ISAHLUKO 11
Kutheni Kusenzeka Izinto Ezimbi?
1, 2. Yeyiphi imibuzo abadla ngokuyibuza abantu abaninzi?
YONKE imihla siva ngezinto ezimbi ezenzekayo emhlabeni. Ngokomzekelo, sinokuva kusithiwa bekukho itsunami kwesinye isixeko yaza yamosha yonke into. Okanye sinokuva kusithiwa umntu udubule abantu ecaweni waza wababulala, abanye bonzakala. Okanye sive nokuba kukho umama osweleke kungalindelekanga, waza washiya ngasemva abantwana abahlanu.
2 Xa kusenzeka izinto ezibuhlungu ezifana nezi, abantu abaninzi baye bazibuze ukuba kutheni zisenzeka. Abanye abaninzi baye bazibuze ukuba kutheni kukho ukukhohlakala nezinto ezibuhlungu emhlabeni. Ngaba wena wakha wazibuza loo nto?
3, 4. (a) Yeyiphi imibuzo awayibuzayo uHabhakuki? (b) UYehova wamphendula njani?
3 EBhayibhileni, sifunda ukuba namadoda awayenokholo kuThixo ayekhe ayibuza imibuzo enjengale. Ngokomzekelo, umprofeti uHabhakuki wakha wabuza uYehova wathi: “Kutheni undenza ndibone ububi, yaye kutheni unyamezela ingcinezelo? Kutheni kukho intlekele nobundlobongela phambi kwam? Ibe kutheni ukuxabana nomlo kusanda?”—Habhakuki 1:3.
4 KuHabhakuki 2:2, 3, uThixo uphendula imibuzo kaHabhakuki ibe uthembisa ukuba uza kuzilungisa izinto. UYehova ubathanda kakhulu abantu. IBhayibhile ithi: “Unikhathalele.” (1 Petros 5:7) Phofu uThixo uzicaphukela ngaphezu kwethu izinto ezibuhlungu. (Isaya 55:8, 9) Ngoku, makhe siphendule umbuzo othi, kutheni kusenzeka izinto ezibuhlungu emhlabeni?
KUTHENI KUSENZEKA IZINTO EZIBUHLUNGU KANGAKA?
5. Abefundisi abaninzi bathini ngezinto ezimbi? Ifundisa ntoni yona iBhayibhile?
5 Xa kusenzeka izinto ezibuhlungu, abefundisi badla ngokuthi, kuthande uThixo. Abanye badla ngokuthi yonke into eyenzekayo emntwini, nokuba imbi, ibifunwa nguThixo, ibe asoze siyazi ukuba uyenzele ntoni. Kanti abanye bathi, abantu nabantwana abancinci basweleka ukuze bahlale noThixo ezulwini. Kodwa ayonyani leyo. AyingoYehova obangela izinto ezimbi. IBhayibhile ithi: “Soze uThixo wokwenene enze izinto ezimbi, soze uSomandla enze into engalunganga!”—Yobhi 34:10.
6. Kutheni abantu abaninzi becinga ukuba nguThixo obangela izinto ezibuhlungu emhlabeni?
6 Abantu abaninzi bathi nguThixo obangela izinto ezibuhlungu ezenzekayo emhlabeni, kuba becinga ukuba nguye olawula umhlaba. Kodwa kwiSahluko 3, sifundile ukuba oyena mntu ulawula ihlabathi nguSathana uMtyholi.
7, 8. Kutheni kusenzeka izinto ezibuhlungu kangaka emhlabeni?
7 IBhayibhile isixelela ukuba “lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana.” (1 Yohane 5:19) Umlawuli weli hlabathi, uSathana, ukhohlakele. “Ulahlekisa umhlaba wonke.” (ISityhilelo 12:9) Abantu abaninzi bayamlinganisa. Yenye yezinto ezenza ukuba kugcwale abantu abaxokayo, abacaphukela abanye, nabakhohlakeleyo.
8 Kukho nezinye izizathu ezenza ukuba kwenzeka izinto ezibuhlungu kangaka emhlabeni. Emva kokuba uAdam noEva bemjikele uThixo, badlulisela isono ebantwaneni babo. Ngenxa yesono, abantu benza izinto ezibuhlungu kwabanye. Bathanda ukubaluleka kunabanye abantu. Bayalwa, baye emfazweni, baze bacinezele abanye. (INtshumayeli 4:1; 8:9) Abanye abantu bafumana izinto ezibuhlungu ngenxa ‘yexesha neziganeko ezingalindelekanga.’ (INtshumayeli 9:11) Banokufumana iingozi nezinye izinto ezibuhlungu ngenxa yokuba bekwindawo erongo ngexesha elirongo.
9. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova unesizathu esivakalayo sokuyeka izinto ezibuhlungu zenzeke?
9 Izinto ezibuhlungu azibangelwa nguYehova. Ayinguye owenza kubekho iimfazwe, ulwaphulo mthetho nokuphathwa kakubi kwabantu. Ayinguye owenza kubekho iintlekele ezinjengeenyikima, iinkanyamba nezikhukula. Kodwa usenokuzibuza, ‘Ukuba uYehova ngoyena mntu unamandla, kutheni engaziphelisi ezi zinto zimbi zenzekayo?’ Siyayazi ukuba uThixo usikhathalele, ngoko umele ukuba unesizathu esivakalayo sokuyeka izinto ezibuhlungu zenzeke.—1 Yohane 4:8.
KUTHENI UTHIXO EVUMELA IZINTO EZIBUHLUNGU ZENZEKE
10. USathana wathini ngoYehova?
10 Kumyezo wase-Eden, uMtyholi waqhatha uAdam noEva. Wabenza bacinga ukuba uThixo akalawuli kakuhle. Wathi uThixo ubavimba into entle. USathana wayefuna bacinge ukuba nguye owayenokubalawula bhetele nokuba babengamdingi uThixo.—Genesis 3:2-5; funda iSihlomelo 27.
11. Ngowuphi umbuzo esiza kuwuphendula?
11 UAdam noEva abazange bamthobele uYehova, baza bamjikela. Babecinga ukuba bangakwazi ukuzigqibela ukuba yintoni elungileyo nengalunganga. Wayenokubabonisa njani uYehova ukuba baphazamile ngokumjikela, ibe uyayazi into esilungeleyo?
12, 13. (a) Kutheni uYehova engazange abatshabalalise ngoko nangoko uAdam noEva? (b) Kutheni uYehova evumele uSathana ukuba alawule umhlaba waza wavumela nabantu ukuba bazilawule?
12 UYehova akazange abatshabalalise ngoko nangoko uAdam noEva. Kodwa, wabanika ithuba lokuba nabantwana. Emva koko, uYehova wenza ukuba abantwana baka-Adam noEva bazikhethele ukuba bafuna ukulawulwa ngubani. Eyona nto uYehova wayeyifuna yayikukugcwalisa umhlaba ngabantu abangenasono, ibe loo nto yayiza kwenzeka nokuba uMtyholi uzama ukwenza ntoni.—Genesis 1:28; Isaya 55:10, 11.
13 USathana watsho phambi kwazo zonke iingelosi ukuba uYehova akabalawuli kakuhle abantu. (Yobhi 38:7; Daniyeli 7:10) Ngoko, uYehova wanika uSathana ithuba lokubonisa ukuba yayinjalo nyhani na le nto wayeyithetha. Wanika nabantu ithuba lokuzikhethela urhulumente kwihlabathi elilawulwa nguSathana ukuze babone ukuba banokuphumelela na ngaphandle kokuncedwa nguThixo.
14. Yintoni eye yacaca emva kwamawaka eminyaka?
14 Kangangamawaka eminyaka, abantu bebezama ukuzilawula kodwa abakhange bakwazi. Kuye kwacaca ukuba uSathana ulixoki. Abantu bayakudinga ukuncedwa nguThixo. Wayenyanisile umprofeti uYeremiya xa wathi: “Ndazi kakuhle, owu Yehova, ukuba umntu akakwazi ukuyilawula indlela yakhe. Umntu ohambayo akanalo kwaigunya lokwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.
KUTHENI UYEHOVA ELINDE IXESHA ELIDE KANGAKA?
15, 16. (a) Kutheni uYehova eyeke izinto ezimbi ukuba ziqhubeke zisenzeka ixesha elide kangaka? (b) Kutheni uYehova engazilungisi iingxaki ezibangelwe nguSathana?
15 Kutheni uYehova eziyekile izinto ezimbi ukuba ziqhubeke zisenzeka ixesha elide kangaka? Kutheni engaziphelisi izinto ezimbi? Kuye kwathatha ixesha ukubona ukuba uSathana akakwazi ukulawula. Akukho rhulumente bangamzamanga abantu, kodwa abakhange baphumelele. Nangona beye baphucula kwisayensi neteknoloji kuye kwanda ukungabikho kobulungisa, indlala, ulwaphulo mthetho neemfazwe. Asinakukwazi ukuzilawula ngaphandle kukaThixo.
16 UYehova akazilungisanga iingxaki ezibangelwe nguSathana. Ukuba ebenokuzilungisa, loo nto ibiza kuthetha ukuba uyaluxhasa ulawulo lukaSathana. Enye into, abantu bebeza kucinga ukuba wayenyanisile uSathana xa wayesithi bangakwazi ukuzilawula kakuhle. Kodwa bubuxoki obo, ibe uYehova akasoze enze into enokwenza abantu bakholelwe obo buxoki. Akayenzi into yokuxoka.—Hebhere 6:18.
17, 18. UYehova uza kwenza ntoni ngeengxaki ezibangelwe nguSathana?
17 Ngaba uYehova unokuzilungisa zonke iingxaki ezibangelwe kukuvukela kukaSathana nabantu? Ewe. KuThixo, yonke into ingenzeka. UYehova uyayazi ukuba uza kuziphelisa nini zonke izinto ezibuhlungu ezenzekayo. Uza kuziphelisa zonke izinto ezibuhlungu xa ziphendulekile zonke izityholo zikaSathana. Emva koko, uza kwenza umhlaba ube yiparadesi njengokuba wayefuna kube njalo. Bonke “abasemangcwabeni” baza kuvuswa. (Yohane 5:28, 29) Abantu abasoze bagule okanye basweleke. UYehova uza kuthumela uYesu ukuba “azokutshabalalisa imisebenzi kaMtyholi.” (1 Yohane 3:8) Okwangoku siyambulela uYehova kuba eye wanomonde kuthi ukuze simazi size senze nesigqibo sokufuna ukulawulwa nguye. (Funda eyesi-2 kaPetros 3:9, 10.) Naxa kusenzeka izinto ezibuhlungu kuthi, usinceda sinyamezele.—Yohane 4:23; funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:13.
18 UYehova akasinyanzeli ukuba sikhethe ukulawulwa nguye. Unike abantu isipho sokuzikhethela. Makhe sibone ukuba sithetha ntoni esi sipho kuthi.
UZA KUSISEBENZISA NJANI ISIPHO SOKUZIKHETHELA?
19. Sesiphi isipho uYehova asinike sona? Kutheni simele simbulele ngesi sipho?
19 Isipho sokuzikhethela esivela kuYehova sisenza sahluke kwizilwanyana. Zona zenza izinto ngethuku, kodwa thina siyazikhethela indlela esifuna ukuphila ngayo size sizenzele nesigqibo sokuba siyakufuna na ukukhonza uYehova okanye asifuni. (IMizekeliso 30:24-28) Kwakhona, asifani noomatshini abalawulwa ngumntu. Sinenkululeko yokuzikhethela ukuba sifuna ukuba ngabantu abanjani, sifuna abahlobo abanjani, ibe sifuna ukwenza ntoni ngobomi bethu. UYehova ufuna siphile kamnandi.
20, 21. Yintoni onokukhetha ukuyenza ngoku?
20 UYehova ufuna simthande. (Mateyu 22:37, 38) Ufana notata ovuyayo xa esiva umntwana wakhe esithi “Ndiyakuthanda” engatsho kuba enyanzelwa, kodwa kuba emthanda nyhani. UYehova usinike inkululeko yokuba sizikhethele ukuba sifuna ukukhonza yena okanye asifuni. USathana, uAdam, noEva bakhetha ukumjikela uYehova. Wena uza kusisebenzisa njani isipho sakho sokuzikhethela?
21 Inkululeko yakho yokuzikhethela yisebenzisele ukukhonza uYehova. Bakhona abantu abaninzi abaye bakhetha ukuvuyisa uThixo kunoSathana. (IMizekeliso 27:11) Yintoni onokuyenza ngoku ukuze ube khona kwihlabathi elitsha likaThixo xa esuse zonke izinto ezibuhlungu? Kwisahluko esilandelayo siza kuphendula lo mbuzo.