Ninganikezeli Kugqatso Lobomi!
“Masilubaleke Ngonyamezelo Ugqatso Olubekwe Phambi Kwethu.”—Hebhere 12:1.
1, 2. Ziziphi iziganeko ezibangel’ umdla eziye zabachulumancisa abakhonzi bakaYehova kule mihla yokugqibela?
SIPHILA kumaxesha abangel’ umdla nalucelomngeni. Kwiminyaka engaphezu kwama-80 edluleyo, ngowe-1914, uYesu wabekwa etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini. Kwaqalisa “imini yeNkosi” kunye ‘nexesha lokuphela’ lale nkqubo yezinto. (ISityhilelo 1:10; Daniyeli 12:9) Ukususela ngoko kuye kwafuneka kunyuswe isantya sogqatso lobomi lwamaKristu. Abakhonzi bakaThixo baye bazibhokoxa ngamandla ukuze bahambisane nenqwelo yokulwa kaYehova, intlangano yakhe yasezulwini, engayi kuthintelwa bani njengoko izalisekisa iinjongo zikaYehova.—Hezekile 1:4-28; 1 Korinte 9:24.
2 Ngaba abantu bakaThixo baye bafumana uvuyo njengoko ‘bebaleka kugqatso’ olusa kubomi obungunaphakade? Kunjalo kanye! Baye bachulumanca xa bebona ukuhlanganiswa kwentsalela yabazalwana bakaYesu, baza bavuya bakufumanisa ukuba ukutywinwa kokugqibela kwentsalela ye-144 000 sele kusondela esiphelweni. (ISityhilelo 7:3, 4) Ngaphezu koko, kuyabachulumancisa ukuqonda ukuba uKumkani omiselwe nguYehova uye walifaka irhengqa ukuze avune “isivuno somhlaba.” (ISityhilelo 14:15, 16) Ibe esinjani ukuba sihle isivuno! (Mateyu 9:37) Ukuza kuthi ga ngoku, yimiphefumlo engaphezu kwezigidi ezihlanu eye yahlanganiswa—“isihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi.” (ISityhilelo 7:9) Akakho umntu owaziyo ukuba eso sihlwele siya kuba sikhulu kangakanani na ekugqibeleni, ekubeni kungekho mntu ukwaziyo ukusibala.
3. Kuphezu kwayiphi imiqobo esifanele sisoloko sizama ukuhlakulela umoya wovuyo?
3 Liyinyaniso elokuba, uSathana uzama ukusikhubekisa okanye ukuthoba isantya sethu njengoko sibaleka kolu gqatso. (ISityhilelo 12:17) Kwaye akuyondlwan’ iyanetha ukubaleka utyhubela iimfazwe, iindlala, iindyikitya zokufa, nakubo bonke obunye ubunzima obuphawula ixesha lesiphelo. (Mateyu 24:3-9; Luka 21:11; 2 Timoti 3:1-5) Ukanti, iintliziyo zethu ziyaxhuma-xhuma luvuyo njengoko isiphelo sogqatso sisondela. Sizabalazela ukubonakalisa umoya uPawulos owabongoza amanye amaKristu ukuba abe nawo: “Hlalani ninemihlali eNkosini. Ndiza kuphinda ndithi, Yibani nemihlali!”—Filipi 4:4.
4. Nguwuphi umoya owabonakaliswa ngamaKristu aseFilipi?
4 Alithandabuzeki elokuba amaKristu awathetha kuwo la mazwi uPawulos ayefumana uvuyo ngenxa yokholo lwawo, kuba uPawulos wathi kuwo: “Qhubekani ninemihlali eNkosini.” (Filipi 3:1) IFilipi yayilibandla elinesisa nelinothando elalikhonza ngenzondelelo nangehlombe. (Filipi 1:3-5; 4:10, 14-20) Kodwa loo moya wawungekho kuwo onke amaKristu enkulungwane yokuqala. Ngokomzekelo, imeko yamanye amaKristu angamaYuda awabhalelwa incwadi yamaHebhere nguPawulos yayixhalabisa.
“Nikela Ingqalelo Engakumbi Kuneqhelekileyo”
5. (a) Nguwuphi umoya awayenawo amaKristu angamaHebhere ekusekweni kwebandla lokuqala lamaKristu? (b) Chaza umoya wamanye amaKristu angamaHebhere malunga nowama-60 C.E.
5 Ibandla lokuqala lamaKristu kwimbali yehlabathi laliyilwe ngamaYuda emvelo nabangeni ebuYudeni yaye lasekwa eYerusalem ngowama-33 C.E. Nguwuphi umoya elalinawo? Ukuze ubone ihlombe kunye novuyo elalinalo, kwanaxa lalijamelene nentshutshiso, funda nje izahluko zokuqala zencwadi yeZenzo. (IZenzo 2:44-47; 4:32-34; 5:41; 6:7) Noko ke, njengoko kwakudlula amashumi eminyaka, izinto zaguquka, yaye kubonakala ukuba amaKristu amaninzi angamaYuda athoba isantya kugqatso lobomi. Ichaza ngemeko yawo malunga nowama-60 C.E., enye incwadi ithi: “Ayebuthathaka yaye etyhafile, elindele into engade ifike, enethemba kodwa lingade lizaliseke, esilela ngabom yaye engasazikhathalele izinto zemihla ngemihla. AyengamaKristu kodwa engasaluxabisanga kangako ubizo lwawo lwasezulwini.” Kwakunokwenzeka njani ukuba amaKristu athanjisiweyo abe kwimeko enjalo? Ukuqwalasela iinxalenye zencwadi kaPawulos eyayisiya kumaHebhere (eyabhalwa malunga nowama-61 C.E.) kuyasinceda siphendule loo mbuzo. Ukuziqwalasela kuya kusinceda sonke namhlanje singaweli kwimeko efanayo yokuba buthathaka ngokomoya.
6. Ziziphi ezinye izinto olwahluke ngazo unqulo oluphantsi koMthetho kaMoses kunqulo olusekelwe kukholo kuYesu Kristu?
6 AmaKristu angamaHebhere ayevela kubuYuda, inkqubo ekwakusithiwa ithobela uMthetho kaYehova awayewudlulisele ngoMoses. Kubonakala ukuba loo Mthetho waqhubeka unomtsalane gqitha kumaKristu amaninzi angamaYuda, mhlawumbi ngenxa yokuba kangangeenkulungwane ezininzi wawukuphela kwendlela yokusondela kuYehova, yaye wawuyinkqubo ethandekayo yonqulo, eyayinababingeleli, kunyuswa amadini ngokuthe rhoqo yaye inetempile eyayidume ehlabathini lonke yaseYerusalem. UbuKristu bahlukile. Bufuna ubani ajonge izinto ngeliso lokomoya, njengoMoses, ‘owayekhangele ngenyameko kwintlawulo yomvuzo [wexesha elizayo]’ waza “waqhubeka eqinile ngokungathi uyambona Lowo ungabonakaliyo.” (Hebhere 11:26, 27) Kubonakala ukuba amaKristu amaninzi angamaYuda ayengazijongi ngeliso lokomoya izinto. Kunokuba axhine asuka arhuq’ iinyawo.
7. Le nkqubo siphuma kuyo isenokuyichaphazela njani indlela esilubaleka ngayo ugqatso lobomi?
7 Ngaba ikho imeko enjalo nanamhlanje? Noko, izinto azifani twatse nezelo xesha. Sekunjalo, amaKristu aphuma kwinkqubo yezinto enobuqheleqhele. Ihlabathi lithembisa ngamathuba abangel’ imincili, kodwa kwangaxeshanye, libeka iimbopheleleko ezinzima ebantwini. Ngaphezu koko, abaninzi kuthi baphila kumazwe apho kugquba isimo sengqondo sokuthandabuza nanabantu abazingcayo abanesimo sengqondo sokuba ngabokuqala ezintweni. Ukuba siyazivumela ukuba siphenjelelwe yinkqubo enjalo, kulula ukuba ‘amehlo entliziyo yethu’ abone luzizi. (Efese 1:18) Siya kulubaleka njani ugqatso lobomi xa singasakwazi ukuyibona kakuhle indawo esiya kuyo?
8. Ziziphi ezinye zeendlela obongame ngazo ubuKristu kunonqulo oluphantsi koMthetho?
8 Ukuze avuselele amaKristu angamaYuda, uPawulos wawakhumbuza ngokongama kwenkqubo yobuKristu ngaphezu koMthetho kaMoses. Liyinyaniso elokuba, xa uhlanga lwamaSirayeli emvelo lwalungabantu bakaYehova abaphantsi koMthetho, uYehova wayethetha nalo esebenzisa abaprofeti abaphefumlelweyo. UPawulos uthi, kodwa namhlanje uthetha “ngoNyana, aye wammisela njengendlalifa yezinto zonke, nathe ngaye wenza iinkqubo zezinto.” (Hebhere 1:2) Ngaphezu koko, uYesu mkhulu kunabo bonke ookumkani bomnombo kaDavide, “amaqabane” akhe. Uphakame nangaphezu kweengelosi.—Hebhere 1:5, 6, 9.
9. NjengamaYuda angamaKristu omhla kaPawulos, kutheni kufuneka sinikele “ingqalelo engakumbi kuneqhelekileyo” koko uYehova akuthethayo?
9 Ngoko ke, uPawulos waluleka amaKristu angamaYuda esithi: “Kuyimfuneko ngathi ukunikela ingqalelo engakumbi kuneqhelekileyo kwizinto esizivileyo, ukuze singaze sikhukuliseke.” (Hebhere 2:1) Nangona ukufunda ngoKristu kwakuyintsikelelo emangalisayo, kwakufuneka okungakumbi kunoko. Kwakufuneka anikele ingqalelo ngokusondeleyo kwiLizwi likaThixo ukuze alwe nempembelelo yamaYuda awangqongileyo. Nathi kufuneka ‘sinikele ingqalelo engakumbi kuneqhelekileyo’ koko uYehova akuthethayo ngokuphathelele iingcamango ezizingisileyo ezibubuxoki esichanabeka kuzo kweli hlabathi. Oku kuthetha ukukwenza umkhwa ukufundisisa nokunamathela kucwangciso lokufundisisa iBhayibhile. Njengoko uPawulos esitsho kamva kwincwadi yakhe eyayisiya kumaHebhere, kukwathetha ukuya rhoqo ezintlanganisweni nasekuvakaliseni ukholo lwethu kwabanye. (Hebhere 10:23-25) Ukwenjenjalo kuya kusinceda sihlale siphaphile ngokomoya ukuze singaphulukani nethemba lethu elizukileyo. Ukuba sizalisa iingqondo zethu ngeengcamango zikaYehova, asiyi koyiswa okanye sigxadazeliswe yiyo nayiphi na into eyenziwa leli hlabathi kuthi.—INdumiso 1:1-3; IMizekeliso 3:1-6.
“Hlalani Nibongozana”
10. (a) Yintoni enokwenzeka kulowo unganikeli ngqalelo engakumbi kuneqhelekileyo kwiLizwi likaYehova? (b) Yiyiphi indlela ‘esinokuhlala sibongozana’ ngayo?
10 Ukuba asinikeli ngqalelo ngokusondeleyo kwizinto zokomoya, amadinga kaThixo asenokubonakala eyinto engenakwenzeka. Oku kwenzeka ngenkulungwane yokuqala xa onke amabandla ayeyilwe ngamaKristu athanjisiweyo yaye abanye abapostile besaphila. UPawulos walumkisa amaHebhere esithi: “Lumkani, bazalwana, ngokoyikela ukuba hleze kuvele nakuwuphi na wenu intliziyo engendawo eswele ukholo ngokuthi imke kuThixo ophilayo; kodwa hlalani nibongozana umhla ngamnye, lo gama kusathiwa ‘Namhlanje,’ ngokoyikela ukuba nabani na kuni unokwenziwa lukhuni ngamandla akhohlisayo esono.” (Hebhere 3:12, 13) Igama elasetyenziswa nguPawulos elithi “lumkani” libethelela imfuneko yokuba ngophaphileyo. Kukho isisongelo sengozi! Ukuswela ukholo—‘isono’—kusenokukhula ezintliziyweni zethu, yaye sisenokuya sicezela kude kuThixo kunokuba siye sisondela kuye. (Yakobi 4:8) UPawulos usikhumbuza ukuba ‘sihlale sibongozana.’ Siyalufuna uthando olubangelwa lumanyano lobuzalwana. “Ozahlulayo ufuna umnqweno wakhe; into yonke ezimasayo uyayivungamela.” (IMizekeliso 18:1) Imfuneko yomanyano olunjalo namhlanje ishukumisela amaKristu ukuba aye rhoqo ezintlanganisweni zebandla, kwiindibano ezincinane nakwezinkulu.
11, 12. Kutheni singafanele saneliswe kukwazi nje iimfundiso ezisisiseko zamaKristu?
11 Kamva kwincwadi yakhe, uPawulos uhlabela mgama ngesiluleko esixabiseke gqitha: “Kuba, eneneni, nangona benifanele ukuba ngabafundisi ngenxa yexesha, nisafuna kwakhona uthile wokunifundisa ukususela ekuqaleni izinto eziziziqalelo zezibhengezo ezingcwele zikaThixo; yaye nisuke naba njengabo kufuneka ubisi kubo, kungekhona ukutya okuqinileyo. . . . Ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abo bathe ngokuwasebenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukubalula kokubini okulungileyo nokubi.” (Hebhere 5:12-14) Kuyabonakala ukuba, amanye amaKristu angamaYuda ayengahambeli phambili ekuziqondeni izinto. Ayerhuq’ iinyawo ekwamkeleni ukukhanya okungakumbi ngokuphathelele uMthetho nolwaluko. (IZenzo 15:27-29; Galati 2:11-14; 6:12, 13) Amanye asenokuba ayesazigqala njengento ebalulekileyo izithethe ezinjengeSabatha eyayibakho veki nganye kunye noMhla Wocamagusho ondilisekileyo owawubakho minyaka le.—Kolose 2:16, 17; Hebhere 9:1-14.
12 Ngoko, uPawulos uthi: “Ekubeni ngoku siyishiyile imfundiso esisiqalelo engoKristu, masixhinele ekuqoleni.” (Hebhere 6:1) Imbaleki yogqatso enikela ingqalelo ngokusondeleyo ekutyeni ekutyayo ikulungela ngakumbi ukulunyamezela ugqatso olude nolulucelomngeni. Ngokufanayo, umKristu onikela ingqalelo esondeleyo kukutya kokomoya—ongazilinganiseliyo ‘kwiimfundiso ezisisiqalelo’—uya kukulungela ngakumbi ukuhlala elugqatsweni aze alugqibe. (Thelekisa eyesi-2 kuTimoti 4:7.) Oku kuthetha ukukhulisa umdla ‘kubude nomphakamo nobunzulu’ benyaniso, ngaloo ndlela esenza inkqubela esa ekuqoleni.—Efese 3:18.
“Kufuneka Ninyamezele”
13. AmaKristu angamaHebhere ayelubonakalise njani ukholo lwawo ngaphambili?
13 Emva nje kwePentekoste yowama-33 C.E., amaKristu angamaYuda ema eqinile phezu kwayo nje intshutshiso ekrakra. (IZenzo 8:1) Mhlawumbi uPawulos wayecinga ngaloo nto xa wabhala esithi: “Hlalani niyikhumbula imihla yangaphambili enithe kuyo, nakuba nikhanyiselwe, nanyamezela usukuzwano olukhulu phantsi kweembandezelo.” (Hebhere 10:32) Ukunyamezela kwawo ngokuthembeka okunjalo kwakubonisa uthando lwawo ngoThixo yaye kwawenza akwazi ukuthetha ngokukhululekileyo phambi kwakhe. (1 Yohane 4:17) UPawulos uwabongoza ukuba angayilahli loo nto ngenxa yokuswela ukholo. Uwabongoza esithi: “Kufuneka ninyamezele, ukuze, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, namkele inzaliseko yesithembiso. Kuba ‘sekulithuba elincinane kakhulu,’ ukuba athi ‘lowo uzayo afike yaye akayi kulibala.’”—Hebhere 10:35-37.
14. Ziziphi izibakala ezifanele zisincede sinyamezele kwanasemva kokuba siye samkhonza kangangeminyaka emininzi uYehova?
14 Kuthekani ngathi namhlanje? Inkoliso yethu yayinenzondelelo xa yayiqalisa ukufunda inyaniso yamaKristu. Ngaba sisenayo loo nzondelelo? Okanye ngaba siye ‘salushiya uthando esasinalo kuqala’? (ISityhilelo 2:4) Ngaba siye saphola, mhlawumbi siphazanyiswa yinto ethile okanye sidinwe kukulinda iArmagedon? Noko ke, khawunqumame ukhe ucinge. Inyaniso isabaluleke ngalaa ndlela yayibaluleke ngayo ngaphambili. UYesu usenguKumkani wethu wasezulwini. Sisenethemba lobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi, yaye sisenolwalamano noYehova. Kwaye ungaze ulibale ukuba: ‘Lowo uzayo uza kufika yaye akayi kulibala.’
15. NjengoYesu, amanye amaKristu aye ayinyamezela njani intshutshiso ekrakra?
15 Ngenxa yoko, amazwi kaPawulos abhalwe kumaHebhere 12:1, 2 afaneleke gqitha: “Masithi kanjalo nathi sikhulule bonke ubunzima nesono [sokuswela ukholo] esisiphingela ngokulula, yaye masilubaleke ngonyamezelo ugqatso olubekwe phambi kwethu, njengoko sikhangele ngenyameko kuMmeli Oyintloko noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu. Ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe wasinyamezela isibonda sentuthumbo, elidela ihlazo, waza wahlala phantsi ngakwisandla sasekunene setrone kaThixo.” Zininzi izinto eziye zanyanyezelwa ngabakhonzi bakaThixo kule mihla yokugqibela. NjengoYesu, owathembeka kwada kwasa ekufeni okungcungcuthekisayo, abanye babazalwana noodade wethu baye banyamezela ngokuthembeka eyona ntshutshiso iqatha—iinkampu zeentolongo, ukungcungcuthekiswa, ukudlwengulwa kwanokufa. (1 Petros 2:21) Ngaba iintliziyo zethu azizaliswa luthando ngabo xa sicinga ngengqibelelo yabo?
16, 17. (a) Inkoliso yamaKristu ijamelana naluphi ucelomngeni kukholo lwayo? (b) Kukukhumbula ntoni okuya kusinceda sihlale sibaleka kugqatso lobomi?
16 Noko ke, kwinkoliso yabo kusebenza la mazwi alandelayo kaPawulos: “Ekuqhubekeni kwenu nokulwa nxamnye neso sono beningekaze nixhathise de kufikelele kwigazi.” (Hebhere 12:4) Noko ke, kule nkqubo indlela yenyaniso ayilula kuthi sonke. Bambi badinyazwa ‘yintetho yokuchasa yaboni’ emsebenzini wempangelo nasesikolweni, benyamezela ukugculelwa okanye bexhathisa ingcinezelo yesono. (Hebhere 12:3) Izilingo ezinamandla ziye zalutshabalalisa uzimiselo lwabanye lokugcina imilinganiselo kaThixo ephakamileyo yokuziphatha. (Hebhere 13:4, 5) Abawexuki baye bakonakalisa ukulungelelana kokomoya kwabambalwa abaphulaphula iingcamango zabo ezilahlekisayo neziyingozi. (Hebhere 13:9) Abanye baye bahluthwa uvuyo kukungavisisani. Amanye amaKristu aye enziwa buthathaka kukuzonwabisa ngokugqithiseleyo nazizinto azenzayo ngexesha lawo lokuphumla. Kwaye inkoliso yawo iziva icinezelwe ziingxaki zokuphila zale nkqubo yezinto.
17 Liyinyaniso elokuba, akukho nanye kwezi meko equka ‘ukuxhathisa de kufikelele kwigazi.’ Kwaye ezinye zazo zisenokudalwa zizigqibo eziphosakeleyo esisenokuzenza. Kodwa zonke zilucelomngeni kukholo lwethu. Kungoko sifanele sigcine amehlo ethu kumzekelo obalaseleyo kaYesu wokunyamezela. Singaze siyilibale indlela elingummangaliso ngayo ithemba lethu. Singaze siphulukane nokukholelwa kwethu ekubeni uYehova “uba ngumvuzi wabo bamfuna ngokunyamekileyo.” (Hebhere 11:6) Siya kwandula ke, sibe namandla okomoya aya kusigcina sibaleka kugqatso lobomi.
Sinako Ukunyamezela
18, 19. Ziziphi iziganeko zembali ezibonisa ukuba amaKristu angamaHebhere aseYerusalem asithobela isiluleko sikaPawulos esiphefumlelweyo?
18 AmaKristu angamaYuda asabela njani kwincwadi kaPawulos? Kwiminyaka emalunga nemithandathu emva kokubhalwa kwencwadi yamaHebhere, elakwaYuda lalisemfazweni. Ngowama-66 C.E., umkhosi wamaRoma wayingqinga iYerusalem, uzalisekisa amazwi kaYesu athi: “Xa niyibona iYerusalem ingqongwe yimikhosi emise iintente, nandule ke nazi ukuba ukuphanziswa kwayo kusondele.” (Luka 21:20) Noko ke, ngenxa yamaKristu awayeseYerusalem ngelo xesha, uYesu wathi: “Mabandule ke abo bakwelakwaYuda baqalise ukusabela ezintabeni, nabo baphakathi kuyo mabemke, nabo bakwiindawo ezisemaphandleni mabangangeni kuyo.” (Luka 21:21) Ngenxa yoko, ukulwa namaRoma kwawavavanya: Ngaba la maKristu angamaYuda ayeza kuyishiya iYerusalem, isazulu sonqulo lwamaYuda nendawo ekwakukho kuyo itempile ezukileyo?
19 Ngesizathu esingaziwayo, amaRoma arhoxa ngequbuliso. Kusenokwenzeka ukuba, amaYuda awayezinikele kunqulo oku akugqala njengobungqina bokuba uThixo wayesikhusela isixeko sawo esingcwele. Kuthekani ngamaKristu? Imbali isixelela ukuba asaba. Kwandula ke ngowama-70 C.E., amaRoma abuya aza ayitshabalalisa ngokupheleleyo iYerusalem ebulala inyambalala yabantu. “Imini kaYehova” eyayixelwe kwangaphambili nguYoweli yayigalelekile eYerusalem. Kodwa amaKristu athembekileyo ayengasekho apho. ‘Ayesindile.’—Yoweli 2:30-32; IZenzo 2:16-21.
20. Ukwazi ukuba “imini kaYehova” enkulu isemnyango kufanele kusishukumise ngaziphi iindlela?
20 Namhlanje, siyazi ukuba kungekudala enye “imini kaYehova” enkulu iza kuyifikela yonke le nkqubo yezinto. (Yoweli 3:12-14) Asazi ukuba iya kufika nini na loo mini. Kodwa iLizwi likaThixo liyasiqinisekisa ukuba iza kufika! UYehova uthi ayiyi kulibazisa. (Habhakuki 2:3; 2 Petros 3:9, 10) Ngoko ke, ‘masinikele ingqalelo engakumbi kuneqhelekileyo kwizinto esizivileyo.’ Kuphephe ukuswela ukholo, ‘isono esisiphingela ngokulula.’ Zimisele ukunyamezela kangangoko kunokwenzeka. Khumbula ukuba, intlangano yasezulwini enkulu enjengenqwelo kaYehova iya phambili. Iza kuyizalisekisa injongo yayo. Ngoko ngamana sonke singaqhubeka sibaleka size singanikezeli kugqatso lobomi!
Ngaba Usakhumbula?
◻ Kukuthobela siphi isibongozo sikaPawulos esasisiya kwabaseFilipi okuya kusinceda sinyamezele kugqatso lobomi?
◻ Yintoni eya kusinceda silwe neziphazamiso zeli hlabathi?
◻ Sinokuncedana njani ukuze silunyamezele olu gqatso?
◻ Ziziphi ezinye zezinto ezinokuwuthoba umxhino womKristu?
◻ Umzekelo kaYesu unokusinceda sinyamezele njani?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Njengeembaleki, amaKristu akamele avumele nantoni na iwaphazamise
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ayikho into enokuthintela inqwelo enkulu yokulwa kaYehova ekuzalisekiseni iinjongo zikaThixo