IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • nwt iphe. 16-iphe. 17
  • Umbuzo 7: Yathini iBhayibhile ngeli xesha lethu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umbuzo 7: Yathini iBhayibhile ngeli xesha lethu?
  • IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
Umbuzo 7: Yathini iBhayibhile ngeli xesha lethu?

UMBUZO 7

Yathini iBhayibhile ngeli xesha lethu?

Indoda icinga ngendlela ezenzeka ngayo ngoku iziprofeto zeBhayibhile ezithetha ngemfazwe, indlala nobubi

“Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe . . . Zonke ezi zinto zikukuqala kwexesha lobunzima.”

Mateyu 24:​7, 8

“Kuza kuvela abaprofeti bobuxoki abaninzi, balahlekise abantu abaninzi; yaye ngenxa yokwanda kobubi, luza kuphola uthando lwabaninzi.”

Mateyu 24:​11, 12

“Xa nisiva ngeemfazwe kwiindawo ngeendawo, sanukothuka; ezi zinto zimele zenzeke, kodwa sibe singekafiki isiphelo.”

Marko 13:7

“Kuza kubakho iinyikima ezinkulu, kubekho indlala nezifo ezingubhubhani kwiindawo ngeendawo; kuza kubakho izinto ezoyikekayo nemimangaliso emikhulu esibhakabhakeni.”

Luka 21:​11

“Kodwa umele wazi ukuba ngemihla yokugqibela kuza kufika amaxesha ekunzima ukuwanyamezela. Kuba abantu baza kuthanda iziqu zabo, bathande imali, baqhayise, baziphakamise, bathethe kakubi ngoThixo nangabantu, bangathobeli bazali, bangabi nambulelo, bangathembeki, bangabi naluthando, babe nenkani, bangcolise amagama abantu, bangakwazi kuzibamba, babe ziindlobongela, bangazithandi izinto ezilungileyo, bajikele abahlobo babo, bangafuni kumamela mntu, bakhukhumale likratshi, bathande ulonwabo kunokuba bathande uThixo, babonakale ngathi bayamkhonza uThixo, kodwa indlela abaphila ngayo ibe ingatsho.”

2 Timoti 3:​1-5

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share