IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Izaziso
    Ubulungiseleli BoBukumkani—1999 | Januwari
    • Izaziso

      ◼ Umnikelo woncwadi NgoJanuwari: INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike kunye nencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila ngomnikelo wee-R19,00 okanye ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo ngomnikelo wee-R11,50. NgoFebruwari: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho ngomnikelo wee-R5,00 ize ibe zii-R3,75 enoqweqwe oluthambileyo okanye naziphi na iincwadi ezindala ezinamaphepha ali-192 eninazo esitokhweni ngomnikelo wee-R1,00. NgoMatshi: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade ngomnikelo wee-R5,00 ize enoqweqwe oluthambileyo ibe zii-R3,75, okanye naziphi na iincwadi ezindala ezinamaphepha ali-192 eninazo esitokhweni ngomnikelo we-R1,00. Kuya kwenziwa umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zeBhayibhile ngencwadi ethi ULwazi. NgoAprili: Iinkupho zeMboniselo noVukani! Yiba nencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ukuze uyinike abantu abanomdla, uze uzame ukuqalisa izifundo zeBhayibhile zasekhaya.

      ◼ Bonke abavakalisi ababhaptiziweyo abakhoyo kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki eqala ngoJanuwari 18 baza kunikwa iqweqwe elithi-Advance Medical Directive/Release kunye neIdentity Card elungiselelwe abantwana babo.

      ◼ Ukususela ngoFebruwari, kodwa kungekhona emva koMatshi 1, abaveleli besiphaluka baza kuba benikela intetho yesidlangalala entsha enomxholo othi “Ungokwenene Kangakanani uThixo Kuwe?”

      ◼ Amabandla afanele enze amalungiselelo afanelekileyo ukuze enze iSikhumbuzo salo nyaka ngoLwesine, Aprili 1, emva kokutshona kwelanga. Nangona intetho isenokuqalisa ngaphambi koko, ukuhanjiswa kwemifuziselo yeSikhumbuzo akufanele kuqaliswe de kube semva kokutshona kwelanga. Buzani kumaziko asekuhlaleni ukuze niqonde elona xesha litshona ngalo ilanga kwindawo yenu. Nangona kuyinto enqwenelekayo ukuba ibandla ngalinye liqhube esalo iSikhumbuzo, oko kusenokungenzeki ngamaxesha onke. Apho amabandla aliqela eqhele ukusebenzisa iHolo yoBukumkani enye, mhlawumbi elinye okanye angaphezulu kuloo mabandla asenokusebenzisa enye indawo ngaloo ngokuhlwa. Xa kunokwenzeka, sicebisa umnyinyiva wemizuzu engama-40 phambi kokuba kungene elinye ibandla ukuze kubekho ixesha lokubulisa iindwendwe, elokukhuthaza abasandul’ ukuba nomdla, baze bangenelwe ngokupheleleyo kwesi sihlandlo. Kwakhona kufanele kunikelwe ingqalelo kubuninzi beenqwelo-mafutha nakwiingxaki zokumiswa kwezithuthi, kuquka ukothulwa nokuphuthunywa kwabantu. Iqumrhu labadala lifanele ligqibe ngamalungiselelo aya kuba luncedo ngakumbi ekuhlaleni.

      ◼ Intetho yesidlangalala ekhethekileyo yexesha leSikhumbuzo sowe-1999 iza kunikelwa ngeCawa, ngoAprili 18. Umxholo wentetho uza kube usithi “Ubuhlobo Bokwenene NoThixo Nommelwane.” Ulwandlalo lwayo luza kuthunyelwa. Amabandla aza kube enotyelelo lomveleli wesiphaluka, indibano yesiphaluka okanye indibano ekhethekileyo yosuku olunye ngaloo mpela-veki aza kuba nentetho ekhethekileyo kwiveki elandelayo. Akukho bandla lifanele libe nentetho ekhethekileyo ngaphambi koAprili 18, 1999.

      ◼ UMbutho ubamba ngazibini kubo bonke abo baye basabela ngokukhawuleza ngokunikela ngesisa ukuze kuncedwe abazalwana bethu baseLesotho ebudeni bombhodamo wezobupolitika kunyaka ophelileyo.

      Umhla ka-Aprili 10, 1999, uza kube uluSuku lwethu olukhethekileyo Lwamaphephancwadi. Kwixesha elidluleyo abaninzi baye bakunandipha ukuba nesabelo kumsebenzi woSuku olukhethekileyo Lwamaphephancwadi. Kutheni ungaqalisi kwangoku ukuceba ukuze ube nesabelo ngokupheleleyo kulo nyaka? Amabandla afanele afake iiodolo ezikhethekileyo zamaphephancwadi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.

  • Uhlengahlengiso Kwisisikelo Seeyure Zoovulindlela
    Ubulungiseleli BoBukumkani—1999 | Januwari
    • Uhlengahlengiso Kwisisikelo Seeyure Zoovulindlela

      1 Sonke siyakuxabisa ukuba noovulindlela abathe ngxi nabangabancedani abazibhokoxayo ebandleni. Kwanalapho intsimi incinane khona yaye isetyenzwa rhoqo ngokucokisekileyo, oovulindlela baye bamisela umzekelo omhle ngenzondelelo yabo kwinkonzo yoBukumkani. Bakhuthaza bonke abavakalisi ukuba baxakeke bekhangela abo ‘banotyekelo olufanelekileyo.’—IZe. 13:48.

      2 UMbutho uye waziphawula iinzima abajamelene nazo oovulindlela, ngokukodwa ngokuphathelele ukufumana umsebenzi wesingxungxo oza kubavumela bazinyamekele kakuhle iintswelo zabo zobuqu ukuze baqhubeke bekwinkonzo yexesha elizeleyo. Imeko egqubayo yezoqoqosho kumazwe amaninzi ikwenze kwanzima ngakumbi ngabanye ukungenela umsebenzi wobuvulindlela, nangona lowo ingumnqweno wabo osuka entliziyweni. Kwiinyanga zakutshanje, ezi kwanezinye izibakala ziye zahlolisiswa ngenyameko.

      3 Ngoko ke, ngenxa yoku kungasentla, uMbutho uye wasinciphisa isisikelo seeyure zoovulindlela abathe ngxi nabangabancedani. Ukuqala kunyaka wekhalenda we-1999, isisikelo soovulindlela abathe ngxi siya kuba ziiyure ezingama-70 nyanga nganye, okanye isimbuku seeyure ezingama-840 ngonyaka. Koovulindlela abangabancedani sibe ziiyure ezingama-50 ngenyanga. Isisikelo soovulindlela abakhethekileyo nabavangeli basemazweni asiyi kutshintsha, kuba uMbutho wenze ilungiselelo lokubanceda banyamekele iintswelo zabo ezisisiseko zezinto eziphathekayo. Ngenxa yoko, banokunikela ingqalelo engakumbi kumsebenzi wabo wokushumayela nakumsebenzi wokwenza abafundi.

      4 Sinethemba lokuba olu hlengahlengiso kwisisikelo seeyure luya kunceda oovulindlela abangakumbi babambelele kweli lungelo lixabisekileyo lenkonzo. Oku kukwafanele kuvulele ithuba abavakalisi abangakumbi ukuba bangenele umsebenzi wobuvulindlela obuthe ngxi nobobuncedani. Hayi indlela ekuya kungqineka kuyintsikelelo ngayo oku kuye wonke ubani ebandleni!

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share