IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • T-34 iphe. 1-4
  • Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?
  • Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?
  • Amanqaku Afanayo
  • Ucinga Ntoni Ngekamva?
    Ucinga Ntoni Ngekamva?
  • Ngaba Abantu Abaswelekileyo Bangaze Bavuke?
    Ngaba Abantu Abaswelekileyo Bangaze Bavuke?
  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni UBukumkani BukaThixo?
  • Ngubani Olawula Ihlabathi?
    Ngubani Olawula Ihlabathi?
Khangela Okunye
Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?
T-34 iphe. 1-4

Ngaba Izinto Ezibuhlungu Ziya Kuze Ziphele?

Ngaba unokuthi . . .

  • ewe?

  • hayi?

  • mhlawumbi?

ITHINI IBHAYIBHILE?

“UThixo . . . uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.”​—ISityhilelo 21:​3, 4, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

INGAKUNCEDA NJANI LE NTO?

Unokuqiniseka ukuba ayingoThixo owenza sibe neengxaki.​—Yakobi 1:13.

Kunokukuthuthuzela ukwazi ukuba uThixo uyayiqonda indlela esiziva ngayo xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu.​—Zekariya 2:8.

Kukunika ithemba lokuba izinto ezibuhlungu ziza kuphela.​—INdumiso 37:9-11.

Indoda efunda iBhayibhile icinga indlela ekuza kuba yiyo xa kupheliswa izinto ezibuhlungu nokungabikho kobulungisa emhlabeni

NGABA SINOKUYIKHOLELWA INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE?

Ewe, nazi ezinye izizathu zokuyikholelwa:

  • UThixo akazithandi izinto ezimbi nokungabikho kobulungisa. Ngaba uyayazi indlela awaziva ngayo uThixo xa abantu bakhe baphathwa kakubi ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile? IBhayibhile ithi waba buhlungu xa ‘babecinezelwa yaye bexhatshazwa.’​—ABagwebi 2:18.

    UThixo akabafuni abantu abaphatha kakubi abanye. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi ‘izandla ezichitha igazi elimsulwa’ uyazonyanya.​—IMizekeliso 6:​16, 17.

  • UThixo ukhathalele ngamnye wethu. Uthi masiliphose kuye lonke ixhala lethu ‘kuba usikhathalele.’​—1 Petros 5:7.

    Kungekudala, uYehova uza kuziphelisa izinto ezibuhlungu esebenzisa uBukumkani bakhe. (Mateyu 6:​9, 10) Okwangoku, uyabathuthuzela abo bamfuna nyhani.​—IZenzo 17:​27; 2 Korinte 1:​3, 4.

NANK’ UMBUZO

Amabhinqa amabini afunda iBhayibhile

Kutheni uThixo evumele izinto ezibuhlungu zenzeke?

IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo KUMAROMA 5:​12; NAKWEYE-2 KAPETROS 3:9.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share