Iingelosi—“Oomoya Abasebenzela Uwonke-Wonke”
“Azingabo na zonke oomoya abasebenzela uwonke-wonke, abathunyelwa ukulungiselela abo baza kuzuz’ ilifa usindiso?”—HEB. 1:14.
1. Unokusithuthuzela njani uMateyu 18:10 namaHebhere 1:14?
ELUMKISA nabani na owayenokukhubekisa abalandeli bakhe, uYesu Kristu wathi: “Qinisekisani ukuba anideleli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni iingelosi zabo ezulwini zisoloko zibubona ubuso bukaBawo osezulwini.” (Mat. 18:10) Ebhekisela kwiingelosi ezithembekileyo, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Azingabo na zonke oomoya abasebenzela uwonke-wonke, abathunyelwa ukulungiselela abo baza kuzuz’ ilifa usindiso?” (Heb. 1:14) Loo mazwi ayasiqinisekisa ukuba uThixo uzisebenzisela ukunceda abantu ezi zidalwa zasezulwini. Isixelela ntoni iBhayibhile ngeengelosi? Zisinceda njani? Sinokufunda ntoni kumzekelo wazo?
2, 3. Yiyiphi eminye yemisebenzi eyenziwa zizidalwa zomoya zasezulwini?
2 Kukho izigidi ngezigidi zeengelosi ezithembekileyo ezulwini. Zonke ‘zomelele ngamandla, zisenza ilizwi lakhe.’ (INdu. 103:20; funda iSityhilelo 5:11.) Aba nyana bakaThixo bomoya baneempawu ezahlukahlukeneyo, iimpawu ezifana nezikaThixo kwakunye nelungelo lokuzikhethela. Basebenza ngolungelelwano yaye banezigxina eziphakamileyo kwilungiselelo likaThixo, banesiphatha-zingelosi esinguMikayeli (igama likaYesu lasezulwini). (Dan. 10:13; Yude 9) Eli “zibulo kwindalo yonke” ‘nguLizwi,’ okanye iSithethi sikaThixo yaye wasetyenziswa nguYehova ekwenzeni zonke ezinye izinto.—Kol. 1:15-17; Yoh. 1:1-3.
3 Ngaphantsi kwesiphatha-zingelosi kukho iiserafi, ezivakalisa ubungcwele bukaYehova nezinceda abantu bakhe bahlale becocekile ngokomoya. Kukwakho neekherubhi, ezixhasa ulongamo lwakhe. (Gen. 3:24; Isa. 6:1-3, 6, 7) Ezinye iingelosi, okanye abathunywa, banemisebenzi eyahlukahlukeneyo enento yokwenza nokuthanda kukaThixo.—Heb. 12:22, 23.
4. Iingelosi zathini xa kwakusekwa umhlaba, ibe babeya kungenelwa njani abantu ukuba ilungelo lokuzikhethela lalisetyenziswe kakuhle?
4 Zonke iingelosi zavuya ‘ekusekweni komhlaba’ zaza zawenza ngemincili umsebenzi wazo njengoko umhlaba oxabisekileyo wawusiba likhaya loluntu. (Yobhi 38:4, 7) UYehova wadala abantu bangaphantsi “kancinane kuneengelosi” kodwa wabenza “ngokomfanekiso” wakhe, nto leyo eyayiza kwenza abantu bakwazi ukubonakalisa iimpawu eziphakamileyo zoMdali wabo. (Heb. 2:7; Gen. 1:26) Ukuba babeyisebenzise kakuhle inkululeko yabo yokuzikhethela, uAdam noEva nenzala yabo ngebabenandiphe ubomi kwikhaya eliyiparadesi njengenxalenye yentsapho kaYehova yomhlaba wonke yezidalwa ezikrelekrele.
5, 6. Yiyiphi imvukelo eyaqhubekayo ezulwini, yaye uThixo wasabela njani?
5 Ngokuqinisekileyo iingelosi ezingcwele zimele ukuba zothuswa kukuqalisa kwemvukelo kwintsapho kaThixo. Enye yazo yayingasanelisekanga kukudumisa uYehova kodwa yayisele ifuna ukunqulwa. Yazenza uSathana (gama elo elithetha “uMxhathisi”) ngokucel’ umngeni ukufaneleka kolawulo lukaYehova ize yenze imigudu yokuzingca yokumisela ulawulo oluchasene nolukaThixo. Esebenzisa ubuxoki bokuqala ukubhalwa eBhayibhileni, uSathana wathi ngamaqhinga wabangela ukuba isibini sokuqala esingabantu simncedise ekuvukeleni uMdali waso onothando.—Gen. 3:4, 5; Yoh. 8:44.
6 UYehova wakhawuleza wawisa isigwebo kuSathana xa wathi kwisiprofeto sokuqala esiseBhayibhileni: “Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe. Yona iya kukutyumza intloko uze wena uyityumze isithende.” (Gen. 3:15) Kwakuya kubakho ubutshaba phakathi kukaSathana “nomfazi” kaThixo. Ngokwenene, uYehova wagqala intlangano yasezulwini yezidalwa zomoya ezithembekileyo njengomfazi othandekayo omanyene naye njengoMyeni. Esi siprofeto sanikela isiseko esiqinileyo sekamva, nangona iinkcukacha zahlala ‘ziyimfihlelo engcwele’ eyayiza kutyhilwa ngokuqhubekayo. UThixo wayenenjongo yokuba isidalwa esithile esikwinxalenye yentlangano yakhe yasezulwini sityumze bonke abavukeli kuze ngeso sidalwa kuhlanganiswe “izinto ezisemazulwini nezinto ezisemhlabeni.”—Efe. 1:8-10.
7. Zenza ntoni ezinye iingelosi ngemihla kaNowa, yaye kwenzeka ntoni kuzo?
7 Ngemihla kaNowa, iingelosi eziliqela zayishiya “indawo yazo efanelekileyo yokuhlala” zaza zazenzela imizimba yenyama ukuze zanelise uyolo lwazo lokuzingca emhlabeni. (Yude 6; Gen. 6:1-4) UYehova waphosela abo bavukeli kwintsunguzi yobumnyama, ibe njengoSathana baba ‘yimikhosi yoomoya abangendawo’ neentshaba ezikhohlakeleyo zabakhonzi bakaThixo.—Efe. 6:11-13; 2 Pet. 2:4.
Zisinceda Njani Iingelosi?
8, 9. UYehova uye wazisebenzisa njani iingelosi ukuze zincede abantu?
8 UAbraham, uYakobi, uMoses, uYoshuwa, uIsaya, uDaniyeli, uYesu, uPetros, uYohane noPawulos baphakathi kwabantu abalungiselelwa ziingelosi. Iingelosi ezithembekileyo zaphumeza imigwebo kaYehova zaza zadlulisela iziprofeto nemiyalelo equka uMthetho kaMoses. (2 Kum. 19:35; Dan. 10:5, 11, 14; IZe. 7:53; ISityhi. 1:1) Ekubeni ngoku sineLizwi likaThixo elipheleleyo, kusenokungabi yomfuneko ukuba iingelosi zidlulisele kuthi izigidimi zikaThixo. (2 Tim. 3:16, 17) Noko ke, zisezulwini, iingelosi zixakeke gqitha ekwenzeni ukuthanda kukaThixo nasekuxhaseni abakhonzi bakhe.
9 IBhayibhile isiqinisekisa ngelithi: “Ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo, ize ibahlangule.” (INdu. 34:7; 91:11) Ngenxa yembambano ephathelele ukugcina kwabantu ingqibelelo, uYehova uyamvumela uSathana ukuba azise zonke iintlobo zeemvavanyo kuthi. (Luka 21:16-19) Noko ke, uThixo uyawazi umlinganiselo esinokunyamezela ngawo ukuze singqineke sithembekile kuye. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:13.) Iingelosi zisoloko zikulungele ukusinceda ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. Zahlangula uShadraki, uMeshaki, uAbhednego, uDaniyeli kwakunye noPetros kodwa azizange zikuthintele ukubulawa kukaStefano noYakobi ziintshaba zabo. (Dan. 3:17, 18, 28; 6:22; IZe. 7:59, 60; 12:1-3, 7, 11) Iimeko zabo zazahlukile. Ngokufanayo, abanye abazalwana bethu ababekwiinkampu zoxinaniso zamaNazi babulawa, ngoxa uYehova waqinisekisayo ukuba uninzi lwabo luyasinda.
10. Ukongezelela ekuncedweni ziingelosi, luluphi olunye uncedo esinokulufumana?
10 IZibhalo azifundisi ukuba mntu ngamnye osemhlabeni unengelosi emkhuselayo. Sithandaza siqinisekile ukuba “kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, [uThixo] uyasiva.” (1 Yoh. 5:14) Kakade ke, uYehova ebenokuthumela ingelosi ukuba isincede, kodwa unokusinceda nangenye indlela. Amanye amaKristu anokusinceda aze asithuthuzele. UThixo usenokusinika ubulumko namandla okusinceda sihlangabezane ‘neliva enyameni’ elinokusihlaba ngokokude kube ngathi ‘simpakazwa yingelosi kaSathana.’—2 Kor. 12:7-10; 1 Tes. 5:14.
Xelisa UYesu
11. Zasetyenziswa njani iingelosi ukunceda uYesu, yaye yintoni awayiphumezayo ngokuhlala ethembekile kuThixo?
11 Khawuhlolisise indlela uYehova awazisebenzisa ngayo iingelosi kwimeko kaYesu. Zavakalisa ukuzalwa nokuvuswa kwakhe zaza zamlungiselela ngoxa wayesemhlabeni. Iingelosi ngezazikuthintele ukubanjwa nokubulawa kwakhe ngenkohlakalo. Noko ke, kunokuba zenjenjalo, kwathunyelwa ingelosi enye ukuba imomeleze. (Mat. 28:5, 6; Luka 2:8-11; 22:43) Ngokuvisisana nenjongo kaYehova, uYesu wafa njengedini waza wanikela ubungqina bokuba umntu ofezekileyo unako ukugcina ingqibelelo kuThixo kwanaxa evavanywa ngokuqatha. Ngoko ke, uYehova wavusela uYesu kubomi bokungafi ezulwini, wamnika “lonke igunya” waza wathobela zonke iingelosi ngaphantsi kwakhe. (Mat. 28:18; IZe. 2:32; 1 Pet. 3:22) Ngaloo ndlela, uYesu wangqineka eyinxalenye eyintloko ‘yembewu’ ‘yomfazi’ kaThixo.—Gen. 3:15; Gal. 3:16.
12. Sinokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu wokuphila engqondweni?
12 UYesu waqonda ukuba kuphosakele ukuvavanya uYehova ngokubeka ubomi bakhe esichengeni aze alindele ukuhlangulwa ziingelosi. (Funda uMateyu 4:5-7.) Ngoko masixelise umzekelo kaYesu ngokuba ‘nengqondo ephilileyo,’ singabeki ubomi bethu esichengeni, kodwa sibe nenkalipho xa sijamelene nentshutshiso.—Tito 2:12.
Oko Sinokukufunda Kwiingelosi Ezithembekileyo
13. Sinokufunda ntoni kumzekelo weengelosi ezithembekileyo ekuthethwe ngazo kweyesi-2 kaPetros 2:9-11?
13 Ekhalimela abo ‘batshabhisa’ abakhonzi bakaYehova abathanjisiweyo, umpostile uPetros ubhekisela kumzekelo omhle weengelosi ezithembekileyo. Nangona zinamandla ngakumbi, iingelosi azimangaleli mntu ‘ngenxa yokuba zihlonela uYehova.’ (Funda eyesi-2 kaPetros 2:9-11.) Nathi masikuphephe ukugweba abantu ngokungafanelekanga, kodwa sihlonele abo bavelelayo ebandleni size sishiyele yonke into ezandleni zikaYehova, onguMgwebi Omkhulu.—Roma 12:18, 19; Heb. 13:17.
14. Iingelosi zisimisela wuphi umzekelo wokunikela inkonzo ngokuthobeka?
14 Iingelosi zikaYehova ziyimizekelo emihle kuthi yokunikela inkonzo ngokuthobeka. Ezinye iingelosi zala ukuchaza amagama azo ebantwini. (Gen. 32:29; ABagwe. 13:17, 18) Nangona kukho izigidi ngezigidi zezi zidalwa zomoya ezulwini, nguMikayeli noGabriyeli kuphela ababizwa ngamagama eBhayibhileni. Oku kuyasinceda singaniki iingelosi uzuko olungazifanelanga. (Luka 1:26; ISityhi. 12:7) Xa umpostile uYohane wawa phantsi ukuze anqule ingelosi, yambongoza isithi: “Lumka! Ungakwenzi oko! Nam ndilikhoboka nje kuphela kunye nawe nabazalwana bakho.” (ISityhi. 22:8, 9) Sifanele sinqule size sithandaze kuThixo kuphela.—Funda uMateyu 4:8-10.
15. Iingelosi zisimisela wuphi umzekelo wokuba nomonde?
15 Kwakhona iingelosi zisimisela umzekelo wokuba nomonde. Nangona zinomdla wokwenene wokwazi iimfihlelo ezingcwele zikaThixo, azizazi zonke ezo mfihlelo. IBhayibhile ithi: “Kwaneengelosi zinqwenela ukuqondela kwezi zinto.” (1 Pet. 1:12) Ngoko, zenza ntoni? Zilinda ngomonde ixesha elifanelekileyo likaThixo lokwazisa ‘ibandla ngobulumko bakhe obuziintlobo ezininzi.’—Efe. 3:10, 11.
16. Indlela esiziphatha ngayo izichaphazela njani iingelosi?
16 AmaKristu avavanywayo ‘angumboniso wokubonelwa ziingelosi.’ (1 Kor. 4:9) Zinolwaneliseko olukhulu, iingelosi ziyazibukela izenzo zethu zokunyaniseka yaye ziyavuya xa kukho umoni oguqukayo. (Luka 15:10) Indlela yokuziphatha ebonisa ukuhlonel’ uThixo yabafazi abangamaKristu, iyaphawulwa ziingelosi. IBhayibhile ibonisa ukuba ‘umfazi ufanele abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko yakhe ngenxa yeengelosi.’ (1 Kor. 11:3, 10) Enyanisweni, iingelosi ziyaneliswa kukubona abafazi abangamaKristu nabo bonke abanye abakhonzi bakaThixo abasemhlabeni bethobela ulungelelwano kwakunye nobuntloko obumiselwe nguThixo. Oko kuthobela kubakhumbuza okuthile aba nyana bakaThixo basezulwini.
Iingelosi Ziwuxhasa Ngokupheleleyo Umsebenzi Wokushumayela
17, 18. Sinokutsho njani ukuba iingelosi ziyawuxhasa umsebenzi wethu wokushumayela?
17 Iingelosi zinegalelo kwezinye iziganeko ezibalaseleyo ezenzeka ‘ngemini yeNkosi.’ Ezi ziganeko ziquka ukuzalwa koBukumkani ngowe-1914 nokuphoselwa phantsi emhlabeni kukaSathana needemon zakhe ‘nguMikayeli neengelosi zakhe.’ (ISityhi. 1:10; 11:15; 12:5-9) Umpostile uYohane wabona “ingelosi iphaphazela esazulwini sezulu, ineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni.” Le ngelosi yathi: “Moyikeni uThixo nimzukise, kuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe, ngoko mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba nolwandle nemithombo yamanzi.” (ISityhi. 14:6, 7) Ngenxa yoko, abakhonzi bakaYehova baqinisekile ukuba baya kuxhaswa ziingelosi njengoko beshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani obumiselweyo nakuba uSathana ebachasa ngokukrakra.—ISityhi. 12:13, 17.
18 Namhlanje, iingelosi azisikhokeleli kubantu abaneentliziyo ezintle ngokuthetha nathi njengoko ingelosi yathetha kuFilipu yaza yamalathisela kwithenwa elingumTiyopiya. (IZe. 8:26-29) Noko ke, amava amaninzi namhlanje aye anikela ubungqina bokuba nangona singaziboni, iingelosi ziyawuxhasa umsebenzi esiwenzayo wokushumayela ngoBukumkani yaye zisikhokelela kwabo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’a (IZe. 13:48) Kubaluleke ngokwenene ukuba nenxaxheba rhoqo kubulungiseleli ukuze sibe negalelo ekufumaneni abo banqwenela ‘ukunqula uBawo ngomoya nenyaniso!’—Yoh. 4:23, 24.
19, 20. Iingelosi zinayiphi indima kwiziganeko eziphawula ‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto’?
19 Ethetha ngemihla yethu, uYesu wathi “ekuphelisweni kwenkqubo yezinto,” iingelosi ‘ziya kwahlula abangendawo kwabangamalungisa.’ (Mat. 13:37-43, 49) Iingelosi zinenxaxheba ekuhlanganisweni kokugqibela nasekutywinweni kwabathanjiswa. (Funda uMateyu 24:31; ISityhi. 7:1-3) Ngaphezu koko, uYesu uya kuba ekunye neengelosi xa “esahlula izimvu ezibhokhweni.”—Mat. 25:31-33, 46.
20 “Ekutyhilekeni kweNkosi uYesu ivela ezulwini kunye neengelosi zayo ezinamandla” bonke “abo bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo ezingeNkosi yethu uYesu” baya kutshatyalaliswa. (2 Tes. 1:6-10) Xa uYohane wabona kwaeso siganeko sifanayo embonweni, wachaza uYesu nemikhosi yeengelosi yasezulwini njengaleyo ikhwele amahashe amhlophe ukuze yenze imfazwe ngobulungisa.—ISityhi. 19:11-14.
21. Liliphi inyathelo eliya kuthatyathwa yingelosi ‘enesitshixo senzonzobila nomxokelelwane omkhulu esandleni sayo’ nxamnye noSathana needemon zakhe?
21 Kwakhona uYohane ‘wabona ingelosi isihla iphuma ezulwini inesitshixo senzonzobila nomxokelelwane omkhulu esandleni sayo.’ Le ngelosi nguMikayeli osisiphatha-zingelosi, noya kubopha uMtyholi, ngokuqinisekileyo kunye neengelosi zakhe, aze abaphose enzonzobileni. Baya kukhululwa kancinane ekupheleni koLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka xa uluntu olufezekileyo luvavanywa okokugqibela. Emva koko, uSathana nabo bonke abanye abavukeli baya kutshatyalaliswa. (ISityhi. 20:1-3, 7-10; 1 Yoh. 3:8) Yonke imvukelo nxamnye noThixo iya kube ishenxisiwe.
22. Iingelosi zinaliphi igalelo koko kuza kwenzeka kungekudala, yaye sifanele sivakalelwe njani ngendima yazo?
22 Sele kumbovu ukukhululwa kwethu kwinkqubo engendawo kaSathana. Iingelosi ziya kuba nendima ebalulekileyo kwezi ziganeko ziphawulekayo neziya kuphakamisa ulongamo lukaYehova zize ziyizalisekise ngokupheleleyo injongo yakhe ngomhlaba nangoluntu. Ngokwenene iingelosi ezithembekileyo ‘zingoomoya abasebenzela uwonke-wonke, abathunyelwa ukulungiselela abo baza kuzuz’ ilifa usindiso.’ Ngoko ke, masimbulele uYehova uThixo ngendlela azisebenzisa ngayo iingelosi ukuba zisincede senze ukuthanda kwakhe size sizuze ubomi obungunaphakade.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, iphepha 549-551.
Unokuphendula Uthini?
• Zilungelelaniswe njani izidalwa zomoya zasezulwini?
• Zenza ntoni ezinye iingelosi ngemihla kaNowa?
• UThixo uzisebenzise njani iingelosi ukuba zisincede?
• Iingelosi ezithembekileyo zinayiphi indima kwixesha lethu?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Iingelosi ziyakuvuyela ukwenza ukuthanda kukaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Njengakwimeko kaDaniyeli, iingelosi zisoloko zikulungele ukunceda abantu benze ukuthanda kukaThixo
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
Yiba nenkalipho, kuba umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani uxhaswa ziingelosi!
[Inkcazelo]
Globe: NASA photo