IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 10/15 iphe. 32
  • “Musani Ukubotshwa Edyokhweni Kunye Nabangakholwayo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Musani Ukubotshwa Edyokhweni Kunye Nabangakholwayo”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 10/15 iphe. 32

“Musani Ukubotshwa Edyokhweni Kunye Nabangakholwayo”

NJENGOKO ubona apha, kubonakala kukho ingxaki phakathi kwenkamela nenkomo ezilima kunye. Idyokhwe ezidibanisileyo—eyenzelwe izilwanyana ezilinganayo—yenza ezi zilwanyana zombini zitsale nzima. Kuba exhalabele ezi zilwanyana zibotshwayo, uThixo wathi kumaSirayeli: “Uze ungalimi ngenkunzi yenkomo ne-esile kunye.” (Duteronomi 22:10) Bekuya kusebenza umgaqo ofanayo kwinkomo nakwinkamela.

Ngokuqhelekileyo, umlimi ebengayi kubangela ubunzima obunjalo kwimpahla yakhe. Kodwa ukuba ebengenazo iinkomo ezimbini, ebenokubopha izilwanyana ezibini anazo kwidyokhwe enye. Kuyabonakala ukuba, umlimi wenkulungwane ye-19 kulo mfanekiso uye wakhetha ukwenjenjalo. Kuba zingalingani, isilwanyana esingenamandla sifanele sitsale nzima ukuze sigcine isantya, yaye esi sinamandla sinomthwalo omkhulu esifanele siwuthwale.

Umpostile uPawulos wasebenzisa umzekeliso wokubotshelelwa edyokhweni kwezinto ezingalinganiyo ukuze asifundise isifundo esibalulekileyo. Wabhala: “Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo. Kuba bunabubudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho? Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?” (2 Korinte 6:14) UmKristu unokubotshelelwa njani edyokhweni kunye nabangakholwayo?

Enye indlela kuxa umKristu ekhethe iqabane lomtshato elingenazo iinkolelo ezifanayo nezakhe. Iqhina elinjalo lenza izinto zibe nzima kubo bobabini, kuba bengavumelani ngemibandela esisiseko.

Xa uYehova wasungula umtshato, wanika umfazi indima yokuba “ngumphelelisi.” (Genesis 2:18) Ngokufanayo, esebenzisa umprofeti uMalaki, uThixo wabhekisela kumfazi ‘njengeqabane.’ (Malaki 2:14) UMdali wethu ufuna izibini ezitshatileyo zisebenzisane kwizinto zokomoya, zabelane ngemithwalo nangeenzuzo zokwenjenjalo.

Ngokutshata “kuphela eNkosini,” umKristu ubonisa intlonelo ngesiluleko sikaBawo wethu osemazulwini. (1 Korinte 7:39) Oku kusisiseko somtshato omanyeneyo, nto leyo enokuzisa udumo nozuko kuThixo kuba omabini amaqabane emkhonza ‘njengamadlelane okwenene’ ngendlela ekhethekileyo.—Filipi 4:3.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]

Inkamela nenkomo: Kwincwadi ethi La Tierra Santa, Umqulu 1, 1830

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share