INGOMA 48
Hamba NoYehova Yonke Imihla
Printed Edition
	(Mika 6:8)
- 1. Sifuna ukuthobeka - Xa sihamba noThixo wethu. - Ubenzela ububele - Abo bahamba kunye naye. - Ngoko masizimisele - Ukuhamba noThixo. - Masizinikele kuye, - Senze ukuthanda kwakhe. 
- 2. USathana unomsindo, - Isiphelo sesisondele. - Kodwa siyaphumelela - Kuba sihamba noYehova. - Uhlala esikhusela - Esibambe ngesandla. - Siyamthanda uYehova, - Sohlala sihamba naye. 
- 3. UThixo uyasixhasa - Ngomoya wakhe oyingcwele. - Sincedwa liLizwi lakhe - Kwanalibandla lamaKristu. - Sifuna ukuqhubeka - Sihamba noYehova, - Sibonise ububele, - Ukuthobeka nothando. 
(Funda nezi: Gen. 5:24; 6:9; 1 Kum. 2:3, 4.)