Ngabe Uyilungele Intlekele Yemvelo?
1 Nyaka ngamnye izigidi zaba-ntu ehlabathini lonke, kuquka uninzi lwabazalwana noodadewe-thu, ziyachatshazelwa ziinyikima, iitsunami, iimvula ezina ngama-ndla, izivondoviya zomoya, iinka-nyamba nezikhukula. Ekubeni iintlekele zemvelo ziflka zingali-ndelwanga yaye zinokuchaphaze-la nabani na kuthi, kububulumko ukuba sihlale sizilindele.—IMize. 21:5.
2 Oko Sinokukwenza Kwanga-phambili: Maxa wambi abasema-gunyeni badla ngokukwazi ukulu-mkisa ngeentlekele ezizayo. Ku-balulekile ukuziphulaphula ezo zilumkiso. (IMize. 22:3) Kwiime-ko ezinjalo abadala baya kuza-ma ukuqhagamshelana nabo bo-nke abasebandleni ukuze bakwazi ukwenza amalungiselelo ayimfu-neko. Emva kwentlekele, abadala baya kwenza umgudu wokuqha-gamshelana nabo bonke abanxu-lumana nebandla ukuze baqini-sekise ukuba bakhuselekile baze babone enoba bafuna ukuncedwa kusini na. Kunokuchithwa ixe-sha elininzi ukuba abadala aba-nazo iinombolo zoqhagamshelwa-no ezisebenzayo. Ngoko kuba-lulekile ukuba abavakalisi bani-ke unobhala nabaveleli babo be-zifundo zencwadi iidilesi neeno-mbolo zabo zemfonomfono ezise-benzayo.
3Ukuba ibandla likwindawo ethandwa ziintlekele, abadala ba-nokucela ukuba abavakalisi ba-banike amagama neenombolo ze-mfonomfono zezizalwana okanye izihlobo ezingahlali kuloo mma-ndla nekunokuqhagamshelwa-na nazo xa kwehle intlekele. Oku kuya kunceda abadala bakwa-
zi ukuqhagamshelana nabo kwa-naxa besabile kwindawo enentle-kele. Abadala basenokucwangcisa izinto xa kusihla intlekele, yaye
010 cwangciso lunokuquka. ulu-dwe lwezinto umntu afanele abe nazo ukulungiselela umhla ka-xakeka, amalungiselelo okusaba, nendlela abaya kuncedwa nga-yo abo baneemfuno ezikhetheki-leyo. Kubalulekile ukusebenzisa-na nala malungiselelo othando.—Heb. 13:17.
4 Emva Kwentlekele: Yintoni onokuyenza xa ummandla oku-wo uthwaxwa yintlekele? Qinise-ka ukuba unyamekela iimfuno ze-ntsapho yakho. Ukuba kunokwe-nzeka, nceda abo baye bachapha-zeleka. Qhagamshelana nomvele-
11 wesifundo sencwadi okuso oka-nye omnye umdala ngokukha-wuleza kangangoko kunokwenze-ka. Oku ufanele ukwenze enoba ukhuselekile yaye akufuni lunce-do. Ukuba ufuna uncedo, qiniseka ukuba abazalwana bakho benza yonke imigudu ukuze bakuncede. (1 Kor. 13:4, 7) Khumbula uku-ba uYehova uyayazi imeko okuyo; thembela kuye yaye uya kukulo-ndoloza. (INdu. 37:39; 62:8) Kha-ngela amathuba okomeleza aba-nye ngokomoya nangokweemva-kalelo. (2 Kor. 1:3,4) Qhubeka no-cwangciso lwakho lwezinto zo-komoya ngokukhawuleza kanga-ngoko kunokwenzeka.—Mat. 6:33.
5Ngoxa iintlekele zilixhalabisa gqitha ihlabathi, thina sinokuqi-niseka ngekamva. Kungekudala iintlekele ziya kuba yinto yezolo. (ISityhi. 21:4) Okwangoku, kufu-neka sithathe amanyathelo oku-lungiselela amaxesha obunzima njengoko sishumayela iindaba ezi-lungileyo kwabanye ngenzonde-lelo.
1. Kutheni kububulumko ukuli-ndela iintlekele?
2. Kutheni sifanele sinike abadala iidilesi neenombolo zethu zemfono-mfono ezisebenzayo?
3. Sinokusebenzisana njani naba-dala ukuba sihlala kwindawo etha-ndwa ziintlekele?
4. Yintoni esifanele siyenze xa intle-kele ihlasela ummandla esihlala kuwo?
5. Thina njengamaKristu sicha-tshazelwa njani sisisongelo seentle-kele?