IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 2/15 iphe. 25-26
  • Unqulo Oluyinyaniso Luyoyisa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unqulo Oluyinyaniso Luyoyisa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imeko Embi YaseYerusalem
  • Udonga Luyakhiwa Phezu Kwalo Nje Iyelenqe
  • Unqulo Oluyinyaniso Luyahlaziywa
  • Unikezelo Oluchwayitisayo
  • Ukungcola Kuyahlanjululwa
  • Iimbalasane Zencwadi KaNehemiya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Incwadi YeBhayibhile 16—Nehemiya
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • IYerusalem—ngaba ‘Ingaphezu Kwemivuyo Yakho Yonke’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Iindonga ZaseYerusalem
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 2/15 iphe. 25-26

Iimbalasane ZeBhayibhile Nehemiya 1:1-13:31

Unqulo Oluyinyaniso Luyoyisa

Unqulo oluyinyaniso loyisa ngezenzo ezingqalileyo nangentembelo eqinileyo kuYehova. Lowo ngumongo wencwadi kaNehamiya. Yingxelo eyomeleleyo yokwakhiwa ngokutsha kodonga IweYerusalem phantsi kokhokelo Iwenkalipho lukaNehemiya.

Le ncwadi igubungela ixesha lamanqam, xesha elo kwakuya kuthi ebudeni balo iiveki ezingama-70 zeminyaka ekhokelela ekuveleni kukaMesiya ziqalise. (Daniyell 9:24-27) Indinyana yokuqala nengxelo ebhalwe ngamazwi akhe imfanisa ngokucace gca uNehemiya njengombhali. Le ncwadi ilandela ekaEzra, ibalisa oko ingako imbali malunga neminyaka eli-12 emva kweziganeko ezabhalwa nguEzra.

Njengoko sifunda le ngxelo, sibona indlela uYehova aziqhuba ngayo iziganeko ngokumangalisayo ukuze ukuthanda kwakhe kuphumelele. Sikwaphawula indlela abomeleza nabathuthuzela ngayo abakhonzi bakhe abanyanisekileyo.

Imeko Embi YaseYerusalem

Khawufunde uNehemiya 1:1-2:20. UNehemiya, umngcamli kukumkani wasePersi, uthi azi ukuba iindonga zeYerusalem zisengamabhodlo yaye abantu abalapho ‘basebubini obukhulu.’ Esekungcungcuthekeni okukhulu, uNehemiya uzityand’ igila kuYehova kumthandazo onyanisekileyo. Usizi lwakhe luyaphawulwa ngukumkani, ngolo hlobo kuvulela uNehemiya indlela yokuya eYerusalem ukuya kubona ukwakhiwa ngokutsha kodonga lwesixeko.

◆ 1:1—Yayinguwuphi lo nyaka?

Lo yayingunyaka wama-20 kaKumkani uArtashashta (uLongimanus). (2:1) Ekubeni uKislevu (Novemba-Disemba) ebekwa ngaphambi kukaNisan (Matshi-Aprili) kule mbali, ngokucacileyo ookumkani bamaPersi babebala unyaka ngamnye wolawulo lwabo ukususela ebusika kuye ebusika, okanye ukususela kwixesha abahleli ngokwenene ngalo etroneni. Ubungqina obungokwembali nobuthenjiweyo neziprofeto zeBhayibhile ezizalisekileyo zalatha kowama-455 B.C.E. njengonyaka uNisan wonyaka wama-20 ka-Artashashta awaba kuwo. Ngaloo ndlela, ingxelo kaNehemiya iqalisa ebusika bowama-456 B.C.E., yaye umyalelo wokwakhiwa ngokutsha kodonga IweYerusalem wakhutshwa entwasahlobo yowama-455 B.C.E.

◆ 2:4—Ngaba lo yayingumthandazo womzuzu wokugqibela wokuphelelwa lithemba?

Hayi, kuba imeko yokubhuqeka kweYerusalem yayingumthandazo kaNehemiya ongundoqo “imini nobusuku” kangangexesha elide. (,1:4,6) Xa wafumana ithuba lokuxelela uKumkani uArtashashta ngomnqweno wakhe wokwakha ngokutsha iindonga zeYerusalem, uNehemiya wathandaza kwakhona, ngaloo ndlela esenza oko wayesele ekwenza ngokuphindaphindiweyo. Impendulo kaYehova yobabalo yaphumela kuthumo lokwakha ngokutsha iindonga zesixeko.

Esikufundayo Koku: UNehemiya wakhangela kuYehova ngoIwalathiso. Xa sijongene nezigqibo ezinzima, ngokunjalo, nathi sifanele ‘sizingise emthandazweni’ size senze ngokuvisisana nokhokelo lukaYehova.—Roma 12:12.

Udonga Luyakhiwa Phezu Kwalo Nje Iyelenqe

Funda 3:1–6:19. Njengoko ukwakhiwa kodonga kuqalisa, iintshaba ziyangcikiva yaye ziyanyelisa. Kamva, zisongela ngokuhlasela. Engoyiki nto, uNehemiya uvuselela abasebenzi ngala mazwi: “Khumbulani iNkosi [uYehova] enkulu eyoyikekayo.” Isiqingatha sabo sema silindile sinezikhali nezaphetha, yaye abanye babesebenza benezixhobo zilungile. Phezu kwako nje ukusongelwa namanye amayelenqe, amaYuda alugqiba udonga kwiintsuku ezingama-52!

◆ 3:5—Yayingoobani ezi “ngangamsha”?

YayingamaYuda abalaseleyo phakathi kwabemi okanye awayekade engabemi baseTekowa, idolophu ethe qelele kangangeekhilomitha ezili-16 emazantsi eYerusalem. Ngokucacileyo ezi “ngangamsha” zazinekratshi kakhulu ukuba zingade zizithobe zize zisebenze phantsi kwedyokhwe yabaveleli abamiswe nguNehemiya.—Thelekisa uYeremiya 27:11.

◆ 4:17—Babesebenza njani ngesandla esinye?

Amagcisa okwakha kwakumele asebenzise izandla zozibini kumsebenzi wawo. La ezawo izixhobo zokuIwa zazisesinqeni. (4:18) Abathwala imithwalo ngokulula babenokuphatha izixhobo zokulwa ngesinye isandla baze bathwale imithwalo yodaka okanye amatye awaphukileyo emagxeni okanye kwiintloko zabo.—Genesis 24:15, 45.

◆ 5:7—Kutheni ukubolekisa ngemali enenzala kwakuphosakele nje?

Oku yayikukwaphula ngokungqalileyo umthetho kaYehova. (Levitikus 25:36; Duteronomi 23:19) ‘Eyekhulu,’ ukuba yayiba ngako inyanga ngenyanga, yayiya kuba li-12 ekhulwini ngonyaka. (5:11) Abantu babesele becinezeleke gqitha ngenxa yendlala nerhafu eninzi yasePersi. (5:3, 4) Kanti izityebi ngokungenalwavela zazinyanzelisa inzala ephakamileyo kubazalwana bazo abangamahlwempu.

◆ 6:5—Kwakutheni ukuze ibe ‘yincwadi evulekileyo’?

Iincwadi eziziimfihlelo zazidla ngokufakwa kwiingxowa ezitywinwe ngenyameko. Ngaloo ndlela ukuthumela kukaSanebhalati ‘incwadi evulekileyo’ kusenokuba kwakugqalwa njengesithuko. Okanye, ekubeni isityholo ‘esikwincwadi evulekileyo’ sasinokufundwa ngabanye, kusenokuba wayenethemba lokuba uNehemiya wayeya kucaphuka kangangokuba wayeya kuyishiya iYerusalem eze kuye aze azithethelele kwezo zimangalo. USanebhalati kusenokuba wayenethemba lokuba incwadi yayiya kudala umothuko kangangokuba amaYuda ayeya kuwunqumamisa umsebenzi wawo.

Esikufundayo Koku: Asifanele siwujonge umsebenzi onzima njengodelekileyo kuthi size sirhoxobise ‘njengeengangamsha’ zamaTekowa. Kunoko, sifanele sizibhokoxe njengamaTekowa aqhelekileyo awayesenza umsebenzi ophindwe kubini.—Nehemiya 3:5, 27.

Unqulo Oluyinyaniso Luyahlaziywa

Funda 7:1–10:39. Wonke lo msebenzi wenzelwa injongo enye: ukubuyisela unqulo oluyinyaniso. Emva kokuba abantu bebaliwe, bayahlanganisana ukuba beve uEzra nabaLevi befunda baze bacacise uMthetho. Ngaloo ndlela emva ‘kokuqiqiswa,’ ngovuyo benza uMthendeleko weMinquba. Abantu bazila ukudla baze bavume izono zabo, yaye kuthatyathwa amanyathelo okulungisa ezi ziphoso.

◆ 7:6—Kutheni olu ludwe lwahlukile nje kolukaEzra?

Zombini ezi ngxelo ziyavuma ukuba, ngaphandle kwabakhonzi neemvumi, abantu abangama-42 360 babuya. (Ezra 2:64, 65; Nehemiya ) Kodwa kukho umahluko kwinani lababuyayo kwizindlu ezithile. Kunokwenzeka ukuba, uEzra noNehemiya basebenzisa iindlela ezahlukeneyo zokuhlanganisa uludwe lwabo. Ngokomzekelo, omnye kusenokuba wadwelisa abo babhalisela ukubuya, ngoxa omnye wabhala abo babuya ngokwenene. Bambi ababingeleli, yaye mhlawumbi nabanye, abazange bakwazi ukumisela imilibo yabo yokuzalwa. (7:64) Oku kunokusicacisa isizathu sokuba isimbuku soludwe lwabantu ngabanye singafikeleli kwisimbuku esichaziweyo esingama-42 360.

◆8:8—‘Wawuqononondiswa’ njani umthetho?

Ngokucacileyo, ngaphandle kokusebenzisa intetho ecacileyo nelungileyo nokuyibethelela ngomlomo, uEzra nabancedisi bakhe bawucacisa uMthetho baza bayisebenzisa imigaqo yoMthetho khon’ ukuze abantu babe nokuwuqonda bhetele. limpapasho ezisekelwe eBhayibhileni neentlanganiso zamaNgqina kaYehova nazo ziyanceda ‘ukuqononondisa’ iLizwi likaThixo.

◆ 9:1—Kwakutheni ukuze amaSirayeli ambathe iingubo ezirhwexayo nomhlaba?

Ukwambatha ingubo erhwexayo—ingubo embala umnyama eyolukwe ngoboya bebhokhwe—kwakungumqondiso wosizi. Ngokufanayo, ukuzigalela ngomhlaba okanye uthuthu entloko okanye emzimbeni kwakungumqondiso wokuzila okunzulu okanye ukuzithoba. (1 Samuweli 4:12; 2 Samuweli 13:19) AmaYuda akwenza oko ukubonisa ukuba lusizi kwawo nokuzigqala ngokuthobekileyo izono zawo. Oku kwalandelwa kukwenziwa ‘komnqophiso’ wokuvuma izono, “umnqophiso wenene.” (9:38) Ngokukwanjalo, simele sizigqale size ngentobeko sivume izono zethu ukuba siza kulondoloza ulwalamano Iwethu noThixo.—1 Yohane 1:6-9.

◆ 10:34—Ngaba ukunikela ngeenkuni kwakuyalelwe eMthethweni?

Hayi, kodwa iinkuni ezininzi zazifuneka ukuze zibaswe esibingelelweni. Ngokucacileyo, ayenganelanga amaNethinim—abakhonzi betempile ababengengomaSirayeli ‘ababengabathezi beenkuni’—awayephakathi kwabantu ababuyayo. (Yoshuwa 9:23, 27) Ngoko ukuqinisekisa ukuba iinkuni zisoloko zikho, kwawiswa amaqashiso ukugqiba ukuba liliphi icandelo lesizwe elifanele linikele ngeenkuni ngexesha elithile.

Esikufundayo Koku: “Uvuyo lukaYehova” lwabakho ngenxa yokuqonda iLizwi likaThixo, ukulisebenzisa ngokobuqu, nokusabela kulwalathiso lobuthixo. (8:10) Ngokukwanjalo, amaNgqina kaYehova ayayixabisa imbaluleka yofundisiso lobuqu, ukuya rhoqo kwiintlanganiso, nobulungiseleli basentsimini ekulondolozeni uvuyo.

Unikezelo Oluchwayitisayo

Funda 11:1–12:47. Ukuze iYerusalem iqhubeke njengesazulu sonqulo oluyinyaniso, kufuneka ibe nabemi abaninzi ngakumbi. Ngaphandle kwamatsha-ntliziyo, kuwiswa amaqashiso ukwenzela umntu omnye kwabalishumi abahlala ngaphandle ukuba angene esixekweni. Ngoko udonga lwesixeko luyanikezelwa ngomemelelo oluvuyisayo. Imibingelelo emikhulu yanikelwa yaye ukuvuya kwabantu kunokuviwa nakwindawo ekude.

◆ 11:2—Kutheni le nto amatshantliziyo ‘asikelelwayo’?

Ukushiya ilifa nokuya eYerusalem kwakunokuphumela kwiindleko ezithile nakukungalungelwa okuthile. Abo babehlala kweso sixeko kusenokuba babekwachanabeke kwiingozi ezahlukahlukeneyo. Phantsi kweemeko ezinjalo, bambi bawajonga la matsha-ntliziyo njengafanelwe yindumiso yaye ngokungathandabuzekiyo bathandaza ukuba uYehova awasikelele.

◆ 12:27—Lwanikezelwa nini udonga?

Udonga lwagqitywa ngomhla wama-25 kwinyanga yesithandathu, uEluli, ngowama-455 B.C.E., yaye ukuhlanganiswa okuphawulekayo kwenziwa kwinyanga eyalandelayo. (6:15; 8:2; 9:1) Mhlawumbi unikezelo lwalandela kwakamsinya njengencopho yeso sihlandlo sovuyo.

Esikufundayo Koku: Umoya wokuqhutywa yintliziyo nokuvakalisa umbulelo kuYehova ngokuvuma nangomculo kwakufudumez’ intliziyo. Namhlanje, kwiindibano nakwezinye izihlandlo, amaNgqina kaYehova anikela inkonzo yawo ukuze kungenelwe abanye yaye ngentliziyo epheleleyo avuma iindumiso kuThixo.

Ukungcola Kuyahlanjululwa

Funda 13:1-31. Ekubuyeni kuhambo lokuya kwinkundla yasePersi, uNehemiya wothuswa koko kwenzekileyo ngoxa ebengekho. Uthabatha inyathelo elikhawulezileyo ukulungisa iingxaki.

◆ 13:3—Ngoobani ababebumba lo “mxube”?

“Umxube” ngokucacileyo wawuquka abo basemzini njengamaMowabhi, ama-Amon, noonyana bokuxubana kwamaSirayeli nabasemzini. (13:1,2) Oku kukhanyiswa sisibakala sokuba ekuqaleni amaYuda abagxotha abafazi bawo bangaphandle nabantwana babo. (Ezra 10:44) Kwakhona amaYuda ayethabathe abafazi basemzini, yaye oku kwafuna ukuthintela aba bafazi nenzala yabo ebuthweni, elizweni ngokwalo, yaye ngaloo ndlela bathintelwe kumalungelo okunqula nabantu bakaYehova.—Nehemiya 13:23-31.

Esikufundayo Koku: AmaYuda awasilelayo angumzekelo osisilumkiso kuthi. Kufuneka siphaphe gqitha ekuzilindeni nxamnye nokuphazanyiswa zizinto eziphathekayo, ukonakala nowexuko.

Izihlandlo ezininzi, incwadi kaNehemiya ibethelela umgaqo wokuba “ukuba akayakhi uYehova indlu, bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo.” (INdumiso 127:1) Isifundo esisiseko esisifundayo kukuba kuko konke esikwenzayo, siya kuphumelela kuphela ukuba sinentsikelelo kaYehova. Yaye loo ntsikelelo ixhomekeke ekugcineni kwethu unqulo oluyinyaniso lukwindawo yokuqala ebomini bethu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share