Indlela Yokusebenzisa Incwadi “Ukuqiqa NgeZibhalo”
Indlela emayilandelwe ekuncedeni abanye ukuze baqonde iBhayibhile yileyo yalungiselelwa nguYesu Kristu nabapostile bakhe. Ekuphenduleni imibuzo, uYesu wacaphula izibhalo ibe maxa wambi wayesebenzisa nemizekeliso efanelekileyo eyayiya kunceda abantu abantliziyo zinyanisekileyo ukuba bamkele oko iBhayibhile ikuthethayo. (Mat. 12:1-12) Umpostile uPawulos wayekwenza uqheliselo lwakhe ‘ukuqiqa ngokuphuma eZibhalweni, etyhila, ebeka’ oko wayekufundisa. (Ize. 17:2, 3, NW) Umbandela okule ncwadi unokukunceda ukuba wenze okufanayo.
Kunokuba igubungele ngokubanzi nangokunabileyo umbandela ngamnye, le ncwadi Ukuqiqa NgeZibhalo ngokuyintloko itsalel’ ingqalelo kwimibuzo ngoku ebuzwayo ngabantu abaninzi.
Le mpapasho ayilungiselelwanga ngenjongo yokunceda nabani na ukuba “aphumelele kwiimpikiswano” nabantu abangenantlonelo ngenyaniso. Kunoko, inikela inkcazelo exabisekileyo ngenjongo yokuba isetyenziswe ekuqiqeni nabantu ngabanye abaya kukuvumela ukuba wenjenjalo. Bambi babo basenokubuza imibuzo abazifuna ngokwenene iimpendulo ezanelisayo kuyo. Abanye, ekuqhubekeni kwencoko, basenokusuka nje bachaze iinkolelo zabo ibe banokwenjenjalo ngolweyiseko oluthile. Kodwa ngaba bangabantu abaqiqayo abakuvumayo ukuphulaphula enye imbono? Ukuba kunjalo, ungabelana nabo ngoko iBhayibhile ikuthethayo, usenjenjalo ngolweyiseko lokuba iya kwamkelwa ziintliziyo ezithanda inyaniso.
Unokuwufumana njani umbandela othile owufunayo kule ncwadi unokuyiphatha ngesandla? Ngokuqhelekileyo uya kuwufumana ngoko nangoko ngokutyhila ngqo umxholo oyintloko kumbandela oxutyushwayo. Phantsi kwayo yonke imixholo eyintloko, imibuzo ephambili kulula ukuyifumana; ibhalwe ngamagama amnyama angqingqwa aqala eludinini olungasekhohlo. Ukuba akukufumani ngokukhawuleza okufunayo, yiya kwiSalathiso esingasemva kule ncwadi.
Ukuyilungiselela kwangaphambili ingxubusho kusoloko kunengenelo. Kodwa ukuba akukaqhelani namacandelo athile encwadi, usenokuwasebenzisa kakuhle. Njani? Xa ufumana umbuzo ophantse ungqamane nengongoma ofuna ukuyixubusha, khangela nayiphi na imixholwana ephantsi kwawo. Le mixholwana ibhalwe bukekela ngamagama amnyama ibe itshoniswe nje ngasekunene phantsi kwemibuzo ehlobene nayo. Ukuba sele unolwazi oluthile ngombandela, ukuhlolisisa loo mixholwana nokuqwalasela nje kancinane iingcamango ezithile eziphantsi kwayo kusenokuba kuphela kwento oyifunayo, kuba ikunika indlela eluncedo yokuqiqa osenokuyisebenzisa. Musa ukuthandabuza ukuzichaza ngamazwi akho iingcamango.
Ngaba unoluvo lokuba ufuna okungakumbi—mhlawumbi ezona zibhalo zifanelekileyo, indlela yokuqiqa nomntu onokuyisebenzisa nezo zibhalo, imizekeliso ethile enokukunceda ucacise indlela okusengqiqweni ngayo oko iBhayibhile ikuthethayo, njalo njalo? Ukuba kunjalo, usenokufuna ukumbonisa umntu othetha naye oko unako kule ncwadi nize ke nifunde kunye icandelo elixubusha ngalo mbuzo awuphakamisileyo. Nokuba akuwufundisisanga umbandela kwangaphambili, unokuwusebenzisa ukuze unikele impendulo eyanelisayo. Yonke into elapha kule ncwadi ifanelekile, ichazwe ngokulula nangendlela engqalileyo.
Khumbula ukuba le ncwadi iluncedo nje kuphela. IBhayibhile yiyo enegunya. Yona iliLizwi likaThixo. Xa iingcaphulo ezikule ncwadi ziphuma eBhayibhileni, sibethelele esi sibakala kwabo uthetha nabo. Nanini na kunokwenzeka, bacele ukuba beze neBhayibhile yabo nize nikhangele izibhalo ukuze babone ukuba okuthethayo ngokwenene kukumbhalo wabo weZibhalo. Ukuba iinguqulelo ezithile zeBhayibhile nezisetyenziswa ngabantu abaninzi zichaza amacandelo ayintloko ezibhalo ezithile ngendlela eyahlukileyo, kudla ngokutsalelwa ingqalelo nakoku, ibe kuchazwe neenguqulelo ezahlukahlukeneyo ukwenzela ukuthelekisa.
Ngokuvisisana nomzekelo owamiselwa ngumpostile uPawulos ekubhekiseleni kwisibingelelo esithi “Kongaziwayo UThixo” nasekucaphuleni imithombo ethile eqhelekileyo eyayisamkelwa lihlabathi xa wayeshumayela kuma-Atene (Ize. 17:22-28), le ncwadi izisebenzisa ngokulinganiselweyo iingcaphulo eziphuma kwimbali yehlabathi, kwiintyilalwazi (encyclopedia), kwiincwadi zonqulo ezineembekiselo, nakwizichazi-mazwi zolwimi lweBhayibhile. Ngaloo ndlela, endaweni yokwenza iimpikiswano ngemvelaphi yoqheliselo lonqulo lobuxoki, ukuvela kweemfundiso ezithile, nentsingiselo yamagama esiHebhere nawesiGrike, le ncwadi ibonisa ngezizathu zokuthethwa kwaloo mazwi. Noko ke, yalathisela ingqalelo eBhayibhileni njengomthombo osisiseko wenyaniso.
Njengamancedo abhekele phaya okuvula indlela yokwabelana nabanye ngenyaniso yeBhayibhile, amacandelo okuqala ale ncwadi anikela uludwe kumxholo othi “Iintshayelelo Ezinokusetyenziswa Kubulungiseleli Basentsimini” namacebiso aqulunqiweyo phantsi kothi “Indlela Yokusabela Kumazwi Anokuthintela Incoko.” Uninzi ‘lwamazwi athintela incoko’ adibene neenkolelo ezithile, ibe ezi nkolelo ziqwalaselwa ekupheleni kwecandelo ngalinye eliyintloko elixubusha ngezo nkolelo. Injongo asiyeyokuba uzicengceleze ezi mpendulo, kodwa ngokungathandabuzekiyo uya kukufumanisa kuluncedo ukuhlolisisa isizathu sokuba abanye bezifumanise zinomphumo; ngoko zivakalise ngamazwi akho ezi ngcamango.
Ukusebenzisa le ncwadi inokuphathwa ngesandla kumele kukuncede uhlakulele ubuchule bokuqiqa ngeZibhalo yaye uzisebenzise ngokunomphumo ekuncedeni abanye bafunde ‘ngezinto ezinkulu zikaThixo.’—Ize. 2:11.