Indlela Yokushumayela Kwintsimi Yamashishini
1. Ziziphi ezinye zeengenelo zokushumayela kwintsimi yamashishini?
1 Ngaba ungathanda ukushumayela kwintsimi yabantu abanobubele nekungafane kwenzeke ukuba ingabi nabantu? Ungakwazi ukwenjenjalo kanye kwintsimi yenu. Njani? Ngokutyelela amashishini akuyo. Abavakalisi abashumayela ezivenkileni badla ngokufumana imiphumo emihle.
2. Inokulungelelaniswa njani intsimi yamashishini?
2 Amanye amabandla anentsimi yamashishini njengenxalenye yentsimi ayisebenzayo. Umzalwana onyamekela intsimi usenokulungiselela amakhadi emaphu akhethekileyo ezi nxalenye zamashishini zinabantu abaninzi. Nawaphi na amakhadi emaphu entsimi yezindlu afanele abonise ngokucacileyo ukuba amashishini awafanele asetyenzwe njengenxalenye yeendawo ezihlala abantu. Kwezinye iindawo, amashishini anokusetyenzwa ngaxeshanye neendawo ezihlala abantu. Ukuba awuzange ushumayele kwintsimi yamashishini qala ngokushumayela kwiivenkile ezincinane ezimbalwa.
3. Yintoni eya kusinceda siphumelele xa sishumayela ezivenkileni?
3 Sebenzisa Intshumayelo Elula: Xa nishumayela ezivenkileni, kubalulekile ukunxiba njengaxa nisiya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani. Kwakhona kuhle ukukhetha ixesha engaxakekanga ngalo ivenkile. Ukuba kunokwenzeka, ngena xa kungekho bantu baze kuthenga. Cela ukuthetha naloo mntu uphetheyo. Betha koomofu. Unokuthini?
4-6. Yintoni esinokuyithetha xa sishumayela kunovenkile okanye kumphathi wevenkile?
4 Xa uthetha nonovenkile okanye umphathi-venkile, usenokuthi: “Oosomashishini ngabantu abaxakeke kakhulu kangangokuba asifane sibafumane ekhaya, sithe masikutyelele apha emsebenzini. Amaphephancwadi ethu achaza imbono yehlabathi ngeziganeko ezingundaba mlonyeni.” Uze wandule ukubalaselisa ingongoma enye ekwelinye lamaphephancwadi.
5 Okanye unokusebenzisa le ntshumayelo ilula: “Abantu abaninzi bangathanda ukwazi okungakumbi ngeBhayibhile kodwa banexesha elincinane. Eli phecana lichaza inkqubo yokufundisa yasimahla enokukunceda ufumane impendulo kwimibuzo yakho yeBhayibhile.” Emva koko mbonise iphepha 4-5 lephecana elithi Ngaba Ungathanda Ukwazi Ngakumbi NgeBhayibhile?
6 Ukuba umntu othengiselayo ubonakala exakekile, mnike iphecana uze uthi: “Ndiza kuphinda ndibuye xa ungaxakekanga kakhulu. Ndingathanda ukwazi ukuba ucinga ntoni ngeli phecana.”
7. Singawuhlakulela njani umdla ofunyenwe kwintsimi yamashishini?
7 Ukuhlakulela Umdla Ofunyenweyo: Usenokukwazi nkqu nokuqhuba isifundo seBhayibhile kwintsimi yamashishini. Omnye uvulindlela okhethekileyo wayeshiyela indoda engusomashishini amaphephancwadi rhoqo. Xa le ndoda yaba nomdla koko yayikufunda, lo vulindlela wayibonisa ilungiselelo lesifundo seBhayibhile, esebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Isifundo saqaliswa ngoko nangoko apho yayisebenza khona le ndoda. Ngenxa yeemeko zakhe, lo vulindlela wasebenzisa imizuzu eli-10 okanye eli-15 sihlandlo ngasinye. Ngamana nathi singaqhubeka sikhangela abafanelekayo ngokushumayela kwintsimi yamashishini.