IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • nwt iphe. 14-iphe. 15
  • Umbuzo 6: Yathini iBhayibhile ngoMesiya?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umbuzo 6: Yathini iBhayibhile ngoMesiya?
  • IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
Umbuzo 6: Yathini iBhayibhile ngoMesiya?

UMBUZO 6

Yathini iBhayibhile ngoMesiya?

ISIPROFETO

“Nawe, Bhetelehem Efrata, . . . kuwe ndiza kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli.”

Mika 5:2

SIYENZEKA

“Emva kokuba uYesu ezelwe eBhetelehem kwaYuda ngemihla kaKumkani uHerode, kwafika eYerusalem abavumisi ngeenkwenkwezi bevela eMpuma.”

Mateyu 2:1

ISIPROFETO

“Zahlulelana ngezambatho zam, zenza amaqashiso ngeempahla zam.”

INdumiso 22:​18

SIYENZEKA

“Emva kokuba ebethelele uYesu esibondeni, amajoni amane athatha izambatho zakhe zangaphezulu, abelana ngazo . . . Kodwa isambatho sangaphantsi sasingenamthungo, siphothiwe nje sonke ukusuka phezulu ukuya kutsho ezantsi. Ngoko athetha odwa esithi: ‘Masingasikrazuli, kodwa masenzeni amaqashiso sizokubona ukuba simele sibe sesikabani.’ ”

Yohane 19:​23, 24

ISIPROFETO

“Ugada onke amathambo alo; akukho nalinye elaphuliweyo.”

INdumiso 34:​20

SIYENZEKA

“Athi xa efika kuYesu, ambona ukuba wayesele efile, akabi sayophula eyakhe imilenze.”

Yohane 19:​33

ISIPROFETO

“Kodwa wahlatywa ngenxa yokungathobeli kwethu.”

Isaya 53:5

SIYENZEKA

“Elinye ijoni lamhlaba ngomkhonto ecaleni, ngoko nangoko kwaphuma igazi namanzi.”

Yohane 19:​34

ISIPROFETO

“Bandibhatala umvuzo wam, amaqhosha esilivere ayi-30.”

Zekariya 11:​12, 13

SIYENZEKA

“Ngoko omnye wabapostile abayi-12, lo ubizwa ngokuba nguYudas Skariyoti, waya kubabingeleli abaziintloko wathi: ‘Niza kundinika ntoni ukuba ndimnikela kuni?’ Bathi baza kumnika amaqhosha esilivere ayi-30.”

Mateyu 26:​14, 15; 27:5

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share