IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • kr isahl. 2 iphe. 13-29
  • UBukumkani Buyazalwa Ezulwini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UBukumkani Buyazalwa Ezulwini
  • UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Umthunywa Wam Uya Kuhlahla Indlela Phambi Kwam’
  • Ukunqula Ngenyaniso
  • “Phumani Kuyo, Bantu Bam”
  • Ukuhlanganisana Ukuze Sinqule
  • Ukushumayela Ngenzondelelo
  • Kuzalwa KoBukumkani BukaThixo!
  • Ixesha Lovavanyo
  • Ixesha Lokuvuselelwa!
  • Ukukhula Kulwazi Oluchanileyo Lwenyaniso
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Ukuvakalisa Ukubuya KweNkosi (1870-1914)
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Ukuvavanywa Nokuhluzwa Ngaphakathi
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Ixesha Lokuvavanywa (1914-1918)
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
Khangela Okunye
UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
kr isahl. 2 iphe. 13-29

ISAHLUKO 2

UBukumkani Buyazalwa Ezulwini

INJONGO YESI SAHLUKO

UThixo ulungisa abantu bakhe ukuze balungele ukuzalwa koBukumkani

1, 2. Sisiphi esona siganeko sikhulu esenzeka kwimbali yehlabathi, yaye kutheni ingamangalisi nje into yokuba singazange sibonwe ngabantu?

NGABA ukhe uzibuze ukuba kwakunokuba njani xa ubuphila ngexesha laxa kutshintsha izinto embalini yoluntu? Abaninzi bakhe bazibuze. Kodwa khawucinge ngoku: Ukuba wawuphila ngelo xesha libalulekileyo, ngaba wawuza kuzibonela ezona zinto zabangela olo tshintsho? Mhlawumbi wawungenakuzibona. Izinto ezibonisa ukuphela kolawulo nezizalisa iincwadi zembali zisoloko zisenzeka emfihlekweni. Ngelivakalayo, izinto ezininzi ezenzekayo embalini zenzeka kumagumbi olawulo nakwiiofisi zikarhulumente. Sekunjalo, zichaphazela ubomi babantu abaninzi.

2 Kuthekani ngesona siganeko sikhulu esiye senzeka kwimbali yehlabathi? Eso siganeko siye sabangela umdla kubantu abaninzi, nakuba senzeke emfihlekweni. Isiganeko esithetha ngaso apha kukuzalwa koBukumkani bukaThixo ezulwini, urhulumente olawulwa nguMesiya oza kuyiphelisa ngokukhawuleza yonke inkqubo yeli hlabathi. (Funda uDaniyeli 2:34, 35, 44, 45.) Ekubeni abantu bengakhange basibone eso siganeko sibalulekileyo sokuzalwa koBukumkani, ngaba sinokugqiba ngelithi uYehova wasifihla kuluntu? Okanye ngaba walungisa abantu bakhe ngaphambi kokuba senzeke? Makhe sibone.

‘Umthunywa Wam Uya Kuhlahla Indlela Phambi Kwam’

3-5. (a) Yayingubani ‘umthunywa womnqophiso’ ekuthethwa ngaye kuMalaki 3:1? (b) Yintoni eyayiza kwenzeka ngaphambi kokuba ‘umthunywa womnqophiso’ eze etempileni?

3 Ukususela kumaxesha amandulo, uYehova wayenenjongo yokulungisa abantu bakhe ukuze balungele ukuzalwa koBukumkani bukaMesiya. Ngokomzekelo, khawucinge ngesi siprofeto sikuMalaki 3:1: “Khangela! Ndithumela umthunywa wam, yaye umele ahlahle indlela phambi kwam. Iya kuza ngequbuliso etempileni Yayo, iNkosi yokwenyaniso, leyo niyifunayo, engumthunywa womnqophiso eniyoliswayo nguye.”

4 Kweli xesha lethu, uYehova “iNkosi yokwenyaniso” weza nini ukuza kuhlola abo babekhonza kwintendelezo esemhlabeni yetempile yakhe? Esi siprofeto sithi uYehova wayeza kuza ‘nomthunywa womnqophiso.’ Yayingubani lowo? Akakho omnye ngaphandle koKumkani onguMesiya, uYesu Kristu! (Luka 1:68-73) NjengoMlawuli owayesandul’ ukubekwa esihlalweni, wayeza kuhlola aze acoce abantu bakaThixo abasemhlabeni.—1 Pet. 4:17.

5 Yayingubani ke “umthunywa” wokuqala, lowo kuthethwe ngaye kuMalaki 3:1? Lo mntu kuprofetwe ngaye umele ukuba wayesele ekho ngaphambi kokuba afike uKumkani onguMesiya. Kwiminyaka elishumi ngaphambi ko-1914, ngaba ukho umntu ‘owahlahla indlela’ ngaphambi kokuba afike uKumkani onguMesiya?

6. Ngubani owaba ‘ngumthunywa’ wokuqala owalungiselela abantu bakaThixo iziganeko ezaziza kubakho?

6 Kuyo yonke le ncwadi, siza kufumana iimpendulo zale mibuzo kwimbali evuyisayo yabantu bakaYehova kweli xesha lethu. Le mbali ibonisa ukuba ekupheleni kweminyaka yee-1800, iqaqobana labantu abathembekileyo labonakala ililo kuphela elingamaKristu okwenyaniso phakathi kwentlaninge yabantu ababezibiza ngokuba ngamaKristu. Eli qaqobana laziwa ngokuba ngaBafundi BeBhayibhile. Abo babekhokela—uCharles T. Russell nezinxulumani zakhe—babenguloo ‘mthunywa’ kwakuprofetwe ngaye, bekhokela abantu bakaThixo kwiimfundiso zobuthixo yaye bebenza balungele iziganeko ezaziseza kwenzeka. Makhe siqwalasele iindlela ezine awakwenza ngayo oku lo ‘mthunywa.’

Ukunqula Ngenyaniso

7, 8. (a) Kwiminyaka yee-1800, ngoobani abaqalisa ukubhenca ubuxoki bemfundiso yomphefumlo ongafiyo? (b) Ziziphi ezinye iimfundiso zobuxoki ezabhencwa nguC. T. Russell nezinxulumani zakhe?

7 Abo Bafundi BeBhayibhile bayifundisisa ngokunyanisekileyo iBhayibhile yaye bethandaza; bavumelana, baqokelela baza basasaza iimfundiso ezichanileyo zayo. Kangangeminyaka emininzi, iNgqobhoko ibingazi nowathwethwa ngeemfundiso zeBhayibhile; iimfundiso zayo ezininzi bezisekelwe kubuhedeni. Owona mzekelo ubalaseleyo ngowemfundiso yomphefumlo ongafiyo. Kwiminyaka yee-1800, iqaqobana labafundi beBhayibhile abanyanisekileyo layihlolisisa le mfundiso laza labona ukuba ayifumaneki kwiLizwi likaThixo. UHenry Grew, uGeorge Stetson noGeorge Storrs babhala ngale mfundiso yobuxoki kaSathana baza bayibhenca ngesibindi.a Oko kwaba negalelo elikhulu kuC. T. Russell nezinxulumani zakhe.

8 Iqaqobana laBafundi BeBhayibhile lafumanisa ukuba kukho nezinye iimfundiso ezihamba nale yomphefumlo ongafiyo ezazixaka nezazibubuxoki—ngokomzekelo, imfundiso yokuba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini okanye uThixo uthuthumbisa imiphefumlo yabantu abangendawo esihogweni. URussell nezinxulumani zakhe babubhenca ngesibindi obo buxoki kumanqaku, iincwadi, amaphecana ahlukahlukeneyo nakwiintshumayelo zabo.

9. IMboniselo yayibhenca njani imfundiso kaThixo Oneziqu Ezithathu ibubuxoki?

9 Ngokufanayo, aBafundi BeBhayibhile bayibhenca ibubuxoki imfundiso esasazekileyo kaThixo Oneziqu Ezithathu. Ngo-1887, iMboniselo yathi: “IZibhalo zitsho phandle ukuba uYehova neNkosi yethu uYesu ngabantu ababini zize zicacise ulwalamano lwabo.” Emva koko eli nqaku lachaza indlela emangalisa ngayo into yokuba “imfundiso kaThixo oneziqu ezithathu—ooThixo abathathu kuThixo omnye, iye yasasazeka yaza yamkelwa kangaka. Loo nto ibonisa indlela ezazikobude ngayo ubuthongo iicawa xa zazirhintyelwa lutshaba ngezi mfundiso zobuxoki.”

10. IMboniselo yabonisa njani ukuba u-1914 ngunyaka obalulekileyo?

10 Njengoko umxholo wayo ubonisa, imagazini iZion’s Watch Tower and Herald of Christ’s Presence yayithetha kakhulu ngeziprofeto ezazibonisa ubukho bukaKristu. Ababhali bayo abathanjisiweyo nabathembekileyo babona ukuba isiprofeto sikaDaniyeli esiphathelele “amaxesha asixhenxe” sithetha ngexesha lokuzaliseka kwenjongo kaThixo engoBukumkani bukaMesiya. Bachaza kwakwiminyaka yee-1870 ukuba loo mihla iya kuphela ngo-1914. (Dan. 4:25; Luka 21:24) Nangona abazalwana ababephila ngelo xesha babengekakuqondi ngokupheleleyo okwakuza kwenzeka kuloo nyaka, bakuvakalisa ngokubanzi oko babekwazi yaye imiphumo yoko babekutsho isabonakala nanamhlanje.

11, 12. (a) Ngubani owazukiswa nguMzalwan’ uRussell ngezinto awayezifundisa? (b) Wawubaluleke kangakanani umsebenzi kaRussell noogxa bakhe kumashumi eminyaka ngaphambi ko-1914?

11 URussell nezinxulumani zakhe abazange bafune ukuzukiswa ngenxa yokuba befumene ezo nyaniso zeBhayibhile. Yena wancoma ababengaphambi kwakhe. Ngaphezu kwako konke, wazukisa uYehova uThixo, lowo ufundisa abantu oko bafanele bakwazi ngexesha elifanelekileyo. Kucacile ukuba uYehova wayisikelela imigudu kaRussell noogxa bakhe yokuhluza inyani kubuxoki. Njengoko iminyaka yayihamba, baya besahluka ngokupheleleyo kwiNgqobhoko.

Charles Taze Russell talking with some of his close associates

UMzalwan’ uRussell noogxa bakhe bayilwela inyaniso yeBhayibhile

12 Wawumangalisa ngokwenene umsebenzi waloo madoda athembekileyo wokulwela iimfundiso zeBhayibhile kumashumi eminyaka ngaphambi ko-1914! Xa sikhangela emva, iThe Watch Tower and Herald of Christ’s Presence kaNovemba 1, 1917, yathi: “Namhlanje izigidi zabantu ziye zakhululeka kuloyiko lwesihogo nezinye iimfundiso zobuxoki . . . Amaza Enyaniso, awaqalisa ukubakho kwiminyaka engaphezu kwamashumi amane, asaqhubeka ekhula yaye aya kwenjenjalo de azalise umhlaba; yaye abachasi basenokuzama ukuwatshayela loo maza makhulu ukuze iNyaniso ingasasazeki ehlabathini.”

13, 14. (a) ‘Umthunywa’ wayilungisa njani indlela yoKumkani onguMesiya? (b) Yintoni esinokuyifunda kubazalwana bethu abaye baphila kwiminyaka engaphezu kwekhulu edlulileyo?

13 Khawucinge ngoku: Ngaba abantu bebeya kukulungela ukuqalisa kobukho bukaKristu ukuba bebengamohluli uYesu kuYise, uYehova? Bebengasoze! Bebengayi kukulungela naxa bebecinga ukuba bonke abantu ngokuzenzekelayo bafumana ubomi bokungafi nangona busisipho esixabisekileyo esinikwa iqaqobana labalandeli bakaKristu; kwakhona bebengazi kukulungela ukuba bebecinga ukuba uThixo uthuthumbisa abantu esihogweni ngonaphakade! Alithandabuzeki elokuba ‘umthunywa’ wayilungisa indlela yoKumkani onguMesiya!

14 Kuthekani ngathi namhlanje? Yintoni esinokuyifunda kubazalwana bethu abaye baphila kwiminyaka engaphezu kwekhulu edlulileyo? Ngokufana nabo, kufuneka sibe ngabafundi beLizwi likaThixo abanenzondelelo. (Yoh. 17:3) Njengoko eli hlabathi lithe phithi zizinto eziphathekayo lisiya lithwaxwa yindlala kulwazi lweBhayibhile, ngamana thina singaya sizondla ngakumbi ngeemfundiso zeLizwi likaThixo!—Funda eyoku-1 kuTimoti 4:15.

“Phumani Kuyo, Bantu Bam”

15. Yintoni abaya beyiqonda aBafundi BeBhayibhile? (Funda nombhalo osemazantsi.)

15 ABafundi BeBhayibhile bafundisa ukuba kufuneka kuphunywe kwiicawa zehlabathi. Ngo-1879, iMboniselo yathetha “ngecawa yaseBhabhiloni.” Ngaba yayithetha ngoopopu? NgeCawa YamaRoma Katolika? Kangangeminyaka iicawa zamaProtestanti zazisithi iBhabhiloni ekuprofetwe ngayo kwiZibhalo ibhekisela kwiCawa yamaKatolika. Noko ke, aBafundi BeBhayibhile baqonda ukuba zonke iicawa zeNgqobhoko ‘ziyiBhabhiloni’ yanamhlanje. Ngoba? Kuba zonke zazifundisa ubuxoki obufana nobo sithethe ngabo ngasentla.b Ekuhambeni kwexesha, iimpapasho zethu zaya zithetha ngokungqalileyo ngoko kufanele kwenziwe ngamalungu anyanisekileyo eecawa zeBhabhiloni.

16, 17. (a) UMqulu III weMillennial Dawn neMboniselo wababongoza njani abantu ukuba baphume kunqulo lobuxoki? (b) Yintoni eyafak’ isandla ekuqinisweni kwezo zilumkiso zangaphambili? (Funda umbhalo osemazantsi.)

16 Ngokomzekelo, ngo-1891, uMqulu III weMillennial Dawn wathetha ngokulahla kukaThixo iBhabhiloni yanamhlanje ibe wathi: “Yonke inkqubo yayo ilahliwe.” Wongezelela ngelithi bonke abo “bangazamkeliyo iimfundiso nezenzo zayo zobuxoki kuthiwa mabazahlule kuyo.”

17 NgoJanuwari 1900, iMboniselo yaluleka abo amagama abo ayesabhalwe kwiincwadi zeecawa zeNgqobhoko nabazithethelela ngelithi, “Ndiyayixhasa inyaniso, yaye ndiya manqapha-nqapha ecaweni.” Eli nqaku labuza: “Kodwa ngaba oku kulungile—ukungaphumi ngokupheleleyo eBhabhiloni? Ngaba le nto ibonisa ukuba uyamthobela uThixo . . . yaye yena uyakholiswa koko ukwenzayo? Ngokuqinisekileyo akunjalo. Ilungu lecawa lenza umnqophiso necawa yalo xa lalingena kuyo, yaye limele liphile ngazo zonke iindlela zayo de . . . litsho esidlangalaleni ukuba liyayishiya loo cawa.” Kangangeminyaka, eso siluleko saya siqina.c Abakhonzi bakaYehova bamele baluqhawule lonke unxibelelwano nonqulo lobuxoki.

18. Kwakutheni ukuze kufuneke ukuba abantu baphume kwiBhabhiloni Enkulu?

18 Ukuba ezo zilumkiso zokuphuma kwiBhabhiloni Enkulu zazingakhange zivakaliswe rhoqo, ngaba uKristu, njengoKumkani osandul’ ukumiselwa wayeza kuba nabo abakhonzi abathanjisiweyo emhlabeni? Ngokuqinisekileyo wayengazi kuba nabo, kuba ngamaKristu akhululekileyo eBhabhiloni kuphela anokunqula uYehova “ngomoya nenyaniso.” (Yoh. 4:24) Ngaba nathi namhlanje sizimisele ukuhlala singenanto isidibanisa nonqulo lobuxoki? Masihlale siwuthobela umyalelo othi: “Phumani kuyo, bantu bam”!—Funda iSityhilelo 18:4.

Ukuhlanganisana Ukuze Sinqule

19, 20. IMboniselo yabakhuthaza njani abantu bakaThixo ukuba bahlanganisane kunye ukuze banqule?

19 ABafundi BeBhayibhile bafundisa ukuba amaKristu okwenyaniso amele ahlanganisane ukuze anqule, xa iimeko zivuma. Ukuba ngumKristu wokwenyaniso akuphelelanga nje ekuphumeni kunqulo lobuxoki, kodwa kubalulekile nokuba abe kunqulo olunyulu. Kwakumanqaku ayo okuqala, iMboniselo yakhuthaza abafundi ukuba bahlanganisane ukuze banqule. Ngokomzekelo, ngoJulayi 1880, xa wayeye kunikela intetho kwiindawo ezahlukeneyo, uMzalwan’ uRussell wachaza indlela eziye zakhuthaza ngayo iintlanganiso ezininzi. Emva koko wabongoza abafundi ukuba bathumele amakhadi anengxelo yenkqubela abayenzileyo—ezinye zezo ngxelo zabhalwa kwiimagazini. Ukusa kuwuphi umkhamo? “Sonke masiyazi . . . indlela iNkosi enenza niphumelele ngayo; nokuba niqhubeka nihlanganisana nabo banokholo olufana nolwenu.”

A group of Bible Students in Copenhagen, Denmark, in 1909

UCharles Russell neqela laBafundi BeBhayibhile bokuqala eCopenhagen, eDenmark, ngo-1909

20 IMboniselo ka-1882 yayinenqaku elithi “Assembling Together [Ukuhlanganisana].” Eli nqaku labongoza amaKristu ukuba ahlanganisane ukuze “akhuthazane aze omelezane.” Lathi: “Akukhathaliseki nokuba akukho mntu ufundileyo okanye unobuchule bento ethile phakathi kwenu. Ngamnye wenu makeze neBhayibhile yakhe, iphepha nento yokubhala nize niyisebenzise kangangoko ninako iConcordance. Khethani umxholo eniwuthandayo; nicele uMoya ukuba unincede niyiqonde indlela efundwa ngayo; yifundeni, nicinge ngoko nikufundayo, thelekisani izibhalo yaye ukuba nenjenjalo, niya kuyiqonda inyaniso.”

21. Nguwuphi umzekelo owamiselwa libandla laseAllegheny, ePennsylvania, ngeentlanganiso nokwalusa?

21 Ikomkhulu laBafundi BeBhayibhile laliseAllegheny, ePennsylvania, eMerika. Apho bamisela umzekelo omhle ngokuhlanganisana kunye bethobela umyalelo ophefumlelweyo okumaHebhere 10:24, 25. (Wufunde.) Kwiminyaka kamva, umzalwana osel’ ekhulile, uCharles Capen, wakhumbula ngexesha laxa wayesiya kwezo ntlanganiso eseyinkwenkwe. Wabhala: “Ndisasikhumbula esinye sezibhalo esasiseludongeni lweholo yoMbutho. ‘Inye iNkosi yenu, uKristu; nina nonke ningabazalwana.’ Eso sibhalo sasisoloko sinkentenza engqondweni yam—akukho befundisi namarhamente phakathi kwabantu bakaYehova.” (Mat. 23:8) UMzalwan’ uCapen wakhumbula nendlela ezazichukumisa nezazikhuthaza ngayo ezo ntlanganiso, nemigudu eyayisenziwa nguMzalwan’ uRussell yokwalusa bonke abazalwana noodade abasebandleni.

22. Yintoni eyenziwa ngabantu abathembekileyo emva kokuba bekhuthazelwe ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, yaye sinokufunda ntoni kubo?

22 Abantu abathembekileyo bawulandela lo mzekelo nalo myalelo. Kwamiselwa amabandla nakwamanye amaphondo afana naseOhio naseMichigan, yaye emva koko kulo lonke elakuMntla Merika nakwezinye iindawo. Khawucinge ngoku: Ngaba abantu abathembekileyo babeza kubulungela ubukho bukaKristu ukuba babengaqeqeshelwanga ukuthobela umyalelo ophefumlelweyo wokuhlanganisana ukuze sinqule? Babengenakubulungela! Kuthekani ngathi namhlanje? Nathi simele sizimisele ukuya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu, siwasebenzise onke amathuba amisiweyo okuhlanganisana ukuze sakhane.

Ukushumayela Ngenzondelelo

23. IMboniselo yawucacisa njani umba wokuba bonke abathanjiswa bamele babe ngabashumayeli benyaniso?

23 ABafundi BeBhayibhile bafundisa ukuba bonke abathanjiswa bamele babe ngabashumayeli benyaniso. Ngo-1885, iMboniselo yathi: “Imele ihlale inkenteza ezingqondweni zethu into yokuba bonke abantu abathanjisiweyo bathanjiselwe ukuba bashumayele (Isa. 61:1), baye entsimini.” Eka-1888 yayinesi sibongozo: “Sithunywe into ecacileyo . . . Ukuba asiyenzi size sizithethelele, ngokuqinisekileyo singabakhonzi abangamavila, sizingqina singasifanelekelanga isikhundla esiphakamileyo esibizelwe kuso.”

24, 25. (a) Yintoni enye eyenziwa nguRussell nezinxulumani zakhe ukuze bakhuthaze abantu ukuba bashumayele? (b) Enye icolporteur yathini ngomsebenzi eyayiwenza nakubeni “iimoto zazinqabile”?

24 UMzalwan’ uRussell nezinxulumani zakhe abazange banele nje ukukhuthaza abantu ukuba bashumayele. Baqalisa ukwenza amaphecana awayebizwa ngokuba yiBible Students’ Tracts, awaphinda abizwa ngokuba yiOld Theology Quarterly. Ekuwafumaneni kwabo abafundi beMboniselo la maphecana, bawasasaza ngaphandle kwentlawulo.

Senza kakuhle xa sizibuza oku, ‘Ngaba umsebenzi wokushumayela uyeyona nto iphambili ebomini bam?’

25 Abo babezinikele ixesha elizeleyo kumsebenzi wokushumayela babebizwa ngokuba ziicolporteurs. Omnye wabo yayinguCharles Capen, ekuthethwe ngaye ngaphambili. Uthi: “Ndandisebenzisa iimaphu ezazenziwe yiUnited States Government Geological Survey ukuze ndikwazi ukuwugubungela wonke umhlaba wam ePennsylvania. Ezi maphu zazibonisa iindlela, zisenza kube lula ukufikelela yonke imimandla ngeenyawo. Maxa wambi emva kweentsuku ezintathu ndityhubele lonke ilizwe yaye ndithatha iiodolo zemiqulu yeStudies in the Scriptures, ndandiye ndiqeshe ihashe nenqwelo yalo ukuze ndizise ebantwini bazo. Ndandidla ngokuchitha ubusuku kubalimi. Iimoto zazinqabile ngaloo mihla.”

A colporteur brother with a horse and buggy

Icolporteur. Phawula “iChart of the Ages” ebhalwe enqweleni

26. (a) Kwakutheni ukuze abantu bakaThixo kufuneke bashumayele ukuze balungele ulawulo lukaKristu? (b) Yiyiphi imibuzo esenza kakuhle xa sizibuza yona?

26 Ngokuqinisekileyo ngaloo maxesha kwakufuneka isibindi nenzondelelo kulo msebenzi wokushumayela. Ngaba amaKristu okwenyaniso ayeza kululungela ulawulo lukaKristu ukuba ayengazange afundiswe ukubaluleka komsebenzi wokushumayela? Ngokuqinisekileyo ayengazi kululungela! Ngaphezu koko, nguloo msebenzi owawuza kubonisa ubukho bukaKristu. (Mat. 24:14) Kwakufuneka abantu bakaThixo bakulungele ukuwenza ube yeyona nto iphambili ebomini babo lo msebenzi ubalulekileyo wokusindisa ubomi. Namhlanje, senza kakuhle xa sizibuza oku: ‘Ngaba umsebenzi wokushumayela uyeyona nto iphambili ebomini bam? Ngaba kukho izinto endizincamayo ukuze ndiwenze ngokupheleleyo lo msebenzi?’

Kuzalwa KoBukumkani BukaThixo!

27, 28. Yintoni eyabonwa ngumpostile uYohane embonweni, yaye yintoni eyenziwa nguSathana needemon xa kwakuzalwa uBukumkani?

27 Ekugqibeleni, wafika unyaka ka-1914 owaba yimbali. Njengoko besitshilo ekuqaleni kwesi sahluko, akakho umntu owazibonayo iziganeko ezivuyisayo ezazisenzeka ezulwini. Sekunjalo, umpostile uYohane waboniswa umbono owawuzichaza ngokufuziselayo. Khawube nalo mfanekiso-ngqondweni: UYohane ubona “umqondiso omkhulu” ezulwini. “Umfazi” kaThixo—intlangano yakhe yezidalwa ezingabonakaliyo ezulwini—umithi yaye uzala umntwana oyinkwenkwe. Lo mntwana wokomfuziselo, kuthiwa kungekudala uza “kuzalusa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi.” Kodwa xa ezalwa, lo mntwana ‘uthatyathelwa kuThixo nakwitrone yakhe.’ Kuvakala ilizwi elikhulu ezulwini lisithi: “Ngoku lufikile usindiso namandla nobukumkani boThixo wethu negunya likaKristu wakhe.”—ISityhi. 12:1, 5, 10.

28 Alithandabuzeki elokuba uYohane wabona umbono wokuzalwa koBukumkani bukaMesiya. Ngokuqinisekileyo esi siganeko esivuyisayo, kodwa asizange sivuyise wonke umntu. USathana needemon zakhe balwa neengelosi ezithembekileyo, ezazikhokelwa nguMikayeli, okanye uKristu. Waba yintoni umphumo? Sifunda oku: “Ngoko yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela; waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye.”—ISityhi. 12:7, 9.

Christ’s invisible presence as king of the Messianic Kingdom

Ngo-1914, aBafundi BeBhayibhile baphawula umqondiso wobukho bukaKristu obungabonakaliyo

29, 30. Emva kokuzalwa koBukumkani bukaMesiya, kwenzeka ntoni (a) emhlabeni? (b) ezulwini?

29 Kwakudala ngaphambi ko-1914, aBafundi BeBhayibhile bathi loo nyaka uphawulekayo wawuza kuba lixesha lokuqala kweentlungu. Kodwa abazange bawuqonde umkhamo ezaziza kwenzeka ngawo. Njengoko uYohane waboniswayo, uSathana wayeza kwenza izinto ezilothusayo uluntu: “Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.” (ISityhi. 12:12) Ngo-1914, kwaqalisa imfazwe yehlabathi yokuqala yaye umqondiso wobukho bukaKristu engukumkani waqalisa ukubonakala ehlabathini lonke. Kwaqalisa ‘imihla yokugqibela’ yale nkqubo.—2 Tim. 3:1.

30 Sekunjalo, ezulwini yayiyimincili yodwa. USathana needemon zakhe babegxothwe ngonaphakade, bengasoze baphinde babuyele. Ingxelo kaYohane ifundeka ngolu hlobo: “Ngoko chulumancani, nina mazulu nani nihlala kuwo!” (ISityhi. 12:12) Ekubeni amazulu ayecociwe yaye uYesu ebekwe etroneni njengoKumkani, ngoku uBukumkani bukaMesiya babulungele ukunceda abantu bakaThixo abasemhlabeni. Babuza kwenza ntoni? Njengoko sesibonile ekuqaleni kwesi sahluko, uKristu, ‘umthunywa womnqophiso,’ wayeza kuqala acoce abakhonzi bakaThixo abasemhlabeni. Kwakuthetha ntoni oko?

Ixesha Lovavanyo

31. Waprofeta wathini uMalaki ngexesha lokucocwa, yaye sazaliseka njani eso siprofeto? (Funda nombhalo osemazantsi.)

31 UMalaki waprofeta wathi ixesha lokucocwa laliza kuba nzima. Wathi: “Ngubani na oya kuyinyamezela imini yokuza kwakhe, yaye ngubani na oya kuma xa ebonakala? Kuba uya kuba njengomlilo womsulungekisi nanjengesoda yomcoci weempahla.” (Mal. 3:2) Angqineka echane ngokwenene loo mazwi! Ekuqaleni ko-1914, abantu bakaThixo abasemhlabeni bajamelana neemvavanyo nobunzima obukhulu, obunye emva kobunye. Njengoko iMfazwe Yehlabathi I yayisiya iqina, aBafundi BeBhayibhile abaninzi batshutshiswa ngokukrakra bephoswa ngaphaya kwezitshixo.d

32. Nguwuphi umbhodamo owenzeka kubantu bakaThixo emva ko-1916?

32 Kwabakho umbhodamo nakwintlangano. Ngo-1916, uMzalwan’ uRussell wafa eneminyaka eyi-64, eshiya abantu bakaThixo abaninzi bothukile. Ukufa kwakhe kwabonisa ukuba abaninzi babejonge kwindoda enye engumzekelo. Nangona uMzalwan’ uRussell wayengafuni ukuzukiswa ngolo hlobo, abanye babemnqula. Abaninzi bacinga ukuba ukutyhilwa kwenyaniso kwakuza kuphela xa efile, yaye abanye abazange bayamkele imigudu eyayisenziwa yokuhambela phambili. Loo nto yabangela ukuba kubekho uwexuko olwenza kwabakho iyantlukwano entlanganweni.

33. Ukungenzeki kwezinto ababelindele ukuba ziza kwenzeka, kwaba luvavanyo njani kubantu bakaThixo?

33 Olunye uvavanyo yaba kukungenzeki kwezinto ezazilindelwe. Nangona iMboniselo yayithe amaXesha Eentlanga ayeza kuphela ngo-1914, abazalwana babengekayiqondi into eyayiza kwenzeka ngaloo nyaka. (Luka 21:24) Babecinga ukuba ngo-1914, uKristu uza kuthathela ezulwini udidi lomtshakazi ukuze alawule kunye nalo. Yonke loo nto ayizange yenzeke. Ngo-1917, iMboniselo yathi iminyaka eyi-40 yokuvuna yayiza kuphela ngentwasahlobo ka-1918. Kodwa umsebenzi wokushumayela awuzange uphele. Waqhubeka uhambela phambili kwanasemva kokuba lidlulile elo xesha. Le magazini yathi ukuvuna kona kugqityiwe kodwa kusasele ixesha lokubhikica. Sekunjalo, abaninzi bayeka ukukhonza uYehova ngenxa yokuphoxeka.

34. Luluphi uvavanyo oloyikisayo olwenzeka ngo-1918, yaye kwakutheni ukuze iNgqobhoko icinge ukuba abantu bakaThixo “babefile”?

34 U-1918 waba ngunyaka wovavanyo oloyikisayo. UJ. F. Rutherford, owangena ezihlangwini zikaC. T. Russell ekukhokeleni abantu bakaThixo, wavalelwa kunye nabanye abazalwana abasixhenxe ababekhokela. Bagwetywa iminyaka emininzi ngokungekho sikweni baza baya kuvalelwa kwintolongo yaseAtlanta, eGeorgia, eUnited States. Kangangexesha elithile umsebenzi wabantu bakaThixo wabonakala ngathi uyaxengaxenga. Oko kwavuyisa abafundisi beNgqobhoko abaninzi. Babecinga ukuba ekubeni “iinkokeli” zivalelwe, ikomkhulu eliseBrooklyn livaliwe, yaye umsebenzi wokushumayela uhlaselwa eMerika naseYurophu, abo Bafundi BeBhayibhile babehlupha “babefile”—bengaseyonkathazo. (ISityhi. 11:3, 7-10) Kwathi kanti batsho phantsi kwaqhum’ uthuli!

Ixesha Lokuvuselelwa!

35. Kwakutheni ukuze uYesu avumele abalandeli bakhe bathwaxwe ziimvavanyo, yaye wabanceda njani?

35 Iintshaba zenyaniso zazingazi ukuba uYesu wavumela abantu bakhe bathwaxwe zezo mvavanyo kuba uYehova wayehleli “njengomsulungekisi nomcoci wesilivere.” (Mal. 3:3) UYehova noNyana wakhe babeqinisekile ukuba abantu abathembekileyo babeza kuphuma kuloo mlilo weemvavanyo besulungekile, yaye bekulungele ngakumbi ukukhonza uKumkani. Ukususela ekuqaleni kuka-1919, kwacaca ukuba umoya kaThixo wenze oko iintshaba zabantu bakhe bezicinga ukuba akunakwenzeka. Abakhonzi abathembekileyo bavuselelwa! (ISityhi. 11:11) Ngelo xesha, uKristu wenza into ebalaseleyo ebonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Wamisela ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ iqaqobana labathanjiswa elaliza kukhokela abantu bakhe ngokubanika ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.—Mat. 24:45-47.

Cover of the first issues of the Bulletin and The Golden Age

36. Zintoni ezenziwa ngabantu bakaThixo ezazibonisa ukuba baphinde baqala apho babeyeke khona?

36 UMzalwan’ uRutherford nezinxulumani zakhe bakhululwa entolongweni ngoMatshi 26, 1919. Ngokukhawuleza emva koko kwalungiselelwa indibano eyayiza kuba ngoSeptemba. Kwenziwa namalungiselelo emagazini entsha, eyayiza kubizwa ngokuba yiThe Golden Age. Yayiza kuba liqabane leMboniselo, elenzelwe ukuhanjiswa entsimini.e Kwangaloo nyaka kwakhutshwa inkupho yokuqala yeBulletin, ngoku ebizwa ngokuba yincwadi yeentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Kwasekuqaleni, yaba luncedo kumsebenzi wokushumayela. Ngokungathandabuzekiyo, ukususela ngo-1919 ukusa phambili, ukushumayela kwindlu ngendlu kwaba yeyona nto iphambili.

37. Kwiminyaka esemva ko-1919, yintoni abayenzayo abanye eyabonisa ukuba babengathembekanga?

37 Ukushumayela kwaqhubeka kubacoca abakhonzi bakaKristu, kuba abathile abanekratshi bakhukhumala ngenxa yokuba bengayamkeli into yokuba kufuneka bawenze lo msebenzi. Abo babengavumi ukuwenza bohlukana nabakhonzi abathembekileyo. Kwiminyaka yasemva ko-1919, abanye ababengathembekanga bacaphuka baza bathetha kakubi benyelisa, bada bangakwicala labatshutshisi babakhonzi bakaYehova abathembekileyo.

38. Impumelelo noloyiso lwabalandeli bakaKristu emhlabeni zibangele ukuba siqiniseke ngantoni?

38 Phezu kwazo nje ezo ntlaselo, abalandeli bakaKristu abasemhlabeni baqhubeka behambela phambili kumsebenzi kaThixo. Ukususela ngoko, inkqubela yabo nendlela ababesoyisa ngayo yabangela ukuba siqiniseke ukuba uBukumkani bukaThixo buyalawula! Yinkxaso nentsikelelo kaThixo kuphela—ayinikela ngoNyana wakhe nangoBukumkani bukaMesiya—enokubangela ukuba iqela labantu abangafezekanga limoyise kangaka uSathana nale nkqubo yezinto ingendawo!—Funda uIsaya 54:17.

J. F. Rutherford delivering a talk at a convention of Bible Students in 1919

UMzalwan’ uRutherford wanikela intetho ebangel’ ihlombe endibanweni kwiinyanga nje ezimbalwa emva kokuba ekhululwe entolongweni

39, 40. (a) Ziziphi ezinye izinto ekuza kuthethwa ngazo kule ncwadi? (b) Ukufunda kwakho le ncwadi kuza kukunceda entwenini?

39 Kwizahluko ezilandelayo siza kuhlola oko kufezwe buBukumkani bukaThixo emhlabeni kwikhulu leminyaka ukususela ekuzalweni kwabo ezulwini. Icandelo ngalinye lale ncwadi liza kugubungela inkalo eyahlukileyo yomsebenzi woBukumkani owenziwa apha emhlabeni. Ibhokisi yempinda ekwisahluko ngasinye, iza kunceda ngamnye wethu aqonde ngakumbi ukuba uBukumkani buyinto yokwenene kuthi. Kwizahluko zokugqibela, siza kuxubusha ngento esimele siyilindele xa uBukumkani bufika buze kutshabalalisa ubungendawo uze lo mhlaba ube yiparadesi. Ukufunda kwakho le ncwadi kuza kukunceda entwenini?

40 USathana ufuna ukuba uyeke ukuba nokholo kuBukumkani bukaThixo. Kodwa uYehova ufuna ukulomeleza ukholo lwakho ukuze lukukhusele luze lukuqinise. (Efe. 6:16) Ngoko ke, siyakubongoza ukuba uyifunde ngokunyanisekileyo le ncwadi. Hlala uzibuza oku, ‘Ngaba uBukumkani bukaThixo buyinto yokwenene kum?’ Okukhona busiba yinto yokwenene kuwe ngoku, kokukhona uya kubuxhasa ngokuthembeka, de kube lixesha laxa wonke umntu ophilayo eya kubona ukuba uBukumkani bukaThixo buyinto yokwenene yaye buyalawula!

a Ukuze sifunde okungakumbi ngoGrew, uStetson, noStorrs, funda incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, iphepha 45-46.

b Nangona aBafundi BeBhayibhile babona ukuba kufuneka bazishiye iintlangano zobuxoki ezazingabahlobo nehlabathi, kangangeminyaka babebajonga njengabazalwana abangamaKristu abo bathi bayakholelwa kwintlawulelo yaye bazinikele kuThixo nakuba babengengabo aBafundi BeBhayibhile.

c Enye into eyafak’ isandla ekuqinisweni kwezo zilumkiso zangaphambili kukuba zazithetha ngomhlambi omncinane kaKristu ongabantu abayi-144 000. KwiSahluko 5 siza kubona ukuba ngaphambi ko-1935 kwakucingwa ukuba ‘inkitha enkulu,’ ekuthethwa ngayo kwiSityhilelo 7:9, 10 kwiKing James Version, yayiquka inani elikhulu lamalungu eecawa zeNgqobhoko nokuthi ayeza kuba liqela lesibini lodidi lwasezulwini ngenxa yokuba aye axhasa uKristu kwada kwasekupheleni.

d NgoSeptemba 1920, iThe Golden Age (ngoku enguVukani!) yakhupha inkcazelo ekhethekileyo eyayichaza ngokweenkcukacha iindlela ezininzi ababetshutshiswa ngazo abantu bakaYehova ngexesha lemfazwe—ezinye zihlasimlis’ umzimba—eKhanada, eNgilani, eJamani naseMerika. Ngokwahlukileyo koko, kumashumi eminyaka ngaphambi kwemfazwe yehlabathi yokuqala babengatshutshiswa kangako.

e Kangangeminyaka, ubukhulu becala iMboniselo yayisenzelwa ukufundisa abo bomhlambi omncinane.

Buyinto Yokwenene Kangakanani UBukumkani Kuwe?

  • Ngubani owanceda abalandeli bakaYesu bokwenyaniso balungela ukuzalwa koBukumkani?

  • Yintoni eyenziwayo ukuze amaKristu okwenyaniso alungele ulawulo loBukumkani bukaThixo?

  • Ziziphi iinkalo ezibonisa ukuba uBukumkani ngurhulumente wokwenene? (Funda ibhokisi ethi “UBukumkani BukaThixo—Urhulumente Wokwenene.”)

  • Unokubaxelisa njani abalandeli bakaKristu abathembekileyo abaye baphila kweli khulu leminyaka lidluleyo njengoko uxhasa uBukumkani namhlanje?

UBUKUMKANI BUKATHIXO—URHULUMENTE WOKWENENE

Ngaba uBukumkani bukaThixo bungurhulumente wokwenene? Khawuqwalasele iinkalo nje ezimbalwa zabo. Zibuze, ‘Ngaba ezi nkalo azibonisi ukuba uBukumkani buyinto yokwenene—yaye buphakame ngaphezulu lee—kunoorhulumente babantu abakhoyo namhlanje?’

  • Ukumkani kwitrone yakhe

    UMLAWULI

    UYesu Kristu, owabekwa esihlalweni ngo-1914, nguKumkani onamandla, onobulungisa, olumkileyo, onenceba nozithobileyo kuYehova uThixo. (Isa. 9:6, 7; 11:1-3) Ngokungafaniyo nabalawuli abangabantu abangafezekanga, akanakonakaliswa okanye aphazanyiswe ngamaqela namalungu asepalamente ahlukeneyo nawonakeleyo, nangabagay’ inkxaso abacingela iziqu zabo.

  • IGUNYA ELIMISELA IMITHETHO

    Ubomi bukaYesu nomzekelo awawumiselayo ngoxa wayesemhlabeni wawusisiseko somthetho ogqibeleleyo, “umthetho kaKristu.”—Gal. 6:2; 1 Pet. 2:21.

    UYehova umisele uNyana wakhe njengoMgwebi, yaye uYesu uza kuwenza ngokugqibeleleyo loo msebenzi ngokungafaniyo naye nawuphi na umgwebi ongumntu.—Yoh. 5:22.

  • Abo balawula naye

    ABALAWULI

    UYesu uzakuncediswa ngabalawuli abayi-144 000 xa elawula emhlabeni. Eyona nto iphambili kulawulo lwakhe kukumanyanisa abantu noThixo, ngoko abo balawula naye baza kuba ngababingeleli ngenxa yaloo njongo.—ISityhi. 14:1; 20:6.

  • Iingelosi ezinamandla zikhupha amakrele

    UMKHOSI

    NjengeNkokeli yomkhosi omkhulu weengelosi ezinamandla zikaYehova, uYesu ukhokela owona mkhosi unamandla nongazange ubekho ngaphambili. Kungekudala uza kulwa nabo bonke ubungendawo.—INdu. 45:1, 3-5; ISityhi. 19:11, 14-16.

  • ISIHLALO SOKULAWULA

    Itrone kaYesu isezulwini, ecaleni koYise. Izulu ‘yindawo kaYehova yokuhlala ephakamileyo yobungcwele nobuhle.’ (Isa. 63:15) Ngaba yindawo yokwenene? Ewe, kunalo naliphi na ikomkhulu okanye isakhiwo sikarhulumene esibonakalayo, kuba izinto zasezulwini azonakali.—Mat. 6:20.

  • Ulawulo lwasemhlabeni

    UMDA AWULAWULAYO EMHLABENI

    Namhlanje, abantu abalawulwa nguYesu bafana nabaphambukeli abahlala njengabemi abathobela umthetho kuwo onke amazwe. Kodwa uYehova ubenzele ummandla abasebenza kuwo abantu bakhe ukuze benze intando kaKumkani. (Isa. 60:2; 66:8) Kungekudala, uBukumkani bukaYesu buza kuwulawula wonke umhlaba.—INdu. 72:8.

  • IZINTO AZA KUZENZA

    Kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kuzenza zonke ezi zithembiso nezinye.—INdu. 72:16; Isa. 2:3; 33:24; 35:6; 65:21.

    • Intombazana esempilweni iyabaleka

      IMPILO

    • Ikhaya elihle

      IZINDLU

    • Umntu uyakha

      IMISEBENZI

    • Iziqhamo nemifuno eluhlaza

      INTLUTHA

    • Umntu uyafunda

      IMFUNDO

  • ABALAWULWA ABATHOBELAYO

    IBhayibhile ithi: “Liyawa igosa eliphakamileyo ngokuswela abantu,” kodwa “ubuninzi babantu busisihombo sokumkani.” (IMize. 14:28) Abantu abalawulwa bobu Bukumkani baye banda baya kufikelela kwizigidi ezingaphezu kwezisixhenxe nesiqingatha.—INdu. 72:8; Isa. 60:22.

    Abantu abaphuma kuzo zonke iintlobo zobomi

UKULUNGISELELWA UKUZALWA KOBUKUMKANI

Khawuphawule iziganeko eziye zenzeka kumashumi eminyaka ukusa ku-1914. Uyayibona indlela eziye zabanceda ngayo abantu bakaThixo balungela ukuzalwa koBukumkani bukaMesiya?

  1. Kwiminyaka Ye-1800

    UHenry Grew, uGeorge Stetson noGeorge Storrs bahlolisisa baza babhence imfundiso yobuxoki yokungafi komphefumlo

  2. Ngo-1868 Okanye Ngo-1869

    UCharles T. Russell uhlolisisa iimfundiso zeecawa zeNgqobhoko yaye ufumanisa ukuba ziyazigqwetha iZibhalo; “ukholo oluxengaxengayo” lukaRussell luyavuseleleka emva kokuba eve intshumayelo yomshumayeli wama-Adventist uJonas Wendell

  3. Ngo-1870

    UMzalwan’ uRussell useka iqela elifundisisa iBhayibhile; baqalisa ukuyifunda kakuhle iBhayibhile

    Iqela lesifundo seBhayibhile ngeminyaka yoo-1870
  4. Ngo-1870-1875

    Inyaniso ngomphefumlo, intlawulelo nendlela yokubuya kukaKristu iya icaca

  5. Ngo-1876

    Inqaku elabhalwa nguC. T. Russell, elapapashwa kwiBible Examiner, lathi amaXesha Eentlanga aza kuphela ngo-1914

  6. Ngo-1877

    Kupapashwa iThe Object and Manner of Our Lord’s Return ukuze kucaciswe inyaniso ngobukho bukaKristu

  7. Ngo-1879

    Kupapashwa iMboniselo yokuqala

    Iphepha elingaphandlee leZion’s Watch Tower and Herald of Christ’s Presence yokuqala

    IBhabhiloni Enkulu yaziwa njengeecawa zeNgqobhoko

  8. Ngo-1880

    UMzalwan’ uRussell ukhenketha umntla-mpuma welaseMerika ukuze atyelele aze omeleze amaqela afundisisa iBhayibhile

  9. Ngo-1881

    Kupapashwa amaphecana (amanye awo angaphezu kwamaphepha ayi-100) aze anikwe abafundi beMboniselo ukuba bawasasaze simahla

    IMboniselo imema bonke abafundi ukuba baye eSikhumbuzweni eAllegheny, ePennsylvania

    Kuqalisa umsebenzi weeColporteur

    Amanqaku afana nelithi “Wanted 1,000 Preachers” kunye nelithi “Anointed to Preach” akhuthaza intsimi

    Kukhuthazwa amaKristu angekaqalisi ukuhlanganisana ukuba enjenjalo rhoqo

  10. Ngo-1882

    Kukhutshwa inqaku eliyikhabela kude imfundiso kaThixo Oneziqu Ezithathu

  11. Ngo-1885

    IMboniselo ifundwa kumazwekazi amahlanu

  12. Ngo-1886

    Kukhululwa iThe Divine Plan of the Ages, umqulu wokuqala owathi kamva waziwa ngokuba yiStudies in the Scriptures

    IMboniselo imema abafundi bayo “kwindibano” yeentsuku ezintathu eza kuba semva kweSikhumbuzo sokufa kukaKristu, ngaloo ndlela kuqalisa iindibano zaminyaka le

  13. Ngo-1889

    Kwakhiwa IBible House eAllegheny, ePennsylvania

  14. Ngo-1890

    IWatch Tower Society ipapasha iNew Testament kaRotherham, isebenzisa inkampani eprintayo yasekuhlaleni

  15. Ngo-1891

    UC. T. Russell uqalisa ukutyelela kwimimandla engaphandle kweMerika, efuna iindlela “zokuhambisela phambili iNyaniso”

  16. Ngo-1894

    Abameli beTower Tract Society, abenza umsebenzi wabaveleli abahambahambayo, bathunyelwa ukuya kutyelela nokukhuthaza amabandla

    Umveleli ohambahambayo ngeminyaka yoo-1890
  17. Ngo-1895

    IMboniselo iphawula ukuba abanye abathembekileyo babamba iintlanganiso ezazibizwa ngokuba “ziiDawn Circles” ukuze bafunde iBhayibhile yaye ikhuthaza ukuba “zibanjwe kuzo zonke iindawo”

  18. Ngo-1896

    UC. T. Russell upapasha incwadana ethi What Say the Scriptures About Hell?

  19. Ngo-1900

    Kumiselwa iofisi yesebe yokuqala eLondon, eNgilani

    Umsebenzi wokushumayela ufikelela kumazwe ayi-28

  20. Ngo-1903

    Kusasazwa amaphecana simahla ngeeCawa kwizitrato ezikufuphi neecawa, kamva asasazwa kwindlu ngendlu

    Iintshumayelo zikaRussell ziqalisa ukubakho rhoqo kumaphephandaba

  21. Ngo-1909

    Ikomkhulu leWatch Tower Society lifuduselwa eBrooklyn, eNew York

    Abazalwana abathathu bayancokola
  22. Ngo-1910

    ABafundi BeBhayibhile baqalisa ukusebenzisa igama elithi International Bible Students Association

  23. Ngo-1911-1912

    UC. T. Russell nezinxulumani zakhe ezithandathu bahamba iikhilomitha eziyi-56 000 bejikeleza ihlabathi ukuze baphande “impumelelo yamaKristu” kumazwe ahlukahlukeneyo aquka i-Indiya, iJapan, iiPhilippines neTshayina

  24. Ngo-1914

    I-“Photo-Drama of Creation” iqalisa ukuboniswa eNew York ngoJanuwari 11, ize kwinyanga elandelayo iboniswe kwizixeko ezihlanu. Uthi uphela unyaka ibe sele iboniswe ngeendlela ezahlukeneyo kubantu abasondele kwabayi-9 000 000 kuMntla Merika, eYurophu, eOstreliya naseNew Zealand

    Umzalwana osebenzisa i-“Photo-Drama”

    Ngo-Oktobha, uC. T. Russell uxelela intsapho yaseBheteli oku: “Amaxesha Eentlanga aphelile; kuphelile ngookumkani bomhlaba.” Udade owayelapho uthi wongezelela ngelithi: “Ngoko asiyazi into esilindeleyo”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share