IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • rq isifu. 13 iphe. 26-27
  • Unokulufumana Njani Unqulo Lokwenyaniso?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unokulufumana Njani Unqulo Lokwenyaniso?
  • Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokuluqonda Njani Unqulo Lokwenyaniso?
    Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Unokulubona Njani Unqulo Lokwenyaniso?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Unqulo Olumkholisayo UThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Ngaba Ulufumene Unqulo Oluchanileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
rq isifu. 13 iphe. 26-27

Isifundo 13

Unokulufumana Njani Unqulo Lokwenyaniso?

Ngaba uThixo uyakholiswa zizo zonke iinkonzo, okanye inye kuphela akholiswa yiyo? (1)

Kutheni kukho iinkonzo ezininzi kangaka ezizibanga zingamaKristu? (2)

Unokuwabona njani amaKristu okwenyaniso? (3-7)

1. UYesu waqalisa unqulo olunye lwamaKristu okwenyaniso. Ngoko nanamhlanje kufanele kubekho intlangano, okanye iqela elinye labanquli bokwenyaniso bakaYehova uThixo. (Yohane 4:23, 24; Efese 4:4, 5) IBhayibhile ifundisa ukuba ngabantu abambalwa kuphela abasendleleni ecutheneyo esa ebomini.—Mateyu 7:13, 14.

2. IBhayibhile yaxela kusengaphambili ukuba emva kokufa kwabapostile, kwibandla lamaKristu kwakuya kungena ngokuthe ngcembe iimfundiso eziphosakeleyo nezenzo ezingezozabuKristu. Abantu abathile babeya kutsalela amanye amakholwa ukuba alandele bona kunokuba alandele uKristu. (Mateyu 7:15, 21-23; IZenzo 20:29, 30) Kungeso sizathu lento sibona iinkonzo ezininzi ezizibanga zingamaKristu. Sinokuwabona njani amaKristu okwenyaniso?

3. Olona phawu lubalaseleyo kumaKristu okwenyaniso lolokuba anothando lokwenyaniso phakathi kwawo. (Yohane 13:34, 35) Akafundiswanga ukucinga ukuba wona abhetele kunabanye abantu bezinye iintlanga okanye belinye ibala. Engafundiswanga nokuba abathiye abantu bamanye amazwe. (IZenzo 10:34, 35) Ngoko akananxaxheba ezimfazweni. AmaKristu okwenyaniso abaphatha abanye njengabazalwana noodade.—1 Yohane 4:20, 21.

4. Olunye uphawu lonqulo lokwenyaniso kukuba amalungu alo ayihlonela ngokunzulu iBhayibhile. Ayamkela njengeLizwi likaThixo yaye ayayikholelwa into eyithethayo. (Yohane 17:17; 2 Timoti 3:16, 17) Aligqala iLizwi likaThixo libaluleke ngakumbi kuneengcamango okanye amasiko abantu. (Mateyu 15:1-3, 7-9) Azama ukuphila ngokuvisisana neBhayibhile kubomi bawo bemihla ngemihla. Ngoko akashumayeli enye into aze enze enye.—Tito 1:15, 16.

5. Kwakhona unqulo lokwenyaniso lumele luzukise igama likaThixo. (Mateyu 6:9) UYesu walazisa igama likaThixo, uYehova, kwabanye. AmaKristu okwenyaniso amele enze okufanayo. (Yohane 17:6, 26; Roma 10:13, 14) Kwindawo ohlala kuyo ngoobani abaxelela abanye ngegama likaThixo?

6. AmaKristu okwenyaniso amele ashumayele ngoBukumkani bukaThixo. UYesu wenjenjalo. Wayesoloko ethetha ngoBukumkani. (Luka 8:1) Wayalela abafundi bakhe ukuba bashumayele esi sigidimi sifanayo emhlabeni wonke. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) AmaKristu okwenyaniso akholelwa kwelokuba buBukumkani bukaThixo kuphela obuya kuzisa uxolo lokwenyaniso nonqabiseko kulo mhlaba.—INdumiso 146:3-5.

7. Abafundi bakaYesu bafanele bangabi yonxalenye yeli hlabathi lingendawo. (Yohane 17:16) Ababandakanyeki kwimicimbi yezobupolitika yeli hlabathi nakwiingxwabangxwaba zasekuhlaleni. Bayayiphepha ihambo, izenzo nezimo zengqondo ezenzakalisayo ezixhaphakileyo ehlabathini. (Yakobi 1:27; 4:4) Ngaba unokulibona iqela lonqulo elinezi mpawu zobuKristu bokwenyaniso kwindawo ohlala kuyo?

[Imifanekiso ekwiphepha 26, 27]

AmaKristu okwenyaniso ayathandana, ayayihlonela iBhayibhile, yaye ashumayela ngoBukumkani bukaThixo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share