-
IzazisoUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Novemba
-
-
Izaziso
◼ NgoNovemba kuza kuhanjiswa incwadi ethi Funda KuMfundisi Omkhulu. NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi epapashwe ngaphambi kowe-1991 ibandla elinayo esitokhweni. Ukuba aninazo, ncedani nizicele kwibandla elikufuphi ukuba linazo. Amabandla angenazo iincwadi ezindala anokuhambisa incwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile!
◼ Umveleli owongamelayo okanye omnye umntu owabelwe nguye ufanele ahlole imali yebandla ngoDisemba 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Ukuba kukho iakhawunti yebhanki eyahlukileyo, njengeyokulungiswa okanye yokwakhiwa kweholo, kufanele kwenziwe amalungiselelo okuhlola loo mali. Xa sele kugqityiwe oku, kufanele kwenziwe isaziso ebandleni kwingxelo elandelayo yemali. Amabandla asele efake isicelo sokubhaliswa njengePublic Benefit Organizations (PBOs) afanele athumele ingxelo yawo yemali kaSeptemba, kaOktobha nekaNovemba kwiofisi yesebe emva kokuba iye yahlolwa. Ngaphandle emvulophini bhalani Accounting Office.
◼ Kumveleli owongamelayo: Qiniseka ukuba ifomu ethi Isabelo Somhlaba Ongabelwanga (S-91) izalisiwe yaza yabuyiselwa kwiofisi yesebe kwakunye nemaphu yentsimi. Oku kufanele kuthunyelwe ngaphambi kukaNovemba 15, 2005. Quka namava abangel’ umdla. Ufanele ufake isitampu sexabiso elifanelekileyo xa uthumela imvulophu enkulu.
◼ Ividiyo ethi Transfusion-Alternative Health Care—Meeting Patient Needs and Rights iza kuxutyushwa kwiNtlanganiso Yenkonzo kaJanuwari. Ukuba kuyimfuneko, inokuodolwa ebandleni ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
-
-
Iindaba ZobuthixoUbulungiseleli BoBukumkani—2005 | Novemba
-
-
Iindaba Zobuthixo
◼ Siyavuyiswa kukunazisa ngokunikezelwa kwezi Holo zoBukumkani zisandul’ ukwakhiwa: eyaseBalasi, eyaseBuhlanyanga neyaseHlobo, eMpuma Koloni; eyaseProtea neyaseMagaliesburg, eGauteng; eyaseMagabeni, eyaseMadlanzini, eyaseNkandla Central, eyaseGqumeni, eyaseMzamba, eyaseMpendle neyaseSteadville, KwaZulu-Natal. Sithi maz’ enethole kubo bonke abazalwana noodade abaye baxhasa lo msebenzi ngokuncedisa nangokunikela kwiNgxowa-mali YeeHolo ZoBukumkani!
-
-
Sinokunceda Njani?Ubulungiseleli BoBukumkani—2005 | Novemba
-
-
Sinokunceda Njani?
1 Umbuzo othi “Sinokunceda njani?” udla ngokubuzwa ngamaNgqina kaYehova xa esiva ukuba kuye kwehla intlekele kwindawo ethile. Njengoko IZenzo 11:27-30 zibonisa, amaKristu enkulungwane yokuqala abanceda abazalwana bawo ababehlala kwelakwaYuda nababethwaxwa yindlala.
2 Kutshanje, intlangano igunyazise ukuba kuxhaswe ngemali ukuze kuncedwe abantu abaye bathwaxwa ziintlekele zemvelo okanye ezibangelwe ngabantu.
3 Ngokomzekelo, kunyaka ophelileyo abazalwana abaninzi baye banikela ukuze kuncedwe abo bathwaxwe yitsunami kuMzantsi Asia. Le minikelo isuk’ entliziyweni nethunyelwe kwingxowa-mali yentlangano yokunceda ixatyiswe gqitha. Noko ke, xa iminikelo ithunyelelwe intlekele ethile, kwamanye amazwe kuye kufuneke ukuba loo mali isetyenziselwe loo ntlekele kwisithuba sexesha elithile enoba iimfuno zabazalwana basekuhlaleni zinjani na.
4 Ngenxa yoko, sincomela ukuba iminikelo yokunceda niyifake kumsebenzi owenziwa ehlabathini. Le mali isetyenziselwa ukunceda nokunyamekela iimfuno zamaKristu. Ukuba ngenxa yezizathu ezithile kukho umntu ongathanda ukunikela kwingxowa-mali yokunceda kungekhona kumsebenzi owenziwa ehlabathini, uya kwamkelwa umnikelo wakhe uze usetyenziswe naphi na apho uya kunceda khona. Noko ke, siya kuyixabisa into yokuba xa ninikela ningatsho ukuba isetyenziswe phi yaye njani loo minikelo.
5 Xa sithumela iminikelo yethu kumsebenzi owenziwa ehlabathini, loo nto iya kwenza ukuba kubekho imali engakumbi esetyenziselwa zonke iinkalo zomsebenzi woBukumkani kunokuba igcinelwe ukunceda kuphela. Oku kuyavisisana noko kuthethwa yeyabase-Efese 4:16, ethi masisebenzisane ukuze sinikele ngoko kufunekayo uze ‘umzimba ukhule yaye wakheke eluthandweni.’
-