Ngaba Intsapho Yakho Ilungiselela Ukusinda?
1 Iziprofeto zeBhayibhile ezizalisekileyo zinikela ubungqina obungenakuphikiswa bokuba isiphelo sale nkqubo yezinto asifikanga sigalelekile. Ngoku siphila kumaxesha amanqam afana kakhulu nalawo angaphambi koMkhukula. (Mat. 24:37-39) UNowa wasinda kwintshabalalo yelo hlabathi lamandulo kuba “wahamba noThixo oyinyaniso.” (Gen. 6:9) Kufanele ukuba uNowa wayifundisa ngezinto ezifunwa nguYehova intsapho yakhe kuba nayo yasinda. Njengentsapho sinokumxelisa njani uNowa size silungiselele ukusinda kwisiphelo sale nkqubo yezinto ingendawo?
2 Umshumayeli Wobulungisa: UNowa waqhubeka “engumshumayeli wobulungisa” ngaphandle kokuyekelela kangangeminyaka engama-40 ukuya kuma-50. (2 Pet. 2:5) Kufanele ukuba wayegculelwa ngabamelwane bakhe ekungenzeka ukuba babekhuthazwa ziingelosi ezazambethe imizimba yabantu nezazinemvukelo. Abantu badla ngokungabi namdla okanye basigculele isigidimi sethu nto leyo ebonisa ukuba isiphelo sale nkqubo yezinto sisondele. (2 Pet. 3:3, 4) Noko ke, ngokungafaniyo nabantu bomhla kaNowa, abaninzi bayasabela kwimizamo yethu ibe ‘bangumsinga’ ukuya kunqulo lukaYehova. (Isa. 2:2) Siya kuzisindisa ‘thina nabo basiphulaphulayo’ kuphela ukuba siyazingisa. (1 Tim. 4:16) Ngoko kubalulekile ukuba abazali babafundise kokubini ngelizwi nangezenzo abantwana babo ngokungxamiseka komsebenzi wokushumayela.—2 Tim. 4:2.
3 Wenza “Kanye Njengoko”: Ukusindiswa kukaNowa nentsapho yakhe kwakuxhomekeke ekulandeleni kwabo ngokusondeleyo imiyalelo kaYehova. (Gen. 6:22) Nathi namhlanje kubalulekile ukuba ‘sikulungele ukuthobela’ ulwalathiso lweBhayibhile nekhoboka elithembekileyo. (Yak. 3:17) Abantwana abaqolileyo benye intsapho bakhumbula indlela utata wabo awayewasebenzisa ngayo amacebiso avela kwintlangano kaYehova. Ngokomzekelo, wayesiqhuba isifundo sentsapho veki nganye yaye esiya entsimini kunye nentsapho yakhe rhoqo ngeempelaveki njengoko kucetyiswa. Wayesebenza entsimini nomnye wabantwana veki nganye. Ukubambelela kwakhe ‘ekwenzeni kanye njengoko’ kwaba nempembelelo enzulu kubantwana bakhe ibe bobathandathu bakhula baba ngabakhonzi abanyanisekileyo bakaYehova.
4 Isiphelo sale nkqubo yezinto siza kufika ngequbuliso. (Luka 12:40) Ukuba sixelisa uNowa size sibe nokholo olukhokelela ekusindisweni, ngokuqinisekileyo siya kusilungela.—Heb. 11:7.