INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
‘Isipho Esinikelwa Ngesandla KuYehova’
Singenza njani ukuze ‘sizalise namhlanje isandla ngesipho sikaYehova?’ (1Kr 29:5, 9, 14) Apha ngezantsi kukho iindlela esinokukhetha kuzo ukunikela ukuze sixhase umsebenzi owenziwa ngamaNgqina KaYehova, apha ekuhlaleni okanye emhlabeni wonke.
IMINIKELO EYENZIWA NGEINTANETHI NAKWIIBHOKISI ZEMINIKELO IXHASA:
UMSEBENZI OWENZIWA EHLABATHINI LONKE
ukwakhiwa nokulungiswa kwamasebe neeofisi zokuguqulela
izikolo zentlangano
abazalwana abakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo
xa kwehle intlekele
ukuprintwa, ukwenziwa kweevidiyo nezinto ezifakwa kwizinto ze-elektroniki
IINDLEKO ZEBANDLA
izinto ezithengwayo zebandla nokulungiswa kwezinto zeHolo YoBukumkani
neminye iminikelo ethunyelwa libandla kwisebe ukuze ixhase:
Ulwakhiwo lweeHolo ZoBukumkani nezeeNdibano emhlabeni wonke
Ilungiselelo Loncedo Ehlabathini
eminye imisebenzi eyenziwa ehlabathini lonke
IINDIBANO ZESIPHALUKA NEZENGINGQI
Iminikelo eyenziwa kwindibano yakho yengingqi ithunyelwa kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Zonke iindleko zeendibano zengingqi, ezikhethekileyo nezezizwe ngezizwe ziye zibhatalwe ngeminikelo esuka kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke.
Iminikelo yesiphaluka iye iqashe iiholo zendibano, izilungise ize yenze nezinye iindleko zesiphaluka. Isiphaluka sinokugqiba ukuba sithumele imali eshiyekileyo kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke wamaNgqina KaYehova.