IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/02 iphe. 11
  • Ukuxabisa Ukwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuxabisa Ukwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
km 10/02 iphe. 11

Ukuxabisa Ukwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani

1 Bekuluyolo gqitha ukubona indlela abantu abebewuxhasa ngehlombe ngayo umsebenzi wokwakha iiHolo ZoBukumkani kunyaka ophelileyo. Sibamba ngazibini kwiiKomiti Zenqila Zokwakha ezingama-25 nakumawaka amatshantliziyo abesebenza kwezi zakhiwo. Sibulela namabandla aye axhasa amabandla amancinane ngemali okanye ngobugcisa anabo ukuze akhe iiholo zawo.

2 Ebudeni bukaJulayi noAgasti kuphinde kwanikezelwa ezi holo zili-17 zilandelayo: EMoletjie, eMakantane, eXihoko naseNzhelele (kwiPhondo laseLimpopo); eCaguba (ePort St. Johns); eCorana (eMthatha); eMathibestat (kumntla wePitoli); eBakerville (eLichtenburg); eMontshiwa West naseLonely Park (eMafikeng); eTseoge naseMorokweng (kumntla weVryburg); eKagung (eKuruman); eMachache, eQuthing naseMakaung (eLesotho); naseLadybrand (eFreyistata).

3 Sisalinde isimbuku seeholo eziye zanikezelwa kunyaka wenkonzo wama-2002. Ukuza kuthi ga ngoku sifumanise ukuba imigudu yenu incede amabandla angama-53 anabavakalisi abangama-2 878 ukuba babe neendawo ezifanelekileyo zokunqulela. Kakade ke, kukho namakhulu abantu abanomdla angenelwayo kwezi ndawo zokuhlanganisana. Kuyamangalisa ukubona indlela umoya kaYehova oye wawanceda ngayo amatshantliziyo ukuba enze lo msebenzi mkhulu wokuzithandela. Le nkqubela yenziwayo iyasivuyisa sonke kwaye sivuyiswa nakukwazi ukuba nasezulwini kuyavuywa ngenxa yalo msebenzi woBukumkani.

4 Yintoni onokukwazi ukuyenza ukuze ufak’ isandla ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani kunyaka wenkonzo wama-2003? Ngaba intsapho yakho, okanye ilungu lentsapho lakho alinakuxhasa iKomiti Yenqila Yokwakha ekummandla wenu? Ukuba anikakwenzi oko, ncedani nicele iifomu zeKingdom Hall Construction Worker Questionnaire (S-82) kunobhala webandla nize nizalise zibe mbini nize nizibuyisele kubadala. Sithanda ukubongoza bonke ababandakanyekileyo ekwakheni iiHolo zoBukumkani ukuba baqhubeke nalo msebenzi, ibe siyanibulela kwakhona ngokuzincama kwenu kulo mba. Ukuba uYehova uyathanda, sikhangele phambili ekwakheni ezinye iiholo kulo nyaka uzayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share