IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • fy isahl. 8 iphe. 90-102
  • Khusela Intsapho Yakho Kwiimpembelelo Ezitshabalalisayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Khusela Intsapho Yakho Kwiimpembelelo Ezitshabalalisayo
  • Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • NGUBANI OYA KUFUNDISA ABANTWANA BAKHO?
  • IMBONO KATHIXO NGESINI
  • UMSEBENZI ABAZALI ABANAWO EKHAYA
  • ABAHLOBO BABANTWANA BAKHO
  • LUHLOBO OLUNJANI LOKUZIHLAZIYA?
  • INTSAPHO YAKHO INOKULOYISA IHLABATHI
  • Ngaba IBhayibhile Inokukunceda Ekuqeqesheni Abantwana Bakho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ingonwaba Njani Intsapho Yakho?​—Esesibini
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Bazali, Ncedani Abantwana Benu Bamthande UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Bazali—Yibani Yimizekelo Emihle Kubantwana Benu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
fy isahl. 8 iphe. 90-102

Isahluko 8

Khusela Intsapho Yakho Kwiimpembelelo Ezitshabalalisayo

1-3. (a) Zivela phi iimpembelelo ezisongela ubomi bentsapho? (b) Abazali bafanele balungelelane njani ekukhuseleni intsapho yabo?

UNYANA wakho uza kuya esikolweni, yaye imvula iyagalela phandle. Uza kuthini? Ngaba uyamyeka axhumaxhume phandle enganxibanga mpahla yemvula? Okanye ngaba umnxibisa ade axakwe nakukuhamba ngenxa yokufumbela? Kakade, akuzenzi zombini ezi zinto. Umnika into efuneka ukumkhusela angabi manzi.

2 Ngokufanayo, abazali bamele bazame indlela elungeleleneyo yokukhusela intsapho yabo kwiimpembelelo ezitshabalalisayo eziza kuyo ziyimvula—ishishini lokuzihlaziya, ezosasazo, oontanga, yaye maxa wambi nesikolo. Bambi abazali abayikhuseli kangako intsapho yabo okanye abayikhuseli kwaukuyikhusela. Abanye, kuba bebona ubungozi bempembelelo yangaphandle, bayabaqhobosha abantwana bade bangakwazi nokushukuma. Ngaba unako ukulungelelana kulo mba?

3 Ewe, unako. Ukuzibaxa izinto akuncedi yaye kunokukuqhwayela inkathazo. (INtshumayeli 7:16, 17) Kodwa abazali abangamaKristu bakwazi njani ukulungelelana ekukhuseleni intsapho yabo? Qwalasela ezi nkalo zintathu: imfundo, unxulumano nokuzihlaziya.

NGUBANI OYA KUFUNDISA ABANTWANA BAKHO?

4. Abazali abangamaKristu bafanele bayijonge njani imfundo?

4 Abazali abangamaKristu bayixabise gqitha imfundo. Bayazi ukuba isikolo sinceda abantwana bakwazi ukulesa, ukubhala nokunxibelelana, kwanokucombulula iingxaki. Kwakhona sifanele sibafundise ukulesa. Ubuchule abantwana ababufumana esikolweni bunokubanceda baphumelele nangona kukho ucelomngeni kwihlabathi lanamhlanje. Ukongezelela, imfundo elungileyo isenokubanceda benze umsebenzi obalulekileyo.—IMizekeliso 22:29.

5, 6. Yiyiphi indlela abasenokuchanabeka ngayo kwiimfundiso eziphosakeleyo abantwana abasesikolweni?

5 Noko ke, isikolo sikwadibanisa abantwana kunye nabanye—abaninzi kubo abaneembono ezitenxileyo. Ngokomzekelo, khawucinge ngeembono zabo ngesini nokuziphatha. Kwisikolo semfundo ephakamileyo eNigeria, enye intombazana eziphethe kakubi ngokwesini yayidla ngokucebisa abanye efunda nabo ngemibandela engesini. Babeyiphulaphula ngomdla, nangona iingcamango zayo zazibubuvuvu ebufumene kwiincwadi ezifundisa amanyala. Amanye amantombazana alizama icebiso layo. Ngenxa yoko, enye intombazana yakhulelwa ingatshatanga yaza ya-fa xa yayizama ukuqhomfa.

6 Okubuhlungu kukuba ezinye iinkcazelo ezingeyonyaniso ngemibandela engesini esikolweni, zivela kubafundisi-ntsapho, kungekhona kubantwana. Abazali abaninzi bayothuswa kukuba izikolo zifundise abantwana babo ngemibandela engesini zize zingabafundisi imilinganiselo yokuziphatha nembopheleleko ehambisana noko. Omnye umama wentombazana eneminyaka eli-12 ubudala wathi: “Sihlala kwindawo enabantu abaninzi bonqulo nesabambelele kwisithethe, kodwa kwisikolo samabanga aphakamileyo salapha, abantwana baphiwa ii-condom!” Yena nomyeni wakhe yabaxhalabisa gqitha into yokuva ukuba kukho amakhwenkwe alingana nentombi yabo acela ukuba neentlobano zesini nayo. Abazali banokuyikhusela njani intsapho yabo kwiimpembelelo eziphosakaleyo ezinjalo?

7. Yiyiphi eyona ndlela ibalaseleyo yokulungisa inkcazelo ephosakeleyo ngemibandela engesini?

7 Ngaba eyona nto ilungileyo kukuba umbandela ongesini ungaze uphathwe? Akunjalo. Kubhetele umfundise ngokwakho umntwana wakho ngemibandela engesini. (IMizekeliso 5:1) Liyinyaniso elokuba, kwezinye iindawo zaseYurophu nakuMntla Merika, abazali abaninzi baneentloni ukuthetha ngalo mba. Ngokufanayo, kumazwe aseAfrika, abazali abafane baxubushe imibandela engesini nabantwana babo. “Asilosiko lethu ma-Afrika elo,” watsho njalo omnye utata waseSierra Leone. Abanye abazali bacinga ukuba ukufundisa abantwana ngemibandela engesini kukubanika iingcamango eziya kubenza baziphathe kakubi! Kodwa uThixo unayiphi imbono ngaso?

IMBONO KATHIXO NGESINI

8, 9. Yiyiphi inkcazelo efanelekileyo engemibandela engesini efumaneka eBhayibhileni?

8 IBhayibhile yenza kucace mhlophe ukuba akukho nto iziintloni ngokuxubusha imibandela engesini xa kufanelekile. KwaSirayeli, abantu bakaThixo baxelelwa ukuba bahlanganisane, kuquka “nabantwana,” ukuze baphulaphule xa kufundwa uMthetho kaMoses. (Duteronomi 31:10-12; Yoshuwa 8:35) UMthetho wawuthetha phandle ngemibandela eliqela engesini, kuquka ukuya exesheni, ubhobhozo, ukuhenyuza, ukukrexeza, ubufanasini, umbulo nokulala nezilwanyana. (Levitikus 15:16, 19; 18:6, 22, 23; Duteronomi 22:22) Ngokuqinisekileyo usakuba ufundiwe kwakufuneka abazali bacacise izinto ezininzi kubantwana babo ababefuna ukwazi.

9 Kukho iindinyana kwisahluko sesihlanu, sesithandathu nesesixhenxe seMizekeliso eziqulethe isiluleko somzali ngeengozi zokuziphatha okubi ngokwesini. Ezi ndinyana zibonisa ukuba ukuziphatha okubi kusenokuba luvavanyo maxa wambi. (IMizekeliso 5:3; 6:24, 25; 7:14-21) Kodwa zifundisa ukuba kuphosakele yaye kuyingozi, yaye zinikela ukhokelo lokunceda abantu abaselula baphephe iindlela zokuziphatha okubi. (IMizekeliso 5:1-14, 21-23; 6:27-35; 7:22-27) Ngaphezu koko, ukuziphatha okubi kwahlukile kuyolo lwesini olufumaneka kwindawo efanelekileyo, emtshatweni. (IMizekeliso 5:15-20) Onjani wona ukuba mhle umzekelo omele ulandelwe ngabazali!

10. Kutheni ukunika abantwana ulwazi lobuthixo ngemibandela engesini kungenakubenza baziphathe kakubi?

10 Ngaba ezo mfundiso zenza abantwana baziphathe kakubi ngokwesini? Akunjalo, iBhayibhile ifundisa oku: “Ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.” (IMizekeliso 11:9) Ngaba akufuni kuhlangula abantwana bakho kwiimpembelelo zehlabathi? Omnye utata wathi: “Kwabesebancinane abantwana bethu, sazama ukuthetha ngokuphandle nabo ngemibandela engesini. Ngaloo ndlela, xa besiva abanye abantwana bethetha ngemibandela engesini, ababi namdla wokufun’ ukwazi. Akukho nto bayothukayo.”

11. Abantwana bangafundiswa njani ngokuthe ngcembe ngemibandela yobomi enzulu?

11 Njengokuba kuboniswe kwizahluko ezandulelayo, bamele bafundiswe ngemibandela engesini besebancinane. Xa ufundisa abantwana ukubiza amalungu omzimba, musa ukuwatsiba amalungu omzimba afihlakeleyo ngokungathi aziintloni. Bafundise amagama afanelekileyo ala malungu. Ekuhambeni kwexesha, unokubafundisa ngokubaluleka kokuwahlonela. Kunconyelwa ukuba abazali bobabini bafanele bafundise abantwana babo ukuba la malungu akhethekile, yaye ngokuqhelekileyo akamele aphathwe okanye atyhilelwe abanye, yaye akuthethwa kakubi ngawo. Njengokuba abantwana bekhula, bafanele bachazelwe indlela indoda nomfazi abadibana ngayo ukuze bayile umntwana. Xa imizimba yabo iqalisa ukuba sentlahleni, bafanele babe sebelwazi kakuhle utshintsho amabalulindele. Njengokuba kuxutyushiwe kwiSahluko 5, ukubafundisa oko kunokubakhusela abantwana ekuxhatshazweni ngokwesini.—IMizekeliso 2:10-14.

UMSEBENZI ABAZALI ABANAWO EKHAYA

12. Ziziphi iimbono ezigqwethekileyo ezidla ngokufundiswa ezikolweni?

12 Abazali kufuneka bakulungele ukulungisa ezinye iingcamango ezibubuxoki ezisenokuba zifundiswa esikolweni—iintanda-bulumko zehlabathi njengendaleko, ubuhlanga, okanye iingcamango zokuba akukho nyaniso ipheleleyo. (1 Korinte 3:19; thelekisa iGenesis 1:27; Levitikus 26:1; Yohane 4:24; 17:17.) Amagosa amaninzi anyanisekileyo asezikolweni adla ngokubethelela ngokungeyomfuneko ukubaluleka kwemfundo enomsila. Ngoxa umbandela wemfundo eyongezelelekileyo ulukhetho lobuqu, abanye abafundisi-ntsapho bathi ikuphela kwendlela anokuphumelela ngayo umntu.a—INdumiso 146:3-6.

13. Abantwana abahamba isikolo banokukhuselwa njani kwiingcamango eziphosakaleyo?

13 Ukuze abazali bakwazi ukulungisa iimfundiso eziphosakeleyo okanye ezigqwethekileyo, bamele bazazi izinto abazifundiswayo abantwana babo. Ngoko bazali, khumbulani ukuba nani ninomsebenzi enimele niwenze ekhaya! Bonisani umdla wokwenene kwimfundo yabantwana benu. Thethani nabo xa bebuya esikolweni. Babuzeni izinto abazifundayo, abazithanda kakhulu nabazifumanisa zilucelomngeni olukhulu. Hlolani umsebenzi wabo wesikolo abawenzela ekhaya, amanqaku abawabhalayo neziphumo zeemviwo. Zamani ukubazi abafundisi-ntsapho babo. Yazisani abafundisi-ntsapho ukuba niyawuxabisa umsebenzi abawenzayo yaye nifuna ukubanceda ngandlela zonke.

ABAHLOBO BABANTWANA BAKHO

14. Kutheni kubalulekile ukuba abantwana abahlonela uThixo bakhethe abahlobo abalungileyo?

14 “Uyifunde phi loo nto?” Bangaphi abazali abakhe babuza loo mbuzo, bothuswe yinto ethethwe okanye eyenziwe ngumntwana ebonakala ingafani naye kwaphela? Yaye bangaphi abantwana abadla ngokuchaza ukuba bayifunde kumhlobo omtsha wasesikolweni okanye wasekuhlaleni? Ewe, izinxulumani zethu zinempembelelo kuthi, enoba siselula okanye sikhulile. Umpostile uPawulos walumkisa wathi: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa esebenzisekayo.” (1 Korinte 15:33; IMizekeliso 13:20) Ulutsha lolona lusesichengeni sengcinezelo yoontanga. Ludla ngokungazithembi yaye maxa wambi luye loyiswe ngumnqweno wokukholisa nokuvuyisa izinxulumani zalo. Ngoko, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba lukhethe abahlobo abalungileyo!

15. Abazali banokubanceda njani abantwana babo ekukhetheni abahlobo?

15 Njengokuba bonke abazali besazi, abantwana abasoloko besenza ukhetho oluhle; kufuneka bancedwe. Oku akuthethi ukubakhethela abahlobo. Kunoko, njengokuba bekhula, bafundise ukusebenzisa ingqiqo uze ubancede bakhangele iimpawu abamele bazijonge kubahlobo. Olona phawu luphambili kukuthanda uYehova nokwenza okuhle emehlweni akhe. (Marko 12:28-30) Bafundise ukuthanda nokuhlonela abo banyanisekileyo, banobulali, banobubele, bakhutheleyo. Kwisifundo sentsapho, bancede abantwana baphawule iimpawu zabantu abaseBhayibhileni baze bazikhangele kwabanye abasebandleni iimpawu ezinjalo. Nawe misela umzekelo ngokwenjenjalo xa ukhetha abahlobo.

16. Abazali banokuyibeka esweni njani indlela abantwana babo ababakhetha ngayo abahlobo?

16 Ngaba uyabazi abahlobo babantwana bakho? Kutheni ungaceli abantwana bakho beze nabahlobo babo ekhayeni lakho ukuze ubazi? Usenokubuza abantwana bakho oko abanye abantwana bakuthethayo ngaba bahlobo. Ngaba badume ngokugcina ingqibelelo okanye ngokuphila ubomi obumbaxa? Ukuba baphila ubomi obumbaxa, nceda abantwana bakho bacinge ngendlela okunokuba yingozi ngayo ukunxulumana nabo. (INdumiso 26:4, 5, 9-12) Ukuba uphawula utshintsho olukukhwinisayo kwisimilo, kwisinxibo, kwisimo sengqondo, okanye kwintetho yomntwana wakho, kusenokufuneka ukhe uncokole naye ngabahlobo bakhe. Kusenokwenzeka umntwana wakho uchitha ixesha nomhlobo omhlohla umoya omdaka.—Thelekisa iGenesis 34:1, 2.

17, 18. Ngaphandle kokulumkisa ngonxulumano olubi, luluphi uncedo olusengqiqweni abazali abanokulunikela?

17 Kodwa ukufundisa abantwana bakho ukuba baphephe izinxulumani ezibi akwanele. Bancede bafumane ezilungileyo. Omnye utata uthi: “Besiye sizame ukubafunela abanye. Ngoko xa unyana wethu bekufuneka aye kudlala neqela lebhola ekhatywayo esikolweni, mna nowakwam besiye sihlale naye size simbonise isizathu sokuba kungebobulumko oko—ngenxa yokuba usenokufumana izinxulumani ezitsha apho. Kodwa besiye simcebise aqokelele olunye ulutsha lwasebandleni baze baye kudlala ibhola kunye epakini. Ibe oko kwaba luncedo gqitha.”

18 Abazali abalumkileyo bayabanceda abantwana babo bafumane abahlobo abalungileyo baze banandiphe unxulumano olwakhayo nabo. Noko ke, kubazali abaninzi lo mbandela wokuzihlaziya ulucelomngeni olukhulu.

LUHLOBO OLUNJANI LOKUZIHLAZIYA?

19. Yiyiphi imizekelo eseBhayibhileni ebonisa ukuba akusosono ngeentsapho ukuzonwabisa?

19 Ngaba iBhayibhile ikuchasile ukuzihlaziya? Nakanye! IBhayibhile ithi “ukuhleka kunexesha lako . . . kukho nexesha lokudloba.”b (INtshumayeli 3:4) Abantu bakaThixo kwaSirayeli babewunandipha umculo nokungqungqa, imidlalo namaqhina. UYesu Kristu waya kwisibhadlalala somsitho womtshato waza waya ‘nakwitheko elikhulu’ awalenzelwa nguMateyu uLevi. (Luka 5:29; Yohane 2:1, 2) Kucacile ukuba uYesu wayengakuchasanga ukonwaba. Akwaba nakwintsapho yakho anikujongi njengesono ukuhleka nokonwaba!

20. Yintoni abazali abafanele bayikhumbule xa belungiselela ukuzihlaziya kwentsapho?

20 UYehova ‘nguThixo onoyolo.’ (1 Timoti 1:11) Ngoko ukunqula uYehova kufanele kusichwayitise, kungasenzi sithi khunubembe. (Thelekisa iDuteronomi 16:15.) Abantwana badlamkile ngemvelo yaye basenamandla abanokuwasebenzisa ekudlaleni nasekuzihlaziyeni. Ukuzihlaziya okukhethwe kakuhle akupheleli nje ekubonwabiseni. Kubafundisa izinto kuze kubenze baqole. Intloko-ntsapho inembopheleleko ngeentswelo zentsapho yayo kwinto yonke, kuquka ukuzihlaziya. Noko ke, ukulungelelana kuyafuneka.

21. Ziziphi iingozi ezikhoyo ekuzihlaziyeni namhlanje?

21 Kule ‘mihla yokugqibela’ ineenkathazo, phakathi kwabantu kukho “abathandi beziyolo kunokuba ngabathandi bakaThixo,” njengokuba kwaprofetwayo eBhayibhileni. (2 Timoti 3:1-5) Kwabaninzi, eyona nto iphambili ebomini babo kukuzihlaziya. Kukho izinto ezininzi zokuzihlaziya kangangokuba izinto ezibalulekileyo zingade zilityalwe. Ngaphezu koko, izinto ezininzi zokuzihlaziya zanamhlanje zibalaselisa ukuziphatha okubi ngokwesini, ugonyamelo, ukusebenzisa kakubi iziyobisi nezinye izinto eziyingozi. (IMizekeliso 3:31) Yintoni enokwenziwa ukukhusela abaselula kwizinto zokuzihlaziya eziyingozi?

22. Abazali banokubaqeqesha njani abantwana babo benze izigqibo zobulumko ekuzihlaziyeni?

22 Abazali kufuneka bamisele imida nemiqathango. Kodwa ukongezelela koko, bamele bafundise abantwana babo bakwazi ukubona ukuzihlaziya okuyingozi nokubaxiweyo. Ingqeqesho enjalo ifuna ixesha nomgudu. Khawucinge ngalo mzekelo. Omnye utata onoonyana ababini waphawula ukuba unyana wakhe omkhulu usoloko ephulaphule iziko losasazo elitsha kunomathotholo. Ngoko xa lo tata wayeqhuba ilori yakhe ngenye imini esiya emsebenzini, wavula eli ziko losasazo. Ngamathub’ athile wayemisa aze abhale amazwi athile ezinye iingoma. Kamva wahlala phantsi noonyana bakhe waza wabachazela oko akuvileyo. Wababuza imibuzo efuna uluvo lwabo, waqala wathi “Nithini nina?” waza waziphulaphula ngenyameko iimpendulo zabo. Emva kokuqiqa ngalo mbandela besebenzisa iBhayibhile, la makhwenkwe avuma ukuyeka ukuphulaphula eli ziko losasazo.

23. Abazali banokubakhusela njani abantwana babo ekuzonwabiseni okungakhiyo?

23 Abazali abangamaKristu abalumkileyo bayawuhlola umculo, iinkqubo zikamabonwakude, iikhasethi zevidiyo, iincwadi zamabali ahlekisayo nemidlalo yevidiyo abantwana babo abanomdla kuyo. Bahlola imifanekiso engaphandle, amazwi engoma, izinto ezisongelwe ngazo, bafunde namagqabaza ephephandaba bajonge nezicatshulwa kumabonwakude. Abaninzi bayothuswa “kukuzihlaziya” okulungiselelwe abantwana namhlanje. Abo banqwenela ukukhusela abantwana babo kwiimpembelelo ezingcolileyo bahlala phantsi neentsapho zabo baze baxubushe iingozi zazo, besebenzisa iBhayibhile neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni, njengencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo namanqaku akwiphephancwadi IMboniselo noVukani!c Xa abazali bemisela imiqathango engqongqo, engaguquguqukiyo nesengqiqweni, badla ngokuba nemiphumo emihle.—Mateyu 5:37; Filipi 4:5.

24, 25. Ziziphi ezinye iindlela zokuzihlaziya ezakhayo iintsapho ezinokuzinandipha kunye?

24 Kakade ke, umlo awupheleli ekumiseleni imiqathango ngokuzihlaziya okuyingozi. Oko kubi kumele kulungiswe ngokulungileyo, kungenjalo abantwana basenokukhukuliswa likhondo elibi. Iintsapho ezininzi zamaKristu zineendlela ezininzi ezimnandi zokunandipha ukuzihlaziya kunye—ipikniki, ukubethwa ngumoya ezintabeni, ukuphuma ihlale kwiintente okwexeshana, ukudlala imidlalo kunye, ukuya kutyelela izalamane okanye abahlobo. Abanye baye bafumanisa ukuba ukufundelana iincwadi ngenjongo yokuzihlaziya kubonwabisa yaye kubanelisa ngakumbi. Abanye bayakuthanda ukubalisa amabali ahlekisayo okanye abangel’ umdla. Sekunjalo abanye baye banezinto abazenza rhoqo kunye, ngokomzekelo, ukuchwela nobunye ubugcisa, kunye nokudlala izixhobo zomculo, ukupeyinta, okanye ukufundisisa ngendalo kaThixo. Abantwana abafunda ukunandipha izinto zokuzihlaziya ezinjalo bakhuselekile ekuzonwabiseni okungcolileyo, yaye bafunda ukuba kumnandi ukuzihlaziya kunokuba uhlale ulindele ukonwatyiswa. Ukuyenza into kumnandi ngaphezu kokuyibukela.

25 Iimbutho nazo zinokuba kukuzihlaziya okuvuyisayo. Xa zilawulwa kakuhle yaye zingezozibhadlalala okanye zithabathe ixesha elide, aziyi kwanela nje ukonwabisa abantwana bakho. Zinokubanceda babe nothando olunzulu ngabantu abasebandleni.—Thelekisa uLuka 14:13, 14; Yude 12.

INTSAPHO YAKHO INOKULOYISA IHLABATHI

26. Ekukhuseleni intsapho kwiimpembelelo ezingakhiyo, luluphi olona phawu lubalaseleyo?

26 Ngaphandle kwamathandabuzo, ukukhusela intsapho yakho kwiimpembelelo ezitshabalalisayo zehlabathi kungumsebenzi omkhulu. Kodwa ikho eyona nto ibaluleke kakhulu eya kukwenza uphumelele. Luthando! Intsapho enothando olomeleleyo iya kwenza ikhaya lakho libe yindawo yokhuseleko yaye kube lula ukunxibelelana, nto leyo ezithintela ngakumbi iimpembelelo ezimbi. Ngaphezu koko, ukuhlakulela olunye uhlobo lothando kubaluleke ngakumbi—uthando ngoYehova. Xa kukho olo thando kwintsapho yakho, maninzi amathuba okuba abantwana bakho bakhule bekuthiyile ukungamkholisi uThixo ngokunikezela kwiimpembelelo zehlabathi. Yaye abazali abamthanda ngentliziyo iphela uYehova baya kuzama ukuxelisa ubuntu bakhe obunothando, obusengqiqweni nobulungeleleneyo. (Efese 5:1; Yakobi 3:17) Ukuba abazali bayakwenza oko, abantwana babo abayi kuba nazizathu zakukujonga ukunqula uYehova njengokunobugocigoci bezinto ezingamele zenziwe okanye njengendlela yokuphila ekungamele konwatywe okanye kuhlekwe kuyo, abangxamele ukukhawuleza bakhululeke kuyo. Kunoko, baya kuqonda ukuba ukunqula uThixo kuyeyona ndlela yokuphila yonwabisayo neyakhayo.

27. Intsapho inokuloyisa njani ihlabathi?

27 Iintsapho ezihlala kwinkonzo kaThixo eyonwabisayo nelungeleleneyo, zizama ngentliziyo iphela ukuhlala ‘zingenabala kwaye zingenasiphako’ kwiimpembelelo ezonakalisayo zeli hlabathi, ziyamvuyisa uYehova. (2 Petros 3:14; IMizekeliso 27:11) Ezo ntsapho zilandela emanyathelweni kaYesu Kristu, owachasa yonke imigudu yehlabathi likaSathana yokumngcolisa. Ngasekupheleni kobomi bakhe njengomntu, uYesu wakwazi ukuthi: “Mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yohane 16:33) Ngamana intsapho yakho nayo ingaloyisa ihlabathi ize inandiphe ubomi ngonaphakade!

[Imibhalo esemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo ngemfundo eyongezelelekileyo, bona incwadana enemifanekiso ethi AmaNgqina KaYehova Nemfundo, epapashwe yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, iphepha 4-7.

b Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ukuhleka,” ngezinye iindlela, linokuguqulelwa ngokuthi “ukudlala,” “ukonwabisa,” “ukubhiyoza,” kwanangokuthi “ukonwaba.”

c Zipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

LE MIGAQO YEBHAYIBHILE . . . INGAYINCEDA NJANI INTSAPHO YAKHO?

Ulwazi lunika ubulumko, obunokumsindisa umntu.—INtshumayeli 7:12.

“Ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo.”—1 Korinte 3:19.

Unxulumano olubi lumele luphetshwe.—1 Korinte 15:33.

Ngoxa ukuzihlaziya kunendawo yako, kufanele kulawulwe.—INtshumayeli 3:4.

[Ibhokisi ekwiphepha 97]

AKAZANGE AZIVE EVINJWA OKUTHILE

Abazali abangamaKristu uPaul nowakwakhe, uLu-Ann, badla ngokuba neembutho ekhayeni labo ngamathub’ athile. Baqinisekisa ukuba ezo mbutho zo-nganyelwa kakuhle yaye akukho bantu baninzi ngokugqithiseleyo. Banesizathu esivakalayo sokucinga ukuba abantwana babo bayakuvuyela oku.

ULu-Ann ubalisa oku: “Umama womntwana ofunda noEric, unyana wam oneminyaka emithandathu ubudala, weza kum eze kundichazela ukuba uyamsizela uEric kuba ezihlalela yedwa angayi kumatheko emihla yokuzalwa eklasini yakhe. Ndathi kuye: ‘Ndiyabulela kuba umkhathalele ngaloo ndlela unyana wam. Oko kubonisa uhlobo lomntu olulo. Yaye mhlawumbi akunakukholelwa xa ndikuchazela ukuba uEric akaziva ngathi kukho into emphosayo.’ Wavumelana nam. Ngoko ndathi: ‘Nceda wenze le nto, ukuze uzixolise mbuze ngokwakho uEric indlela avakalelwa ngayo.’ Ndingekho mna, wabuza kuEric, ‘Ayikukhathazi into yokuphoswa ngala matheko amnandi emihla yokuzalwa?’ Wajonga lo mama waza, emangalisiwe, wathi: ‘Ucinga ukuba imizuzu elishumi, neekeyiki ezimbalwa, nengoma litheko elo? Ubokuza ekhaya uze ubone le nto kuthiwa litheko!’” Oko kuqiniseka kwaloo nkwenkwe kwenza kwacaca mhlophe ukuba—yayingavakalelwa kukuba kukho into eyivinjwayo okanye eyiphosayo!

[Umfanekiso okwiphepha 99]

Ukuzihlaziya okukhethwe kakuhle, njengokuphuma niye kuhlala kwiintente okwexeshana njengentsapho, kunokubanceda abantwana bafunde baze bakhule ngokomoya

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share