IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ‘Abo Banotyekelo Olufanelekileyo’ Bayasabela
    IMboniselo—2008 | Januwari 15
    • kwindibano elandelayo. Kuyavuyisa ukunceda abantu abanyanisekileyo baliqonde baze balixabise ithemba abalinikwa ziZibhalo.

      “Masingayeki Ukwenza Okuhle”

      19. Kutheni ungxamiseke kangaka nje umsebenzi wokushumayela?

      19 Suku ngalunye, luya lungxamiseka ngakumbi uthumo lwethu lokushumayela nokwenza abafundi. Nyaka ngamnye amawaka abantu abaneentliziyo ezinyanisekileyo ayasabela kumsebenzi wethu wokushumayela. Naxa kunjalo, “imini enkulu kaYehova ikufuphi,” nto leyo ethetha ukuba abo bahleli ebumnyameni, “bagxadazelela ekubulaweni.”—Zef. 1:14; IMize. 24:11.

      20. Yintoni ngamnye wethu afanele azimisele ukuyenza?

      20 Lisekho ithuba lokubanceda abanjalo. Kodwa ukuze sikwazi ukwenjenjalo, kubalulekile ukuba sixelise amaKristu enkulungwane yokuqala, ‘awaqhubeka ngaphandle kokuyekelela efundisa kwaye evakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu uYesu.’ (IZe. 5:42) Sinyathela emanyathelweni awo ngokuthi sinyamezele enoba kunzima, sinikel’ ingqalelo ‘kubugcisa bethu bokufundisa,’ size sishumayele kubo bonke ngaphandle komkhethe! “Masingayeki ukwenza okuhle,” kuba ukuba siyanyamezela, siya kunandipha intsikelelo yokukholeka kuThixo.—2 Tim. 4:2; funda eyabaseGalati 6:9.

  • Babenza Ubomi Babo Banentsingiselo Ngakumbi—Ngaba Nawe Unokwenza Okufanayo?
    IMboniselo—2008 | Januwari 15
    • Babenza Ubomi Babo Banentsingiselo Ngakumbi—Ngaba Nawe Unokwenza Okufanayo?

      OMNYE umzalwana waseKhanada ekuthiwa nguMarc wayephangela kwinkampani eyenza ubuxhakaxhaka beerobhothi obusetyenziswa emajukujukwini. Wayengxungxa apho ekwanguvulindlela othe ngxi. Umphathi wakhe wamthembisa ngokumnyusela—asebenze ixesha elizeleyo aze afumane umvuzo othe chatha. Wathini uMarc?

      UAmy ongudade wakwiiPhilippines, waba nguvulindlela othe ngxi ngoxa wayegqibezela isikolo. Emva kokuba ephumelele esikolweni, wathenjiswa ngomsebenzi wexesha elizeleyo owawuza kufuna ixesha lakhe elininzi uze umhlawule imali eninzi. Wakhetha ntoni uAmy?

      UMarc noAmy benza izigqibo ezingafaniyo, yaye ukhetho abalwenzayo lubonisa ubulumko besiluleko esanikwa amaKristu eKorinte yamandulo. Umpostile uPawulos wabhala wathi: ‘Abo balisebenzisayo eli hlabathi mababe njengabangalisebenzisi ngokupheleleyo.’—1 Kor. 7:29-31.

      Masingalisebenzisi Ngokupheleleyo Eli Hlabathi

      Ngaphambi kokuba sifunde ngoko kwenzeka kuMarc noAmy, ngokufutshane nje makhe sihlolisise intsingiselo yebinzana elithi ‘ihlabathi’ (okanye koʹsmos ngesiGrike) elasetyenziswa nguPawulos kwileta awayibhalela abaseKorinte. Kuloo ndinyana yeBhayibhile, ukoʹsmos ubhekisela kwinkqubo yeli hlabathi siphila kulo—ibutho labantu xa lilonke—yaye uquka izinto ngokuqhelekileyo eziyinxalenye yobomi bethu, njengezindlu, ukutya nempahla. Ukuze lukwazi ukufumana ezi zinto zifuneka umhla nezolo, uninzi lwethu kufuneka luphangele. Eneneni asinakwenza ngakumbi ngaphandle kokusebenzisa ihlabathi ukuze sifeze imbopheleleko yeZibhalo

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share