Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndingashumayela Njani Kwabo Ndifunda Nabo?
“Ngequbuliso ndadibana nomntu endimaziyo xa kanye ndandikumsebenzi wokushumayela. Ndanga ndingathi vuleka mhlaba ndingene! Kwanyanzeleka ukuba umntu endandihamba naye andithethele.”—UAlberto.
“Ndandisazi ukuba kukho umntu endifunda naye ohlala kweso sitrato, ngoko ndathi kumntakwethu makathethe kuzo zonke ezo zindlu. Emva kwethuba elingephi wadinwa waza wandicela ukuba ndithethe kwindlu elandelayo. Ndankqonkqoza, kwathi kanti ndizibhudile izingqi—ndathana ntla naloo mntu ndifunda naye! Ndaphela luloyiko!”—UJames.
NGOKUFUTHI abantu abaselula bavakalelwa kukuba akuyonto “ibangel’ umdla” ukuxubusha ngonqulo. Noko ke, phakathi kwamaKristu okwenyaniso, abantu abaselula bayalixabisa ilungelo abalinikwe nguThixo lokwabelana nabanye ngeenkolelo zabo. Amawaka amaNgqina kaYehova aselula aba nesabelo kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu. Kodwa bambi bakwenza oku bebamb’ amazinyo besoyika ukuba hleze badibane nomntu abafunda naye. Nangona wagqiba kwisikolo samabanga aphakathi kwiminyaka emininzi edluleyo, uJennifer uthi: “Nangoku andonwabi xa ndidibana nabantu endandifunda nabo.”
Ukuba ungumKristu oselula, unokuvakalelwa ngendlela efanayo maxa wambi. Kakade ke, sonke siyakoyika ukungamkelwa, ngoko yinto eqhelekileyo ukuba nexhala xa uthetha ngonqulo nomntu ofunda naye.a Kodwa asikho isizathu sokuba ude utyhwatyhwe luloyiko. Ngaba uyayikhumbula indoda ebizwa ngokuba ‘nguYosefu waseArimathiya’ eBhayibhileni? Yazikholelwa izinto eyazifunda kuYesu. Sekunjalo iBhayibhile ithi uYosefu ‘wayengumfundi kaYesu kodwa engulowo ufihlakeleyo ngenxa yokoyika kwakhe amaYuda.’ (Yohane 19:38) Ubuya kuvakalelwa njani ngomntu ongafuniyo ukuba naziwe ukuba ningabahlobo? (Luka 12:8, 9) Akumangalisi ke ngoko ukuba uThixo elindele ukuba onke amaKristu enze “uvumo lwasesidlangalaleni” lokholo lwawo. (Roma 10:10) Oku kuquka ukuthetha nabaselula abasesikolweni sakho.
UYosefu waseArimathiya waloyisa uloyiko awayenalo, ubuncinane ukusa kwinqanaba lokuba afune imvume yokungcwaba umzimba kaYesu. Unokuloyisa njani uloyiko onalo?
Ukuhlakulela Ulangazelelo Lokushumayela
Ngokuqinisekileyo umpostile uPawulos wayengoyiki ukwabelana nabanye ngeenkolelo zakhe. KweyabaseRoma 1:15, uzichaza njengomntu onentumekelelo yokushumayela isigidimi seBhayibhile. Yintoni eyayibangela ukuba abe nentumekelelo engako? Njengoko kubhaliwe kwindinyana 16, uthi: “Andinazintloni ngazo iindaba ezilungileyo; zona, enyanisweni, zingamandla kaThixo osindiso kuye wonk’ ubani onokholo.” Kuthekani ngawe? Ngaba uye wayihlolisisa ngenyameko inyaniso waza wabungqina ubunyaniso bayo? (Roma 12:2) Ngaba weyisekile kukuba isigidimi seBhayibhile ‘ngamandla kaThixo osindiso’?
Ukuya nje kwiintlanganiso zamaKristu nabazali bakho akwanele. Oselula ogama linguDeborah uthi: “Kulula kakhulu ukuya kwiintlanganiso xa abazali bakho bekuxelela ukuba wenjenjalo. Kodwa xa abantu bendibuza imibuzo ngeBhayibhile, andikwazi ukubaphendula.” Ngokufanayo, oselula ogama linguMi Young uyavuma: “Simele siyihlolisise inyaniso size sibone ubunyaniso bayo.”
Yintoni enokukushukumisela ukuba wabelane nabanye ngolwazi onalo lweBhayibhile? Lufundisiso lweBhayibhile lobuqu. Oselula ogama linguSean uthi: “Xa uqalisa ukwenza ufundisiso lobuqu lweBhayibhile, uqalisa ukwenza inyaniso ibe yinto yokwenene kuwe. Ufundela ingenelo yakho.” Kuyinyaniso ukuba, asingabo bonke abantu abakuthandayo ukufunda. UShevon uyavuma: “Ukufunda asinto ndiyithandayo. Ngoko ekuqaleni kwakunzima ukuba ndifunde IMboniselo noVukani! okanye ndifunde iBhayibhile yonke imihla. Kodwa ekuhambeni kwexesha, ndaqalisa ukwenjenjalo.”
Ukufundisisa ngenkuthalo ngaloo ndlela kuba nayiphi imiphumo? Umpostile uPawulos uthi: “Ukholo lulandela oko kuviweyo.” (Roma 10:17) Njengoko uya usiba nokholo nokweyiseka okungakumbi, ngokuqinisekileyo isimo sengqondo sakho siya kuguquka. Oselula waseBrazil ogama linguElisângela wagqiba ngelithi: “Ukuba ngumKristu lilungelo elikhethekileyo, hayi into omele ube neentloni ngayo.” Eneneni, njengoko uya usiba nokholo, uziva unyanzelekile ukuba uthethe nabanye—kuquka nabo ufunda nabo eklasini. UPawulos wathi: “Sibonisa ukholo yaye ke ngoko siyathetha.” (2 Korinte 4:13) Ngapha koko, unokuba msulwa njani “egazini labantu” ukuba uye walugogotya ulwazi olunika ubomi kwabo baselula ubabona yonke imihla?—IZenzo 20:26, 27.
Noko ke, amanye amaKristu aselula aziva engenabuchule bakuthetha nabanye ngeBhayibhile. Oselula ogama linguJoshua uthi: “Ukuba akuyazi into ofanele uyithethe, ukushumayela akukho mnandi.” Kwakhona, ukuba nolwazi oluphangaleleyo ngeBhayibhile kuya kukunceda ushumayela ngobuchule. (2 Timoti 2:15) Kumabandla amaNgqina kaYehova, abaselula banokuya kubadala bebandla baze bacele uncedo ngendlela abanokuyiphucula ngayo indlela abafundisa ngayo. Omnye oselula waseJamani ogama linguMatthias uthi: “Xa ndaqalisa ukuthetha nabantu—ingekuphela nje ukubanika iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni—ndaqalisa ukukunandipha ukushumayela.”
Okokugqibela, unokuthandaza kuThixo ucele ukuba akuncede uthethe ngenkalipho. (IZenzo 4:29) Umpostile uPawulos walubona uncedo lukaThixo kule nkalo. Kweyoku-1 kwabaseTesalonika 2:2, uthi: “UThixo wethu wasomeleza ukuze senze umzamo omkhulu wokuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo.” Ngokutsho kwenye imbekiselo, la mazwi anokubekwa ngale ndlela, “uThixo walukhupha uloyiko ezintliziyweni zethu.” Ngoko kutheni ungathandazi uze ucele ukuba uThixo akhuphe uloyiko entliziyweni yakho?
Ukuzazisa
Ngokuvumelana naloo mthandazo, unokuthabatha inyathelo elibonisa inkalipho. Oselula waseBritani ogama linguChic ucebisa ngelithi: “Baxelele abantu ofunda nabo ukuba ungumKristu.” Akufuni kuba ‘ngumfundi ofihlakeleyo.’ Oselula ogama linguRebecca uyavuma ukuba ekuqaleni wayekoyika ukudibana nabantu abamaziyo xa ekumsebenzi wokushumayela. Kodwa uthi wafumanisa ukuba “xa ubaxelela ukuba ungumKristu yaye ushumayela kwindlu ngendlu, maxa wambi uya kubeva bebuza, ‘Uza kufika nini kwelam ikhaya?’”
Kodwa kutheni umele ulinde de bakwazi ngebhaqo? Khangela amathuba okwabelana nabo ufunda nabo ngeenkolelo zakho. Khumbula imibuzo eyabuzwa ngumpostile uPawulos ethi: “Baya kukholwa njani na kulowo bangevanga ngaye? Baya kuva njani na kungekho bani ushumayelayo?” (Roma 10:14) Nguwe onamathuba amahle okunceda abo ufunda nabo beve. UIraida oselula uthi: “Isikolo yintsimi enokufikelelwa sithi kuphela.” Ngoko abantu abaselula abaninzi baxhakamfula eli thuba lihle baze bashumayele ngokungacwangciswanga.
Noko ke, maxa wambi kubakho umsebenzi wesikolo okunika ithuba lokuba wabelane nabo ngeenyaniso zeBhayibhile. Intombazana yaseBritani egama linguJaimie ithi: “Sasixubusha ngendaleko kwiklasi yezenzululwazi, ndaza ndachaza iinkolelo zam. Enye inkwenkwe yandigculela yaza yathi amaNgqina kaYehova akazi nto yaye akamele abe nento yakwenza nemfundo. Noko ke, abanye abantwana bakhawuleza bandithethelela.” Ngokucacileyo, ukuziphatha kakuhle kwakhe njengomKristu ongumzekelo kwamnceda. UJaimie wongezelela ngelithi: “Ngenxa yoko, ndahambisa umbhalo wencwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? komnye umfundi.”b
Intombazana yaseRomania eneminyaka eli-14 ubudala egama linguRoxana ibalisa amava afanayo, ithi: “Umfundisi-ntsapho wam wasixelela ukuba siza kuba nengxubusho yeklasi ngotywala, icuba kunye neziyobisi. Ngoko ndaza nenkupho kaVukani! ka-Aprili 8, 2000 eyayinenqaku elithi ‘Indlela Onokuyeka Ngayo Ukutshaya.’ Omnye endifunda naye walibona eli phephancwadi, waza walithabatha, yaye akazange afune ukulibuyisa. Emva kokulifunda wathi uzimisele ukuyeka ukutshaya.”
Abantu abanakusoloko besabela ngendlela entle ngolo hlobo. Kodwa INtshumayeli 11:6 isibongoza ngelithi: “Kusasa hlwayela imbewu yakho, yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa; kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo.” Nokuba abasabeli kakuhle, ukwabelana nabantu ofunda nabo ngeenkolelo zakho kuya kuba sisiseko sengxubusho entle mhla udibana nomntu ofunda naye kubulungiseleli bendlu ngendlu. Oselula waseBritani ogama linguJessica uthi: “Ukushumayela kwabo ubazi esikolweni kulula kuba sele unolwalamano oluthile nabo.” Ungothuka xa ubona indlela abanye ofunda nabo abanomdla ngayo kwiinkolelo zakho.
Kuyinyaniso ukuba, asingabo bonke abaya kukwamkela ngobubele. Kodwa uYesu wanikela eli cebiso lisebenzisekayo: “Naphi na apho kungekho bani uningenisayo okanye uwaphulaphulayo amazwi enu, ekuphumeni kwenu kuloo ndlu . . . vuthululani uthuli ezinyaweni zenu.” (Mateyu 10:14) Ngamany’ amazwi, akumele ucinge ukuba ngenxa yokuba umntu engakwamkeli unento ngakuwe. Hamba ngoxolo uze ukhangele umntu onomdla wokukuphulaphula. Kungekudala uya kufumana abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo abayifuna ngolangazelelo olukhulu inyaniso nabaya kukuphulaphula. Ngaba bekungayi kuba yinto echulumancisayo ukuba omnye wabo ebeya kuba ngumntu ofunda naye? Ukuba kunokuba njalo, uya kuvuya ngenxa yokuba uye waloyisa uloyiko obukade unalo lokwabelana nabantu ofunda nabo ngeenkolelo zakho.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Kuthekani Ukuba Ndidibana Nomntu Endifunda Naye?,” kwinkupho yethu kaMatshi 8, 2002.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 16]
“Xa uqalisa ukwenza ufundisiso lobuqu lweBhayibhile, uqalisa ukwenza inyaniso ibe yinto yokwenene kuwe.”—USean.
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Ungoyiki ukuzazisa ukuba ungumKristu
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Ngokufuthi umsebenzi wesikolo ukunika amathuba okuba wabelane nabanye ngeenyaniso zeBhayibhile