“Le Yindlela UThixo Awasithanda Ngayo”
“Ukuba le yindlela uThixo awasithanda ngayo, ngoko nathi ngokwethu sibophelelekile ukuba sithandane.”—1 YOHANE 4:11.
1. Kutheni izigidi zabantu ziza kube zihlanganisene kwiiHolo zoBukumkani nakwezinye iindawo zokuhlanganisana ehlabathini lonke ngoMatshi 23 emva kokutshona kwelanga?
NGECAWA, Matshi 23, 1997, emva kokutshona kwelanga, ngokungathandabuzekiyo kuza kube kukho abantu abangaphezu kwe-13 000 000 emhlabeni wonke abaza kuhlanganisana kwiiHolo zoBukumkani nakwezinye iindawo zokuhlanganisana ezisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova. Ngoba? Ngenxa yokuba iintliziyo zabo ziye zachukunyiswa yeyona mbonakaliso inkulu yothando lukaThixo kubantu. UYesu Kristu wanikela ingqalelo kobo bungqina bothando lukaThixo, esithi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani oqhelisela ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.
2. Yiyiphi imibuzo esinokungenelwa sonke xa sinokuzibuza yona ngokuphathelele intsabelo yethu kuthando lukaThixo?
2 Njengoko sicinga ngothando olubonakaliswe nguThixo, senza kakuhle ukuzibuza oku, ‘Ngaba ndikuxabisa ngokwenene oko uThixo akwenzileyo? Ngaba indlela endibuphila ngayo ubomi bam ibonisa olo xabiso?’
“UThixo Uluthando”
3. (a) Kutheni kuyinto elindelekileyo ukuba uThixo abonakalise uthando? (b) Amandla nobulumko zibonakaliswa njani kwimisebenzi yendalo yakhe?
3 Akunto ingumnqa ukuba uThixo abonakalise uthando ekubeni ‘uThixo eluthando.’ (1 Yohane 4:8) Uthando lolona phawu lwakhe lubalaseleyo. Xa wayelungisa umhlaba ukuze umiwe ngabantu, ukuphakamisa kwakhe iintaba nokuhlanganisela kwakhe amanzi kumachibi nakwiilwandlekazi kwakuyimbonakaliso engummangaliso yamandla. (Genesis 1:9, 10) Xa uThixo wayila umjikelo wamanzi nomjikelo womongo-moya, xa wadala inyambalala yezidalwa neendidi ngeendidi zotyani ukuze ziguqule imichiza yomhlaba ibe luhlobo olunokutyiwa ngabantu ukuze baqhubeke bephila, xa wayemisela inkqubo yemizimba yethu yokuqonda ixesha ukuze ihambisane nobude beentsuku neenyanga zesijikelezi-langa uMhlaba, oko kwakubonisa ubulumko obubalaseleyo. (INdumiso 104:24; Yeremiya 10:12) Kodwa, into ebalasele nangakumbi kwindalo ebonakalayo bubungqina bothando lukaThixo.
4. Kwindalo ebonakalayo, bubuphi ubungqina bothando lukaThixo sonke esifanele sibubone size sibuxabise?
4 Iinkalakahla zethu zisixelela ngothando lukaThixo xa siluma isiqhamo esinencindi, esivuthiweyo ngokuqinisekileyo esasingenzelwanga kusigcina siphila kuphela kodwa esasenzelwe nokusiyolisa. Amehlo ethu abona ubungqina obuqinisekileyo balo ekutshoneni kwelanga okumangalisayo, isibhakabhaka esizaliswe ziinkwenkwezi kubusuku obuzolileyo, imibala eyahlukahlukeneyo eqaqambileyo yeentyatyambo, ukudlala kwamathole ezilwanyana noncumo olufudumeleyo lwabahlobo. Iimpumlo zethu zisenza siluqonde xa sisezela ivumba elimyoli leentyatyambo zasentwasahlobo. Iindlebe zethu ziyaluva njengoko siphulaphula isandi seengxangxasi, ukuntyiloza kweentaka namazwi abo sibathandayo. Siyaluva xa lowo simthandayo esanga ngothando. Izilwanyana ezithile zijizekwe ngamandla okubona, okuva, okanye okusezela izinto abantu abangakwaziyo ukuzisezela. Kodwa abantu, abenziwe ngomfanekiselo kaThixo, bayakwazi ukuluva uthando lukaThixo ngendlela olungenakuviwa ngayo siso nasiphi na isilwanyana.—Genesis 1:27.
5. UYehova walubonakalisa njani uthando olukhulu kuAdam noEva?
5 Xa uYehova uThixo wadala abantu bokuqala, uAdam noEva, wabeka phakathi kwabo ubungqina bothando lwakhe. Wayetyale umyezo, iparadesi, waza wenza imithi eziintlobo ngeentlobo ukuba ikhule kuwo. Wayenze umlambo ukuze uwunkcenkceshele waza wawuzalisa ngeentaka nezilwanyana ezinomtsalane. Yonke le nto wayinika uAdam noEva njengekhaya labo. (Genesis 2:8-10, 19) UYehova wayebaphatha njengabantwana bakhe, inxalenye yentsapho yendalo yakhe. (Luka 3:38) Akuba ebeke iEden njengomzekelo, uBawo osezulwini wesi sibini sokuqala sabantu wasinika isabelo esanelisayo sokwandisa iParadesi ukuze igubungele umhlaba. Umhlaba uphela wawuza kumiwa yinzala yaso.—Genesis 1:28.
6. (a) Uvakalelwa njani ngekhondo lemvukelo elathatyathwa nguAdam noEva? (b) Yintoni enokubonisa ukuba siye safunda koko kwenzeka e-Eden nokuba siye sangenelwa kolo lwazi?
6 Noko ke, kungekudala uAdam noEva bajamelana novavanyo lokuthobela, uvavanyo lokunyaniseka. Kwaqala wamnye kwaza kwalandela omnye ekusileleni ukubonisa uxabiso ngothando olwalubonakaliswe kubo. Abakwenzayo kwakumanyumnyezi. Babengenakungxengxezeleka! Ngenxa yoko, balahlekelwa lulwalamano lwabo noThixo, bagxothwa entsatsheni yakhe baza bakhutshwa e-Eden. Nanamhlanje sisayiva imiphumo yesono sabo. (Genesis 2:16, 17; 3:1-6, 16-19, 24; Roma 5:12) Kodwa ngaba siye safunda okuthile koko kwenzekayo? Sisabela njani thina kuthando lukaThixo? Ngaba izigqibo esizenza mihla le zibonisa ukuba sinoxabiso ngothando lwakhe?—1 Yohane 5:3.
7. Phezu kwako nje oko uAdam noEva bakwenzayo, uYehova uye walubonakalisa njani uthando kwinzala yabo?
7 Kwanokona kuswela uxabiso kukhulu okwabonakaliswa ngabazali bethu bokuqala abangabantu ngako konke uThixo awayebenzele kona akuzange kuluphelise uthando lukaThixo. Ngenxa yokuba nemfesane ngabantu ababengekazalwa ngelo xesha—kuquka nathi baphilayo namhlanje—uThixo wavumela uAdam noEva ukuba bakhulise intsapho ngaphambi kokuba bafe. (Genesis 5:1-5; Mateyu 5:44, 45) Ukuba wayengazange enjenjalo, akukho namnye kuthi owayeza kuzalwa. Ngokukutyhila ngokuthe ngcembe ukuthanda kwakhe, uYehova wamisela isiseko sethemba labo bonke abenzala ka-Adam ababeza kuqhelisela ukholo. (Genesis 3:15; 22:18; Isaya 9:6, 7) Ilungiselelo lakhe laliquka indlela abantu bazo zonke iintlanga ababeza kukufumana ngayo oko kwakulahlwe nguAdam, ubomi obufezekileyo njengamalungu avunyiweyo entsapho kaThixo yendalo. Oku wakwenza ngokulungiselela intlawulelo.
Kwakutheni Ukuze Kufuneke Intlawulelo?
8. Kutheni uThixo engazange ayalele ukuba nangona uAdam noEva babemele bafe, kungabikho namnye ofayo kwinzala yabo ethobelayo?
8 Ngaba kwakuyimfuneko ngokwenene ukuba kuhlawulwe ixabiso lentlawulelo elalibubomi bomntu? Ngaba uThixo wayengenakusuka ayalele ukuba nangona uAdam noEva babemele bafe ngenxa yemvukelo yabo, yonke inzala yabo eyayiza kuthobela uThixo iphile ngonaphakade? Ngokwembono yomntu esikelwe umda, oko kusenokuvakala kusengqiqweni. Noko ke, uYehova “ngumthandi wobulungisa nokusesikweni.” (INdumiso 33:5) UAdam noEva baba nabantwana emva kokuba bonile; ngoko akukho namnye kwabo bantwana owazalwa efezekile. (INdumiso 51:5) Bonke basizuz’ ilifa isono, ibe isohlwayo sesono kukufa. Ukuba uYehova wayekutyeshele oko, hlobo luni lomzekelo awayeya kuwumisela kumalungu entsapho yakhe yendalo iphela? Wayengenako ukutyeshela imilinganiselo yakhe yobulungisa. Wayihlonela imfuneko yokusesikweni. Akakho umntu owayenokuyihlab’ amadlala ngokufanelekileyo indlela uThixo awayisingatha ngayo imbambano eyayibandakanyekile.—Roma 3:21-23.
9. Ngokomlinganiselo kaThixo wokusesikweni, hlobo luni lwentlawulelo olwalufuneka?
9 Ngoko ke, sasiya kubekwa njani isiseko sokuhlangula abo benzala ka-Adam ababeya kubonakalisa ukuthobela okunothando kuYehova? Ukuba umntu othile ofezekileyo wayenokufa njengedini, ixabiso lobomi obufezekileyo lalinokuzigubungela ngokusesikweni izono zabo babeya kuyamkela ngokholo intlawulelo. Ekubeni isono somntu omnye, uAdam, sasibangele yonke intsapho yabantu yangaboni, ukuphalazwa kwegazi lomnye umntu ofezekileyo, onexabiso elilinganayo, kwakunokuzalisekisa okusesikweni. (1 Timoti 2:5, 6) Kodwa wayenokufunyanwa phi umntu onjalo?
Lalilikhulu Kangakanani Ixabiso?
10. Kutheni inzala ka-Adam ingazange ikwazi ukulungiselela intlawulelo eyayifuneka?
10 Phakathi kwenzala ka-Adam owayengumoni, kwakungekho mntu wayenokuza noko kwakufuneka ukuze kuhlawulelwe amathemba obomi awayelahlwe nguAdam. “Akukho bani unokukhulula umzalwana; akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye (sinqabile isikhululo somphefumlo wabo, masincanywe ngonaphakade), sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke, angasiboni isihogo.” (INdumiso 49:7-9) Kunokushiya abantu besengxakini, ngenceba uYehova wenza elo lungiselelo.
11. UYehova wabuzisa njani ubomi bomntu ofezekileyo obabufuneka ukuze kwenziwe intlawulelo efanelekileyo?
11 UYehova akazange athumele ingelosi emhlabeni ukuze yenze ngathi ifile ngokubeka umzimba wenyama ngoxa iphila njengomoya. Kunoko, ngokwenza ummangaliso onokwenziwa kuphela nguThixo, uMdali, wadlulisela amandla obomi nobuntu bonyana wasezulwini kwisibeleko sebhinqa elithile, uMariya intombi kaHeli, wesizwe sakwaYuda. Amandla kaThixo asebenzayo, umoya wakhe oyingcwele, walukhusela usana olwalukhula kwisibeleko sikanina, ibe lwazalwa lungumntu ofezekileyo. (Luka 1:35; 1 Petros 2:22) Ngoko lo mntu waba nexabiso elifunekayo lentlawulelo elaliza kuzalisekisa ngokupheleleyo oko kwakufunwa nguThixo njengokusesikweni.—Hebhere 10:5.
12. (a) UYesu ‘unguNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo’ ngayiphi ingqiqo? (b) Ukuthunyelwa kwakhe nguThixo ukuze abe yintlawulelo kulubalaselisa njani uthando Lwakhe ngathi?
12 Nguwuphi kwinginginya yoonyana bakhe basezulwini uYehova awamnika eso sabelo? Wasinika lowo uchazwe kwiZibhalo ‘njengoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo.’ (1 Yohane 4:9) Eli binzana lisetyenziswa ukuchaza, kungekhona oko kwenzeka xa wayezalwa njengomntu, kodwa lichaza oko kwenzeka ngaphambili emazulwini. Nguye kuphela owadalwa nguYehova ngokungqalileyo ngaphandle kokuncediswa ngomnye umntu. UliZibulo lendalo yonke. Ungulowo wasetyenziswa nguThixo ukudala zonke ezinye izidalwa. Iingelosi ngoonyana bakaThixo, njengoko uAdam wayengunyana kaThixo. Kodwa uYesu uchazwa ‘njengonozuko olunjengolo lonyana okuphela kozelweyo nguyise.’ Kuthiwa ‘usesifubeni kuYise.’ (Yohane 1:14, 18) Ulwalamano lwakhe noYise lolusondeleyo, olunzulu nolothando. Ufuze uYise ngokuthanda abantu. IMizekeliso 8:30, 31, ngokweAppleyard’s Version, ibonisa indlela uYise avakalelwa ngayo ngoNyana wakhe nendlela uNyana avakalelwa ngayo ngabantu isithi: “Ndandiluyolo lwakhe [uYehova] imihla ngemihla, ndigcoba phambi kwakhe ngamaxesha onke; . . . lwaye uyolo lwam [mna Yesu, iNgcibi Yomsebenzi kaYehova, ubulumko bumntwisiwe] lwanoonyana babantu.” Yayingulo Nyana uxabiseke kakhulu owathunyelwa nguThixo emhlabeni ukuze abe yintlawulelo. Ngoko, hayi indlela anentsingiselo ngayo amazwi kaYesu athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo”!—Yohane 3:16.
13, 14. Ingxelo yeBhayibhile yelinge lika-Abraham lokunikela ngoIsake ifanele isincede sixabise ntoni ngoko uYehova wakwenzayo? (1 Yohane 4:10)
13 Ukusinceda siqonde intsingiselo yoku ukusa kumlinganiselo othile, kudala ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, uThixo wayalela uAbraham, kwiminyaka emalunga nama-3890 eyadlulayo esithi: “Khawuthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo, phezu kwentaba endokuxelela yona.” (Genesis 22:1, 2) Ngokholo, uAbraham wathobela. Khawuzibeke kwimeko ka-Abraham. Kuthekani ukuba lowo yayingunyana wakho, ekuphela konyana wakho omthanda kakhulu? Wawuya kuvakalelwa njani njengoko wawucanda iinkuni zokunyusa idini, uthabatha uhambo lweentsuku eziliqela lokuya kwilizwe laseMoriya, uze ubeke unyana wakho phezu kwesibingelelo?
14 Kutheni umzali onothando ngolo hlobo esiba neemvakalelo ezinjalo? IGenesis 1:27 ithi uThixo wadala umntu ngokomfanekiselo Wakhe. Iimvakalelo zethu zothando nemfesane zilubonisa ngendlela elinganiselweyo uthando nemfesane kaYehova. Kwimeko ka-Abraham, uThixo wangenelela, ukuze uIsake angade enziwe idini. (Genesis 22:12, 13; Hebhere 11:17-19) Noko ke, kwimeko yakhe, uYehova akazange ayeke sele eza kulungiselela intlawulelo, nangona ngokwenza oko wayeza kulahlekelwa kakhulu yena noNyana wakhe. Oko wakwenzayo uThixo wayengakwenzi ngenxa yokuba ebophelelekile, kunoko, wayebonakalisa ububele obungaqhelekanga nobungasifanelanga. Ngaba sibuxabisa ngokupheleleyo?—Hebhere 2:9.
Oko Ikuphumezayo
15. Intlawulelo iye yabuchaphazela njani ubomi babantu kwanakule nkqubo ikhoyo yezinto?
15 Elo lungiselelo lothando elenziwa nguThixo linomphumo onzulu kubomi babantu abalamkela ngokholo. Babekade bechasele kuThixo ngenxa yesono. Njengoko iLizwi lakhe lisitsho, ‘babeziintshaba ngenxa yokuba iingqondo zabo zazikwimisebenzi engendawo.’ (Kolose 1:21-23) Kodwa ‘baxolelaniswa noThixo ngokufa koNyana wakhe.’ (Roma 5:8-10) Bakuba beliguqule ikhondo labo lobomi baza balwamkela uxolelo olwalungiselelwa nguThixo kwabo baqhelisela ukholo kwidini likaKristu, bajizekwa ngesazela esicocekileyo.—Hebhere 9:14; 1 Petros 3:21.
16. Ziziphi iintsikelelo ezinikwa umhlambi omncinane ngenxa yokholo lwawo kwintlawulelo?
16 UYehova uye wadlulisela kwinani elilinganiselweyo labo, umhlambi omncinane, ilungelo elingabafanelanga lokunxulumana noNyana wakhe kuBukumkani basezulwini, ngenjongo yokuphumeza injongo kaThixo yantlandlolo ngomhlaba. (Luka 12:32) Aba “baphuma kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga . . . baba bubukumkani nababingeleli kuThixo wethu, yaye baza kulawula njengookumkani phezu komhlaba.” (ISityhilelo 5:9, 10) Kwaba, umpostile uPawulos wabhala: “Nifumene umoya wokwenziwa oonyana, moya lowo esithi ngawo sidanduluke sisithi: ‘Abha, Bawo!’ Umoya lowo ngokwawo ungqinelana nomoya wethu ukuba singabantwana bakaThixo. Ukuba, ngoko, singabantwana, sikwaziindlalifa: eneneni iindlalifa zikaThixo, kodwa iindlalifa ezimanyene noKristu.” (Roma 8:15-17) Ngokwenziwa kwabo oonyana bakaThixo, banikwa ulwalamano oluxabisekileyo olwalahlwa nguAdam; kodwa aba nyana banikwa amalungelo angakumbi okukhonza ezulwini—nto leyo angazange ayifumane uAdam. Akumangalisi ngoko ukuba umpostile uYohane athi: “Bonani ukuba luhlobo luni lothando aye wasinika lona uBawo, khon’ ukuze sibe ngabafanele ukubizwa ngokuba singabantwana bakaThixo”! (1 Yohane 3:1) Kwabanjalo uThixo akabonakalisi uthando olulawulwa yimigaqo (a·gaʹpe) kuphela kodwa ukwabonakalisa umsa wofefe (phi·liʹa), oluphawu lweqhina elibakho phakathi kwabahlobo bokwenene.—Yohane 16:27.
17. (a) Liliphi ithuba elinikwa bonke abaqhelisela ukholo kwintlawulelo? (b) Iya kuthetha ntoni ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo’ kubo?
17 Kwanakwabanye—bonke abaqhelisela ukholo kwilungiselelo likaThixo lobomi lesisa ngoYesu Kristu—uYehova uvula ithuba lokufumana ulwalamano oluxabisekileyo olwalahlwa nguAdam. Umpostile uPawulos wachaza: “Ngolindelo lwentumekelelo indalo [indalo engabantu evela kuAdam] ilindele ukutyhilwa koonyana bakaThixo [oko kukuthi, balinde ixesha ekubonakala ngokucacileyo ngalo ukuba oonyana bakaThixo abaziindlalifa zoBukumkani basezulwini kunye noKristu bathabatha inyathelo eliya phambili benceda abantu]. Kuba indalo yathotyelwa kokuphuthileyo [bazalelwa esonweni belindelwe kukufa, ibe yayingekho indlela ababenokuzikhulula ngayo], kungengakuthanda kwayo kodwa ngalowo wayithobelayo, ngesizinzi sethemba [abalinikwe nguThixo] lokuba nayo indalo ngokwayo iya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala ize ibe nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.” (Roma 8:19-21) Iya kuthetha ntoni loo nkululeko? Iya kuthetha ukuba bakhululwe kumakhamandela esono nokufa. Baya kufumana imfezeko yengqondo nomzimba, ikhaya eliyiParadesi nobomi obungenasiphelo abaya kunandipha kubo imfezeko baze babonakalise uxabiso lwabo ngoYehova, okuphela koThixo oyinyaniso. Yenziwe njani yonke le nto? Ngedini lentlawulelo lokuphela koNyana ozelwe nguThixo.
18. NgoMatshi 23 emva kokutshona kwelanga, siza kube sisenza ntoni, yaye ngoba?
18 NgoNisan 14, ngowama-33 C.E., kwigumbi eliphezulu eYerusalem, uYesu waseka iSikhumbuzo sokufa kwakhe. Ukukhunjulwa kwaminyaka le kokufa kwakhe kuye kwasisiganeko esibalulekileyo kubomi bawo onke amaKristu okwenyaniso. UYesu wayalela: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Ngowe-1997 iSikhumbuzo siya kuqhutywa emva kokutshona kwelanga ngoMatshi 23 (ekuqaleni kukaNisan 14). Ngolo suku, ayikho into eya kubaluleka ngaphezu kokubakho kweso Sikhumbuzo.
Ubungaphendula Uthini?
◻ UThixo uye wabonakalisa ngaziphi iindlela ukuba ubathanda kakhulu abantu?
◻ Kutheni kwakufuneka ubomi bomntu ofezekileyo ukuze kuhlawulelwe inzala ka-Adam?
◻ Yiyiphi ilahleko enkulu awaba nayo uYehova ngokulungiselela kwakhe intlawulelo?
◻ Yintoni ephunyezwa yintlawulelo?
[Picture On Page 10]
UThixo wanikela ngokuphela koNyana amzeleyo