Avela Phi Amandla Awo?
UKUBA uliqwalasela kakuhle ibhabhathane elikulo mfanekiso, uya kuphawula ukuba elinye lamaphiko alo amane alisebenzi kwaphela. Sekunjalo, eli bhabhathane liyaqhubeka lisitya yaye libhabha. Asinto ingaqhelekanga le. Amabhabhathane aye abonwa eqhubeka esenza imisebenzi yawo yemihla ngaphandle kwenxalenye engama-70 ekhulwini yamaphiko awo.
Ngokufanayo, abantu abaninzi babonakalisa umoya wokunyamezela. Phezu kwako nje ukuthwaxwa ziingxaki ezinkulu zempilo nezeemvakalelo, abanikezeli.—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 4:16.
Umpostile uPawulos wanyamezela ubunzima obukhulu ebudeni bokuhambahamba kwakhe njengomvangeli wasemazweni. Watywatyushwa, waxulutywa ngamatye waza wavalelwa entolongweni. Ukongezelela, wayenesiphene esithile, mhlawumbi ingxaki yamehlo ezingisileyo, ‘eyayililiva enyameni’ kuye.—2 Korinte 12:7-9; Galati 4:15.
Umdala ongumKristu ogama linguDavid owayesilwa nokuhlaselwa ludandatheko kangangeminyaka eliqela, ukholelwa kwelokuba amandla kaYehova aba negalelo elikhulu ekuphileni kwakhe. Uyachaza: “Kumaxesha amaninzi, ndandingahambeli phambili. Xa ndandijamelene noko kutyhafa, ndandizilahlela kuYehova, ibe wandilondoloza ngokwenene. Kwakukho amaxesha endandithandaza kangangeeyure ezininzi sihlandlo ngasinye. Emva kokuthetha noYehova, iimvakalelo zokuba lilolo nokungabaluleki zaziphela. Ndiye ndatyhubela amaxesha okuba buthathaka gqitha, kodwa ngoncedo lukaYehova, kobo buthathaka kwavela amandla—kwanamandla okunceda abanye.”
UYehova uThixo wamomeleza uPawulos. Ngoko ke, wayenokuthi: “Xa ndibuthathaka, ndithi ke ndibe namandla.” (2 Korinte 12:10) Ewe, ubuthathaka bukaPawulos bamfundisa ukuba ayame ngamandla awanikwa nguThixo. Lo mpostile wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.” (Filipi 4:13) Ngokuqinisekileyo uYehova ubanika amandla abakhonzi bakhe.