-
Ngaba Unokuyithemba IBhayibhile?IMboniselo—1993 | Juni 15
-
-
Ngaba Unokuyithemba IBhayibhile?
UKUBA uthabatha iBhayibhile, ngaba ubuya kulindela ukufumana ingqekembe yemali? Kuthekani ngale ngqekembe yamandulo yesilivere?
Abaninzi bayigqala iBhayibhile njenge- ncwadi endala enamabali angaqhelekanga nekhuthaza ukuziphatha okuhle. Ukanti, abakholelwa ukuba iingxelo eziseBhayibhileni ziyimbali echanileyo, ngoko bayakhanyela ukuba iliLizwi likaThixo. Noko ke, kukho ubungqina obaneleyo bokuchana kweBhayibhile. Le ngqekembe (ebonakala yandisiwe) ingumzekelo omhle. Athini amagama abhalwe kuyo?
Le ngqekembe yenziwa eTarso, isixeko esikumzantsi-mpuma wendawo namhlanje ekuthiwa yiTheki. Le ngqekembe yaveliswa ebudeni bolawulo lwebamba elingumPersi uMazaeus ngenkulungwane yesine Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Imchaza njengebamba lephondo “Elingaphesheya koMlambo,” oko kukuthi, uMlambo umEfrati.
Kodwa kutheni eli binzana libangel’ umdla? Kungenxa yokuba uya kufumana inkcazelo efanayo eBhayibhileni yakho. UEzra 5:6-6:13 uchaza izinto ezazifana phakathi kokumkani wamaPersi uDariyo nebamba ekuthiwa nguTatenayi. Umcimbi ekwakuxoxwa ngawo yayingowokwakhiwa kwakhona kwetempile yamaYuda eYerusalem. UEzra wayengumkhupheli woMthetho kaThixo, yaye ubunokulindela ukuba oko akubhalayo kube kokucacileyo nokuchanileyo. KuEzra 5:6 nese-6:13 (NW) uya kuphawula ukuba uTatenayi wambiza ngokuba “libamba langaphesheya koMlambo.”
UEzra wakubhala oko malunga nowama-460 B.C.E., iminyaka eli-100 ngaphambi kokuba le ngqekembe yenziwe. Kaloku, abanye abantu basenokuba nemvo yokuba inkcazelo engomlawuli wamandulo yinto nje engenamsebenzi. Kodwa ukuba unokubathemba ababhali beBhayibhile kwanakwizinto nje ezincinane ngolo hlobo, ngaba oko akunakuyikhulisa intembelo yakho kuyo nantoni na abayibhalayo?
Kumanqaku amabini okuqala ale nkupho, uya kufumana izizathu ezongezelelekileyo zokuba nentembelo enjalo.
-
-
Ngaba Uya Kukuvuyela Ukutyelelwa?IMboniselo—1993 | Juni 15
-
-
Ngaba Uya Kukuvuyela Ukutyelelwa?
Kwanakweli hlabathi lizaliswe ziinkathazo, unako ukuzuza ulonwabo kulwazi oluchanileyo lweBhayibhile ngoThixo, uBukumkani bakhe nenjongo yakhe emangalisayo ngoluntu. Ukuba ungayivuyela inkcazelo engakumbi okanye ungathanda ukuba uthile eze kuwe ukuze akuqhubele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa, nceda ubhalele kwiWatch Tower, Private Bag X2067, Krugersdorp, 1740, okanye kwikhelingi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 2.
-