-
Sifanele Sishumayele Njani Kwizalamane?Ubulungiseleli BoBukumkani—2004 | Disemba
-
-
Sifanele Sishumayele Njani Kwizalamane?
1. Kutheni kufuneka sisebenzise ukuqonda xa sishumayela kwizalamane?
1 Hayi indlela esinokuvuya ngayo xa sinokungena kwihlabathi elitsha nezalamane zethu, sikhonza uYehova nazo ngaxhathalinye! Xa sishumayela kwizalamane zethu, eli themba linokuba yinto yokwenene. Noko ke, ukuze sishumayele ngendlela ehlaziyayo, kufuneka sisebenzise ukuqonda. Omnye umveleli wesiphaluka waphawula oku: “Imiphumo emihle ifunyanwa ngabo bavuselela umdla kwizalamane ngokushumayela ngamaxesha athile.” Sinokukwenza njani oku?
2. Ukuba nomdla wokwenene kwizalamane zethu kunokusinceda njani sivuselele umdla wazo?
2 Vuselela Umdla Wazo: Cinga ngendlela onokuwuvuselela ngayo umdla wezalamane zakho. (IMize. 15:28) Zintoni ezizixhalabisayo? Ziziphi iingxaki ezinazo? Mhlawumbi unokuzibonisa inqaku okanye isibhalo esiya kuvuselela umdla wazo ngombandela eziwuthandayo. Ukuba izalamane zakho zihlala kude, mhlawumbi ungazibhalela okanye uzitsalele umnxeba. Ungadanga wazikruqula, tyala imbewu yenyaniso, uze ulindele kuYehova ayikhulise.—1 Kor. 3:6.
3. Umdla wezalamane zethu unokulivula njani ithuba lokushumayela?
3 UYesu wayalela indoda awayegxothe iidemon ezininzi kuyo wathi: “Yiya ekhaya kwizalamane zakho, uzixelele zonke izinto uYehova akwenzele zona nenceba aye wanayo kuwe.” (Marko 5:19) Khawucinge ngendlela ezimele ukuba zachukumiseka ngayo izalamane zayo! Nangona usenokungaze ube namava anjengala, izalamane zakho zisenokuba zinomdla kumsebenzi wakho okanye kowabantwana bakho. Ukuzibalisela ngentetho oye wayinikela kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, indibano ebeniye kuyo, utyelelo lwaseBheteli okanye isiganeko esithile esiye sakuvuyisa kunokuvula ithuba lokuba wabelane nazo ngoYehova nentlangano yakhe.
4. Yiyiphi imigibe esifanele siyiphephe xa sishumayeza izalamane?
4 Sebenzisa Ingqiqo: Xa ushumayela kwizalamane, musa ukuzixelela yonke into ngaxeshanye. Ekhumbula ixesha awaqalisa ngalo ukufunda iBhayibhile, omnye umzalwana wathi: “Umama ndandidla ngokumngxixha ngayo yonke into endiyifunde eBhayibhileni, yaye oku kwakudla ngokubangela impikiswano ngokukodwa xa ndithetha notata.” Nokuba isalamane sibonisa umdla kwisigidimi seBhayibhile, siphendule ngendlela yokuba siqhubeke sinomdla wokwazi okungakumbi. (IMize. 25:7) Yiba nentlonelo, ububele nomonde, kanye njengokuba ubuya kwenza ngayo xa uthetha nabantu entsimini.—Kol. 4:6.
5. Sifanele senze ntoni xa izalamane zingasinanzi xa sizishumayeza?
5 Ngaxa lithile izalamane zikaYesu zakhe zacinga ukuba wayeshiywa ziingqondo. (Marko 3:21) Noko ke, kamva, ezinye zazo zaba ngamakholwa. (IZe. 1:14) Ukuba iinzame zakho zokwabelana nezalamane zakho ngenyaniso azikhange zibe nemiphumo emihle, ungatyhafi. Iimeko nezimo zengqondo zinokutshintsha. Khangela elinye ithuba lokwabelana nazo ngengongoma enokuvuselela umdla wazo. Ungafumana uvuyo lokuzinceda ziqalise ukuhamba endleleni esa kubomi obungunaphakade.—Mat. 7:13, 14.
-
-
Iintshayelelo ZamaphephancwadiUbulungiseleli BoBukumkani—2004 | Disemba
-
-
Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Dis. 15
“Ngeli xesha lonyaka, ehlabathini lonke abantu bakhumbula ukuzalwa kukaYesu ngeendlela ezininzi ezahlukahlukeneyo. Ubusazi ukuba isiprofeto seBhayibhile sinxibelelanisa ukuzalwa kukaYesu noxolo olungenakuphela? [Mlinde aphendule. Emva koko funda uIsaya 9:6, 7.] Eli phephancwadi lichaza indlela oluya kubakho ngayo olo xolo.”
IMboniselo Jan. 1
“Iicawa ezininzi zifundisa ukuba abantu bafanele bathande abamelwane babo. [Funda uMateyu 22:39.] Ngoko ke, ucinga ukuba kutheni iimfazwe neengxwabangxwaba ezingaka ezenzeka ehlabathini zibandakanya unqulo? [Mlinde aphendule.] Le nkupho yeMboniselo ihlolisisa umbuzo othi, Ngaba unqulo lunokulumanyanisa uluntu?”
Vukani! Jan. 8
“Ukhe waphawula ukuba ibutho labantu libonakala linikel’ ingqalelo ngakumbi kwinkangeleko yabantu? [Mlinde aphendule.] Eli phephancwadi lixubusha ezinye zeengozi zokuthi thwanga bubuhle. Kwakhona libalaselisa ukuxabiseka kohlobo lobuhle olubaluleke ngakumbi.” Funda eyoku-1 kaPetros 3:3, 4.
“Ubunokuthini xa uphendula lo mbuzo? [Funda umbuzo ongaphandle kweli phephancwadi. Emva koko mlinde aphendule.] Ubuncwane bomhlaba buphela ngendlela engummangaliso. Sekunjalo, phawula esi sithembiso. [Funda INdumiso 104:5.] Le nkupho kaVukani! ichaza indlela isijikelezi-langa sethu esiya kubuyela ngayo kwimeko yaso yangaphambili kungekudala.”
-