Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
© 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
NOVEMBA 3-9
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INGOMA YAZO IINGOMA 1-2
Ngaba Kunokwenzeka Ukuba Uthando Lungapheli
Ngaba Kunokwenzeka Ukuba Uthando Lungapheli?
9 Umtshato awusosivumelwano okanye umnqophiso nje osayinwayo kube kuphelele apho, ubandakanya uthando. Eneneni, uthando lungundoqo kumtshato wamaKristu. Kodwa luluphi olu thando sithetha ngalo apha? Ngaba lolu lulawulwa yimigaqo yeBhayibhile? (1 Yoh. 4:8) Ngaba luthando lwemvelo—olufana nolwabantu abazalanayo? Ngaba lolufana nolwabahlobo abasenyongweni? (Yoh. 11:3) Okanye ngaba lolwezinqanda-mathe? (IMize. 5:15-20) Uthando lokwenene nolungapheliyo oluphakathi kwabantu abatshatileyo luziquka zonke ezi ntlobo. Eyona ndlela ibhetele yokubonisa umntu ukuba uyamthanda kukuba iphum’ emlonyeni kuwe loo nto. Kubaluleke gqitha ukuba abantu abatshatileyo bangavumeli ukuxakeka zizinto zobomi kubenze bangaxelelani indlela abathandana ngayo! Ukwenjenjalo kuya kuliqinisekisa iqabane lakho ukuba uyalithanda nize nonwabe emtshatweni. Kwiindawo apho umntu alibonelwayo iqabane lakhe, kwaye indoda nomfazi betshata bengazani, ukuxelelana kwabo indlela abathandana ngayo kuya kubenza bathandane nangakumbi, uze nomtshato wabo uqine.
10 Ikho nenye into ezinceda ngayo izincokoliso zothando kumaqabane atshatileyo. UKumkani uSolomon wathembisa eli gqiyazana lomShulami ukuba uza kulenzela “iingcaca zegolide, kunye nengqukuva yokuhombisa yesilivere.” Walityibela elincoma ngokuthi “lihle njengenyanga ehlangeneyo, lisulungeke njengelanga eliqaqambileyo.” (INgoma 1:9-11; 6:10) Kodwa le ntokazi yayingafuni nokuva ngomalusi wayo. Yancedwa yintoni ukuze ingagungqi? Yintoni eyayenza yathuthuzeleka xa yayikude naye? Iyasichazela. (Funda iNgoma yazo iiNgoma 1:2, 3.) Yayikukukhumbula ‘izincokoliso zothando’ zomalusi. Kule ntwazana, ‘zazilunge ngakumbi kunewayini’ eyenza intliziyo yomntu ibe nemihlali, kwaye igama lakhe lalithomalalisa ‘njengeoli ethululwa’ entloko. (INdu. 23:5; 104:15) Ngokwenene, ukukhumbula amazwi othando eqabane lakho kunokulwenza lungapheli uthando. Kubaluleke nyhani ke ukuba abantu abatshatileyo baxelelane qho indlela abathandana ngayo!
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Ngaba Kunokwenzeka Ukuba Uthando Lungapheli?
11 INgoma yazo iiNgoma inento eyifundisayo kumaKristu angatshatanga, ngokukodwa akhangela iqabane. Le ntwazana yayingamthandi uSolomon. Yafungisa iintombi zaseYerusalem, isithi: “Ningazami ukuluvusa okanye ukuluvuselela uthando lwam lude luzivukele ngokwalo.” (INgoma 2:7; 3:5) Ngoba? Kaloku ayifanelekanga into yokuleqa okanye ukuncwasa nje kwamntu uvelayo. Ngoko umKristu onqwenela ukutshata uya kuba ulumkile xa elinda umntu amthanda nyhani.
NOVEMBA 10-16
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INGOMA YAZO IINGOMA 3-5
Ukubaluleka Kobuhle Bangaphakathi
Ngaba Kunokwenzeka Ukuba Uthando Lungapheli?
8 Le ngoma ayithethi ngezincokoliso ezinento yokwenza nobuhle kuphela. Umzekelo woku ngamazwi awathethwa ngumalusi ngezinto ezithethwa yile ntwazana. (Funda iNgoma yazo iiNgoma 4:7, 11.) Kuthiwa “ubusi nobisi zingaphantsi kolwimi” lwakhe. La mazwi athetha ukuba izinto azithethayo zimnandi kwaye zilungile njengobusi nobisi. Kucacile ke ukuba xa umalusi esithi kule ntokazi, “umhle ngokupheleleyo, . . . yaye akunasiphene,” akathethi ngenkangeleko kuphela.
Imbono KaThixo Ngokucoceka Kokuziphatha
17 Umgcini wengqibelelo wesithathu yayiyintombi engumShulami. Ekubeni wayeselula yaye eyinzwakazi, akazange anele ukuthimb’ ingqalelo yenkwenkwe engumalusi kuphela kodwa kwanekakumkani wakwaSirayeli owayesisityebi, uSolomon. Kulo lonke ibali elimnandi elikwiNgoma yazo iiNgoma, umShulamikazi wahlala enyulu, ngaloo ndlela ehlonelwa ngabo bamngqongileyo. Nangona le ntokazi ingazange imamkele, uSolomon waphefumlelwa ukuba abhale ibali layo. Lo malusi yayimthanda wayeyihlonela ihambo yayo enyulu. Ngaxa lithile waqiqa ngelithi umShulamikazi ‘wayenjengomyezo obiyelweyo.’ (INgoma yazo iiNgoma 4:12) KuSirayeli wamandulo, imiyezo emihle yayiba neentlobo ngeentlobo zemifuno emihle, iintyatyambo ezitsho ngevumba elimyoli kunye nemithi emihle. Loo miyezo yayidla ngokubiyelwa ngoludwe lwemithi etyaliweyo okanye ngothango yaye wawunokungena kuyo ngesango elitshixwayo kuphela. (Isaya 5:5) Ukucoceka nokuthandeka kokuziphatha kwalo mShulamikazi kwakufana nomyezo omhle gqitha kulo malusi. Wayenyulu ngokupheleleyo. Uthando oluthantamisayo lwakhe lwaluya kufunyanwa ngulowo wayeza kuba ngumyeni wakhe kuphela.
g04 12/22 9 ¶2-5
Ubuhle Bangaphakathi Bunomtsalane Kwabanye
Ngaba ubuhle bangaphakathi bunomtsalane kwabanye? UGeorgina osele etshate malunga neminyaka elishumi, uthi: “Ukutyhubela iminyaka, ndiye ndatsaleleka kumyeni wam ngenxa yokunyaniseka kwakhe kum. Eyona nto ibaluleke kakhulu ebomini bakhe kukukholisa uThixo. Loo nto iye yambangela wanolwazelelelo nothando. Akandilibali xa esenza izigqibo yaye undenza ndizive ndixabisekile. Ndiyazi ukuba undithanda ngokwenene.”
UDaniel owatshata ngowe-1987, uthi: “Intle inkosikazi yam. Andithandi nje ubuhle bayo bangaphandle kodwa ndiyithanda nangakumbi ngenxa yobuntu bayo. Isoloko ibacingela abanye abantu yaye iyathanda ukonwabisa abanye. Ineempawu ezintle zobuKristu. Loo nto indenza ndikunandiphe ukuba kunye nayo.”
Kweli hlabathi linabantu abazithabatha lula izinto, kufuneka sijonge izinto ngokunzulu. Kufuneka siqonde ukuba kunzima ukufumana “ubuhle” okanye yinto engenakwenzeka—yaye akubalulekanga kwaphela. Ukanti, sinokukwazi ukuhlakulela iimpawu ezintle ezisenza sifumane ubuhle bangaphakathi. IBhayibhile ithi: “Umtsalane usenokuba yinkohliso, nobuhle busenokuba lilize; kodwa ngumfazi owoyika uYehova oya kudunyiswa.” Ngokwahlukileyo koko, iZibhalo ziyasilumkisa: “Njengekhonkco legolide empumlweni yehagu, linjalo ibhinqa elihle kodwa lingenangqiqo.”—IMizekeliso 11:22; 31:30.
ILizwi likaThixo liyasinceda ukuba simxabise ‘umntu ofihlakeleyo wentliziyo ofake isivatho esingenakonakala somoya ozolileyo nowobulali, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.” (1 Petros 3:4) Eneneni, ubuhle obunjalo bangaphakathi bubaluleke kakhulu kunobuhle bangaphandle. Yaye bunokufunyanwa ngumntu wonke.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zencwadi YeNgoma yazo iiNgoma
2:7; 3:5—Kutheni iintombi zaseYerusalem zifungiswa “ngamabhadakazi okanye ngamaxhamakazi asendle” nje? Amabhadakazi namaxhamakazi aziwa ngomtsalane nobuhle bawo. Enyanisweni, umShulamikazi ufungisa ezi ntombi zaseYerusalem ngayo nantoni na enomtsalane nobuhle ukuze ziyeke ukuzama ukuvuselela uthando lwakhe.
NOVEMBA 17-23
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO INGOMA YAZO IINGOMA 6-8
Yiba Ludonga, Hayi Ucango
it “Ingoma Yazo Iingoma,” ¶11
Ingoma Yazo Iingoma
Kuyabonakala ukuba uSolomon wamvumela umShulamikazi ukuba agoduke. Bathi bakumbona, oobhuti bakhe bazibuza ukuba: “Ngubani na lo uzayo evela ngasentlango, egonene nesithandwa sakhe?” (Ngo 8:5a) Oobhuti bomShulamikazi babengayazi ukuba usisi wabo wayewile luthando. Kwiminyaka nje embalwa ngaphambi koko omnye woobhuti bakhe wathi xa ethetha ngaye: “Sinodadewethu omncinci, ongekabi nawo namabele. Siza kumenzela ntoni udadewethu mhla eze kucelwa?” (8:8) Omnye ubhuti wakhe waphendula wathi: “Ukuba uludonga, siza kwakhela phezu kwakhe inqaba yesilivere, kodwa ukuba ulucango, siza kumvala ngeplanga lomsedare” (8:9) Kodwa ke, ekubeni umShulamikazi wayekwazile ukuphepha yonke imizamo yokuqhathwa nguSolomon, enelisekile yintsimi yakhe yeediliya ibe ethembeke kwisithandwa sakhe (8:6, 7, 11, 12), wayefanele ukuthi: “Ndiludonga mna, namabele am anjengeenqaba. Naye uyabona ukuba ndizolile.”—8:10.
yp 188 ¶2
Kuthekani Ngokuba Neentlobano Zesini Ngaphambi Komtshato?
Noko ke, ukuhlala unyulu kuyingenelo ngakumbi kunokunceda nje oselula ukuba aphephe imiphumo emibi. IBhayibhile ithetha ngenzwakazi eselula eyahlala inyulu phezu kwalo nje uthando olungazenzisiyo eyayinalo ngesithandwa sayo. Ngokomphumo, yayinako ukuthetha ngokunehlombe ithi: “Ndaba ludonga mna, namabele am anjengenqaba.” Yayingafani ‘nomnyango’ ovuleka ‘gengelele’ kwiingcinezelo zokuziphatha okubi. Ngokuziphatha okuhle, yema njengodonga olugudileyo lwenqaba oluneengontsi ezingenakufikelelwa! Yayikufanelekele ukubizwa ngokuthi ‘inyulu’ ibe yayinokuthetha oku ngalowo wayeza kuba yindoda yayo, “Emehlweni ayo ndaba njengofumene uxolo.” Uxolo lwengqondo lwale nzwakazi lwaphumela kulwaneliseko lwayo nowayeza kuba yindoda yayo.—INgoma yazo iiNgoma 6:9, 10; 8:9, 10.
yp2 33
Umzekelo Wokuxeliswa—UmShulamikazi
UmShulamikazi oselula uyazi ukuba kufuneka angamfanyekiswa luthando. Uthi kubahlobo bakhe: “Ndiyanifungisa, . . . ukuba ningazami ukuluvusa okanye niluvuluselele uthando lwam lude luzivukele ngokwalo.” Lo mShulamikazi uyazi ukuba iimvakalelo zinokummfamekisa umntu. Ngokomzekelo, uyazi ukuba abanye banokumenza athandane nomntu ongamfanelanga. Nkqu neemvakalelo zakhe zinokumbangela angenzi sigqibo sifanelekileyo. Ngoko ke, lo mShulamikazi uhlala ‘eludonga.’—INgoma yazo iiNgoma 8:4, 10.
Ngaba ubonakalisa ukukhula kwimibandela yothando njengomShulamikazi? Ngaba unokusebenzisa ingqondo kunokulandela intliziyo? (IMizekeliso 2:10, 11) Ngamanye amaxesha abanye basenokukuphembelela ukuba uthandane ungekakulungeli. Nawe unokuzifaka kule meko. Ngokomzekelo, xa ubona inkwenkwe nentombazana bebambene ngezandla, ngaba uye unqwenele ukuthandana? Ngaba unokukhetha umntu oneenkolelo ezingafaniyo nezakho? UmShulamikazi wabonakalisa ukuqola ngokwenza isigqibo esifanelekileyo. Nawe unokwenza okufanayo!
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Ngaba Kunokwenzeka Ukuba Uthando Lungapheli?
3 Funda INgoma yazo iiNgoma 8:6. Ininzi into ethethwa libinzana elichaza uthando ngokuthi ‘lidangatye likaYa.’ Uthando lokwenene ‘lidangatye likaYa’ kuba nguYehova uMsunguli walo. Wadala umntu ngokomfanekiselo wakhe, wamenza wakwazi ukuthanda abanye abantu. (Genesis 1:26, 27) Xa uThixo wasa umfazi wokuqala, uEva, kwindoda yokuqala uAdam, kwaphuma umbongo emlonyeni ka-Adam. Ngokuqinisekileyo uEva waziva esondele kuAdam, ‘awayethatyathwe’ kuye.” (Genesis 2:21-23) Ekubeni uYehova enze abantu ngendlela yokuba bakwazi ukuthanda abanye, indoda nomfazi banako ukuba nothando olungagungqiyo nolungapheliyo.
NOVEMBA 24-30
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 1-2
Ithemba Labo ‘Basindwa Ziziphoso’
Ubawo Noonyana Bakhe Abanemvukelo
8 Ehlabela mgama nesigidimi sakhe, uIsaya uthetha kabukhali ngohlanga lwakwaYuda, esithi: “Yeha ke uhlanga olunesono, abantu abasindwa ziziphoso, imbewu yabenza ububi, oonyana abonakalisayo! Bamshiyile uYehova, bamphethe ngokungenantlonelo Lowo Ungcwele kaSirayeli, babuyele umva.” (Isaya 1:4) Izenzo ezingendawo zinokufumba zide zibe ngumqobo osindayo. Ngomhla ka-Abraham uYehova wasichaza isono seSodom neGomora ngokuthi “sinzima kakhulu.” (Genesis 18:20) Nqwa ke nabantu bakwaYuda, kuba uIsaya uthi “basindwa ziziphoso.” Wongezelela ngokuthi ‘bayimbewu yabenza ububi, oonyana abonakalisayo.’ Kunjalo kanye, loo maYuda ayefana nje nabantwana abaziinjubaqa. ‘Ayebuyele umva,’ okanye ngokutsho kweNew Revised Standard Version, “ayemshiye ngokupheleleyo” uYise wawo.
“Masilungelelanise Imicimbi”
15 Ngoku isimbo sikaYehova sokuthetha sibonisa ukubongoza ngemfesane engakumbi. “‘Yizani, ke, silungelelanise imicimbi phakathi kwethu,’ utsho uYehova. ‘Nangona izono zenu zingqombela, ziya kwenziwa mhlophe njengekhephu; nangona zibomvu njengelaphu elibomvu ngokungqombela, ziya kuba njengoboya.’” (Isaya 1:18) Isimemo esitshayelela le ndinyana enamazwi amnandi kangaka sidla ngokungaqondwa ncam. Ngokomzekelo, iThe New English Bible ithi, “Yizani sixoxe”—ngokungathi omabini la maqela amele aphakelane izimvo de afikelele kwisivumelwano esithile. Kanti ke akunjalo! UYehova akanakumangalelwa nganto, ingakumbi ngokubhekisele kwindlela aqhubene ngayo naba bantu bavukelayo, nabahanahanisayo. (Duteronomi 32:4, 5) Le ndinyana ayithethi ngengxoxo phakathi kwababini abalinganayo, kodwa ibhekisela kummangalelwa osenkundleni yamatyala ngenjongo yokumiselwa kokusesikweni. Kufana ngathi uYehova apha ubizela uSirayeli enkundleni yamatyala.
16 Kumele ukuba oku kubangel’ idyudyu, kodwa uYehova ungoyena Mgwebi unenceba nemfesane. Umkhamo axolela ngawo awunakulinganiswa nanto. (INdumiso 86:5) Nguye kuphela onokuzihlamba izono zikaSirayeli ‘ezingqombela,’ azenze zibe “mhlophe njengekhephu.” Awukho umgudu womntu, kungekho nawuphi na umsebenzi, imibingelelo, okanye imithandazo enokususa isono. Kukuxolelwa nguYehova kuphela okunokushenxisa isono. Yaye ukuxolelwa okunjalo kuxhomekeke ekufikeleleni imilinganiselo emiselwe nguThixo, equka ukuguquka ngokwenene nangokusuk’ entliziyweni.
17 Ukugxininisa ubunyaniso bala mazwi, uYehova ude awaphinde ngokuthi—izono ezinjengelaphu “elibomvu ngokungqombela” ziya kuba njengoboya obumhlophe obungajikwanga bala. UYehova ufuna sazi ukuba eneneni unguMxoleli wezono, kwanezona zinzulu kakhulu, ukuba nje siguquka ngokwenene. Abo bakufumanisa kunzima ukukholelwa ukuba ezabo izono zingaxolelwa mabakhe baqwalasele imizekelo enjengalowo kaManase. Wenza izono ezibi kakhulu—kangangeminyaka. Ukanti, waguquka waza waxolelwa. (2 Kronike 33:9-16) UYehova ufuna sonke thina, kuquka nabo benze izono ezinzulu, sazi ukuba alikasipheleli ixesha ‘lokulungelelanisa imicimbi’ kunye naye.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Ukuphakanyiswa Kwendlu KaYehova
9 Kambe ke, namhlanje abantu bakaThixo abahlanganisani kwintaba yokoqobo enetempile eyakhiwe ngamatye. Itempile kaYehova yaseYerusalem yatshatyalaliswa yimikhosi yamaRoma ngowama-70 C.E. Ngaphezu koko, umpostile uPawulos walikhanyisa elokuba itempile yaseYerusalem nomnquba owawungaphambi kwayo, yayizezokomfuziselo. Zazifuzisela eyokwenene, enkulu ngakumbi, neyokomoya, ‘intente yokwenyaniso, emiswe nguYehova, kungekhona umntu.’ (Hebhere 8:2) Loo ntente yokomoya lilungiselelo lonqulo lokusondela kuYehova elisekelwe kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu. (Hebhere 9:2-10, 23) Ngokuvisisana noku, “intaba yendlu kaYehova” ekhankanywe kuIsaya 2:2 ifanekisela unqulo olunyulu oluphakanyisiweyo lukaYehova ngexesha lethu. Abo balwamkelayo unqulo olunyulu abahlanganisani ndaweni ithile yokoqobo; kunoko bahlanganisana ngengqiqo yokuba bamanyene elunqulweni.
DECEMBA 1-7
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 3-5
UYehova Wayefanele Ukulindela Abantu Bakhe Bamthobele
Yeha Kwisidiliya Esingathembekanga
3 Asinakuqiniseka ncam ukuba uIsaya uwucula ngokoqobo lo mzekeliso okanye akunjalo, kodwa into esiyaziyo yeyokuba ubahlab’ umxhelo abaphulaphuli. Phantse inkoliso yabo ilwazi kakuhle uxanduva lokutyala isidiliya, kwaye izazi ngqo ezi zibakala achankcatha phezu kwazo uIsaya. Njengokuba kusenjalo nanamhlanje, uthi umnini-sidiliya utyala, kungekhona iimbewu zeediliya, kodwa “umdiliya obomvu,”—okanye “wohlobo,” otyebileyo—unquthula isihlahla okanye ihlumelo komnye umdiliya. Aze ngokufanelekileyo, asityale isidiliya sakhe “ngasendulini yeziqhamo,” ndawo leyo esichumayo kuyo isidiliya.
4 Ubil’ izithukuthuku ukwenza isidiliya sibe nemveliso. UIsaya uthi umniniso ‘wemba umhlaba asuse namatye’—msebenzi lowo oyindinisa, noxhaphis’ amagwebu! Kusenokwenzeka ukuba kwakude kufuneke athuthe iimbokotho zamatye ukuze ‘akhe inqaba.’ Mandulo ezi nqaba zazisenzelwa ukuba abalindi baxhwarhe kuzo ukuze babek’ esweni amasela nezilwanyana. Akugqiba, usibiyela isidiliya ngodonga lwamatye. (Isaya 5:5) Ngokuqhelekileyo injongo yoku yayikukukhusela umhlaba ungakhukuliseki.
5 Emva kokusebenz’ agob’ umnqonqo ekhusela isidiliya sakhe, umniniso unesizathu esipheleleyo sokuthi themba mqal’ uza kuginya. Ewulinde ngamehlw’ abomvu loo mhla, uqalisa ukwemba isixovulelo. Kodwa ngaba amathemba akhe okufumana isivuno aye azaliseka? Unotshe, sisuke isidiliya sakhe samvelisela iidiliya zasendle.
Yeha Kwisidiliya Esingathembekanga!
8 UIsaya ubhekisela kuYehova, ongumnini-sidiliya, ngokuthi “lowo ndimthandayo.” (Isaya 5:1) Ayingomnqa into yokuthetha kukaIsaya ngolu hlobo ngoThixo kuba wayenolwalamano olusenyongweni Naye. (Thelekisa uYobhi 29:4; INdumiso 25:14.) Noko ke, uthando lwalo mprofeti ngoThixo lutsho nganeno kothando uThixo alubonakalisileyo ‘kwisidiliya’ sakhe—esiluhlanga ‘alutyalileyo.’—Thelekisa iEksodus 15:17; INdumiso 80:8, 9
9 UYehova ‘walutyala’ uhlanga lwakhe kwilizwe lakwaKanan waza walunika imithetho nemimiselo yakhe, eyayifana nodonga lokulukhusela ekonakalisweni zezinye iintlanga. (Eksodus 19:5, 6; INdumiso 147:19, 20; Efese 2:14) Ngaphezu koko, uYehova walunika nabagwebi, ababingeleli, nabaprofeti bokuluyalela. (2 Kumkani 17:13; Malaki 2:7; IZenzo 13:20) Xa uSirayeli wayephiliswa ubomi bentshontsho yimikhosi eyayimhlasela, uYehova wavelisa abahlanguli. (Hebhere 11:32, 33) Ngoko, uYehova unesizathu sokubuza athi: “Yintoni na esenokwenziwa ngesidiliya sam endingekayenzi?”
“Wunyamekele Lo Mdiliya”!
UIsaya wafanisa ‘indlu kaSirayeli’ nesidiliya esasivelisa ngokuthe ngcembe “iidiliya zasendle,” okanye amaqunube abolileyo. (Isaya 5:2, 7) Iidiliya zasendle zincinane kakhulu kuneediliya ezityaliweyo yaye zineepete ezininzi. Akunakwenziwa ngazo iwayini yaye azinakutyiwa—ngoko kwakufanelekile ukufanisa olu hlanga luwexukileyo nazo kuba endaweni yokuvelisa isiqhamo sobulungisa lwaluchas’ umthetho. Esi siqhamo sibi sasingabangelwanga nguMlimi walo mdiliya. UYehova wayenze konke awayefanele akwenze ukuze olu hlanga luvelise isiqhamo. Wabuza wathi: “Yintoni na esenokwenziwa ngesidiliya sam endingekayenzi?”—Isaya 5:4.
‘Wunyamekele Lo Mdiliya’!
Ekubeni umdiliya wakwaSirayeli ungazange uvelise siqhamo, uYehova wathi uza kulususa udonga olwalumkhusele. Wayengazukuwuthena lo mdiliya yaye wayengazukuwuhlakula. Iimvula zasentwasahlobo owawuxhomekeke kuzo ukuze isityalo sikhule zazingazukuna yaye isidiliya sasiza kuzala ameva nokhula.—Isaya:5:5, 6.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Yeha Kwisidiliya Esingathembekanga!
18 KuSirayeli wamandulo lonke ilizwe lalilelikaYehova. Ntsapho nganye yayinelifa eyayilabelwe nguThixo, eyayivumelekile ukuba ingaliqeshisa kodwa ingathengisi “ngalo ngonaphakade.” (Levitikus 25:23) Lo mthetho wawuthintela ukuxhaphaza, njengokuhluthwa kwamalungelo okuba nomhlaba. Kwakhona wawukhusela iintsapho ekutshoneni zwabha kubuhlwempu. Noko ke, bambi kwaYuda, ngenxa yokubawa, babeyaphula le mithetho kaThixo iphathelele umhlaba. UMika wabhala: “Banqwenele amasimi baza bawahlutha, nezindlu, baza bazithabatha; yaye baqhathe indoda eyomeleleyo nendlu yayo, indoda nelifa layo.” (Mika 2:2) Kodwa IMizekeliso 20:21 ilumkisa ngokuthi: “Ilifa lifunyanwa ngokubawa ekuqaleni, kodwa ikamva lalo aliyi kusikelelwa.”
19 UYehova uthembisa ukuba uza kuwohlutha la mabawa loo nzuzo yawo yobuqhetseba. Ezo zindlu baziphangileyo aziyi ‘kuba nammi.’ Naloo mihlaba bayirhwaphilizileyo ayiyi kuba namveliso. Ukuba esi siqalekiso siya kuzaliseka njani yaye nini akuchazwanga. Kusenokwenzeka ukuba, ngokuyinxenye sibhekisela kubugxwayiba obuya kubangelwa kukuthinjelwa kwabo eBhabhiloni kwixesha elizayo.—Isaya 27:10.
DISEMBA 8-14
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 6-8
“Ndikhona! Thuma mna!”
UYehova UThixo Usetempileni Yakhe Engcwele
13 Makhe sibek’ indlebe kunye noIsaya. “Ndaza ke ndeva ilizwi likaYehova lisithi: ‘Ndothuma bani na, ngubani na owosiyela?’ Ndathi: ‘Ndikho! Thuma mna.’”(Isaya 6:8) Kucacile ukuba lo mbuzo kaYehova ujoliswe ngqo kuIsaya, kuba umbono awubonisi ukuba kukho omnye umprofeti apho. Ngokuqinisekileyo sisimemo sokuba uIsaya abe ngumthunywa kaYehova. Kodwa kutheni uYehova ebuza esithi, “Ngubani na owosiyela?” Ngokutshintsha kwakhe uYehova kwisinye asebenzise isimelabizo soquko, ubonisa ukuba kukho nomnye umntu oqukiweyo koku. Ngubani lowo? Ingangubani omnye ngaphandle koNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, owathi kamva waba ngumntu uYesu Kristu? Kaloku, ngulo Nyana wakhe kanye uThixo awathi kuye, “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu.” (Genesis 1:26; IMizekeliso 8:30, 31) Ewe, uNyana kaYehova okuphela kwamzeleyo ukunye naye kwiintendelezo zasezulwini.—Yohane 1:14.
14 UIsaya akathi ngomso! Engazi nokwazi ngesigidimi eso, zisuka nje uphendula athi: “Ndikho! Thuma mna.” Akabuzi nokuba uza kuzuza ntoni ngokwamkela eso sabelo. Isimo sakhe sengqondo esivumayo singumzekelo omhle kubo bonke abakhonzi bakaThixo namhlanje, abanothumo lokushumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani emhlabeni omiweyo uphela.’ (Mateyu 24:14) NjengoIsaya, banamathela ngokuthembekileyo kwisabelo sabo ‘benikela ubungqina kuzo zonke iintlanga,’ phezu kwako nje ukungabikho kwentsabelo entle ngokubanzi. Yaye baqhubeka ngentembelo, njengokuba wenzayo noIsaya, besazi ukuba uthumo lwabo luvela kwelona gunya liphakamileyo.
UYehova UThixo Usetempileni Yakhe Engcwele
15 15 Ngoku uYehova uchazela uIsaya oko aza kukuthetha nentsabelo aza kuyifumana, esithi: “Hamba, uze uthi kwesi sizwana, ‘Ukuva oku niya kuva, kodwa ningaqondi; ukubona oku niya kubona, kodwa ningabi nalwazi.’ Yenza intliziyo yesi sizwana ibe lukhuni, neendlebe zaso zenze zithi nkqi, vingca amehlo aso, ukuze singaboni ngamehlo aso, singeva nangeendlebe zaso, kuba hleze siqonde ngentliziyo yaso, sibuye, ndize ndisiphilise.” (Isaya 6:9, 10) Ngaba oku kutheth’ ukuba uIsaya uza kuba ngqwabalala angawacengi amaYuda, awanukuneze njengabant’ ababi phambi koYehova? Akunjalo konke konke! Kaloku uIsaya uphila nabo aba bantu, kwaye unelunda ngabo. Kodwa ngala mazwi uYehova ubonisa indlela abaza kusabela ngayo aba bantu kwisigidimi sakhe, nokuba uIsaya usiphumeza ngokunyaniseke kangakanani na isabelo sakhe.
16 Ngabantu ngokwabo ababekek’ ityala. Zaziza kude zibe shushu iindlebe zabo ‘kukuva’ uIsaya ethetha, kodwa nkqi ukwamkela isigidimi nokusiqonda. Abaninzi kubo babeza kuba nenkani yesele baze babe lukhuni okwelitye lenyengane, ngokungathi zizithulu neemfama ngokupheleleyo. Ngokuquqa kwakhe ebuyelela “kwesi sizwana,” uIsaya wenza kubonakale elubala ukuba asizimiselanga nje kwaphela ukuqonda. Iya kucaca nakuthathatha into yokuba bayabhebhetha bengafuni nokuv’ oku ngesigidimi sikaIsaya—esivela kuThixo. Nqwa ke nabantu banamhlanje! Abaninzi babo bayala ukuwaphulaphula amaNgqina kaYehova njengoko eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo obuzayo.
UYehova UThixo Usetempileni Yakhe Engcwele
23 Ngokucaphula kwakhe kuIsaya, uYesu wayebonisa ukuba eso siprofeto sasizaliseka ngomhla wakhe. Abantu ngokubanzi babenesimo sengqondo esifanayo nesamaYuda omhla kaIsaya. Bathi besiva isigidimi, bazenza iimfama ezingevayo, baza ngaloo ndlela bazibizela intshabalalo. (Mateyu 23:35-38; 24:1, 2) Yona yabafikela mhla imikhosi yamaRoma eyayikhokelwa nguNjengele Titus yayingenelayo iYerusalem ngowama-70 C.E. yaza yasiphanzisa eso sixeko kunye netempile yaso. Kodwa ke, bakho abamphulaphulayo uYesu baza baba ngabafundi bakhe. UYesu wathi ‘banoyolo’ abanjalo. (Mateyu 13:16-23, 51) Wabachazela ukuba xa bebona “iYerusalem ingqongwe yimikhosi emise iintente,” bafanele “basabele ezintabeni.” (Luka 21:20-22) Yasinda ngaloo ndlela ke “imbewu engcwele” eyabonisa ukholo yaza yaba luhlanga lokomoya, “uSirayeli kaThixo.”—Galati 6:16.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—I
7:3, 4—Kwakutheni ukuze uYehova asindise uKumkani uAhazi ongendawo? Ookumkani baseSiriya nabakwaSirayeli baceba ukukhiqa uKumkani uAhazi wakwaYuda esihlalweni ukuze bamisele owayeza kuba ngunodoli wabo, unyana kaTabheheli—owayengaphumi kumnombo kaDavide. Eli qhinga likaSathana laliya konakalisa umnqophiso woBukumkani owenziwa noDavide. UYehova wasindisa uAhazi ngenjongo yokulondoloza umnombo awayethembise ukuba yayiza kuzalwa kuwo “iNkosana yoXolo.”—Isaya 9:6.
DISEMBA 15-21
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 9-10
“Isiprofeto ‘Esingokukhanya Okukhulu’
Isithembiso SeNkosana YoXolo
16 Ewe, “ixesha lamva” elixelwa kwangaphambili nguIsaya lixesha lobulungiseleli bukaKristu basemhlabeni. Inxalenye eninzi yobomi bakhe, uYesu wayichithela eGalili. Wayekwisithili saseGalili ukuqalisa kwakhe ubulungiseleli bakhe nokumemeza esithi: “Ubukumkani bamazulu busondele.” (Mateyu 4:17) KwakuseGalili, apho wanikela khona iNtshumayelo yakhe edumileyo yaseNtabeni, wakhetha abapostile bakhe, wenza ummangaliso wakhe wokuqala, waza wabonakala kubalandeli bakhe abamalunga nama-500 emva kokuvuswa kwakhe. (Mateyu 5:1–7:27; 28:16-20; Marko 3:13, 14; Yohane 2:8-11; 1 Korinte 15:6) Ngaloo ndlela uYesu wasizalisekisa isiprofeto sikaIsaya ngokulizisela imbeko “ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali.” Noko ke, ubulungiseleli bukaYesu abuphelelanga nje kubantu baseGalili. Ngokushumayela iindaba ezilungileyo kulo lonke elo lizwe, uYesu ‘waluzisela imbeko’ uhlanga luphela lwakwaSirayeli, kuquka noYuda.
17 Noko ke, kuthekani ‘ngokukhanya okukhulu’ okuseGalili athetha ngako uMateyu? Nako oku wayekucaphula kwisiprofeto sikaIsaya. UIsaya wabhala: “Abantu ababehamba ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu. Ke bona abo bahlala elizweni elinethunzi elimnyama, ukukhanya kuye kwakhanyisa phezu kwabo.” (Isaya 9:2) Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, ukukhanya kwenyaniso kwakusithwe bubuxoki bobuhedeni. Iinkokeli zonqulo zamaYuda zayenza mandundu le ngxaki ngokunamathela kwizithethe zazo zonqulo ‘ezilitshitshisileyo ilizwi likaThixo.’ (Mateyu 15:6) Abathobekileyo babecinezelwa yaye bedidekile, belandela ‘iinkokeli eziziimfama.’ (Mateyu 23:2-4, 16) Ekufikeni kukaYesu onguMesiya, amehlo abantu abaninzi abathobekileyo avulwa ngendlela emangalisayo. (Yohane 1:9, 12) Umsebenzi kaYesu ngoxa wayesemhlabeni neentsikelelo zedini lakhe zichazwe ngokufanelekileyo kwisiprofeto sikaIsaya ngokuthi “ukukhanya okukhulu.”—Yohane 8:12.
Isithembiso SeNkosana YoXolo
18 Abo bakwamkelayo oko kukhanya babenesizathu esikhulu sokuba nemihlali. UIsaya wahlabela mgama wathi: “Ulwandisile uhlanga; ukwenze kwaba kukhulu ukuba nemihlali kwalo. Luye lwanemihlali phambi kwakho njengokuba nemihlali ngexesha lokuvuna, njengabo bavuyayo ekwahluleni kwabo amaxhoba.” (Isaya 9:3) Ngenxa yokushumayela kukaYesu nabalandeli bakhe, abantliziyo zinyanisekileyo baziveza, bebonisa umnqweno wabo wokunqula uYehova ngomoya nangenyaniso. (Yohane 4:24) Kungaphelanga neminyaka emine, kwakusele kukho inkitha yabantu eyamkele ubuKristu. Kwabhaptizwa abangamawaka amathathu ngomhla wePentekoste yowama-33 C.E. Kungekudala emva koko, “inani lamadoda laba malunga namawaka amahlanu.” (IZenzo 2: 41; 4:4) Njengoko abafundi babekhanyisa ngenzondelelo, ‘inani labo landa kakhulu eYerusalem; yaye isihlwele esikhulu sababingeleli saluthobela ukholo.’—IZenzo 6:7.
19 Kanye njengokuba nemihlali kwabantu emva kokufumana isivuno esikhulu okanye emva kokwabelana ngamaxhoba axabisekileyo athinjwe emfazweni, lwalunjalo ke novuyo lwabalandeli bakaYesu ngenxa yolwando olwalukho. (IZenzo 2: 46, 47) Ethubeni, uYehova wenza ukuba oku kukhanya kukhanyisele neentlanga. (IZenzo 14:27) Ngoko abantu bazo zonke iintlanga baba nemihlali kuba bevulelwe indlela yokusondela kuYehova.—IZenzo 13:48.
Isithembiso SeNkosana YoXolo
20 Ukuthabath’ inyathelo kukaMesiya kuya kuba nemiphumo ehlal’ ihleli, njengokuba kukhanyiswa ngamazwi kaIsaya alandelayo: “Idyokhwe yomthwalo wabo nentonga esemagxeni abo, umsimelelo walowo ubaqweqwedisela emsebenzini, uyaphule njengemini yakwaMidiyan.” (Isaya 9:4) Kwiinkulungwane eziliqela ngaphambi komhla kaIsaya, amaMidiyan abhunga namaMowabhi ukuba amrhwebeshele esonweni uSirayeli. (Numeri 25:1-9, 14-18; 31:15, 16) Kamva, amaMidiyan awagrogrisa amaSirayeli ngokuhlasela nokuphanga iidolophana neefama zawo kangangeminyaka esixhenxe. (ABagwebi 6: 1-6) Kodwa uYehova, esebenzisa umkhonzi wakhe uGidiyon, wayitshabalalisa imikhosi yamaMidiyan. Emva kwaloo “mini yakwaMidiyan,” akukho bungqina bokuba abantu bakaYehova bakha baqweqwediswa kwakhona ngamaMidiyan. (ABagwebi 6: 7-16; 8: 28) Kungekudala, uYesu Kristu, uGidiyon omkhulu, uza kuzithi qwaka-qwaka iintshaba zabantu bakaYehova. (ISityhilelo 17:14; 19:11-21) Kuya kuthi ke, “njengemini yakwaMidiyan,” kuzuzwe uloyiso olupheleleyo noluhlala luhleli, kungekhona ngobugcisa babantu, kodwa ngamandla kaYehova. (ABagwebi 7: 2-22) Abantu bakaThixo abasayi kuze baqweqwediswe kwakhona!
21 Ukusetyenziswa kwamandla kaThixo ngale ndlela akuzukisi imfazwe. UYesu ovusiweyo uyiNkosana yoXolo, yaye eyona njongo yokubhangisa iintshaba zakhe, kukuzisa uxolo oluhlala luhleli. Kungako nje ngoku uIsaya ethetha ngokutshatyalaliswa ngokupheleleyo kweempahla zemfazwe ngomlilo, esithi: “Zonke izihlangu zalowo unyathela ngokunyikimisayo nengubo yokwaleka eqengqwe egazini ziye zatshiswa njengokudla komlilo.” (Isaya 9:5) Ukungcangcazeliswa zizingqi zezihlangu zamajoni amatshayo akusayi kuze kubekho kwakhona. Impahla enegazi yabaphumi-mkhosi abangenalusini ayisayi kuze iphinde ibonwe. Imfazwe ayisayi kuze ibekho!—INdumiso 46:9.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Isithembiso SeNkosana YoXolo
23 Umcebisi ngumntu onikela amacebiso. Ngoxa wayesemhlabeni uYesu Kristu wanikela amacebiso amahle kakhulu. EBhayibhileni sifunda ukuba “zathi khamnqa izihlwele yindlela yakhe yokufundisa.” (Mateyu 7: 28) UnguMcebisi onobulumko nonovelwano, okuqonda kakuhle kakhulu ukubunjwa kwabantu. Amacebiso akhe awapheleli nje ekukhalimeleni nasekohlwayeni. Ubukhulu becala, ayimiyalelo yothando. Amacebiso kaYesu ayamangalisa kuba asoloko engawobulumko, egqibelele, yaye akaze asilele. Xa esetyenziswa, akhokelela kubomi obungunaphakade.—Yohane 6: 68.
24 Amacebiso kaYesu akabangelwa nje bubukrelekrele bengqondo yakhe. Kunoko, uthi: “Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo.” (Yohane 7: 16) Njengokuba kwakunjalo nakuSolomon, uMthombo wobulumko bukaYesu nguYehova uThixo. (1 Kumkani 3: 7-14; Mateyu 12:42) Umzekelo kaYesu ufanele ushukumisele abafundisi nabacebisi ebandleni lamaKristu ukuba basoloko besekela imiyalelo yabo ngeLizwi likaThixo.—IMizekeliso 21:30.
DISEMBA 22-28
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 11-13
Yathini IBhayibhile NgoMesiya?
Usindiso Nokugcoba Phantsi Kolawulo LukaMesiya
4 Kwiinkulungwane ngaphambi kwexesha likaIsaya, abanye ababhali beBhayibhile abangamaHebhere balatha ekuzeni kukaMesiya, iNkokeli yokwenene, uYehova awayeza kuyithumela kwaSirayeli. (Genesis 49:10; Duteronomi 18:18; INdumiso 118:22, 26) Ngoku ngoIsaya, uYehova wongezelela iinkcukacha ezingakumbi. UIsaya ubhala athi: “Kumele kuphume isetyana esiphunzini sikaYese; yaye ihlumelo eliphuma ezingcanjini zakhe liya kuba nesiqhamo.” (Isaya 11:1; thelekisa INdumiso 132:11.) Igama elithi “isetyana” nelithi “ihlumelo” abonisa ukuba uMesiya uya kuba ngowomnombo kaYese ngonyana wakhe uDavide, owathanjiswa ngeoli njengokumkani kaSirayeli. (1 Samuweli 16:13; Yeremiya 23:5; ISityhilelo 22:16) Ekufikeni kukaMesiya wokwenyaniso, eli “hlumelo,” lendlu kaDavide, liya kuvelisa isiqhamo esihle.
5 Lo Mesiya othenjisiweyo nguYesu. Umbhali wevangeli uMateyu wayebhekisela kumazwi kaIsaya 11:1 xa wathi ukubizwa kukaYesu ngokuba “ngumNazarete” kwakuzalisekisa amazwi abaprofeti. Ngenxa yokuba wakhulela kwidolophu yaseNazarete, uYesu wayebizwa ngokuba ngumNazarete, gama elo ekubonakala ukuba lihlobene nelesiHebhere elisetyenziswe kuIsaya 11:1 ngokuthi “ihlumelo.”—Mateyu 2:23, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo; Luka 2: 39, 40.
Usindiso Nokugcoba Phantsi Kolawulo LukaMesiya
6 UMesiya lo uza kuba luhlobo olunjani lomlawuli? Ngaba uza kuba njengomAsiriya okhohlakeleyo, nonenkani, otshabalalisa ubukhosi basentla bezizwe ezilishumi bakwaSirayeli? Akunjalo konke konke. UIsaya uthi ngoMesiya: “Umoya kaYehova umele uhlale phezu kwalo, umoya wobulumko nowokuqonda, umoya wecebo nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova; yaye uya kuyoliswa kukoyika uYehova.” (Isaya 11:2, 3a) UMesiya akathanjiswanga ngeoli, kodwa ngomoya oyingcwele kaThixo. Oku kwenzeka ekubhaptizweni kukaYesu, ngethuba uYohane uMbhaptizi ebona umoya oyingcwele kaThixo usihla phezu kukaYesu ukwimo yehobe. (Luka 3:22) Umoya kaYehova ‘wehla phezu’ kukaYesu, yaye ubungqina boku bubonakala kwizenzo zakhe zobulumko, ukuqonda, isiluleko, amandla kwanolwazi lwakhe. Ezinjani zona ukubalasela iimpawu zomlawuli!
Usindiso Nokugcoba Phantsi Kolawulo LukaMesiya
8 Kukuphi oku koyika uYehova uMesiya akubonisayo? Ngokuqinisekileyo, uYesu akankwantyiswa nguThixo, esoyika ukulahlwa nguye. Kunoko, uMesiya unoloyiko lwentlonelo ngoThixo, ebonisa intlonelo yothando kuye. Umntu owoyik’ uThixo usoloko enqwenela ukwenza “izinto ezikholekileyo kuye,” njengoko uYesu esenza. (Yohane 8:29) Ngamazwi nangomzekelo awumiselayo, uYesu ufundisa ukuba alukho uvuyo olungakumbi kunokuhamba imihla ngemihla ngokoyika uYehova.
Usindiso Nokugcoba Phantsi Kolawulo LukaMesiya
9 UIsaya uchaza kwangaphambili iimpawu ezingakumbi zikaMesiya, esithi: “Akayi kugweba ngayo nayiphi na imbonakalo nje esemehlweni akhe, engayi kohlwaya ngokwento nje eviwe ziindlebe zakhe.” (Isaya 11:3b) Ukuba kungafuneka uye enkundleni yamatyala, ubungekuvuyeli na ukuba nomgwebi onjalo? NjengoMgwebi walo lonke uluntu, uMesiya akawexulwa ziingxoxo zobuxoki, ubuqhinga basenkundleni, amarhe, okanye imiba engenamsebenzi, njengobutyebi. Uyakwazi ukuyibona inkohliso nokukhangela ngaphaya kwembonakalo entle yangaphandle, abone ‘umntu ofihlakeleyo wentliziyo,’ “umntu ozimeleyo.” (1 Petros 3:4, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) Umzekelo obalaseleyo kaYesu ufanele ulandelwe ngabo bonke abasebenza njengabagwebi ebandleni lobuKristu.—1 Korinte 6:1-4.
Usindiso Nokugcoba Phantsi Kolawulo LukaMesiya
11 Xa abalandeli bakhe kufuneka belungisiwe, uYesu ubalungisa ngeyona ndlela iyingenelo kubo—nto leyo engumzekelo osemagqabini kubadala abangamaKristu. Kanti ke, bona abo bathe gqolo besenza okungendawo bafanele balindele umgwebo oqatha. Ngethuba lokuyiphendulisa kukaThixo le nkqubo yezinto, uMesiya uya “kuwubetha umhlaba” ngelizwi lakhe elinegunya, akhuphe isigwebo sokutshatyalaliswa kwabo bonke abangendawo. (INdumiso 2:9; thelekisa ISityhilelo 19:15.) Ekugqibeleni, baya kube bengekho abantu abangendawo bokuphazamisa uxolo loluntu. (INdumiso 37:10, 11) Njengokuba uYesu ebhinqe ubulungisa nokuthembeka esinqeni sakhe, ngoko unawo amandla okukwenza oku.—INdumiso 45:3-7.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Usindiso Nokugcoba Phantsi Kolawulo LukaMesiya
16 Unqulo olunyulu lwaqala ukuhlaselwa e-Eden xa uSathana waphumelelayo ukuphembelela uAdam noEva ukuba bangamthobeli uYehova. Unanamhlanje, uSathana usekulo eli phulo lokuzama ukutyekisa abaninzi kangangoko kunokwenzeka kuThixo. Kodwa uYehova akasayi kuze avumele ukuba unqulo olunyulu lubhangiswe emhlabeni. Igama lakhe libandakanyekile, yaye ubakhathalele abo bamkhonzayo. Kungako nje, ngoIsaya edlulisela esi sithembiso sibangel’ imincili: “Kuya kuthi ngaloo mini kubekho ingcambu kaYese eya kuma njengomqondiso kwizizwana. Kwaneentlanga ziya kuphethukela kuyo zibuze, nendawo yayo yokuphumla imele ibe luzuko.” (Isaya 11:10) Emva phayaa ngowama-537 B.C.E., isixeko saseYerusalem, eso uDavide wasenza saba likomkhulu lelizwe, sasingumqondiso wokubizwa kwentsalela ethembekileyo yamaYuda asasazekileyo ukuba ibuye ize iphinde yakhe itempile.
17 Noko ke, esi siprofeto sinentsingiselo engakumbi kunoko. Njengoko sesibonile, salatha kulawulo lukaMesiya, okuphela kweNkokeli yokwenyaniso yabantu bazo zonke iintlanga. Umpostile uPawulos wacaphula uIsaya 11:10 ukubonisa ukuba abantu beentlanga babeya kuba nendawo kwibandla lobuKristu. Ecaphula inguqulelo yeSeptuagint yale ndinyana, wabhala wathi: “Aze uIsaya athi: ‘Kuya kubakho ingcambu kaYese, yaye kuya kuvela lowo uya kulawula iintlanga; iintlanga ziya kubeka ithemba lazo kuye.’” (Roma 15:12) Ukongezelela, esi siprofeto sidlulela nangaphaya koko—salatha kwixesha lomhla wethu laxa iintlanga ziya kubonisa uthando ngoYehova ngokuthi zixhase abantakwabo Mesiya abathanjisiweyo.—Isaya 61:5-9; Mateyu 25:31-40.
18 “Loo mini” athetha ngayo uIsaya, kule mihla iqalise ngethuba lokubekwa kukaMesiya etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini ngowe-1914. (Luka 21:10; 2 Timoti 3:1-5; ISityhilelo 12:10) Ukususela ngoko, uYesu Kristu ube ngumqondiso ocacileyo, wokuhlanganisa uSirayeli wokomoya nabantu bazo zonke iintlanga abalangazelela urhulumente wobulungisa. Phantsi kolwalathiso lukaMesiya, iindaba ezilungileyo zoBukumkani ziye zadluliselwa kuzo zonke iintlanga, njengoko uYesu waxela kwangaphambili. (Mateyu 24:14, Marko 13:10) Ezi ndaba zilungileyo zibe nempembelelo enamandla. Zenze ukuba ‘isihlwele esikhulu, ekungekho mntu ukwaziyo ukusibala, esiphuma kuzo zonke iintlanga,’ sizithobe kuMesiya ngokuthi sithelele intsalela ethanjisiweyo kunqulo olunyulu. (ISityhilelo 7:9) Njengoko abaninzi abatsha beqhubeka bezimanya nentsalela ‘endlwini yomthandazo’ yokomoya kaYehova, luya lukhula ngokukhula uzuko ‘lwendawo yokuphumla’ kaMesiya, eyitempile enkulu kaThixo yokomoya.—Isaya 56:7; Hagayi 2:7.
DISEMBA 29–JANUWARI 4
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO ISAYA 14–16
Iintshaba Zabantu BakaThixo Ziza Kutshatyalaliswa
UYehova Uyasithoba Isixeko Esizikhukhumalisileyo
16 Oku akwenzekanga zisuka nje ngowama-539 B.C.E. Sekunjalo, namhlanje kucace gca ukuba konke oko uIsaya wakuxela kwangaphambili ngokuphathelele iBhabhiloni kuye kwazaliseka. IBhabhiloni “sekuziinkulungwane ngoku iyinkangala enkulu enamabhodlo,” utsho njalo omnye umhlalutyi weBhayibhile. Wandula ongezelele athi: “Akwenzeki ukuba uyibone le ndawo uze ungakhumbuli indlela okwazaliseka ngokuthe ngqo ngayo oko kwachazwa nguIsaya noYeremiya.” Ngokucacileyo, akukho mntu ngomhla kaIsaya owayenokukuxela kwangaphambili ukuwa kweBhabhiloni nokuphanziswa kwayo ekugqibeleni. Ngapha koko, oku kuwela kweBhabhiloni kumaMedi namaPersi kwenzeke kwisithuba seminyaka engama-200 emva kokuba uIsaya ebhale incwadi yakhe! Yaye ukuphanziswa kwayo kokugqibela kwenzeka emva kweenkulungwane kamva. Ngaba oku akuluqinisi na ukholo lwethu eBhayibhileni njengeliLizwi likaThixo eliphefumlelweyo? (2 Timoti 3:16) Ngaphezu koko, ekubeni uYehova wazizalisekisayo iziprofeto zamaxesha adluleyo, sinokuba nentembelo epheleleyo yokuba neziprofeto zeBhayibhile ezingekazaliseki ziza kuzaliseka ngexesha likaThixo elifanelekileyo.
UYehova Uyasithoba Isixeko Esizikhukhumalisileyo
24 EBhayibhileni ookumkani bomnombo wasebukhosini kaDavide bafaniswa neenkwenkwezi. (Numeri 24:17) Ukususela kuDavide kuse phambili, ezo “nkwenkwezi” bezilawula zikwiNtaba yeZiyon. Emva kokuba uSolomon akhe itempile eYerusalem, igama elithi iZiyon labhekisela kwisixeko siphela. Phantsi komnqophiso woMthetho, onke amadoda akwaSirayeli ayemele aye eZiyon kathathu ngonyaka. Ngoko yaba ‘yintaba yokuhlangana.’ Ngokuzimisela kukaNebhukadenetsare ukoyisa ookumkani bakwaYuda aze abashenxise kuloo ntaba, uyenza icace injongo yakhe yokuziphakamisa ngaphezu kwezo “nkwenkwezi.” Udumo akalusi kuYehova ngokuzoyisa kwakhe. Kunoko, ngokuzikhukhumalisa, usuka azibeke endaweni kaYehova.
Isigqibo SikaYehova Nxamnye Neentlanga
UYEHOVA unokuzisebenzisa iintlanga ekuqeqesheni abantu bakhe ngenxa yobungendawo babo. Sekunjalo, oko akuzenzi zithetheleleke ezo ntlanga xa zibonakalisa inkohlakalo, ikratshi, nobutshaba kunqulo lokwenyaniso. Ngoko ke, kusekude ngaphambili uphefumlela uIsaya ukuba abhale “isibhengezo nxamnye neBhabhiloni.” (Isaya 13:1) Oku kungenxa yokuba, iBhabhiloni iza kuba sisisongelo kwixesha elizayo. Ngomhla kaIsaya, yiAsiriya ecinezela abantu bakaThixo bomnqophiso. IAsiriya le itshabalalisa ubukhosi basentla bukaSirayeli ize iliphanzise phantse lonke elakwaYuda. Kodwa uloyiso lweAsiriya lulinganiselwe. UIsaya ubhala athi: “Ufungile uYehova wemikhosi, esithi: ‘Ngokuqinisekileyo kanye njengoko ndicinge ngako, koba njalo . . . ukuze ndimaphule umAsiriya elizweni lam, ndimnyathelele phantsi ezintabeni zam; imke idyokhwe yakhe kubo, nomthwalo wakhe umke egxalabeni labo.’” (Isaya 14:24, 25) Akubanga thuba lide emva kokuvakalisa kukaIsaya esi siprofeto, sashenxiswa isisongelo seAsiriya kuYuda.
Isigqibo SikaYehova Nxamnye Neentlanga
12 Siza kuzaliseka nini esi siprofeto? Kungekudala. “Lilo elo ilizwi awalithethayo uYehova ngokuphathelele uMowabhi ngaphambili. Ke kaloku uYehova uthethile, esithi: ‘Kwiminyaka emithathu, ngokweminyaka yomqeshwa, uzuko lwakwaMowabhi lumele luhlazeke ngalo lonke uhlobo lwengxokolo eninzi, nabo baseleyo baya kuba mbalwa kakhulu, bengenamandla.’” (Isaya 16:13, 14) Ngokuvisisana noku, kukho ubungqina obungokwenzululwazi yokumbiwa kwezinto zakudala bokuba ebudeni benkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uMowabhi wathwaxwa kanobom yaza imimandla yakhe emininzi yaphanziswa. UTigelati-pilesere III wakhankanya uSalamanu wakwaMowabhi njengomnye wabalawuli ababerhafa kuye. USenaribhe wayerhafisa uKammusunadbi, ukumkani wakwaMowabhi. Abalawuli baseAsiriya uEsar-haddon noAshurbanipal babhekisela kooKumkani bakwaMowabhi uMusuri noKamashaltu njengabaphantsi kwabo. Kwiinkulungwane eziliqela ezidluleyo, saye saphela isizwe samaMowabhi. Kuye kwafunyanwa amabhodlo ekucingelwa ukuba ngawezixeko zakwaMowabhi, kodwa akukho bungqina bubambekayo bento eyakhe yavunjululwa ekunokuthiwa yeyolu tshaba lunamandla lukaSirayeli.
Ubuncwane ObuseBhayibhileni
Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—I
14:1, 2—Kwenzeka njani ukuba abantu bakaYehova bajike babe ‘ngabathimbi babo babebathimbile baphinde babe nobukhosi kwabo babebaqweqwedisa emsebenzini’? Oku kwenzeka xa abathile njengoDaniyeli, baba kwizikhundla eziphezulu eBhabhiloni xa kwakulawula amaMedi namaPersi; uEstere, engukumkanikazi wamaPersi; noMordekayi wayinkulumbuso kuBukhosi bamaPersi.