Indlela Intsapho Yethu Eyaphinda Yamanyana Ngayo
Ngokubaliswa nguLars noJudith Westergaard
UMZI wabo ubonakala ufana nayo nayiphi na indawo ehlala intsapho eyonwabileyo eDenmark. Yindlu etofotofo enesitiya esihle, ekwidolophana eseluxolweni. Ngaphakathi, umfanekiso omkhulu oseludongeni unabantwana abasempilweni nabancumileyo bale ntsapho.
Utata walapha nguLars, ongumdala kwibandla lamaNgqina kaYehova. Umfazi wakhe, uJudith, nguvulindlela (umvangeli wexesha elizeleyo). Nangona besisibini esonwabileyo, kodwa bekungenjalo ngaphambili. ULars noJudith babesoloko beneengxaki neengxabano, ezakhokelela ekuqhawuleni kwabo umtshato nokuqhekeka kwentsapho yabo. Noko ke, ngoku intsapho yabo iphinde yamanyana. Ngoba? Bayibalisa ngokwabo into eyenzekayo.
ULars noJudith abanangxaki yokubalisa ngeenkathazo ezazisemtshatweni wabo nendlela abaphinda bamanyana ngayo. Bacinga ukuba oko kwabehlelayo kunokunceda nabanye.
Waqala Ngendlela Esemagqabini
ULars: Umtshato wethu wawuluyolo ngendlela engathethekiyo ukuqala kwawo ngoAprili 1973. Ubomi babukhangeleka buthembisa. Sasingekayazi iBhayibhile namaNgqina kaYehova, kodwa sasiqinisekile ukuba singaphila kamnandi emhlabeni ukuba sizama nzima. Ngoko sazibandakanya kwimizabalazo emininzi yezobupolitika. Sonwaba gqitha njengoko intsapho yethu yandiswa ngamakhwenkwe amathathu asempilweni nadlamkileyo—uMartin, uThomas noJonas.
UJudith: Ndandikwisikhundla esiphezulu eburhulumenteni. Kwangaxeshanye, ndandikho kwimibutho yezobupolitika neyabasebenzi. Ngokuthe ngcembe ndaya ndisiba semaqhuzwini.
ULars: Mna ndandisebenza kumbutho omkhulu wabasebenzi yaye ndahambela phambili ndafikelela kwisikhundla esiphezulu. Sasisebenza kamnandi, yaye indlela yayibonakala imhlophe ngaphambili.
Ukwahlukana
ULars: Kodwa sasizinikele kakhulu kwimisebenzi yethu eyahlukeneyo kangangokuba sasichitha ixesha elincinane kunye. Sasisebenzela umbutho omnye wezobupolitika kodwa sikumacandelo awahlukeneyo. Amakhwenkwe ethu amathathu ayenyanyekelwa ngabanye abantu, ekhaya nakwiindawo zokunyamekela abantwana. Ekubeni ingulowo kuthi wayecinga izinto zakhe, ubomi bentsapho yethu baqalisa ukungalungelelani. Xa kusenzeka sibe sekhaya, sasixambulisana shushu. Ndandula ke ndaqalisa ukusebenzisa utywala kuba ndifuna isiqabu.
UJudith: Kambe ke, sasisathandana nabantwana sibathanda, kodwa uthando lwethu lwalungasavuselelwa njengoko kwakumele kube njalo; lwalusiya luphela. Ulwalamano lwethu lwaya luphelelwa, yaye loo nto yababeka enkathazweni abantwana.
ULars: Ndibhula ndisela ndizama ukubuyisela ulwalamano lwentsapho yethu, ndagqiba kwelokuba ndiwushiye umsebenzi wam. Ngowe-1985, safuduka esixekweni saya kwidolophana esihlala kuyo ngoku. Kwaba bhetele noko, kodwa mna nomfazi wam saqhubeka sinikela ingqalelo kwizinto ezahlukeneyo. Ekugqibeleni, ngoFebruwari 1989, umtshato wethu weminyaka eli-16 waphela uqhawuka. Intsapho yethu yaphela tu.
UJudith: Kwakubuhlungu ukubukela intsapho yethu iqhekeka kubini nokubona indlela abantwana bethu ababetsala nzima ngayo. Sasibuhlungu kangangokuba asizange sikwazi nokwenza isivumelwano ngokwabelana ngelungelo lokugcina la makhwenkwe, ngoko awela kum omathathu.
ULars: Mna noJudith senza imigudu engekho ngqiqweni yokuzama ukubutha intsapho yethu eyayiwohloka. Sada sathandazela uncedo lukaThixo. Kodwa kwakungekho nto ingako siyaziyo ngoThixo.
UJudith: Ukuthandaza kwethu kwasenza savakalelwa kukuba uThixo wayengasiphulaphulanga. Sinombulelo kuba ukususela ngoko siye sabona ukuba uThixo uyayiphulaphula imithandazo.
ULars: Sasingayazi into yokuba kufuneka senze umgudu size sitshintshe indlela esiphila ngayo. Okulusizi kukuba konke oku kwaphelela kuqhawulo-mtshato.
ULars Watshintsha Engalindelanga
ULars: Kodwa ngoxa ndandihlala ndedwa, izinto zanditshintshela ngendlela endandingayilindelanga. Ngenye imini ndafumana amaphephancwadi amabini kumaNgqina kaYehova. Ngaphambi koko, ndandingawamkeli amaNgqina. Kodwa njengoko ndandifunda loo maphephancwadi, ndafumanisa ukuba amaNgqina eneneni ayakholelwa kuThixo noYesu Kristu. Yandimangalisa gqitha loo nto. Ndandingayazi into yokuba angamaKristu.
Malunga nelo xesha, ndahlalisana nelinye ibhinqa endadibana nalo. Kwafumaniseka ukuba lalikhe langomnye wamaNgqina kaYehova. Ekubuzeni kwam imibuzo, landibonisa eBhayibhileni ukuba igama likaThixo nguYehova. Ngoko “AmaNgqina KaYehova” athetha “amaNgqina kaThixo”!
Eli bhinqa lenza amalungiselelo okuba ndiye kwintetho yesidlangalala kwiHolo YeNdibano YamaNgqina KaYehova. Into endayibona apho yavuselela umdla wam ngokwenene. Ndaya kwiHolo YoBukumkani ukuze ndifunde okungakumbi, yaye kwaqaliswa isifundo seBhayibhile. Akuzange kube lithuba elide ndabona ukuba le ndlela ndiphila ngayo iphosakele, ngoko ndalishiya eli bhinqa ndandihlala nalo ndaza ndaya kuhlala ndedwa kwidolophu yasekhaya. Emva kokuba ndiye ndamathidala, ndaqhagamshelana namaNgqina kaYehova alapho ndaza ndaqhubeka nokufundisisa iBhayibhile.
Kodwa, ndandisathandabuza. Ngaba ngokwenene amaNgqina kaYehova ayengabantu bakaThixo? Kuthekani ngazo zonke izinto endazifunda ndisengumntwana? Njengoko ndandikhulele kwiCawa yaseSabatha, ngoko ndaya kumfundisi waseSabatha. Wavuma ukuba angafundisisa nam rhoqo ngooLwezithathu, ngoxa amaNgqina kaYehova ayefundisisa nam rhoqo ngeMivulo. Kuwo omabini la maqela ndandifuna impendulo engqalileyo kwiinkalo ezine: ukubuya kukaKristu, uvuko, imfundiso kaBathathu Emnye nendlela ibandla elifanele lilungelelaniswe ngayo. Kwathabatha iinyanga nje ezimbalwa ngaphambi kokuba aphele onke amathandabuzo endandinawo. Kwinkalo nganye kwezi zine—nakwezinye izinto—ziinkolelo zamaNgqina kaYehova kuphela ezazisekelwe eBhayibhileni ngokupheleleyo. Ngokomphumo, ngovuyo ndaba nenxaxheba kuzo zonke izinto ezazisenziwa ebandleni yaye kungekudala ndazahlulela kuYehova. NgoMeyi 1990, ndabhaptizwa.
Kuthekani NgoJudith?
UJudith: Ekupheleni kwengxaki yethu yomtshato, ndabuyela ecaweni. Ukuva ukuba uLars wayengomnye wamaNgqina kaYehova akuzange kundikholise. Unyana wethu wokugqibela, uJonas oneminyaka elishumi ubudala wayedla ngokutyelela uyise maxa wambi, kodwa andizange ndiyivumele into yokuba uLars ahambe noJonas ukuya nakweziphi na iintlanganiso zamaNgqina. ULars waphalaza imbilini yakhe kwabasemagunyeni, kodwa bema ngakum.
Ndandisele ndinenye indoda. Kanti ndandisele ndizibhokoxa ngamandla kwezobupolitika nakuzo zonke iindlela zokunceda uluntu. Ngoko ukuba nabani na wayenokucinga ngokumanyana kwakhona kwentsapho yethu ngelo xesha, wayeya kuba uthetha ngoNongqawuse wento engenakwenzeka.
Njengoko ndandifuna ukuzikhusela kumaNgqina kaYehova, ndaya kumfundisi wetyalike yasekuhlaleni, owakhawuleza wavuma ukuba wayengazi nto ngamaNgqina yaye wayengenalo noncwadi oluthetha ngawo. Ekuphela kwento awayenokundixelela yona kukuba kuya kulunga ndizigcine kude kuwo. Eneneni loo nto ayizange itshintshe nto ekungawafunini kwam amaNgqina kaYehova. Kodwa ke kwanyanzeleka ukuba ndidibane nawo ngendlela endingazange ndiyicingele.
Umntakwethu ohlala eSweden waba liNgqina likaYehova, yaye wandimemela kumtshato wakhe owawukwiHolo yoBukumkani! Ukuba lapho kwayitshintsha ngokupheleleyo indlela endandiwajonga ngayo amaNgqina. Into eyandimangalisayo kukuba ayengengobantu badikayo njengokuba ndandisoloko ndicinga. Ayenobubele onwabile, enabo noburharha.
Kanti nowayesakuba ngumyeni wam, uLars, wayetshintshe ngokupheleleyo. Wayenokuthenjwa ngakumbi, echitha ixesha elingakumbi nabantwana, enobubele yaye eyilawula indlela athetha ngayo, yaye wayengasaseli ngokungenamlinganiselo njengoko wayesenza ngaphambili. Ubuntu bakhe babubangela umdla ngokwenene! Ngoku wayeyile ndoda kanye ndandifuna abe yiyo. Kwakundenza buhlungu ukucinga ukuba wayengasengomyeni wam nokuba ngenye imini mhlawumbi usenokutshata nelinye ibhinqa!
Ngoko ndazama “ukuvela” ngobuqili. Ngoxa uJonas wayetyelele uyise, ndenza amalungiselelo okuya kubona uJonas noLars ndikunye noodadewethu ababini ngelithi ndifuna oomakazi ababini babone umtshana wabo. Sadibana kwipaki yolonwabo. Ngoxa oomakazi babesaxakeke ngumtshana wabo, mna noLars sazifumanela izihlalo khe sathi vu.
Into eyandimangalisayo kukuba, ndathi ndisakuthetha ngekamva lethu, uLars wakhupha incwadi epokothweni yakhe. Yayinomxholo othi Ukwenza Ubomi Bentsapho Yakho Bonwabe.a Wandinika le ncwadi waza wacebisa ukuba ndifunde izahluko ezithetha ngendima yendoda nomfazi entsatsheni. Wandicela ngokukhethekileyo ukuba ndifunde izibhalo ezilapho.
Emva koko, sithe sakuphakama kweso sihlalo, ndafuna ukubamba ingalo yakhe, kodwa ngobubele wakwala oko. ULars wayengafuni ukuba sibuyelane kwakhona engekazi ukuba ndilujonga njani ukholo lwakhe asandul’ ukulufumana. Oko kwandiphazamisa ngandlel’ ithile, kodwa ke ndaqonda ukuba indlela awayezenza ngayo izinto yayisengqiqweni yaye kwakuza kungenelwa mna xa enokuphinda abe ngumyeni wam.
Yonke le nto yandenza ndafuna ukuwazi ngakumbi amaNgqina kaYehova kunokuba kwakunjalo ngaphambili. Ngosuku olulandelayo, ndaqhagamshelana nelinye ibhinqa endandilazi njengeNgqina, yaye senza amalungiselelo okuba lona nomyeni walo beze ukuze bandichazele ngonqulo lwabo. Bandiphendula ngeBhayibhile kuyo yonke imibuzo emininzi endandinayo. Ndabona ukuba oko kwakufundiswa ngamaNgqina kaYehova kwakusekelwe ngokuqinileyo eBhayibhileni. Ngokwengongoma nganye esasiyixubusha kwafuneka ndivume ukuba le yinyaniso.
Ngelo xesha ndayishiya iCawa yamaLuthere ndaza ndayishiya imisebenzi yam yezobupolitika. Ndayeka nokutshaya. Elo yayilelona nyathelo linzima kunawo onke. Ndaqalisa ukufundelwa iBhayibhile ngoAgasti 1990, yaye ngoAprili 1991, ndabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova.
Umtshato Wabo Wesibini
UJudith: Ngoku sobabini sasingamaNgqina abhaptiziweyo. Nangona sasithabathe iindlela ezahlukeneyo, sobabini safundisisa iBhayibhile. Ngoncedo lweemfundiso zayo ezintle, sasahlukile kwinto esasiyiyo ngaphambili. Sasisakhathelelene, mhlawumbi ngakumbi kunangaphambili. Ngoku sasikhululekile ukuba singaphinda sitshate—yaye senza kanye loo nto. Saphinda senza izifungo okwesibini, kodwa ngoku sasizenza kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova.
ULars: Ngenene yayingumnqa lo—into yokuba intsapho yethu iphinde imanyane! Hayi indlela ngoku esasonwabe nesasivuya ngayo!
UJudith: Emtshatweni wethu kwakukho oonyana bethu, izizalwana ezininzi nezihlobo ezitsha nezidala. Kwakumnandi ngokwenene. Phakathi kweendwendwe zethu kwakukho abantu ababesazi sitshatile ngaphambili; babekuvuyela ukusibona kunye kwakhona yaye babemangaliswa luvuyo lokwenene olwalukho phakathi kwamaNgqina kaYehova.
Abantwana
ULars: Ukususela ekubhaptizweni kwethu siye sakuvuyela ukubona ababini koonyana bethu bekhetha ukwahlulela ubomi babo kuYehova.
UJudith: UJonas uye wayixabisa inyaniso yeBhayibhile ukususela ekuyazini kwakhe eseyinkwenkwana ngoxa wayetyelela uyise. Wayeneminyaka elishumi kuphela ubudala xa wandixelela ukuba ufuna ukuya kuhlala noyise kuba esithi “uTata uphila ngokuvisisana neBhayibhile.” UJonas wabhaptizwa xa wayene-14 leminyaka ubudala. Ugqibile ukufunda yaye ngoku ungumlungiseleli wexesha elizeleyo.
ULars: Unyana wethu olizibulo, uMartin, ngoku uneminyaka engama-27 ubudala. Utshintsho awabona silwenza lwamenza wacingisisa nzulu. Walishiya ikhaya waza waya kuhlala kwenye indawo. Kwiminyaka emibini edluleyo waqalisa ukufundisisa iBhayibhile kunye nebandla lalapho lamaNgqina kaYehova. Emva kweenyanga nje ezintlanu, wayesele ekulungele ukubhaptizwa. Usaqhubeka enosukelo oluhle lwekamva njengomKristu.
Unyana wethu wesibini, uThomas, akakabi lilo iNgqina likaYehova. Kambe ke, sisamthanda, ibe sisenolwalamano oluhle naye. Luyamvuyisa utshintsho olwenzekileyo kwintsapho yethu. Yaye sonke siyavumelana ukuba, ngoncedo lwemigaqo yeBhayibhile esayifundayo thina njengabazali, intsapho yethu iphinde yamanyana. Hayi indlela esisikeleleke ngayo kuba ngoku kulula ukusoloko sihlanganisa intsapho yethu, kunye nawo omathathu la makhwenkwe nabazali!
Indlela Esiphila Ngayo Namhlanje
ULars: Asizami kuthi siye safezeka. Kodwa siye safunda okuthile—okokuba uthando nokuhlonelana kusisikhokelo somtshato ophumelelayo. Isiseko owakhelwe kuso ngoku umtshato wethu sahluke kwaphela kweso sangaphambili. Ngoku sobabini sinegunya elingaphezu kwethu, kuba sobabini siyazi ukuba siphilela uYehova. Mna noJudith simanyene ngokwenene yaye sikhangele kwikamva ngentembelo.
UJudith: Ndicinga ukuba sibubungqina obunokuthenjwa bokuba uYehova ngoyena mcebisi womtshato nentsapho onokuthenjwa.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., ngowe-1978; ayisashicilelwa ngoku.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
ULars noJudith ngexesha lomtshato wabo wokuqala, ngowe-1973
[Umfanekiso okwiphepha 29]
La makhwenkwe mathathu aphulukana nentsapho yakowawo emanyeneyo aphinda ayifumana kwakhona
[Umfanekiso okwiphepha 31]
ULars noJudith namhlanje, baphinde bamanyaniswa kukulandela imigaqo yeBhayibhile