Ukunceda Abanye Bazukise UYehova
1 Ehlabathini lonke kushunyayelwa esi sigidimi sibalulekileyo: “Moyikeni uThixo nimzukise, kuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe, ngoko mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba nolwandle nemithombo yamanzi.” (ISityhi. 14:6, 7) Sinikwe ilungelo lokusasaza eso sigidimi. Yintoni ekufuneka abantu bayazi ngoYehova ukuze bamoyike baze bamnqule?
2 Igama Lakhe: Abantu kufuneka balazi igama lokuphela koThixo oyinyaniso ukuze bamahlule koothixo bobuxoki abaninzi abanqulwayo namhlanje. (Dut. 4:35; 1 Kor. 8:5, 6) Phofu ke, ababhali beBhayibhile baye balisebenzisa izihlandlo ezingama-7 000 igama likaYehova elikhulu. Ngoxa sisebenzisa ukuqonda ukuze sazi ukuba kunini apho simele sazise igama likaThixo, asifanele silifihle okanye singalisebenzisi. Kukuthanda kukaThixo ukuba bonke abantu balazi igama lakhe.—INdu. 83:18.
3 Ubuntu Bakhe: Ukuze abantu bamzukise uYehova, kufuneka bamazi uhlobo loThixo alulo. Simele sibazise ngothando lwakhe olubalaseleyo, ubulumko anabo, okusesikweni, nokuba ungusomandla yaye unenceba, ububele bothando nezinye iimpawu ezingummangaliso. (Eks. 34:6, 7) Kwakhona bamele bafunde ukumhlonela ngokunzulu uThixo, bamoyike ekubeni beqonda ukuba ubomi babo buxhomekeke ekumkholiseni uYehova.—INdu. 89:7.
4 Ukusondela KuThixo: Ukuze abantu basinde kumgwebo kaThixo ozayo, bamele babize kuYehova ngokholo. (Roma 10:13, 14; 2 Tes. 1:8) Oku kubandakanya okungakumbi kunokwazi nje igama likaThixo neempawu zakhe. Simele sincede abantu babe nolwalamano lobuqu noYehova, bakholose ngaye ngomphefumlo wabo uphela. (IMize. 3:5, 6) Njengoko bekusebenzisa oko bakufundayo, bethandaza kuThixo ngokunyanisekileyo, yaye belubona uncedo lwakhe ebomini babo, ukholo lwabo luya kukhula, baze basondele kuYehova.—INdu. 34:8.
5 Ngamana singalivakalisa ngenzondelelo igama likaThixo size sincede abanye bakholose ngaye baze bamoyike. Sisenokunceda abangakumbi bamazi uYehova baze bamzukise ‘njengoThixo ongumsindisi.’—INdu. 25:5.