukelo lwalo oluyintloko ebomini kukukhonza ngamandla njengabalungiseleli bakaThixo, ibe imfundo luyixabisa njengoncedo lokufikelela loo njongo. Ngoko ngokuqhelekileyo lunyula izifundo eziluncedo ukuze lukwazi ukuzixhasa kwihlabathi lanamhla. Ngaloo ndlela, oluninzi lusenokuthabatha izifundo zorhwebo okanye luye kwisikolo sorhwebo. Xa lushiya isikolo lunqwenela ukufumana umsebenzi oya kuluvumela luqwalasele umsebenzi walo ophambili, ubulungiseleli bobuKristu.”

      23. Kutheni le nto kungamele kube nzima ngolutsha olungamaKristu ukuphendula umbuzo othi, Yintoni endiza kuyenza ngobomi bam?

      23 Kuni bakuxabisa ngenene oko uYehova uThixo noNyana wakhe banenzele kona, akumele kube nzima ukuphendula lo mbuzo, Yintoni endiza kuyenza ngobomi bam? Kunokuziphilela nina noyolo lobuqu, ubomi benu niya kubusebenzisela ukwenza ukuthanda kukaThixo. Niya kuphila njengomntu wokomoya, njengokuba wenjenjalo uTimoti.

  • LUTSHA—Ngaba Nenza Inkqubela Ngokomoya?
    IMboniselo—1987 | Agasti 15
    • LUTSHA—Ngaba Nenza Inkqubela Ngokomoya?

      “Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke.”—1 TIMOTI 4:15.

      1, 2. Kuthetha ntoni ukwenza inkqubela ngokomoya, yaye akuthethi ntoni?

      KUTHETHA ntoni ukwenza inkqubela ngokomoya? Kuthetha ukuxelisa uYesu noTimoti oselula, ababeka izilangazelelo zoBukumkani tanci kubomi babo. Ukuba wenza inkqubela ngokomoya, uya kukwazi oko ufuna ukukwenza ngobomi bakho. Akuyi kuthi: ‘Ndiya kuqalisa ukukucingisisa nzulu ukukhonza uYehova xa sele ndikhulile.’ Hayi, uza kumkhonza ngoku!

      2 Kwelinye icala, ukwenza inkqubela ngokomoya akuthethi kuba ngathi uyimonki, uzenza umntu wonqulo okanye usoloko uqwalasele incwadi; kungathethi nokuba buhlungu, ukuba lusizi, nokuba yinkom’ edla yodwa. (Yohane 2:1-10) UYehova unguThixo owonwabileyo, yaye ufuna ukuba abantwana bakhe basemhlabeni bonwabe. Ngoko ukubandakanyeka ngokungagqithisi kwimidlalo nakweminye imicimbi yokuzihlaziya kukholisekile kuThixo.—1 Timoti 1:11, NW; 4:8.

      Ubhaptizo Lububungqina

      3. Kunokwenzeka ukuba kanye uTimoti wabhaptizwa nini?

      3 Ukulungiselela ukubhaptizwa nokulufezekisa kububungqina bokuba oselula wenza inkqubela ngokomoya. Njengokuba kubonisiwe, ukuba uTimoti wayesekwishumi elivisayo xa waba liqabane lompostile uPawulos kumsebenzi wokushumayela, kunokwenzeka ukuba uTimoti wabhaptizwa xa wayeqalisa okanye ephakathi kwiminyaka yeshumi elivisayo. Wayeqeqeshwe ngeZibhalo kwasebuntwaneni, yaye akuba nje exhotyiswe ngolwazi noxabiso olufanelekileyo, akazange abe madol’ anzima ukuba abhaptizwe.—2 Timoti 3:15.

      4. Nguwuphi umbuzo awabuzwa wona uFilipu, yaye nakubeni lo mntu wayebuza wayesandul’ ukufunda nje ngoKristu, kwakutheni ukuze uFilipu asiphumeze isicelo sakhe?

      4 Kuthekani ngani nina bakwishumi elivisayo abaye baqeqeshwa ngeZibhalo? Ngaba nikhe nawucingisisa umbuzo othi: “Kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa?” Ngekulungwane yokuqala, loo mbuzo wabuzwa yindoda ethile eyayiqhelene kakuhle neZibhalo kodwa eyayithe nje ngelo xesha yafunda ngoKristu. Kuyinyaniso ukuba, loo ndoda yayingakwazi konke ekufuneka kwaziwe ngeenjongo zikaThixo, kanti yashukunyiswa luxabiso olunzulu ngoko yayikwazi! Ngaloo ndlela, umfundi uFilipu wayengenasizathu sibambekayo sokungayibhaptizi.—IZenzo 8:26-39.

      5. Yintoni efunekayo kuwe ukuze ubhaptizwe?

      5 Kwala ntoni na ukuba wena ubhaptizwe? Kakade ke, ukuze ukufanelekele umele ukuqonde okubandakanyekileyo. Umele ukufune ngenene ukukhonza uYehova kuba umthanda. Kwakhona kufuneka uzahlulele kuye ngokobuqu emthandazweni. Ukongezelela koku, umele ubambelele kwiimfuneko zikaThixo zokuziphatha yaye ube namava aneleyo ekwabelaneni nabanye ngokholo lwakho. Xa ufaneleka ngaloo ndlela, kubalulekile ukuba uqhubeke noko uze ubhaptizwe.—Mateyu 28:19, 20; IZenzo 2:38.

      6. Ubhaptizo lunokufaniswa nantoni, ibe lumele lulandelwe yintoni?

      6 Nangona ukubhaptizwa kububungqina bokuba wenza inkqubela ngokomoya, khumbula ukuba ubhaptizo linyathelo nje elisisiqalo. Ngokuzahlulela kuYehova, uba ngowasemzini kweli hlabathi lidala lilawulwa nguSathana. Ngoko ukuzahlulela kunokufaniswa nokwenza isicelo sokufumana ubomi obungunaphakade kwinkqubo entsha kaThixo, yaye inyathelo eliqhelekileyo lokubhaptizwa, ngokungathi kunjalo, liyimbonakaliso phambi kwamangqina angqinela esi sibakala. (Yohane 12:31; Hebhere 11:13) Emva koko ngokuthembeka umele uphile ngokuvisisana nozahlulelo lwakho ukuze ufumane isipho sikaThixo sobomi obungunaphakade.—Roma 6:23.

      Kubonakala Ngehambo

      7. Isimo sakho sengqondo ngezinto zehlabathi sinxulumene njani nokwenza kwakho inkqubela ngokomoya?

      7 Ukwenza kwakho inkqubela ngokomoya okanye ukungayenzi kuya kubonakaliswa nasisimo sakho sengqondo ngezinto zehlabathi. Ziphi izinto? Ziquka isimbo sobomi sokwenza unothanda, iziyobisi, inkululeko yesini, imifanekiso eshukumayo yokuziphatha okubi, umculo ovuselela inkanuko, intetho engamanyala, umngqungqo ovuselela inkanuko, ikratshi lobuzwe nelobuhlanga, njalo njalo. (1 Yohane 2:16; Efese 5:3-5) Ulutsha, ngokungakumbi, kufuneka luhlale luzilindile. Khumbula ukuba, indlela oziphatha ngayo ngokubhekisele kwizinto ezinjalo iya kutyhila imekobume yempilo yakho yokomoya.—IMizekeliso 20:11.

      8. Kutheni le nto lumbi ulutsha lumadol’ anzima nje ekubeni lubhaptizwe?

      8 USathana uyaqinisekisa ukuba iindlela zokuziphatha okubi zehlabathi zibonakala zinomtsalane gqitha. Enyanisweni, omnye one-15 leminyaka ubudala wathi: “Okukhona sibona isini neziyobisi kumabonwakude, kokukhona zibonakala izizinto eziqhelekileyo kwibutho labantu.” Ulutsha olungenanxaxheba kwiindlela zehlabathi lwenziwa luzive ngathi alulandeli yaye luphoswa lulonwabo. Ngaba wakha wavakalelwa ngaloo ndlela? Bambi abanxulumene nebandla bavakalelwa ngaloo ndlela, yaye bayathingaza. Xa wabuzwa malunga nokubhaptizwa, omnye oselula wathi: ‘Andikafuni kubhaptizwa okwangoku kuba ndisenokwenza into endingathi ngenxa yayo ndisuswe kubudlelane.’ Kanti akunakuba ngongathabathi cala okanye ube ngombaxa. Umprofeti kaThixo wakhe wathi: “Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena.”—1 Kumkani 18:21.

      9. Yiyiphi inkuselo ekubonakala ukuba ikho ngokwenza inkqubela ngokomoya?

      9 Eneneni, ngokuphepha iindlela zokuziphatha okubi zehlabathi, ekuphela kwento ekuphosayo ziinkathazo. Elinye ibhinqa lavuma lisithi, “Ndaya ndiziva ndicaphuka yaye ndizisola ngakumbi ngenxa yobomi endandibuphila. Ndandingasazixabisanga yaye ndandizikhohlisile mna nosana endandilukhulelwe.” Ubuhle nokubengezela okubonakalayo kwehlabathi likaSathana bubuhle nje bekhiwane obuziimpethwana, buyinkohliso. Abunaluxabiso. Ukulandela iindlela zehlabathi kukhokelela ekubeni umntu akhulelwe engatshatanga, kumakhaya adlakazekileyo, kwizifo ezidluliseIwa ngeentlobano zesini, yaye kukwakhokelela ekudidekeni nakubugxwayiba obungenakubaliswa. Ngoko siphulaphule isiluleko uze wenze inkqubela ngokomoya. ‘Phambuka ebubini, wenze okulungileyo.’—1 Petros 3:11.

      10. Sisiphi isiluleko yaye yimizekelo yoobani ulutsha olwenza inkqubela ngokomoya oluya kuyithobela?

      10 Umntu oselula owenza inkqubela ngokomoya uya kusithobela isiluleko sompostile uPawulos esithi: “Ebubini yibani ziintsana, engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu.” (1 Korinte 14:20) Ngokuqinisekileyo uTimoti oselula wasisebenzisa esi siluleko. Ngaba unokumthelekelela efuna ukuba liqabane lolutsha oluzinikele kwiinkanuko zenyama nolulolwehlabathi lomhla wakhe? Nakanye! Oogxa bakhe yayingabakhonzi bakaThixo abadlelana naye elukholweni. (IMizekeliso 13:20) Xelisa umzekelo wakhe. Xa uza kubandakanyeka nakuwuphi na umcimbi othandabuzekayo, khawuzibuze: Ngaba uTimoti okanye uYesu ebeya kuyenza le nto?

      Kubonakaliswa Ngokufundisisa IBhayibhile

      11. Nguwuphi umbono ulutsha Iwehlabathi olungenawo, ibe lo mbono ufumaneka uze ulondolozwe njani?

      11 Inqaku elaliphuma eItali elapapashwa kwiWorld Press Review lathi: “Ukukhohliseka nokuphelelwa lithemba kolutsha kuya kusanda mihla le, yaye akukho mntu unokulunika ikamva elikhuthazayo.” Abo banamehlo amfamekileyo abakwihlabathi likaSathana abanawo umbono wehlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo nowekamva elizukileyo elilindele abo bakufanelekelayo ukuphila apho. (2 Korinte 4:4; IMizekeliso 29:18; 2 Petros 3:13) Kodwa ulutsha olunenkqubela ngokomoya lunombono onjalo ogcinwa uqaqambile yaye ucacile ngokufundisisa iBhayibhile rhoqo.

      12. (a) Simele siluzuze njani ulwazi lukaThixo? (b) Kutheni le nto olu lwazi luwufanele nje umgudu?

      12 Ngaba ihlabathi elitsha likaThixo liyinto yokwenene kuwe? Linokuba njalo, kodwa ukufikelela kulo kufuna ukuba wena wenze umgudu wokwenene. Kufuneka ukuba ube nomdla onzulu wokufumana ulwazi IweBhayibhile khon’ ukuze ‘uqhubeke ulufuna njengesilivere, ulumba njengobutyebi obuselelweyo.’ (IMizekeliso 2:1-6) Yintoni ebangela ukuba umntu ozingela ubuncwane aqhubeke ephanda yaye esimba, maxa wambi esenjenjalo kangangeminyaka emininzi? Uyavutha kukukhanuka ubutyebi aya kubuziselwa bobo buncwane. Kanti ulwazi luxabiseke ngakumbi kunobuncwane obuphathekayo. UYesu wathi, “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” (Yohane 17:3) Ukuba ukholelwa ngokwenene koko uYesu wakuthethayo apho, ufundisiso lweBhayibhile luya kuba yinto oyisukela ngolangazelelo eya kukuvuza ngento exabiseke ngakumbi kunamatye anqabileyo axabiso likhulu.—IMizekeliso 3:13-18.

      13. Ngawaphi amacebiso okufundisisa ulutsha olwenza inkqubela ngokomoya oluya kuwalandela?

      13 Uya kufumanisa ukuba okukhona ufundisisa, kokukhona uya kukulangazelela ngakumbi ukutya kokomoya. Funda iindlela ezilungileyo zokufundisisa. Mus’ ukukrwela nje ukuze ufumane iimpendulo kodwa zihlole iindinyana zeBhayibhile ezibonisiweyo, wandule ke ujonge iindinyana ezinxulumene nazo ngokusebenzisa iimbekiselo eziseBhayibhileni ezikubonisa enye indinyana. Kwakhona unokwenza uphengululo olongezelelekileyo ngokusebenzisa izalathiso, njengeWatch Tower Publications Index 1930-1985. Hlolisisa indlela osebenza ngayo umbandela nendlela onokusetyenziswa ngayo. Thetha nabanye ngoko ukufundisisayo. Oku kuya kuzibethelela iingongoma engqondweni yakho yaye uya kukhuthaza abanye ukuba nabo baphengulule. Ngokuzinyamekela ngokwenene, uya kuba uthobela isiluleko esanikelwa kumfana onguTimoti: “Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke.”—1 Timoti 4:15; 2 Timoti 2:15.

      Kuboniswa Kwiintlanganiso Nasenkonzweni

      14. Yintoni efak’ isandla ekwenzeni iintlanganiso zamaKristu zibe luyolo ngakumbi, ibe unokubakhuthaza ngaziphi iindlela abanye xa uzile?

      14 Xa ukunandipha ukufundisisa iBhayibhile yaye ulungiselele kakuhle, iintlanganiso zamaKristu ziba zeziyolisa ngakumbi. (INdumiso 122:1; Hebhere 2:12) Wandula ke ukhangele phambili ngokude kwangakumbi ekubeni nesabelo kwiinxalenye ezifuna abaphulaphuli babe nenxaxheba nasekunikeleni iintetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Kodwa xa uye kwiintlanganiso, kukho nezinye iindlela zokuzalisekisa umyalelo othi ‘ninyamekelane’ nothi “silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle.” (Hebhere 10:24, 25) Ngokomzekelo, ngaba uba ngowokuqala ukuthetha nabanye? Ukuthi ngobuhlobo, “Bhota, ndiyakuvuyela ukukubona!” Okanye ukubuza nje ngokunyaniseka uthi, “Uziva njani?” kunokuba kokukhuthaza gqitha, ingakumbi xa kuphuma kumntu oselula.

      15. Unokuzenza njani ufumaneke ukuba wenze imisebenzi eyimfuneko, yaye kutheni le nto kukuhle nje ukukhumbula umzekelo kaKristu?

      15 Kubandakanyeke umsebenzi omkhulu kwindlela elisebenza ngayo ibandla. Ngaba unokuncedisa? Kunokwenzeka ukuba, umfana onguTimoti wamenzela izinto ezininzi eziluncedo uPawulos—ukudlulisa imiyalezo, ukwamkela izinto ezazithunyelwa kuye, ukuhambisa izigidimi, njalo njalo. Ukuba akuzange ukwenze oko, kutheni ungabaxeleli nje abadala ukuba ukulungele ukuba luncedo. Mhlawumbi uya kucelwa ukuba udlulise izabelo zeentlanganiso, ukugcina iHolo icocekile, okanye ukwenza omnye umsebenzi oyimfuneko. Khumbula ukuba, uKristu wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, ngoko awukho umsebenzi odelekileyo kumntu owenza inkqubela ngokomoya.—Yohane 13:4, 5.

      16. Nguwuphi umsebenzi iphephancwadi lamaKatolika elawugqala njengoyimbopheleleko yamaKristu?

      16 Xa siqwalasela ezinye iinkonzo, eneneni sinokuba nombulelo ngenxa yoqeqesho esilufumana kwiintlanganiso zethu ukuze silungele umsebenzi obaluleke kunene wokushumayela. Ebhala kwiiU.S. Catholic kaSeptemba odluleyo, uKenneth Guentert wathi: “Ndakhula ngemihla yaxa amaKatolika ayengamele ayifunde iBhayibhile ngenxa yokuba ayenokufumana iingcamango ezingaqhelekanga—ezinjengokucinga ukuba amaKristu amele ahambe enkqonkqoza ezindlwini ezama ukuguqula abantu. Kwandula ke kwaba lithuba leVatican II; yaye ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile. Njengoko kwakulindelekile, ngoku ndicinga ukuba amaKristu amele ajikeleze enkqonkqoza ezindlwini ezama ukuguqula abantu.” Wahlomela ngokuthi: “Uze uqonde ukuba; asikokuba nam iyandonwabisa le ngcamango, kodwa ukuba uyayifunda iTestamente Entsha, phantse akunakwenzeka ukuba ungafikeleli kwesi sigqibo.”—Mateyu 10:11-13; Luka 10:1-6; IZenzo 20:20, 21.

      17. Ubulungiseleli bunokuba luyolo ngakumbi njani kuwe?

      17 AmaKristu okuqala ayekhuthele ekushumayeleni kwindlu ngendlu, yaye kuyabonakala ukuba nabantwana abanjengoTimoti babephuma baye kubulungiseleli kunye nabantu abakhulileyo. Kanti, kuyavunywa ukuba, kwabathile namhlanje lo asingomsebenzi onandipheka kangako. Kutheni unganandipheki nje? Ubuchule busesinye sezizathu. Ngokomzekelo, xa uyincutshe yomdlalo, ngaba akuwunandiphi ngakumbi? Kukwanjalo ke nangobulungiseleli. Njengokuba usiya uba nobugcisa ngakumbi ekusebenziseni iBhayibhile nasekuxubusheni ngemixholo yeBhayibhile, ubulungiseleli buya kuba ngumthombo woyolo, ingakumbi xa ufumana uthile onokwabelana naye ngolwazi olunik’ ubomi. Ngoko yenza inkqubela ngokomoya! Ziqhelisele iintshumayelo zakho zendlu ngendlu. Fumana amacebiso avela kwabanye. Mkhunge uYehova ukuba akuncede.—Luka 11:13.

      Ngolwalamano Oluthile Nabakhulileyo

      18. Ziziphi iintlobo zolwalamano uYesu noTimoti abazinandiphayo ngokuba nabantu abakhulileyo?

      18 Xa wayeneminyaka nje eli-12 ubudala, uYesu wakunandipha ukuchitha ixesha kunye nabakhulileyo, bexubusha ngezinto zokomoya. Abazali bakhe bakhe “bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza.” (Luka 2:46) Kwakukwanjalo ke nangoTimoti. Xa umpostile uPawulos namaqabane akhe batyelela eListra, kuyabonakala ukuba uTimoti wakunandipha ukuhamba nabo yaye waziphulaphula ngenyameko iimfundiso zabo. Wayenemvisiswano nabazalwana basekuhlaleni abathi bamncoma gqitha.—IZenzo 16:1-3.

      19. Yintoni ngokukhethekileyo eyabangela ukuba uPawulos akhethe uTimoti njengeqabane lakhe elihambahambayo, ibe uTimoti wayeluncedo njani?

      19 Nangona uTimoti ngokuvumayo wabenzelayo izinto zokunceda abanye ngokwenyama, uPawulos wamkhetha njengeqabane awayenokuhamba nalo ngokukodwa ngenxa yobuchule bakhe bokulungiselela iintswelo zabantu zokomoya. Ngenxa yoko, xa ihlokondiba lanyanzelela uPawulos ukuba emke eTesalonika, wathumela uTimoti oselula ukuba aye kukhuthaza aze omeleze abafundi abatsha. Ngoko oku kubonisa ukuba uTimoti wayengalangazeleli nje kuphela ukufunda kwabakhulileyo nokunandipha ukuba kunye nabo; wayeluncedo lokwenene kwizinto zokomoya.—IZenzo 17:1-10; 1 Tesalonika 3:1-3.

      20. Yintoni ekuya kuba bubulumko ukuba uyenze, ibe yiyiphi imisebenzi onokuyenzela abakhulileyo?

      20 Uya kuba sisilumko ngokuxelisa uYesu noTimoti yaye uya kukulangazelela ukungenelwa kumava nakulwazi lwabakhulileyo. Kufune ukuba kunye nabo uze ubabuze imibuzo. Kodwa kwakhona kubonakalise ukuba nenkqubela kwakho ngokomoya ngokuthi ube luncedo kubo. Ngaba bakho abalupheleyo okanye abaneziphene abaya kuyixabisa into yokuba ubayele evenkileni okanye ubenzele eminye imisebenzi eyimfuneko? Mhlawumbi ubunokusuka nje ubatyelele, ubafundele, uze wabelane nabo ngamava owanandiphileyo kubulungiseleli.

      Indima Yabazali Nabanye

      21. Ibaluleke kangakanani indima yabazali, ibe yintoni le ingenakubalaseliswa ngokugqith’ emgceni?

      21 Impilo yokomoya yolutsha ixhomekeke ubukhulu becala kuqeqesho nomzekelo omiselwa ngabazali balo. (IMizekeliso 22:6) Ngokuqinisekileyo uYesu wangenelwa kukhokelo awalunikwa ngabazali bakhe basemhlabeni ababehlonel’ uThixo. (Luka 2:51, 52) Ibe ngokuqinisekileyo uTimoti wayengayi kuba ngumfana owenza inkqubela ngokomoya awathi waba nguye ukuba wayengazange aqeqeshwe ngunina noninakhulu. (2 Timoti 1:5; 3:15) Ukuqeqeshwa ngeBhayibhile ngokuthe rhoqo akunakubalaseliswa ngokugqith’ emgceni! Njengabazali, ngaba niyalunikela olu qeqesho? Okanye ngaba niyalutyeshela?

      22. (a) Xa abazali bekujonga njengokubalulekileyo ukufundisisa iBhayibhile njengentsapho, bachaphazeleka njani abantwana? (b) Luluphi ulwalathiso abazali abafanele balunike abantwana babo?

      22 Omnye umfana osebenza kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova ucacisa ukuba ebudeni beminyaka yokukhula kwakhe, enye imbalasane engaguqukiyo yobomi bentsapho yakowabo yayikukufundisiswa kweBhayibhile veki nganye nabantwana. “Maxa wambi ubawo wayebuya edinwe ngokupheleleyo emsebenzini kangangokuba kube nzima ukuba ahlale athi qwa, kodwa sekunjalo isifundo sasiqhutywa, yaye oku kwasinceda ukuba sibuxabise ubunzulu baso.” Bazali, akunakwenzeka ukuba abantwana benu bayixabise gqitha imicimbi yokomoya ngaphandle kokuba nina niyayixabisa. Ngoko babekeleni usukelo lokuba ngoovulindlela nolokuba ngabavangeli basemazweni nolwenkonzo yaseBheteli. Bancedeni baqonde ukuba ubulungiseleli bungumsebenzi onekamva nokuba akukho kamva lokwenene kwimisebenzi yehlabathi.—Thelekisa eyoku-1 kaSamuweli 1:26-28.

      23. Abanye ebandleni banokulunceda njani ulutsha ukuba lwenze inkqubela ngokomoya?

      23 Kwanabanye, banokulunceda ulutsha lwenze inkqubela ngokomoya. Ninokuqiniseka ukuba niyancokola nalo kwiintlanganiso. Kwakhona, zamani ukuluquka kweminye imicimbi yenu. Ngemvume yomzali, umdala usenokulungiselela ukuba omnye oselula abelwe ukuthetha okanye ahambe naye xa ephuma ukuze abethwe ngumoya. (Yobhi 31:16-18) Oko kusenokubonakala kuyinto engenamsebenzi kusenokuthetha lukhulu. Omnye umveleli ohambahambayo, ephawulile ukuba inkwenkwana eyayiphulaphule intetho yakhe yayingenayo iBhayibhile, kamva wayipha iBhayibhile. Lo mfana wachukumiseka engachukunyiswa nje sisipho kodwa nangumdla oboniswe kuye. Ngaphezu kweminyaka engama-30 kamva, loo nkwenkwe, ngoku engumdala, isayikhumbula ngovuyo indlela umzalwana awalubonakalisa ngayo uthando lwakhe.

      24. Yintoni le kuchwayitisayo ukuyiphawula, ibe sifanele sizimisele ukwenza ntoni?

      24 Akuchwayitisi na ukubona ukuba kukho amakhulukhulu amawaka ‘ombethe womlisela’ avakalisa isigidimi esihlaziyayo soBukumkani nokuba ubuncinane kukwakho iintokazi ezikwangako ezibumba ‘umkhosi omkhulu ovakalisa iindaba ezilungileyo’? Kwanga bonke bangazimisela ukuba ngabenza inkqubela ngokomoya, yaye kwanga thina sonke singabanceda ukuba bafikelele apho.—INdumiso 110:3; 68:11.

      Imibuzo Yempinda

      ◻ Yintoni enokunceda umntu oselula ukuba enze isigqibo ngexesha lokubhaptizwa?

      ◻ Ihambo yomntu oselula ibaluleke kangakanani ekubeni abe ngumntu owenza inkqubela ngokomoya?

      ◻ Yintoni enokulunceda ulutsha luzinandiphe iintlanganiso nenkonzo yasentsimini?

      ◻ Luluphi ulwalamano ulutsha olufanele lube nalo nabantu abakhulileyo?

      ◻ Abazali kunye nabantu abakhulileyo banokulunceda njani ulutsha?

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share