Sibhiyozele Ngokufanelekileyo ISikhumbuzo
NGENGOKUHLWA kaNisan 14, ngowama-33 C.E., uYesu wasungula iSikhumbuzo.a Wayesandul’ ukwenza umbhiyozo wePasika nabapostile bakhe abali-12, ngoko sinokuqiniseka ngaloo mhla. Emva kokugxotha umngcatshi, uYuda, uYesu “wathabatha isonka, wacela intsikelelo, wasiqhekeza yaye wabanika sona, waza wathi: ‘Sithabatheni, oku kuthetha umzimba wam.’ Yaye ethabatha indebe, wabulela waza wayinika bona, ibe basela kuyo bonke. Yaye wathi kubo: ‘Oku kuthetha “igazi lam lomnqophiso,” eliza kuphalazwa ngenxa yabaninzi.’”—Marko 14:22-24.
UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bakhumbule ukufa kwakhe ngenxa yokubaluleka kwako. (Luka 22:19; 1 Korinte 11:23-26) Idini lakhe lalikuphela kwedini elalinokuhlawulela uluntu kwisiqalekiso sesono nokufa olukuzuz’ ilifa. (Roma 5:12; 6:23) Isonka newayini awazisebenzisayo zazifuzisela umzimba wakhe ofezekileyo negazi lakhe. Ekubeni siwazi umhla weso sikhumbuzo, sinokusibhiyozela esi sihlandlo ngosuku olungqamene nolu nyaka ngamnye, kanye njengoko kwakusenziwa kwiPasika yamaYuda. Kodwa simele sikwenze ngokufanelekileyo. Ngoba?
Umpostile uPawulos wathi abo bathabatha imifuziselo yesonka newayini babeya ‘kuhlala bebhengeza ukufa kweNkosi, ide ifike.’ (1 Korinte 11:26) Ngaloo ndlela kuloo mbhiyozo kwakuya kunikelwa ingqalelo kukufa kukaYesu nakwintsingiselo yako kuluntu. Esi yayiza kuba sisihlandlo esibalulekileyo, ixesha lokucinga nzulu ngokulunga kukaThixo noxabiso esifanele sibe nalo ngoYehova noNyana wakhe. (Roma 5:8; Tito 2:14; 1 Yohane 4:9, 10) Ngoko ke, uPawulos walumkisa esithi: “Ngenxa yoko nabani na odla isonka okanye osela indebe yeNkosi ngokungafanelekanga uya kuba netyala ngokuphathelele umzimba negazi leNkosi.”—1 Korinte 11:27.
Ngokufanelekileyo—Njani?
Ngokuqinisekileyo, uThixo ebengayi kukholiswa ukuba besinokuhlambela eso sihlandlo ngokwenza uqheliselo oluthandabuzekayo okanye ngokwamkela amasiko abahedeni. (Yakobi 1:27; 4:3, 4) Oku bekuya kuphelisa iziganeko eziqhelekileyo zexesha leIsta. Ekubeni silandela umyalelo kaYesu ‘wokuhlala sisenza oku simkhumbula,’ kuya kufuneka senze iSikhumbuzo kanye ngendlela awasisungula ngayo. (Luka 22:19; 1 Korinte 11:24, 25) Oku bekungayi kuquka izinto eziye zongezelelwa ziicawa zeNgqobhoko kulo mbhiyozo. INew Catholic Encyclopedia iyavuma ukuba “uMthendeleko wale mihla wahluke gqitha kumbhiyozo ongenabugocigoci owenziwa nguKristu nabaPostile Bakhe.” Ngokwenza uMthendeleko ngokuthe rhoqo, iNgqobhoko iye yatyeka koko uYesu wayefuna ukukwenza yaza yakwenza isiganeko esilula.
UPawulos wabhalela amaKristu aseKorinte ngokuthabatha ngokungafanelekanga kuba kwakuvele ingxaki ebandleni ngokuphathalele iSidlo Sangokuhlwa SeNkosi. Amanye ayengabuhloneli ubungcwele baso. Esiza nezidlo zawo zangokuhlwa aze azitye ngaphambi okanye ebudeni bentlanganiso. Ngokufuthi ayesitya aze asele ngokugqithiseleyo. Oku kwakuwenza acubhuke kuze kuwenze angabikho zingqondweni. Ngokungahlali ethe qwa ngokwasengqondweni nangokomoya, ‘ayengawuqondi umzimba’ yaye ngaloo ndlela aba “netyala ngokuphathelele umzimba negazi leNkosi.” Kwangaxeshanye, lawo ayengasityi isidlo sangokuhlwa ayelambile yaye nawo aphazamiseka. Phantse kube akukho namnye wawo owayekwimeko yokuthabatha imifuziselo ngenxa yoxabiso nokubuqonda ngokuzeleyo ubunzulu beso sihlandlo—ukuba loo mbhiyozo wawukukukhumbula ukufa kweNkosi. Oku kwaphumela ekugwetyweni kwawo, kuba ayebonakalisa ukungasihloneli, nokudelela.—1 Korinte 11:27-34.
Ukuqonda Kuyafuneka
Bambi baye bathabatha imifuziselo yeSikhumbuzo nangona, kamva, baqonda ukuba babengafanele benjenjalo. Abo banelungelo lokuthabatha kwimifuziselo yeSikhumbuzo bakhethwe nguThixo yaye banobungqina bomoya kaThixo kuloo nto. (Roma 8:15-17; 2 Korinte 1:21, 22) Akusosigqibo sabo sobuqu okanye uzimiselo olubenza bafaneleke. UThixo ulilinganisele kwabali-144 000 inani labo baza kulawula noKristu emazulwini, inani elincinane xa lithelekiswa nabo bangenelwayo kwintlawulelo kaKristu. (ISityhilelo 14:1, 3) Ukukhethwa kwabo kwaqala ngomhla kaYesu, ngenxa yoko bambalwa kakhulu abathabathayo namhlanje. Ibe njengoko ukufa kubafikela abanye babo, elo nani lifanele linciphe.
Kutheni ubani esenokuyithabatha ngokungafanelekanga nje imifuziselo? Oku kusenokubangelwa ziimbono zangaphambili zonqulo—zokuba bonke abathembekileyo baya ezulwini. Okanye kusenokubangelwa ngamabhongo okanye ukuzingca—imvakalelo yokuba ubani ufaneleka ngakumbi kunabanye—nokunqwenela ukubaluleka. Mhlawumbi uqhutywa ziimvakalelo ezinzulu ezibangelwa ziingxaki ezininzi okanye intlekele eyenza ubani aphelelwe ngumdla kubomi basemhlabeni. Kwakhona kusenokubangelwa bubuhlobo obusenyongweni nomntu othile onobizo lwasezulwini. Sonke sifanele sikhumbule ukuba esi sisigqibo sikaThixo kuphela, kungekhona esethu. (Roma 9:16) Ngoko ukuba umntu, “emva kokuphicotha,” ufumanisa ukuba ngokwenene ebengafanele athabathe kwimifuziselo, ufanele ayeke ngoku.—1 Korinte 11:28.
Ithemba elibekwe nguThixo phambi kwenkoliso yoluntu lelobomi obungunaphakade kwiparadisi esemhlabeni. Leyo yintsikelelo ezukileyo esinokuyilangazelela, nesinokuba nesabelo kuyo. (Genesis 1:28; INdumiso 37:9, 11) Emhlabeni kulapho abathembekileyo beya kuphinda badibane nabavusiweyo ababathandayo baze babone amalungisa amandulo, anjengoAbraham, uSara, uMoses, uRahabhi, uDavide noYohane uMbhaptizi—bonke abafa ngaphambi kokuba uYesu avule indlela esa kubomi basezulwini.—Mateyu 11:11; thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 15:20-23.
Abo banethemba lokuphila emhlabeni basibhiyozela ngokufanelekileyo iSidlo Sangokuhlwa SeNkosi ngokubakho nangokunikela ingqalelo ngentlonelo, nangona bengasithabathi isonka newayini. Nabo bayangenelwa kwidini likaKristu, elibenza bakwazi ukuba nokuma okuhle noThixo. (ISityhilelo 7:14, 15) Njengoko bephulaphula intetho enikelwayo, uxabiso lwabo ngezinto ezingcwele luyomelezwa, yaye umnqweno wabo wokuhlala bemanyene nabo bonke abantu bakaThixo uyakhula.
Kulo nyaka, emva kokutshona kwelanga ngoLwesibini, Aprili 2, iSikhumbuzo siza kubhiyozelwa kuwo onke amabandla amaNgqina kaYehova angaphezu kwama-78 000 emhlabeni wonke. Ngaba uza kubakho?
[Umbhalo osemazantsi]
a Usuku lwamaYuda lwaluqala ngokuhlwa. Ngokweekhalenda zethu, loo Nisan 14 wayesusela ekuqaleni kwengokuhlwa yangoLwesine, ngoMatshi 31, ukuya kutsho ekutshoneni kwelanga ngengokuhlwa yangoLwesihlanu, Aprili 1. ISikhumbuzo sasungulwa ngengokuhlwa yangoLwesine, yaye uYesu wafa emva kwemini ngoLwesihlanu kwangolo suku lunye lwamaYuda. Wavuswa ngosuku lwesithathu, kusasa ngeCawa.
[Umfanekiso okwiphepha 8]
AmaNgqina kaYehova abhiyozela iSikhumbuzo kanye ngonyaka