Indlela Abaveleli BeZifundo Zencwadi Zebandla Ababa Nomdla Ngayo Kwabanye
1 ISifundo Sencwadi Sebandla senzelwe ukuze ‘kunikelwe ingqalelo engakumbi yobuqu ekukhuleni ngokomoya komntu ngamnye. Nantsi imbonakaliso yobubele bukaYehova obunothando nokubanyamekela ngokuthantamisayo abantu bakhe.’ (om-XO iphe. 75; Isa. 40:11) Umveleli wesifundo sencwadi uphumeza indima ephambili ekunikeleni loo ngqalelo ikhethekileyo.
2 KwiSifundo Sencwadi: Ekubeni amaqela ezifundo zencwadi egcinwa emancinane ngabom, umveleli wesifundo sencwadi uye abazi kakuhle bonke abaseqeleni lakhe. (IMize. 27:23) Kudla ngokubakho amathuba okunxulumana ngaphambi okanye ngemva kwesifundo veki nganye. Ebudeni benyanga, usenokukwazi ukuncokola phantse naye wonk’ ubani oseqeleni. Oku kunceda abo bakwiqela lakhe bazive bekhululekile ukuza kuye xa beneengxaki okanye befuna ukukhuthazwa.—Isa. 32:2.
3 Umveleli wesifundo sencwadi uzama ukukhuthaza bonke ukuba babe nenxaxheba ebudeni besifundo. Enye indlela akwenza ngayo oku kukusiqhuba isifundo ngobubele nangendlela ethantamisayo. (1 Tes. 2:7, 8) Ukhangela iindlela zokubandakanya wonk’ ubani kwingxubusho, kuquka nabantwana. Ukuba abanye baneentloni zokuphendula, usenokubanceda ngasese ngokulungiselela kusengaphambili ukuba bafunde isibhalo okanye bagqabaze kwisiqendu esithile. Okanye unokubabonisa indlela yokugqabaza ngawabo amazwi.
4 Ukuba isekela lomveleli wesifundo sencwadi sisicaka solungiselelo, umveleli unokulungiselela ukuba liqhube isifundo kube kanye emva kweenyanga ezimbini. Oku kunika umveleli ithuba lokubona indlela eliqhuba ngayo isekela aze anikele amacebiso aluncedo. Elinjani ukuba lihle ilungiselelo lokunceda abazalwana baphucule ubuchule bokufundisa!—Tito 1:9.
5 Entsimini: Enye yezona mbopheleleko ziphambili zomveleli wesifundo sencwadi kukukhokela ekuhambiseni ivangeli. (Num. 27:16, 17) Wenza amalungiselelo okushumayela njengeqela yaye uzabalazela ukunceda bonke abaseqeleni bayinandiphe intsimi. (Efe. 4:11, 12) Ukuze aphumeze oko, uzibekela usukelo lokusebenza naye wonk’ ubani eqeleni. Ukwasebenzisana nomveleli wenkonzo ukuze kwenziwe amalungiselelo okuba abo bafuna ukuphucula kwiinkalo ezithile bancedwe ngumvakalisi onamava.
6 Njengomalusi Onothando: Umveleli wesifundo sencwadi unomdla okhethekileyo kwabo banyanzelwa ziimeko zabo ukuba bangabi nasabelo kangako entsimini. Kwakhona uyaqiniseka ukuba abo basikelwe umda ngenxa yokwaluphala okanye ngenxa yobulwelwe kunye nabo bagula okwexeshana okanye abenzakeleyo bayalazi ilungiselelo lokufaka ingxelo yemizuzu eli-15 ukuba abakwazi kwenza iyure enye ngaloo nyanga. (IKomiti Yenkonzo Yebandla iya kugqiba ngabo balifanelekelayo eli lungiselelo.) Kwakhona uba nomdla kwabo bapholileyo abakwiqela lakhe, ezabalazela ukubanceda baphinde baqhubeke nomsebenzi wabo ebandleni.—Luka 15:4-7.
7 Hayi indlela esinombulelo ngayo ngomdla abanawo abaveleli bezifundo zencwadi! Umdla abanawo usinceda “sonke sifikelele kubunye bokholo . . . , kumlinganiselo wobukhulu bokuzala kukaKristu.”—Efe. 4:13.