Ngaba Uza Kube Ulapho?
1 Elinye iNgqina eliligqala lakha lathi: “Ukuba uphoswe lusuku lokuqala lwendibano, uphoswe yinto eninzi!” Kwakutheni ukuze livakalelwe ngaloo ndlela? Kaloku sukube kuqala isihikahika sesidlo sokomoya esisilungiselelwe yintlangano kaYehova. (Isa. 25:6) Ukubakho kwethu zisuka nje kubonisa ukuba siyavumelana nomdumisi xa esithi: “Ndaba nemihlali bakuthi kum: ‘Masiye endlwini kaYehova.’”—INdu. 122:1.
2 Noko ke, kwiiNdibano ZeSithili ‘Zabafundisi Belizwi’ zonyaka ophelileyo, abantu babembalwa ngoLwesihlanu kunangoMgqibelo nangeCawa. Loo nto ithetha ukuthi baninzi abazalwana abaphoswa ziintetho eziphathelele isiprofeto. Baphoswa nakukunxulumana namanye amakholwa.
3 Musa Ukuvumela Impangelo Ikuphazamise: Kusenokwenzeka ukuba abanye baphoswa lusuku lwangoLwesihlanu kuba besoyika ukuphelelwa yimisebenzi. Noko ke, amanye amaNgqina aye afumanisa ukuba abaqeshi baba nentsebenziswano xa bexelelwe kwangethuba. Omnye umqeshi wachukumiseka gqitha kukuzimisela kodade othile owayenguvulindlela ukubakho kuzo zonke iintlanganiso neendibano kangangokuba naye waya endibanweni waza wahlala usuku lonke!
4 Musa ukumcingela umqeshi wakho ukuba akayi kukuvumela uye endibanweni, kananjalo ungacingi ukuba akubalulekanga ukuphoswa lusuku olunye endibanweni. Ngenkalipho, lungiselela ukuchazela umqeshi wakho usebenzisa iZibhalo isizathu sokuba iindibano zibalulekile kunqulo lwakho. (Heb. 10:24, 25) Yandula ke ukholose ngokupheleleyo ngezithembiso zikaYehova, usazi ukuba nayiphi na into oyifunayo uya kuyifumana ukuba ubeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala ebomini bakho.—Mat. 6:33; Heb. 13:5, 6.
5 Undoqo kukuxabisa ‘izinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Fil. 1:10, 11; INdu. 27:4) Oku kusishukumisela ekubeni sicebe kakuhle ukuze singenelwe ngokupheleleyo kweli lungiselelo libalulekileyo likaYehova. Qalisa ngoku ukwenza amalungiselelo uze uzimisele ukuba ubekho kuzo zontathu ezi ntsuku!