‘Zazihlaziya Ngenene!’
KUTSHANJE, umphathi-jikelele wehotele ekufutshane kwisikhululo seenqwelo-moya samazwe ngamazwe eJapan watyelela iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova e-Ebina. Wayebonakala enemincili. Ngoba?
Ngowe-1998, amaNgqina angaphezu kwama-200 ayehlala kwihotele yalo mphathi xa ayesendleleni eya nevela kwiindibano zawo zezizwe ngezizwe eAfrika, eOstreliya, eKorea, nakuMntla-Merika. Xa abasebenzi bale hotele baba nentlanganiso ngelokukhumbuzana ngomsebenzi wonyaka odluleyo, bathi kwiindwendwe ezingama-30 000 ezifika minyaka le kule hotele, ezi ndwendwe ziya endibanweni zezona zihamba phambili kwabakha bazilungiselela.
Ngenxa yoko, umphathi wale hotele waya e-Ebina eze kubulela. Wathi: ‘Ezi ndwendwe zazichubeke gqitha yaye zaziwashiya amagumbi ecocekile yaye ebeth’ umoya. Zazisoloko zibulela. Ngaphezu koko, zasishiya nokhuthazo olusuka eBhayibhileni. Zazihlaziya ngenene!’
Lo mphathi wahlabela mgama esithi: ‘Zininzi iindwendwe ezidla ngokufika zidandathekile. Ngoko besisoloko sifuna inkcazelo enokuzinceda. Singathanda ukuba zingenelwe kwimfundiso yeBhayibhile kuba inegalelo kakhulu kwindlela abantu abaphila ngayo.’
Ngenxa yoko, lo mphathi wacela imibhalo engama-80 yeempapasho eziliqela zamaNgqina kaYehova ukuze ayibeke kumagumbi asehotele. Phakathi kweempapasho awazicelayo yayiyincwadi enamaphepha ali-192 ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Ukuba ungathanda ukuzifumanela umbhalo, nceda uzalise iphetshana elingezantsi kwidilesi elungiselelweyo okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ndithumeleni incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sesisa.