IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ngaba Usoloko Uyifumana Ingongoma?
    IMboniselo—1987 | Aprili 1
    • Ngaba Usoloko Uyifumana Ingongoma?

      UMKHULUWA wayeligwele ngumsindo. Wayecatshukiswe ngumninawa wakhe. Wawuyintoni unobangela? Umntakwabo waye wanikwa ingqalelo angazange ayinikwe yena. Njengokuba umsindo wakhe wawukhula, umntu othile owayeqhelene naye nonobulumko wamluleka ukuba alawule iimvakalelo zakhe eziphazamisekileyo. Kungenjalo kwakungenzeka into emanyumnyezi. Kodwa le ndoda yaliphosa kwesinomhlwa eli cebiso lihle. Kunoko, yambulala ngokuyintlekele umninawa wayo.

      Loo ndoda yayinguKayin, unyana olizibulo wabazali bethu bokuqala, uAdam noEva. UKayin wambulala umninawa wakhe uAbheli xa uYehova wawamkelayo umnikelo ka-Abheli waza akawamkela okaKayin. Umntu owayeqhelene naye nosisilumko yayinguYehova uThixo, owanikela isiluleko sothando awathi uKayin wasigatya. Ngenxa yoko, ukubulala kwathi kwayihlasela intsapho engabantu esencinane, ibe uKayin wagwetyelwa ukuphila yonke inxalenye yobomi bakhe obude eyinto elahliweyo. Onjani wona ukuba buhlungu umphumo wokusilela ukufumana ingongoma yesiluleko!—Genesis 4:3-16.

      Kangangeenkulungwane ezininzi emva koKayin, uKumkani uDavide wakwaSirayeli wakrexeza noBhatshebha, umfazi kaUriya umHeti, ibe loo mfazi wakhulelwa. UDavide wazama ukuyisingatha le ngxaki ngokubongoza u-Uriya ukuba aye kumkakhe. Xa u-Uriya walayo, uDavide walungiselela ukuba abulawe edabini waza ke watshata noBhatshebha, ukuze athintele ukubulawa kwakhe njengomkrexezikazi. Umprofeti kaThixo waya kuDavide waza wezisa engqalelweni yakhe ubunzulu boko wayekwenzile. Ngokukhawuleza uDavide wayiqonda ingongoma yesiluleko. Ngaloo ndlela, nangona kuyo yonke inxalenye eseleyo yobomi bakhe wabandezelekayo ngenxa yeso sono, uYehova wakwamkela ukuguquka kwakhe okusuk’ entliziyweni.—2 Samuweli 11:1-12:14.

      Le mizekelo mibini yasembalini ibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuphulaphula isiluleko. Kunokwenza umahluko phakathi kokuphumelela nokusilela, ulonwabo nosizi, kwanaphakathi kobomi nokufa. Akumangalisi ukuba iBhayibhile ibe ithi: “Indlela yesimathane ithe tye kwawaso amehlo; ophulaphula ukucetyiswa usisilumko.” (IMizekeliso 12:15) Kanti akulula ukuphulaphula isiluleko. Kungani kunjalo nje oku? Sinokuba naso njani isimo sengqondo esihle sikaKumkani uDavide kule nkalo size siphephe umzekelo ombi kaKayin?

      Ukuthobeka Kuyanceda

      Ngokufuthi gqitha abantu bakufumanisa kunzima ukuphulaphula isiluleko ngenxa yokuba abanakusamkela isibakala sokuba bayalufuna uncedo. Okanye ukuba bayabona ukuba bayasifuna, abanakusibona isizathu sokuba befanele bafumane isiluleko esivela kulo mntu. Eneneni, eli likratshi, ibe ukuqiqa nje kancinane kunokunceda ukuze loyiswe. Ngokomzekelo, uPawulos wathi: “Bonile bonke, basilela eluzukweni lukaThixo.” (Roma 3:23) Oko kusixelela ukuba wonk’ ubani uyasifuna isiluleko ngamathuba athile. Kukwasixelela ukuba kwanabo basinika isiluleko banazo iintsilelo. Akukho namnye owahlukileyo. Ngoko musa ukuvumela iintsilelo zomnye umntu eziqondakalayo zikuthintele ekwamkeleni naluphi na uncedo asenokuba uselungelweni lokulunikela lona.

      UYesu wayibalaselisa imfuneko yokulwa nekratshi xa waxelela abalandeli bakhe oku: “Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.” (Mateyu 18:3) Abantwana abancinane baziva benqabisekile xa abazali babo bebaluleka ibe bebalathisa. Ngaba uvakalelwa ngendlela efanayo xa uthile ekululeka, uqonda ukuba isiluleko esinjalo sibonisa uthando nenkxalabo loo mntu anayo ngawe? (Hebhere 12:6) UKumkani uDavide, ekwathi ukukulungela kwakhe ukuzithoba ukuze amkele isiluleko kwavulel’ indlela yokuba uYehova akwamkele ukuguquka kwakhe, washukunyiselwa ukuba abhale oku: “Malindibethe ilungisa linenceba, lindohlwaye; ioli enjalo yentloko ayingeyali intloko yam.”—INdumiso 141:5.

      Isimo sengqondo sokululama okulolo hlobo sinokusinceda xa isiluleko esisifumanayo sichaphazela iinkalo ekungekho migaqo imiselweyo kuzo. Ngokomzekelo, ukuba silulekwa ngokuba ukuzilungisa kwethu okanye indlela esinxiba ngayo iyabakhubekisa abathile ebandleni, kusenokufuna ukuthobeka kwenene ukuze sisamkele. Sekunjalo, ukwenjenjalo bekungaba kukulandela isiluleko sompostile uPawulos: “Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye.”—1 Korinte 10:24.

      Okonwabisayo kukuba, uYehova uye wasinika iBhayibhile, ezaliswe sesona siluleko sihle. Enyanisweni, igama elithi “isiluleko” likwiintlobo zalo ezahlukahlukeneyo lifumaneka apho izihlandlo ezingaphezu kwe-170. Kwakhona, usilungiselele abalusi abanothando ukuze basincede ekusebenziseni esi siluleko. Ilungiselelo lentsapho lelinye ilungiselelo eli vela kuYehova lokusinika uncedo lothando ngesiluleko esivela kubazali abaziphapheleyo iimbopheleleko zabo. Masisoloko sisiphulaphula ngokuthobekileyo isiluleko esinjalo.

      ‘Yenza Msinya Ukuva’

      UYakobi 1:19 ucebisa oku: “Makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba.” Oku kuyinyaniso ngokukhethekileyo xa sifumana isiluleko. Ngoba? Phakathi kwezinye izinto, aliyonyaniso na elokuba ngokufuthi siye siziqonde kwanezethu iintsilelo, kuze kungasimangalisi xa umhlobo onenkxalabo ezibhenca aze anikele isiluleko? Ngokuqinisekileyo kubenzela lula bonke abo babandakanyekileyo ukuba siyakhawuleza ukukuqonda oko bazama ukukuthetha size ngokuthobekileyo samkele uncedo lothando.

      Xa umhlobo ethetha nathi ngokusiluleka, sifanele sikhumbule ukuba usenokuba unexhala gqitha. Akulula ukunikela isiluleko. Mhlawumbi lowo uza kusiluleka uye wacinga gqitha ngamazwi okanye ngendlela aza kuyisebenzisa. Umdala usenokuqalisa incoko ngokusincoma ngenxa yenkalo ethile kwinkonzo yobuKristu ebesiqhuba kakuhle gqitha kuyo. Kodwa oko akufanele kusibangele ukuba sizithandabuze izinto ezimshukumisayo xa ehlabela mgama enikela isiluleko. Umntu onikela isiluleko usenokuthetha ngendlela engangqalanga ekuqaleni, ezama ukuba angayilozi okanye angabi ngongqalayo. Ukuba sinobulumko ngokwaneleyo bokuyifumana ngokukhawuleza ingongoma oko kuya kumnceda lowo ululekayo kulo msebenzi wakhe ibe kusenokusenza siphephe iimvakalelo eziphazamisekileyo.

      Maxa wambi lowo ululekayo usenokusebenzisa umzekelo okanye umzekeliso ukuze asincede siyifumane ingongoma. Omnye umfana wayengekabi ngomoni ugabadeleyo, kodwa wayekwikhondo eliphosakeleyo. Ekuqiqeni naye, enye indoda engumKristu okhulileyo yathabatha irula eyayiphezu kwedesika. Iyigoba irula esezandleni zayo, yabuza oku: “Ukuba le rula ndiyigoba ngale ndlela, ngaba sekunjalo ndinokukrwela umgca othe tse ngayo?” Lo mfana wayifumana ingongoma. Wayezama ukuyibhetya imigaqo ukuze ifanelekele iinkanuko zakbe. Lo mzekeliso wamnceda ukuba alandele icebiso lobulumko elikwiMizekeliso 19:20: “Live icebo [isiluleko, NW], ulwamkele uqeqesbo.”

      Siqonde Isiluleko Esingangqalanga

      Ubulumko obunjalo busenokusinceda ukuba singenelwe kwisiluleko esingangqalanga, kungangenelanga nomnye umntu. Oku kwenzeka komnye umfana wasePortugal. Wayefundisisa iBhayibhile waza wafumana umbhalo wencwadi ethi Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kuba. Kwiintsuku nje ezimbalwa kamva, watyhila ukuba wayesele eyifunde kangangezihlandlo ezithathu loo ncwadi ibe yayimncedile. Ngayiphi indlela? Naku awakuthethayo lo uselula:

      “Ndandingenathemba lokwenene ngekamva, kodwa isahluko 2 [“Isizathu Sokuba Ube Ungakhangela Kwikamva Ngentembelo”] sindinike intsingiselo ebomini bam. Kwakhona, bendiphulula amaphambili kangangeminyaka emininzi ngoku; akukho namnye wakhe wandixelela ukuba oku kwakungamkholisi uThixo yaye kuyingozi kum. Emva kokufunda isahluko 5 [“Ukuhlukuhla Amaphambili Nobufanasini”] ndenza isigqibo sokuwuyeka lo mkhwa. Isahluko 7 [“limpahla Zakho Nenkangeleko Yakho Zixela Okuthile—Ngawe”] sandinceda ukuba ndiyixabise imbonakalo yam yobuqu, ibe njengokuba unokubona, sele ndizichebile iinwele zam.”

      Wahlabela mgama esithi: “Kangangeminyaka emininzi benditshaya. Isahluko 15 [“Iziyobisi—Ngaba Zisisikhokelo Ukusinga Kubomi Bokwenene?”] sindiphucule kule nkalo. Ndiye ndathandaza kuYehova, ibe ukususela ngeCawa andikhange nditshaye mdiza. Uyazi, kangangexesha elithile bendineentlobano zesini nentombazana endithandana nayo, kodwa isahluko 18 [“Ngaba Ukuziphatha Okuhle Ngokwesini Kunengqiqo?”] sezisa engqalelweni yam imbono kaThixo ngalo mbandela. Sele ndithethile nale ntwazana ngalo mbandela, ibe yagqiba kwelokuba iluqhawule ulwalamano lwethu.”

      Olunjani lona uvuyo ekululo ukubona iinguqulelo ezinjalo kwixeshana nje elifutshane kubomi bomntu oselula! Yintoni eyabangela ukuba zibekho? Sisibakala sokuba wakwazi ukukuqonda akufundayo njengesiluleko esasisebenza kuye ngokobuqu.

      Ukwamkela Isiluleko Kuzisa Iingenelo

      Isiluleko—enoba siza kuthi ngokungangqalanga ngeBhayibhile okanye ngoncwadi lweBhayibhile, okanye ngokungqalileyo siphuma kumhlobo—sinokuba luncedo. Oku kubonwa kumava obawo owafuna uncedo kumadoda akhulileyo ngokomoya kwibandla akulo ngenxa yokuba unyana wakhe oneminyaka eli-18 ubudala wayengasabeli kwimigudu yakhe yokumqeqesha. Ngothando abadala abangamaKristu baqiqa nalo bawo, owayenenzondelelo yokukhonza uThixo kodwa kubonakala ukuba wayefuna ulungelelwano olungakumbi ekuqhubaneni nentsapho yakhe.

      Wafundelwa la mazwi kaPawulos: “Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.” (Efese 6:4) Lo bawo wacelwa ukuba acinge oku: Ngaba indlela awayezama ngayo ukukhuthaza unyana wakhe, nakubeni yena wayenenjongo entle, yayiyicaphukisa ngokwenene inkwenkwe? Ngaba yayiyimeko yokulindela unyana ukuba alandele ekhondweni lenzondelelo ubawo anayo ngeentlanganiso nangenkonzo yamaKristu ngaphandle kokuzama ukuhlwayela uthando lwezinto ezinjalo kwintliziyo yonyana? Ngaba wayemncedile unyana wakhe ukuba ‘afunde ukoyika uYehova uThixo wakhe’?—Duteronomi 31:12, 13.

      Lo bawo wasiphulaphula isiluleko waza wasisebenzisa. Waba yintoni umphumo? Ngoku unyana wakhe one-18 leminyaka ubudala uyaya kwiintlanganiso zamaKristu, ibe uyise uqhuba isifundo seBhayibhile seeveki ngeeveki kunye naye. Ibe kunjengokuba ubawo esithi, “Ngoku sinolwalamano olulunge ngakumbi lukabawo nonyana.” Ewe, ubawo nonyana bayifumana ingongoma yesiluleko.

      Alithandabuzeki elokuba sonke siyazenza iimpazamo ibe siyasifuna isiluleko ngamathuba athile. (IMizekeliso 24:6) Ukuba siyayifumana ingongoma size sisamkele isiluleko sobulumko, siya kunandipha iintsikelelo ezininzi. Phakathi kwazo iya kuba yeyona ntsikelelo ixabiseke ngaphezu kwazo zonke: ukuhlakulela ulwalamano lobuqu nolunentsingiselo noBawo wethu wasezulwini onothando, uYehova, nokululondoloza. Ngaloo ndlela, siya kuwaphindaphinda amazwi oKumkani uDavide: “Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo.”—INdumiso 16:7.

  • “Ngenene Ukuhamba Kukubona”
    IMboniselo—1987 | Aprili 1
    • “Ngenene Ukuhamba Kukubona”

      EBUDENI behlobo lowe-1984, uGerard, ityendyana laseFransi, waphuma iphulo leenyanga ezintandathu—kuhambo ngebhayisikili etyhubela elaseUnited States nelaseKhanada. Iintaba eziphakamileyo ezizii-Rocky zamchwayitisa, iipaki ezizolileyo zamonwabisa, kodwa awakubona eMontmagny, eQuebec, eKhanada, kokona kwamchukumisa kakhulu; kwaguqula ikhondo lobomi bakhe.

      NgeCawa, ngoSeptemba 16, uGerard wayekhwele ibhayisikili etyhubela elaseMontmagny xa wathi wabona ungcelele lweenqwelo-mafutha ezazimiswe ngasendleleni. Ngokulandelayo, wabona amakhulukhulu abantu besihla benyuka ngakwisiza sokwakha. Wabuza omnye wabasebenzi owayelawula ukumiswa kweenqwelo-mafutha esithi: “Kwenzeka ntoni apha?” Nangona le ndoda wayeyibuza yayixakekile, yazinika ixesha lokuchazela uGerard ukuba bonke aba basebenzi babengamaNgqina kaYehova awayesebenzisa impelaveki yawo ekwakheni iholo yeentlanganiso zawo zonqulo. Engakwazi oko uGerard, wayefike ebudeni beeyure zokugqibela ekwakuxakekwe gqitha ngazo zokwakhiwa kweHolo yoBukumkani okwathabatha iintsuku ezimbini. Konke awakubonayo nawakuvayo kwamchukumisa. Ngobo busuku wabhala oku kwincwadana yakhe yeziganeko: “Ngokuhlwa ndidibene namaNgqina kaYehova. Akhe indlu ngeentsuku ezimbini. Ebengaphezu kwe-1 000. Ngenene ukuhamba kukubona.”

      Kungekudala emva koko uGerard wabuyela eFransi. Kwiminyaka emibini kamva, ngoJulayi 26, 1986, wathumela ileta kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova eseMontmagny. Kuyo wayebhale oku:

      ‘Nisakhumbula na nithetha nomkhweli webhayisikili owayevela eFransi ebudeni bosuku lwesibini lokwakha iHolo yenu yoBukumkani? Ngaloo mhla umntu owayelawula ukumiswa kweenqwelo-mafutha wahlwayela imbewu. Kwiinyanga ezithile kamva amaNgqina andityelela eFransi, yaye ndasamkela isipho sawo sokuba ndifundisise iBhayibhile kunye nawo. Ekubeni ndiphuma kwintsapho yamaKatolika azinikeleyo, ukufundisisa kwakungelula. Kodwa uYehova wabangela ukuba imbewu ikhule. Kwiiveki ezimbini ezidluleyo ndabhaptizwa kwindibano eyayiseNantes. Ndiyambulela uYehova ngokundivumela ukuba ndifumane inyaniso, yaye ndinombulelo ngako konke loo mzalwana awandifundisa kona ngaloo Cawa, ngoSeptemba 16, 1984. Ndithumela imibuliso yobuzalwana evela kumphumi wephulo owaguqukela kwinyaniso.’

      Olunjani lona uvuyo ibandla laseMontmagny olwaba nalo emva kokuva ukufundwa kweleta kaGerard kwiHolo yalo yoBukumkani! Bonke abo babencedisile ekwakhiweni kwale hole babona ubunyaniso bamazwi kaSolomon athi: “Siphose isonka sakho phezu kwamanzi, ngokuba wosifumana kwakuba ziintsuku ezininzi.” (INtshumayeli 11:1) Ewe, imiphumo emihle yezakhiwo zeHolo yoBukumkani ihlala ithuba elide yaye ifikelela kude ngeendlela ezininzi.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share