Ukunceda Abanye Banqule UThixo
“Ukuba . . . [kungena] abangenakwazi, nokuba ngabangakholwayo, . . . zize ngokunjalo izinto ezifihlakeleyo zentliziyo [yabo] zibonakalaliswe; wothi ngokunjalo, esiwa ngobuso, amnqule uThixo.”—1 KORINTE 14:24, 25.
1-3. Abaninzi eKorinte bancedwa njani ukuze babe ngabakholekileyo kuThixo?
KUKHENKETHO lwakhe lwesibini lobuvangeli basemazweni, umpostile uPawulos wahlala kwisixeko saseKorinte kangangomnyaka onesiqingatha. Elapho “wazixakekisa ngokushumayela, wanikela ubungqina.” Waba yintoni umphumo? “Nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa.” (IZenzo 18:5-11, NW) ‘Bangcwaliswa baba ngabangcwele.’—1 Korinte 1:2.
2 Kamva uApolo watyelela eKorinte. Ngaphambilana, uPrisila noAkwila bamnceda ukuba aqonde “ngokucokisekileyo [ngokuchane, NW] ngakumbi indlela kaThixo,” kuquka nombandela wokubhaptizwa. Ngaloo ndlela waba ngumKristu owayenqwenelelwa okulungileyo nguThixo, okanye okholekileyo kuye. (IZenzo 18:24–19:7) NoApolo, wanceda amaKorinte awayekhe ‘akhukuliselwa ezithixweni ezingenakuthetha.’ (1 Korinte 12:2) Ngokunokwenzeka aba bantu babeyifundisiwe iBhayibhile emakhayeni abo; yaye babenokufunda ngokuya kwiintlanganiso zamaKristu.—IZenzo 20:20; 1 Korinte 14:22-24.
3 Umphumo wemfundiso enjalo waba kukuba abaninzi ngaphambili ‘ababengabangakholwayo nabantu abangenakwazi’ batsalelwa kunqulo oluyinyaniso. Enjani indlela ekumele ukuba kwakubangela ulwaneliseko ngayo ukubona amadoda nabafazi besenza inkqubela ukusa ekubhaptizweni nokuba ngabakholekileyo kuThixo! Unangoku oku kusabangela ulwaneliseko.
Ukunceda ‘Abangakholwayo Nabantu Abangenakwazi’
4. Ziziphi iindlela abancedwa ngazo abaninzi namhlanje ezinjengezo babencedwa ngazo abo baseKorinte?
4 AmaNgqina kaYehova namhlanje akwathobela umyalelo kaYesu ‘wokwenza abafundi abantu bazo zonke iintlanga nokubabhaptiza.’ (Mateyu 28:19, 20) Emva kokutyala iimbewu zenyaniso kwiintliziyo ezinolwamkelo, ayabuyela aze azinkcenkceshele. (1 Korinte 3:5-9; Mateyu 13:19, 23) AmaNgqina aqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ngesisa iiveki ngeeveki khon’ ukuze abantu bafumane iimpendulo kwimibuzo yabo nokuze bafunde iinyaniso zeBhayibhile. Abantu abanjalo bakwamenyelwa kwiintlanganiso zasekuhlaleni zamaNgqina kaYehova, kwanjengokuba ‘abangakholwayo’ benkulungwane yokuqala bayayo kwezo zaziqhutyelwa eKorinte. Kodwa amaNgqina kaYehova afanele abajonge njani abantu abafundisisa iBhayibhile nabeza kwiintlanganiso?
5. Sisiphi isiseko esingokweZibhalo esikhoyo sokuba kulunyukwe ekuqhubaneni nabantu abathile?
5 Kuyasivuyisa ukubabona besiza kuThixo. Sekunjalo, siyakhumbula ukuba okwangoku abakabi ngamakholwa abhaptiziweyo. Kwakhona khumbula izinto ezimbini esizifundileyo kwinqaku elingaphambili. (1) AmaSirayeli ayebonakalisa ukubalumkela abemi abangabaphambukeli ababethi, nangona bephakathi kwabantu bakaThixo yaye bethobela imithetho ethile, bangabi ngabantu abaguqukele ebuYudeni nabalukileyo, abazalwana ngokwaselunqulweni. (2) AmaKristu aseKorinte awayeqhubana ‘nabangakholwayo nabantu abangenakwazi’ ayephaphile ngenxa yamazwi kaPawulos athi: “Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho?”—2 Korinte 6:14.
6. ‘Abangakholwayo’ ‘banokohlwaywa’ njani ziintlanganiso, ibe eso sisohlwayo esinjani?
6 Ngoko ngoxa sibamkela ‘abangakholwayo nabantu abangenakwazi,’ siyaqonda ukuba okwangoku abakahlangabezani nemilinganiselo kaThixo. Kunjengokuba iBhayibhile ibonisa kweyoku-1 yabaseKorinte 14:24, 25, abo bantu banjalo kusenokufuneka ukuba ‘baphicothwe,’ bade ‘bohlwaywe,’ koko bakufundayo. Ukohlwaya okunjalo asikuko okohlobo lokugweba; ibe ngenxa yoko ababizelwa phambi kwekomiti egwebayo yebandla kwanjengokuba okwangoku bengekabi ngawo amalungu abhaptiziweyo alo. Kunoko, ngenxa yoko bakufundayo, aba bantu basebatsha bayeyiseka kukuba uThixo uyazigweba naziphi na iindlela zokuzingca nezokuziphatha okubi.
7. Yiyiphi inkqubela engakumbi abaninzi abafundelwayo abaya kufuna ukuyenza yaye ngoba?
7 Ekuhambeni kwexesha abantu abaninzi abangekabhaptizwa basenokufuna ukwenza okungaphezulu kunokuya nje kwiintlanganiso njengabafundi abanomdla. La mazwi kaYesu abonisa isizathu soko: “Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke olungiswe kwaphela, uya kuba njengomfundisi wakhe.” (Luka 6:40) Umntu ofundiswa iBhayibhile unokubona ukuba lowo umfundisayo ubujonga ubulungiseleli basentsimini njengobubalulekileyo yaye ufumana ulonwabo kubo. (Mateyu 24:14) Ngoko, ngokholo olukhulayo, lowo ebefunda iinyaniso zeBhayibhile yaye esiya kwiintlanganiso usenokuwathabathela entliziyweni la mazwi: “Hayi, ukuba zintle kwazo ezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezimnandi, zabavakalisa uxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo, zabavakalisa usindiso.” (Isaya 52:7; Roma 10:13-15) Nangona engekabhaptizwa, usenokufuna ukuba ngumvakalisi woBukumkani ezidibanisa nebandla lamaNgqina kaYehova.
8, 9. (a) Kufanele kwenziwe ntoni xa ofundiswa iBhayibhile efuna ukuba nesabelo kubulungiseleli basekuhleni? (b) Xa abadala ababini behlangana nalowo uza kuba ngumvakalisi ekunye nomntu omfundisayo, baya kwenza ntoni? (c) Yiyiphi imbopheleleko eyamkelwa ngulo mvakalisi mtsha?
8 Xa iNgqina eliqhuba isifundo seBhayibhile lifumanisa ukuba loo mntu ufundayo unqwenela ukuba nesabelo kwinkonzo yasentsimini, unokuwuxubusha loo mbandela nomveleli owongamelayo, oya kuthi yena alungiselele abadala ababini ukuba badibane naloo mntu ufunda iBhayibhile nomntu omfundisayo. Abadala bayavuyiswa xa osemtsha efuna ukukhonza uThixo. Abayi kulindela ukuba abe nomlinganiselo wolwazi abanalo abo babhaptiziweyo nabahambele phambili ngakumbi enyanisweni, ekufuneka okungakumbi kubo. Sekunjalo, abadala kuya kufuneka babone ukuba ngaphambi kokuba lowo usemtsha abe nesabelo kubulungiseleli basentsimini nebandla, unolwazi oluthile lweemfundiso zeBhayibhile ibe uye wabuvisisanisa ubomi bakhe nemigaqo kaThixo. Ngaloo ndlela kungenxa yezizathu ezilungileyo ukuba abadala ababini badibane nalowo uza kuba ngumvakalisi neNgqina elimqhubela isifundo.a
9 Aba badala babini baya kumchazela umntu ofundiswayo ukuba xa efaneleka yaye esiba nesabelo kwinkonzo yasentsimini, usenokufaka ingxelo yenkonzo yasentsimini ibe uya kwenzelwa iqweqwe leNgxelo Yomvakalisi Webandla elinegama lakhe. Oku kuya kubonakalisa ukunxulumana kwakhe nentlangano yolawulo lobuthixo yamaNgqina kaYehova nokuzithoba kwakhe kuyo. (Oku kuya kuba njalo nakubo bonke abanye abafaka iingxelo zenkonzo yasentsimini.) Le ngxubusho ikwafanele igubungele isiluleko seBhayibhile, esinjengeso sandlalwe kwiphepha 98 nelama-99 lencwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu.b Ngenxa yoko, eli ibiya kuba lixesha elifanelekileyo lokuba umntu ofundiswayo azifumanele umbhalo wobuqu waloo ncwadi.
10. (a) Umvakalisi ongabhaptizwanga unokuqhubeka njani esenza inkqubela, yaye enaluphi usukelo? (b) Kutheni le nto kusenziwa uhlengahlengiso kwibinzana elithi “isinxulumani esikholekileyo”? (Bona umbhalo osemazantsi.)
10 Umntu oye wafaneleka njengomvakalisi ongabhaptizwanga weendaba ezilungileyo uye weza kwicala lokuba ‘ngumntu womnqweno wokulungileyo.’c (Luka 2:14) Nangona engekazahluleli yaye engekabhaptizwa, ngoku unokunikela ingxelo yomsebenzi wakhe wokunikela ubungqina kunye nezigidi zabantu ezikhutheleyo zwenibanzi ‘ezishumayela ilizwi likaThixo.’ (IZenzo 13:5; 17:3; 26:22, 23) Ebandleni kunokwenziwa isaziso sokuba ungumvakalisi omtsha ongekabhaptizwa. Ufanele aqhubeke efundisisa iBhayibhile, abe nenxaxheba kwiintlanganiso, asebenzise akufundayo, aze abelane nabanye ngako. Kungethuba lide, usenokufuna ukuthabatha inyathelo lobhaptizo lwamaKristu, ngaloo ndlela esiba ngokholekileyo kuThixo yaye ‘ephawulelwa’ ukusinda.—Hezekile 9:4-6.
Ukuncedwa Kwalowo Wenze Isipho
11. Ibandla liqhubana njani naboni ababhaptiziweyo?
11 Kwinqaku elingaphambili, sixubushe ngamalungiselelo ebandla okunceda nawuphi na umKristu obhaptiziweyo owenza isono esinzulu. (Hebhere 12:9-13) Ibe siye sabona ngokusuka eBhayibhileni ukuba ukuba umoni obhaptiziweyo akaguquki, kusenokufuneka ukuba ibandla limgxothe lize emva koko liluphephe naluphi na unxulumano naye. (1 Korinte 5:11-13; 2 Yohane 9-11; 2 Tesalonika 2:11, 12) Noko ke, ngawaphi amanyathelo anokuthatyathwa ukuba umvakalisi ongabhaptizwanga wenza isipho okanye wenza isono ngokunzulu?
12. (a) Kutheni le nto kufumaneka kwanoncedo olunenceba kubavakalisi abangabhaptizwanga abonayo? (b) Umgaqo okuLuka 12:48 unokuhlobana njani nembopheleleko yokuziphendulela ngesono esithile esenziweyo?
12 UYuda wabongoza ukuba kuboniswe inceba kumaKristu athanjisiweyo awayenamathandabuzo okanye awayewele kwizono zenyama, ukuba ayaguquka. (Yuda 22, 23; bona kwaneyesi-2 yabaseKorinte 7:10.) Ngoko, bekungayi kuba kokufaneleke ngakumbi kusini na ukuba kuboniswe inceba kumntu ongabhaptizwanga owenze isiphoso obonisa inguquko? (IZenzo 3:19) Ewe, kuba isiseko sakhe sokomoya asikaqini kangako, ibe amava akhe ekuphileni kwamaKristu alinganiselwe kakhulu. Usenokuba akakafundi ngendlela uThixo acinga ngayo kwimicimbi ethile. Akakafikeleli kungcelele lweengxubusho zeBhayibhile eziqhutywa nabadala ngaphambi kokubhaptizwa, ibe akakangeni kwinyathelo elinzulu lokuntywiliselwa emanzini. Ngaphezu koko, uYesu wathi “bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo.” (Luka 12:48) Ngoko, kulindelwe okukhulu kwabo babhaptiziweyo abathi, kuba benolwazi olwandisiweyo neentsikelelo, babe nembopheleleko ekhethekileyo yokuziphendulela.—Yakobi 4:17; Luka 15:1-7; 1 Korinte 13:11.
13. Ukuba umvakalisi ongabhaptizwanga wenza isiphoso, baya kwenza ntoni abadala ukuze bamncede?
13 Ngokuvisisana necebiso likaPawulos, abazalwana abafanelekileyo ngokomoya bafuna ukunceda nawuphi na umvakalisi ongabhaptizwanga othabatha inyathelo eliphosakeleyo ngaphambi kokuba akuqonde oko. (Thelekisa amaGalati 6:1.) Abadala banokucela ababini kwiqela labo (mhlawumbi abo babedibene naye ngaphambili) ukuba bazame ukumlungisa ukuba uyakufuna ukuncedwa. Baya kwenjenjalo, bengaphenjelelwa ngumnqweno wokohlwaya ngokuqatha, kodwa ngendlela yenceba nangomoya wobulali. (INdumiso 130:3) Kwiimeko ezininzi, isiluleko esingokweZibhalo namacebiso asebenzisekayo aya kuba ngawaneleyo ekuveliseni inguquko aze akhokelele umntu lowo kwindlela elungileyo.
14, 15. (a) Kunokwenziwa ntoni ukuba umoni uguquke ngokwenene? (b) Ngawaphi amagqabaza acacisayo asenokwenziwa kwiimeko ezithile?
14 Abo badala babini baya kulungiselela izinto ezilulwalathiso olufanelekileyo kwimeko yomoni ongabhaptizwanga. Kwiimeko ezithile, basenokulungiselela ukuba kangangexesha elithile lowo unxaxhayo angabi nanxaxheba kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo okanye avunyelwe ukuba agqabaze kwiintlanganiso. Okanye basenokumyalela ukuba angabi nasabelo kubulungiseleli basesidlangalaleni nebandla de abe wenza inkqubela engakumbi ngokomoya. Emva koko basenokumxelela ukuba usenokuphinda abe nenxaxheba kubulungiseleli basentsimini. Ukuba isono eso asizisanga ludumo lubi yaye asibanga yingozi ekucocekeni komhlambi, akuyomfuneko ukulumkisa ibandla ngokwenza nasiphi na isaziso.
15 Noko ke, kuthekani ukuba aba badala babini bafumanisa ukuba umntu lowo uguquke ngokwenene, kodwa isono sona saziwa ngokubanzi? Okanye kuthekani ukuba isono eso siye saziwa ngokubanzi kamva? Enoba iyintoni na imeko, banokuchazela iKomiti Yenkonzo Yebandla, eya kulungiselela nje esi saziso silula, ngale ndlela ilandelayo: “Umcimbi obandakanya u . . . uye wasingathwa, yaye usaya kuqhubeka ekhonza nebandla njengomvakalisi ongabhaptizwanga.” Njengakuyo yonke imicimbi enjalo, iqumrhu labadala linokugqiba enoba kuyacebiseka na kwixesha elithile elizayo ukunikela intetho engokweZibhalo enesiluleko esithetha ngohlobo lwesono esenziweyo.
16, 17. (a) Ziziphi iimeko ezimbini ezisenokuba sisizinzi sokwenziwa kwesaziso esahlukileyo? (b) Senzelwa ntoni esi saziso?
16 Ngamathub’ athile, umvakalisi ongabhaptizwanga ongumoni akayi kusabela kuncedo olunikelwa ngothando. Okanye umvakalisi ongabhaptizwanga usenokugqiba ngelokuba akasafuni kwenza nkqubela esa ekubhaptizweni, aze ebachazele abadala ukuba akasafuni ukugqalwa njengomvakalisi. Yintoni emele yenziwe? Inyathelo lokususa ebudlelaneni alithatyathwa mayela nabantu abanjalo ababengengabo abakholekileyo ngokwenene kuThixo. Ilungiselelo lokususa ebudlelaneni aboni abangaguqukiyo lisebenza kwabo ‘babizwa ngokuba ngabazalwana,’ kwababhaptiziweyo. (1 Korinte 5:11) Noko ke, ngaba oku kuthetha ukuba isono eso siyatyeshelwa? Hayi akunjalo.
17 Abadala banembopheleleko ‘yokwalusa umhlambi kaThixo ophakathi kwabo.’ (1 Petros 5:2) Ukuba abadala ababini abanikela uncedo bagqiba kwelokuba umoni ongabhaptizwanga akaguquki ibe akafaneleki ukuba abe ngumvakalisi, baya kumchazela loo mntu.d Okanye ukuba uthile lowo ungabhaptizwanga uxelela abadala ukuba akasanqweneli ukwaziwa njengomvakalisi, baya kusamkela isigqibo sakhe. Enoba iyintoni na imeko, kufanelekile ngeKomiti Yenkonzo Yebandla ukuba ngexesha elifanelekileyo yenze isaziso esilula, esithi “u . . . akasenguye umvakalisi weendaba ezilungileyo.”
18. (a) Emva kwesaziso esinjalo, amaKristu aya kukhumbula ntoni xa esenza isigqibo sobuqu ngendlela amele enze ngayo? (b) Ngaba kuyimfuneko ukubaphepha ngokupheleleyo abangabhaptizwanga ababenetyala lesono kwixesha elidlulileyo?
18 Emva koko amaNgqina aya kumjonga njani lo mntu? Kaloku, ekuqaleni ‘ebengongakholwayo’ oza kwiintlanganiso. Emva koko uye wafuna ukufaneleka njengomvakalisi weendaba ezilungileyo waza wafaneleka ke. Ngoku akusenjalo, ngoko kwakhona ungumntu wehlabathi. IBhayibhile ayifuni ukuba amaNgqina akuphephe ukuthetha naye, kuba akasuswanga kubudlelane.e Sekunjalo, amaKristu aya kusebenzisa ukumlumkela umntu onjalo ongowehlabathi ongamnquliyo uYehova, kanye njengokuba amaSirayeli enzayo mayela nabemi abangabaphambukeli abangalukanga. Oku kumlumkela ngale ndlela kuyanceda ekukhuseleni ibandla kulo naliphi na “igwele elincinane,” okanye isiqalelo esonakalisayo. (1 Korinte 5:6) Ukuba kwixesha elithile kamva uvakalisa umnqweno wokwenene wokuba aqhutyelwe isifundo seBhayibhile, ibe oku kubonakala kufanelekile kubadala, mhlawumbi oko kuya kumnceda ukuba aqonde kwakhona oko likuko ilungelo lokunqula uYehova kunye nabantu Bakhe.—INdumiso 100.
19. Abadala banokulunikela njani ngasese uncedo olubhekele phaya kwiimeko ezithile?
19 Ukuba abadala bayabona ukuba umntu othile ololo hlobo usisisongelo esingaqhelekanga kumhlambi, banokubalumkisa ngasese abo basengozini. Ngokomzekelo, lowo ebengumvakalisi ngaphambili usenokuba ngoselula oye wazinikela ekunxileni okanye ekuziphatheni okubi. Phezu kwaso nje isaziso esenziweyo sokuba akasenguye umvakalisi ongabhaptizwanga, usenokuzama ukunxulumana kwiimbutho zolonwabo nolutsha olusebandleni. Kuloo meko, abadala baya kuthetha ngasese nabazali babo bantwana basengozini, ibe mhlawumbi basekwanokuthetha nabo baselula. (Hebhere 12:15, 16; IZenzo 20:28-30) Kwimeko enqabileyo yokuba umntu abe ngophazamisayo okanye abe ngoyingozi ngokunobundlobongela, unokuxelelwa ukuba akamkelekanga ezintlanganisweni nokuba naliphi na ilinge lokungena liya kugqalwa njengokungena ngaphandle kwemvume.
Ukunceda Abantwana Abangaphantsi Kwegunya Labazali Banqule UThixo
20. Abazali abangamaKristu babalungiselela luphi uncedo abantwana babo, ibe oko kunawuphi umphumo?
20 IBhayibhile inika abazali imbopheleleko yokufundisa abantwana babo ngendlela yenyaniso kaThixo. (Duteronomi 6:4-9; 31:12, 13) Ngaloo ndlela, sele kulithuba amaNgqina kaYehova ekhuthaza iintsapho zamaKristu ukuba zibe nesifundo seBhayibhile seeveki ngeeveki. Abazali abangamaKristu bafanele bakhuthaze abantwana babo ukuba benze inkqubela esa kuzahlulelo nobhaptizo baze ngaloo ndlela babe ngabakholekileyo kuThixo. (IMizekeliso 4:1-7) Emabandleni sibona umphumo ovuyisayo—amakhulu amawaka abaselula abangumzekelo abathanda uYehova nabafuna ukumkhonza ngonaphakade.
21-23. (a) Ngokuyintoko, umcimbi womntwana osengaphantsi kwegunya labazali usingathwa njani? (b) Yiyiphi indima ephunyezwa ngabadala bebandla kwiimeko ezinjalo?
21 Kwakhona abazali abangamaKristu banembopheleleko eyintloko yokuqeqesha nokohlwaya abantwana babo, bemisela nayiphi na imiqathango okanye izohlwayo zothando abazibona zifanelekile. (Efese 6:4; Hebhere 12:8, 9; IMizekeliso 3:11, 12; 22:15) Noko ke, ukuba umntwana osengaphantsi kwegunya labazali obesisinxulumani njengomvakalisi ongabhaptizwanga ubandakanyeka kwisono esinzulu, oko kungumcimbi oxhalatyelweyo ngabadala ‘abalinde imiphefumlo’ yomhlambi.—Hebhere 13:17, NW.
22 Ngokusisiseko, isono esinjalo sifanele sisingathwe ngendlela ekwandlalwe ngayo ngaphambilana kweli nqaku. Abadala ababini banokwabelwa ukuba bahlolisise umcimbi lowo. Ngokomzekelo, basenokuqala baxubushe nabazali (okanye umzali) oko kuye kwenzeka, ngoko sikuko isimo sengqondo somntwana, nangamanyathelo okulungisa aye athatyathwa. (Thelekisa iDuteronomi 21:18-21.) Ukuba abazali abangamaKristu bayawusingatha umcimbi lowo, abadala banokuqonda kubo ngamathub’ athile ngenkqubo eyenziwayo ukuze banikele isiluleko esiluncedo, amacebiso nokhuthazo olwenziwa ngokunothando.
23 Noko ke, maxa wambi ingxubusho eyenziwa nabazali ibonisa ukuba bekuya kulunga ngakumbi ngabadala ukuba badibane nomntwana lowo onxaxhayo nabazali. Bekhumbula ukusikelwa umda notyekelo lolutsha, abaveleli baya kuzabalazela ukumyala umvakalisi oselula ongabhaptizwanga ngobulali. (2 Timoti 2:22-26) Kwiimeko ezithile, kusenokucaca ukuba akasenakufaneleka ukuba ngumvakalisi ibe kufanele kwenziwe isaziso esifanelekileyo.
24. (a) Kwanokuba umntwana uye wabandakanyeka kwisono esinzulu, yintoni efanelekileyo ukuba yenziwe ngabazali, ibe oku banokukuphumeza njani? (b) Oku bekuya kusebenza njani kumntwana ongaphantsi kwegunya labazali oye wasuswa ebudlelaneni?
24 Emva koko, abazali baya kwenza ntoni ngomntwana wabo owenze isiphoso osengaphantsi kwegunya labo? Basenembopheleleko ngomntwana wabo, nangona engasafaneleki njengomvakalisi ongabhaptizwanga okanye kwanokuba ususiwe kubudlelane ngenxa yesono emva kokubhaptizwa. Kanye njengokuba beya kuqhubeka bemlungiselela ukutya, impahla, nekhusi, kufuneka bamfundise bamqeqeshe ngokuvisisana neLizwi likaThixo. (IMizekeliso 6:20-22; 29:17) Ngaloo ndlela abazali abanothando basenokulungiselela ukumqhubela isifundo seBhayibhile sekhaya, kwanokuba ususiwe kubudlelane.f Mhlawumbi uya kufumana ukulungiswa okunengenelo ngakumbi ngokufundisisa naye eyedwa. Okanye basenokugqiba kwelokuba unokuqhubeka esiba nesabelo kwilungiselelo lesifundo sentsapho. Nangona eye walahleka, bafuna ukumbona ebuyela kuYehova, njengoko wenzayo unyana wolahleko kumzekeliso kaYesu.—Luka 15:11-24.
25. Kutheni kusalathiselwa umdla wothando noncedo ‘kwabangakholwayo’ namhlanje?
25 Usukelo lokushumayela nokufundisa kwethu kukunceda abanye babe ngabanquli abonwabileyo boThixo oyinyaniso. ‘Abangakholwayo nabangenakwazi’ ababeseKorinte bashukunyiselwa ukuba ‘bawe ngobuso bamnqule uThixo, bexela ukuba uThixo uphakathi kwenu okwenyaniso.’ (1 Korinte 14:25) Olunjani lona uvuyo namhlanje ukubona abantu abangakumbi nangakumbi besiza kunqula uThixo! Le yinzaliseko ezukileyo yesigidimi sezithunywa zezulu esithi: “Uzuko kuThixo enyangweni, uxolo emhlabeni, kubantu bomnqweno wokulungileyo [okanye, abantu abakholekileyo kuThixo].”—Luka 2:14.
[Imibhalo esemazantsi]
a Omnye waba badala ufanele abe lilungu leKomiti yeNkonzo yebandla. Omnye usenokuba ngumdala oqhelene kakhulu nomntu lowo ufundelwayo okanye umntu omfundisayo, njengomqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla.
b Yapapashwa yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., ngowe-1983.
c Kwixa elidluleyo, umntu ongabhaptizwanga oye wafanelekela ukuba nesabelo kubulungiseleli basentsimini wayebizwa ngokuba “sisinxulumani esikholekileyo.” Noko ke, ibinzana elithi “umvakalisi ongabhaptizwanga” ligama elichane ngakumbi, ngokukodwa ngenxa yoko iBhayibhile ikubonisayo kokuba ukuba ngokholekileyo kuThixo kungumphumo wokuzahlulela okufanelekileyo nobhaptizo lwamaKristu.
d Ukuba umntu lowo akaneliswa sesi sigqibo, usenokucela (kwiintsuku nje ezisixhenxe) ukuba umcimbi lowo uhlolisiswe kwakhona.
e Kwixa elidluleyo, abo bangabhaptizwanga abonayo bengaguquki bebephetshwa ngokupheleleyo. Ngoxa kungeyomfuneko oku, njengoko uhlengahlengiso olungasentla lubonisa, isiluleko esikweyoku-1 yabaseKorinte 15:33 sisafanele siqwalaselwe.
f Izalamane ezisusiweyo kubudlelane ezihlala ngaphandle kwekhaya zifanele ziphathwe ngokwesiluleko esingokweZibhalo esaxutyushwa kwiMboniselo ka-Aprili 15, 1988, iphepha 26-31; Matshi 1, 1982, iphepha 20-25.
Uyakhumbula Na?
◻ Iyintoni imbono yamaKristu ‘kwabangakholwayo’ abeza kwiintlanganiso?
◻ Xa ofundiswa iBhayibhile efuna ukuba nesabelo kwinkonzo yasentsimini, abadala balandela waphi amanyathelo, ibe yiyiphi imbopheleleko eyamkelwa nguloo mfundi?
◻ Kwenziwa ntoni xa athe umvakalisi ongabhaptizwanga wenza isono esinzulu?
◻ Abazali nabadala banokubanceda njani abantwana abasengaphantsi kwegunya labazali abahlala nabo ekhaya, kwanokuba ulutsha olunjalo lwenze isono esinzulu?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ukuba ngumvakalisi, nangona ungekabhaptizwa, kulinyathelo elibalulekileyo nelizisa imbopheleleko elisa ekubeni ngokholekileyo kuThixo