IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ulwalathiso LukaThixo Ekukhetheni Iqabane Lomtshato
    IMboniselo—2001 | Meyi 15
    • ngokuvisisana neLizwi likaThixo, iintliziyo zethu azisigwebi, kuba senza ‘okukholekileyo emehlweni akhe.’—1 Yohane 3:21, 22.

      18. Xa ubani ecinga ngomtshato, yiyiphi imibandela ebalulekileyo amele anikele ingqalelo kuyo, yaye ngoba?

      18 Xa sicinga ngokutshata, eyona nto simele siyixhalabele ngokuyintloko sisidima nemeko yokomoya yaloo mntu uza kuba liqabane lethu. Ubuntu bobuKristu, kunye nokuthanda uThixo nokuzinikela kuye ngomphefumlo uphela, kuxabiseke kakhulu ngaphezu komtsalane wangaphandle. Abo bayiqondayo nabayiphumezayo imbopheleleko yabo yokuba ngamaqabane omtshato omeleleyo ngokomoya bafumana inkoliseko kaThixo. Yaye eyona nto yenza isibini siphumelele ngakumbi kukuzinikela kwamaqabane omabini kuMdali aze amkele ulwalathiso lwakhe ngokuzeleyo. Ngale ndlela abeka uYehova, yaye umtshato wakhelwa kwisiseko esiqinileyo sokomoya, nto leyo eya kuba negalelo kumanyano oluhlala luhleli.

  • Ukwakha Intsapho Eyomeleleyo Ngokomoya
    IMboniselo—2001 | Meyi 15
    • Ukwakha Intsapho Eyomeleleyo Ngokomoya

      “Qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.”—EFESE 6:4.

      1. Yayiyintoni injongo kaThixo ngentsapho, kodwa kwenzeka ntoni endaweni yoko?

      “QHAMANI, nande, niwuzalise umhlaba.” (Genesis 1:28) Xa wayethetha loo mazwi kuAdam noEva, uYehova uThixo wasungula ilungiselelo lentsapho. (Efese 3:14, 15) Sikhangele phambili, eso sibini sokuqala saba nombono womhlaba uzaliswe yinzala yaso—izizalwana ezingabantu abaphila ngovuyo kumhlaba oyiparadesi nabamanyeneyo ekunquleni uMdali Ozukileyo. Kodwa uAdam noEva bona, yaye umhlaba awuzange uzaliswe ngabantu abangamalungisa aboyika uThixo. (Roma 5:12) Kunoko, ubomi bentsapho bawohloka ngokukhawuleza, kwaza kwesamela intiyo, ugonyamelo nokungabi nawo “umsa wemvelo,” ngokukodwa kule ‘mihla yokugqibela.’—2 Timoti 3:1-5; Genesis 4:8, 23; 6:5, 11, 12.

      2. Ziziphi izinto eyayinokukwazi ukuzenza inzala ka-Adam, kodwa yintoni eyayifuneka ukuze yakhe intsapho eyomeleleyo ngokomoya?

      2 UAdam noEva badalwa ngomfanekiselo kaThixo. Nangona ngoku wayengumoni, uAdam wavunyelwa nguYehova ukuba abe nabantwana. (Genesis 1:27; 5:1-4) Njengoyise, inzala ka-Adam yayinawo umlinganiselo wokuziphatha yaye yayinokufunda ukwahlula okuhle nokubi. Yayinokufundiswa indlela yokunqula uMdali wayo nokubaluleka kokumthanda ngentliziyo, umphefumlo ingqondo namandla ephela. (Marko 12:30; Yohane 4:24; Yakobi 1:27) Ngapha koko, yayinokuqeqeshelwa ‘ukuqhelisela

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share