-
UkuKhafulaUkuqiqa NgeZibhalo
-
-
1 Kor. 10:21: “Aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon.” (Abo bafuna ukuba zizihlobo noYehova nokukhuselwa nguye bamele bangabi nanxaxheba ngokupheleleyo kwiintlanganiso zabakhafuli. Ngokuvisisana nomzekelo obhalwe kwiZenzo 19:19, kukwabalulekile ukutshabalalisa okanye ukulahla ngokufanelekileyo zonke izinto ubani anazo nezinxibelelene nokukhafula.)
Yak. 4:7: “Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka.” (Ukuze ukwenze oku, khuthala ekufundeni ukuthanda kukaThixo nokukusebenzisa kubomi bakho. Njengoko ukuthanda uThixo kukuqinisa nxamnye nokoyika umntu, ngokuqinileyo kugatye ukuba nesabelo kuwo nawaphi na amasiko ahlobene nokukhafula okanye kugatye ukuthobela nayiphi na imithetho eyandlalwa ngabantu abakhafulayo.)
Xhoba “sonke isikrweqe sikaThixo” esichazwe kumaEfese 6:10-18 uze ube nenzondelelo ekugcineni yonke inxalenye yaso ikwimeko entle.
-
-
UKholoUkuqiqa NgeZibhalo
-
-
UKholo
Ingcaciso: “Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo.” (Heb. 11:1) Ukholo lokwenyaniso asikokufane ukholwe, oko kukuthi, ukuyikholelwa kwaoko into ngaphandle kobungqina obuphilileyo okanye kuba nje umntu eyifuna ibe njalo. Ukholo lokwenyaniso lufuna ulwazi olusisiseko, ukuqhelana nobungqina, kwanoxabiso olusuk’ entliziyweni ngaloo nto iboniswa bobo bungqina. Ngaloo ndlela, nangona kungenakwenzeka ukuba nokholo lokwenyaniso ngaphandle kolwazi oluchanileyo, iBhayibhile ithi ubani ukholwa “ngentliziyo.”—Roma 10:10.
Kutheni le nto abantu abaninzi bengenalo ukholo?
Ukholo lusisiqhamo somoya kaThixo, yaye uThixo ubapha ngovuyo abo bamfunayo. (Gal. 5:22; Luka 11:13) Ke abantu abangenalukholo abawufuni loo moya, okanye bawufunela injongo ephosakeleyo kungenjalo baxhathisa ukusebenza kwawo ebomini babo. Zininzi izinto eziphembelela oku:
Kukuswela ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile: IBhayibhile iyimveliso yomoya kaThixo, iphefumlelwe nguThixo. (2 Tim. 3:16, 17; 2 Sam. 23:2) Ukusilela ukufundisisa kubambezela nayiphi na inkqubela elukholweni lokwenyaniso. Nangona amalungu ecawa esenokuba nazo iiBhayibhile, ukuba ebefundiswe iingcamango zabantu kuneLizwi likaThixo, aya kulambatha elukholweni lokwenene kuThixo nenjongo yakhe. Aya kutyekela ekuthembeleni kwezawo iingcamango nakwezo zabanye abantu ekucombululeni iingxaki zawo.—Thelekisa uMateyu 15:3-9.
Kukudaniswa lunqulo lobuxoki: Abaninzi baye badaniswa kukuhanahanisa kweecawa zeNgqobhoko, cawa ezo ezithi zifundisa iLizwi likaThixo kodwa zisoyiswa kukuphila ngokuvisisana noko likuthethayo. Abanye babebambelele kunqulo olungelwamaKristu, kodwa babona isiqhamo esibi kwimikhwa yalo okanye bafumanisa ukuba iinkolelo zabo azibancedanga ngokwenene ukuhlangabezana neengxaki zobomi. Beluswele ulwazi oluchanileyo loThixo oyinyaniso, abantu abanjalo barhoxa kuyo nantoni na ehlobene nonqulo.—Thelekisa abaseRoma 3:3, 4; uMateyu 7:21-23.
Kukungasiqondi isizathu sokuvumela kukaThixo ubungendawo: Uninzi lwabantu alusiqondi isizathu sokuvumela kukaThixo ubungendawo yaye ke bambeka ityala ngazo zonke izinto ezimbi ezenzekayo. Abayiqondi into yokuba ukutyekela komntu ebubini akungenxa yokuthanda kukaThixo koko kungenxa yokona kuka-Adam. (Roma 5:12) Basenokungabuqondi ubukho bukaSathana uMtyholi nempembelelo yakhe emicimbini yehlabathi, ngoko bathi nguThixo obangele izinto ezimbi ezenziwa nguSathana. (1 Yoh. 5:19; ISityhi. 12:12) Ukuba ngandlel’ ithile bayaziqonda ezi zinto, basenganemvo yokuba uThixo ucoth’ okonwabu ekuthabatheni inyathelo, kuba beyibona luzizi imbambano yolongamo lwendalo iphela yaye bengasiqondi nesibakala sokuba umonde kaThixo kude kube leli xesha ubavulele ithuba elingabafanelanga losindiso. (Roma 2:4; 2 Pet. 3:9) Kwakhona, abayiqondi mpela into yokuba uThixo umise ixesha aya kubatshabalalisa ngalo ngonaphakade bonke abaqhelisela okungendawo.—ISityhi. 22:10-12; 11:18; Heb. 2:3.
Kukonganyelwa kobomi ziinkanuko neembono zenyama: Ngokuqhelekileyo, abantu abaswel’ ukholo lokwenyaniso bazinikele ekusukeleni ezinye izilangazelelo. Bambi basenokuthi bayayikholelwa iBhayibhile kodwa basenokuba abazange bayifundisise ngokucokisekileyo okanye basenokuba basilele ukucamngca ngoxabiso ngento abayifundileyo, ngezizathu zayo, nendlela esebenza ngayo kubomi bemihla ngemihla. (Thelekisa
-