IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/03 iphe. 3-6
  • Ukwandiswa KweSebe LaseMzantsi Afrika

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukwandiswa KweSebe LaseMzantsi Afrika
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
km 12/03 iphe. 3-6

Ukwandiswa KweSebe LaseMzantsi Afrika

1 Sithethanje, isebe laseMzantsi Afrika linelungelo lokushicilela amaphephancwadi amazwe amaninzi aseAfrika. Ukongezelela kwintsimi yethu, equka iBotswana, iLesotho, iNamibia, iSt. Helena nelaseSwaziland, sishicilela amaphephancwadi neencwadana ezinemifanekiso zaseAngola, eBurundi, eCongo, eMalawi, eMozambique, eZambia naseZimbabwe. Sishicilela amaphephancwadi ngeelwimi ezingama-25.

2 Kwayichulumancisa kakhulu intsapho yaseBheteli ukuva ukuba iQumrhu Elilawulalyo liye lavuma ukuthengela amasebe asehlabathini oomatshini abatsha abasixhenxe bokushicilela ababizwa ngokuba yiMAN Lithoman web offset. Isebe laseMzantsi Afrika liza kufumana omnye waba matshini. Lo matshini mtsha uza kushicilela amaphephancwadi neencwadi ezingama-90 000 ngeyure. Uza kuthabatha indawo yeTKS eneminyaka engama-24 ubudala, eshicilela iimpapasho ezili-19 000 ngeyure yaye ebisetyenziswa ukushicilela izigidi zamaphephancwadi neencwadana ezinemifanekiso. Ekubeni iMAN entsha inkulu yaye inzima ngakumbi kunoomatshini esinabo, ayinakwanela kwesi sakhiwo sikhoyo.

3 Ngenxa yoku kuza kufuneka sandise isakhiwo sokushicilela. Ekubeni iQumrhu Elilawulayo lisivumele ukwenza oku sele siqalisile ukwandisa isakhiwo sokushicilela ngezikwemitha ezingama-8 000. Lo matshini wokushicilela uza kufika ngoAprili 2004 uvela eJamani, ngoko esi sakhiwo simele sibe sele sigqityiwe ngoFebruwari walo nyaka uzayo. Ukuze sikwazi ukukhawuleza sisigqibe esi sakhiwo, siye saqesha inkampani yokwakha yangaphandle. Enye inkampani ilungisa isiza (umhlaba) enye iza kuqalisa ukwakha. Lo bhaza-bhaza wesakhiwo akazukusetyenziselwa umatshini iMAN entsha kuphela kodwa uza kusetyenziselwa kwaneSebe Lokuthumela Iincwadi neLokuthumela, ekubeni nawo efuna indawo engakumbi.

4 Ekubeni lo matshini ukwazi ukwenza izinto ezininzi, asizukuncwela amaphephancwadi, siwabale size siwapakishe ngezandla. Lo matshini uza kuyenza ngokwawo le misebenzi. Ngemizuzu nje engephi amaphephancwadi aza kushicilelwa, asongwe, ancwelwe, apakishwe, abalwe, abhalwe idilesi yendawo aya kuyo, asongelwe ngeplastiki aze athunyelwe ngelori kwamanye amasebe okanye kumabandla alapha eMzantsi Afrika. Kukweli nqanaba lokugqibela kuphela apho la maphephancwadi aya kuphathwa ngezandla. Sibamba ngazibini kubugcisa bezi mini kuba siza kukwazi ukonga ixesha nabasebenzi. Isantya esiphezulu somsebenzi sithetha ukuba kunokuphunyezwa okuninzi ngexesha elingephi. Imiqulu yamaphepha eza kusetyenziswa iza kuliphinda kabini inani lalawo siwasebenzisayo ngoku kwaye umqulu ngamnye uza kusebenza ixesha elingaphantsi kwesiqingatha seyure.

5 Lo matshini wokushicilela ubizwa ngokuba yiMAN Lithoman ngowalamaxesha, ngowomgangatho ophezulu kwaye uza kufikelela iimfuno zethu. Kuye kwafuneka kwembiwe ukuze kwenziwe isiseko esinokuba nomaleko oziimitha ezili-1,6 ukusa kwezili-1,8 nobunzima obuziitoni ezingama-700.

6 Eyona nkalo yobugcisa ebalaseleyo yinkqubo yawo yokukhuphela inkcazelo esekhompyutheni uyise kwi-aluminium plate ngokungqalileyo, nkqubo leyo esele ixhaphake kakhulu kwezoshicilelo. Zonke iimpapasho eziza kushicilelwa zithunyelwa esebeni nge-elektroniki. Ngexesha nje elingephi, umbandela osele uguqulelwe uza kufika ngekhompyutha sele unayo nemifanekiso uvela eAngola, eCongo, eZambia okanye nkqu nakwabethu abaguquleli. Kusetyenziswa ubugcisa bekhompyutha bala maxesha, inkcazelo iza kuya ngqo kwialuminium plate, apho iza kulungelelaniswa ize ifakwe kumatshini onokuvelisa isigidi semibhalo okanye ngaphezulu.

7 Asizukushicilela amaphephancwadi neencwadana ezinemifanekiso kuphela, kodwa iQumrhu Elilawulayo liye lagqiba ekubeni isebe laseMzantsi Afrika lenzele yonke iAfrika iincwadi ezineqweqwe elithambileyo. Ukuze kufezwe le njongo kuye kwanconyelwa ukuba isebe laseJamani lisithumelele umatshini wokudibanisa incwadi abangamsebenzisiyo. Lo matshini, oziimitha ezingama-40 ubude, awuzukudibanisa iincwadi ezilingene ipokotho njengencwadi ethi Ulwazi, kodwa uza kudibanisa neencwadi ezinkulu. Lo matshini mtsha wokudibanisa iincwadi uza kuxokonyezelelwa kulo matshini sinawo wokushicilela xa sele kulungiswe yonke into. Ukongezelela, siza kufumana umatshini obizwa ngokuba yiHeidelberg Speedmaster oshicilela ngemibala emine ukuze ushicilele amaqweqwe eencwadi nezinye iimpapasho ngemibala emine.

8 Ngokwale nkcazelo ingasentla kucacile ukuba sinomsebenzi omkhulu ngaphambili kodwa siziva sinelungelo ngokusetyenziswa yintlangano kaYehova ukuze sikhonze abazalwana bethu abakwamanye amasebe aseAfrika.

9 Zonke ezi zinto zifunyenweyo nenkqubela zibiza imali eninzi. Ivela phi imali yokuhlawulela zonke ezi ndleko? Yiminikelo yokuzithandela efakwa kwibhokisi ebhalwe “Iminikelo Yomsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke—Mateyu 24:14” kuzo zonke iiHolo zoBukumkani, kunye neminikelo ethunyelwa esebeni ngabantu ngabanye namabandla alangazelela ukubona ukuthanda kukaThixo kufezwa. Njengoko bekudla ngokuba njalo, xa kuyimfuneko, abakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo banikela ngesisa. Ngokomzekelo, cinga ngexesha likaMoses xa kwakufuneka izinto zokwakha intente yomnquba nobuyokoyoko bayo obuzukileyo nempahla yayo. (Eks. 35:4-19) Khawuphawule eli binzana lithi, “bonke abantliziyo zivumayo” kwindinyana yesi-5, nabo “bonke abantliziyo zilumkileyo” kwindinyana 10. Yayiziintliziyo zamaSrayeli ezawashukumisela ukuba alangazelele aze abe nobulumko bokunikela ngokuzithandela emsebenzini kaYehova. Kwakhona phawula intsabelo yabantu kwiEksodus 35:20, 21. Ilungelo lokuba nesabelo kumsebenzi wokwakhiwa kwentente yomnquba lavulelwa bonke abakhonzi bakaThixo yaye banikela ngokwamandla abo.

10 Ngokufanayo, amaKristu enkulungwane yokuqala aba nesisa xa kwafuneka anikele kuYehova, kuba athobela amazwi kaPawulos akweye-2 kwabaseKorinte 9:7: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” Nangona abanye besenokuba babethath’ entweni, ngokungathandabuzekiyo uninzi lwalungabantu nje abaqhelekileyo ababengathath’ intweni nababenikela ngoko banako. UPawulos wathi, “Ukuba umntu unolangazelelo kuqala, umnikelo wakhe wamkeleka ngakumbi ngokoko anako, kungekhona ngokoko angenako.”—2 Kor. 8:12.

11 IMboniselo kaJanuwari 15, 1992, iphepha 18, kwisiqendu 16 yathi: “Ambalwa amaNgqina kaYehova azizityebi ngokwezinto eziphathekayo. Nangona esenokuba anikela izixa ezincinane ukuze kuhanjiselwe phambili izilangazelelo zoBukumkani, sekunjalo iminikelo yawo ixabisekile. Xa uYesu wabona umhlolokazi osweleyo ephosa iimalana ezimbini ezinexabiso elincinane emkhumbini wokulondoloza imali etempileni, wathi: ‘Lo mhlolokazi, nangona elihlwempu, uphose ngaphezu kwabo bonke. Kuba bonke aba [abanye ababenikela] baphose izipho ngokuphuma kwintsalela yabo, kodwa lo mfazi ekusweleni kwakhe uphose konke abenokuphila ngako.’ (Luka 21:1-4) Nangona isipho sakhe sasisincinane, wayengumphi ochwayitileyo yaye umnikelo wakhe waxatyiswa.”

12 Konke okwenziwa kweli sebe laseMzantsi Afrika ngoku nakwixesha elizayo kwenzeka ngenxa yokuba uYehova ushukumisa iintliziyo zamadoda, abafazi nabantwana abangamaKristu. Zonke izixhobo esiza kuzifumana, umatshini iMAN neHeidelberg, owokudibanisa iincwadi, nolunye uthotho loomatshini abafunekayo, siza kubaphiwa ngamanye amasebe nangona ezi zixhobo ziza kubiza amashumi ezigidi zeerandi. Ngaba asinambulelo ngoku? Ngenxa yomoya wesisa wabazalwana bethu abakwamanye amazwe, zonke ezi zinto siza kuba nazo. Siyabakhuthaza ngenkonzo yethu yokuthembeka apha eAfrika, ngamanye amaxesha ngaphantsi kweemeko ezinzima ngenxa yoko basinceda ngale ndlela ichazwe ngasentla. Ngaloo ndlela siyakwazi ‘ukulingana.’—2 Kor. 8:14.

13 Kodwa kuthekani ngeendleko zokwandiswa kwesakhiwo sethu sokushicilela? Lo msebenzi uza kubiza amashumi ezigidi zeerandi. IQumrhu Elilawulayo liye lalungiselela ukuba lisincedise ngemali, kodwa ngaba singanikela thina apha eMzantsi Afrika ukuze kuhlangatyezwane neendleko? Bambi babazalwana bethu sele bekwenza oku ngokufaka umnikelo rhoqo kwibhokisi yomsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Abanye bakhetha ukuyithumela ngqo kwiofisi yesebe iminikelo yabo. Enokuba yiyiphi indlela onokunikela ngayo, kuya kuba kuhle ukuba sonke sizibuze lo mbuzo: “Yintoni endinokuyenza ukuze ndixhase lo msebenzi, ngokukodwa ngeli xesha lokwakha?” Ngenxa yokwandiswa kwesebe bonke abazalwana bethu eAfrika, uninzi lwabo olungamahlwempu kakhulu, baza kufumana iincwadi namaphephancwadi ukuze bawafunde baze bashumayele ngawo.

14 Sisebenzisa eli thuba ukuze sithi maz’ enethole ngokuxhasa kwenu umsebenzi woBukumkani kweli lizwe. Ngamana uYehova angaqhubeka esisikelela sonke ngokomoya ngenxa yoku.

[Imifanekiso ekwiphepha 3]

Umatshini othelekiswa nelori yokuthwal’ iimpahla

Ubude: ziimitha ezingama-44

Ukuphakama: ziimitha ezi-5,5

Ubunzima: ziitoni ezingama-240

Umatshini iMAN Lithoman

[Inkcazelo]

Copyright by MAN Roland Druckmaschinen AG

[Umfanekiso okwiphepha 4]

Umsebenzi wokwandisa indawo yokushicilela uyaqhubeka

[Umfanekiso okwiphepha 4, 5]

“IMboniselo” ishicilelwa ngeelwimi ezingama-25 apha esebeni

IsiVenda

IsiKaonde

IsiFrentshi

IsiUmbundu

IsiTswana

IsiZulu

IsiNgesi

IsiChichewa

IsiSwahili

IsiPhuthukezi

IsiTsonga

IsiKiluba

IsiTumbuka

ISipedi

IsiChitonga

IsiKirundi

ISilozi

IsiKwanyama

IsiSuthu

IsiCibemba

IsiBhulu

IsiXhosa

IsiLuvale

IsiShona

IsiLingala

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Isakhiwo Esitsha Sokushicilela

[Umfanekiso okwiphepha 6]

Uxhaswa ngeminikelo yokuzithandela

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share