Ukuba Nombulelo Ngenceba KaThixo
1 Ngaphambi kokuba abe ngumKristu, umpostile uPawulos wayekuchasile ukusasazwa kobuKristu. Noko ke, ngenxa yokuba wayesenza ngokungazi, wenzelwa inceba. UYehova wamenzela ububele obungasifanelanga uPawulos waza wamjizeka ngesabelo sokushumayela. Wasixabisa eso sabelo. (IZe. 26:9-18; 1 Tim. 1:12-14) UPawulos waba nombulelo ngenceba kaYehova kangangokuba wazibhokoxa ekuzalisekiseni ubulungiseleli bakhe.—2 Kor. 12:15.
2 Ngenxa yenceba esayenzelwa nguThixo, nathi sinikwe ubulungiseleli. (2 Kor. 4:1) NjengoPawulos, sinokubonisa indlela esinombulelo ngayo ngenceba esiyenzelweyo ngokuzibhokoxa ekuncedeni abanye benze inkqubela ngokomoya. Enye indlela esinokukwenza ngayo oku kukuqalisa nokuqhuba izifundo zeBhayibhile.
3 Ukuqalisa Izifundo ZeBhayibhile: Indlela yokuqalisa isifundo seBhayibhile kukuba nomzila wamaphephancwadi. Njengoko sibatyelela rhoqo abo bakumzila wamaphephancwadi, siya sizazi izinto ezibaxhalabisayo. Ekugqibeleni, elinye lamaphephancwadi lisenokuba nenqaku eliya kuba ngumchankcatho ekuqaliseni isifundo seBhayibhile kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Xa ubuyela, usenokuqhubeka neengxubusho ezikwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo.
4 Kufuneka Uthandaze Uze Uzingise: Ukuthandaza nokuzingisa kuya kuwuphucula umsebenzi wethu wokushumayela. Omnye udade onguvulindlela owayenesifundo seBhayibhile esinye wacela izifundo ezingakumbi kuYehova ngomthandazo. Wenza ngokuvisisana nemithandazo yakhe. Wahlolisisa ubulungiseleli bakhe waza waphawula ukuba kumabuyelo akhe akathethi nto ngesifundo seBhayibhile. Waqalisa ukwenjenjalo yaye kungekudala waba nezinye izifundo ezibini.
5 Elinjani ilungelo esinalo ngokuba nenxaxheba ekwaziseni “iindaba ezilungileyo zobubele obungasifanelanga bukaThixo”! (IZe. 20:24) Ngamana singaba nombulelo ngenceba kaThixo ngokuba nenzondelelo ekuncedeni abanye bangenelwe kububele obungasifanelanga bukaYehova.