Ukuba Nokholo Oluphilileyo Ngoxa Usentlungwini
MALUNGA neminyaka engama-60 eyadlulayo, uMina Esch wafumana ikhadi elinomyalezo livela kumyeni wakhe, uPeter. Lo myalezo wawubhalwe ngosiba wawumfutshane yaye ungavakali. Noko ke, wonwaba kwatsho kwee qabu akuwufumana. Umyeni kaMina wayevalelwe kwinkampu yoxinaniso yaseBuchenwald, ethunyelwe apho ngurhulumente wamaNazi ngenxa yokuba engomnye wamaNgqina kaYehova. Emva kweli khadi kwakubhalwe la mazwi acacileyo: “Eli banjwa lisenguMfundi WeBhayibhile [indlela ayebizwa ngayo amaNgqina kaYehova ngelo xesha] onguntamo-lukhuni . . . Sesi sizathu esibangele ukuba ohluthwe ilungelo lokubhalelana nabantu.” Lo myalezo wenza uMina waqonda ukuba uPeter usabambelele nkqi elukholweni lwakhe.
Eli khadi, ngoku elisele lithambile yaye sele liphunyelwa libala, kubolekiswa ngalo kwiMuseum of Jewish Heritage—iA Living Memorial to the Holocaust eseBattery Park, kwisiXeko saseNew York. Eli khadi, kunye nomfanekiso kaPeter Esch, linegalelo ekuchazeni inxalenye yokuphathwa kabuhlungu kwabantu—ngokuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo—apho kwabulawa amaYuda azizigidi ezithandathu. Eyona ndawo iphambili yemiboniso kule myuziyam inemifanekiso engaphezu kwama-2 000 nemiboniso engama-800 engokwembali nethetha ngabantu ebonisa izinto ezehlela amaYuda ukususela ngeminyaka yee-1880, kuquka nokuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo. Kutheni iMuseum of Jewish Heritage iyindawo efanelekileyo yokubonisa ileta kaPeter Esch?
Umbhali-mbali wasemyuziyam uGqr. Jud Newborn wathi: “Injongo yale myuziyam kukubonisa imbali yamaYuda. AmaNgqina kaYehova ayetshutshiswa kuba engawo. Eyona nto ayeyitshutshiselwa amaNgqina ziinkolelo zawo zonqulo yaye ayengakholelwa kubuhlanga, engafuni ukwenza isifungo sokuzahlulela kuzwilakhe okhohlakeleyo wehlabathi. Yaye ayengafuni ukulwa imfazwe yakhe. . . . AmaYuda azabalazela ukulondoloza imilinganiselo nokholo lwawo phezu kwayo nje inkcaso ekrakra. Le myuziyam iyavuyisana nokomelela ngolo hlobo ngokomoya. Ngenxa yeso sizathu, eli ziko liyawavuma yaye liyaluxabisa ukholo lwamaNgqina kaYehova ngexesha lamaNazi.”
Njengoko ikwikhaya layo lokwexeshana eliyiMuseum of Jewish Heritage, le leta ilula ibonisa amatile-tile awenziwa yile ndoda xa ukuthembeka kwayo kuYehova kwavavanywayo. UPeter Esch wayiphumelela intlungu awayekuyo kwinkampu yamaNazi, wagcina ukholo lwakhe lomelele.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
IMuseum of Jewish Heritage, kwisiXeko saseNew York
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
UEsch, ongomnye wamaNgqina kaYehova, wavalelwa ukususela ngowe-1938 ukuya kutsho ngowe-1945 ngenxa yokwala ukulahla iinkolelo zakhe