Xa Umninimzi Ethetha Olunye Ulwimi
1. Kutheni kufuneka intsebenziswano xa kusetyenzwa intsimi?
1 Iya ixhaphaka into yokuba abavakalisi boBukumkani ehlabathini jikelele bafumane abantu abanomdla abathetha olunye ulwimi. Ukuze kuncedwe abo bantu, amasebe amaninzi akubona kuyimfuneko ukuseka amaqela namabandla athetha ulwimi oluthile. Ekubeni zisenokuba liqela iilwimi ezithethwa kwindawo enye, amabandla athetha iilwimi ezahlukeneyo anokushumayela kwintsimi enye. Anokwenza njani amabandla ukuze aqiniseke ukuba umsebenzi wokushumayela wenziwa ngocwangco?—1 Kor. 14:33.
2. Sinokusebenzisana njani neqela okanye nebandla lolunye ulwimi xa sishumayela kwindlu ngendlu?
2 Intsebenziswano: Xa umvakalisi ehambisa amaphephancwadi esitratweni okanye xa eshumayela ngokungacwangciswanga, ufanele athethe naye nabani na, kuquka nabo bathetha olunye ulwimi, aze abanike uncwadi lolwimi lwabo. Noko ke, xa eshumayela kwindlu ngendlu kwintsimi esetyenzwa naliqela okanye ibandla lolunye ulwimi, ufanele ubukhulu becala akhangele abathetha ulwimi lwebandla akulo. Xa amabandla ahlukeneyo esebenza intsimi enye, kubalulekile ukuba iingxelo zigcinwe kakuhle. Abaveleli benkonzo bafanele banxibelelane kwaye balungelelanise izinto ngendlela eya kubalungela bonke. (IMize. 11:14) Noko ke, ukuba nidibana nomntu othetha olunye ulwimi xa nishumayela kwindlu ngendlu kwaye awakho amabandla athetha olo lwimi kufutshane, nifanele nizame ukushumayela kuye kwaye nibuyele ukuba unomdla.
3. Sifanele senze ntoni xa sidibana nabavakalisi beqela okanye bebandla lolunye ulwimi kwintsimi esiyisebenzayo?
3 Senza Umsebenzi Omnye: Kufanele kwenziwe ntoni xa kusenzeka ukuba abavakalisi bamabandla ahlukeneyo basebenze intsimi enye ngosuku olunye? Kakade ke, uthando lobuKristu lufanele lusincede sixhalabele iintswelo zabantu abakuloo ntsimi kunokuba silibale ziingxabano zobuhlanga. (Yoh. 13:34, 35) Ngoko abo bakhokelayo ebandleni baya kuba nengqiqo nothando xa begqiba enoba elinye iqela liye kusebenza kwenye intsimi okwexeshana kusini na.—Yak. 3:17, 18.
4. Sisiphi isiprofeto esizalisekayo namhlanje?
4 IBhayibhile yaprofeta isithi abantu beelwimi ezahlukeneyo babeya kuva iindaba ezilungileyo. (ISityhi. 14:6, 7) Ukuba wonk’ ubani unokuba nentsebenziswano, asiyi kusebenza intsimi enye ngexesha elinye kwaye siya kufikelela abantu abaninzi abatsha ngeendaba ezilungileyo, kuquka nabo bathetha olunye ulwimi.—Efe. 4:16.