Imbono YeBhayibhile
Ngaba AmaKristu Afanele Ashumayele Kwabanye?
KUSENOKWENZEKA ukuba ngendlela okhuliswe ngayo asinto ifanelekileyo ukuxubusha ngonqulo nabanye abantu abangengawo amalungu entsapho okanye ecawa yakho. Ngoko, usenokucaphuka xa ubona kufika umntu ongamlindelanga ekhayeni lakho eze kuthetha ngeBhayibhile. Abanye basenokuba bavakalelwa ngale ndlela kuba beye babona ugonyamelo oluphenjelelwa lunqulo nabo benza ngathi bafuna ukusindisa abantu.
Imbali yamazwe amaninzi ibonisa ukuba abantu abaninzi baye baguquka, kungekhona ngenxa yokuba bethanda uKristu, kodwa ngenxa yokoyika ukubulawa. Bezimela, abantu abaninzi bashiya amakhaya namazwe abo, abanye bada bafa—abanye batshiselwa ezibondeni—kunokuba baguqukele kunqulo lwabo babatshutshisayo.
Izibhalo eziphefumlelweyo zeBhayibhile azikuxhasi oko kuguqulwa kwabantu ngenkani. Ngaba oko kuthetha ukuba akufanelekanga ukuba ubani abelane nabanye ngeenkolelo zakhe zonqulo? Masivumele iBhayibhile iphendule.
Ukufundisa Ngegunya
Okokuqala, khawucinge nje ngomzekelo owamiselwa nguYesu Kristu. Ngoyena mfundisi ubalaseleyo owaphembelela ubomi babantu ababemphulaphula. (Yohane 13:13, 15) KwiNtshumayelo yaseNtabeni, imfundiso yakhe yayilula kodwa inamandla. Ngenxa yoko abo babemphulaphula ‘bamangaliswa yindlela yakhe yokufundisa; kuba wayefundisa njengomntu onegunya.’ (Mateyu 7:28, 29) Nakwiminyaka emalunga nama-2 000 kamva, iimfundiso zakhe zisabachukumisa abo bazifundayo. Engqina oku, uNjingalwazi Hans Dieter Betz wathi “impembelelo yeNtshumayelo yaseNtabeni izodlula lee izithethe zamaYuda nezobuKristu nkqu nezaseNtshona.”
Ngaphambi kokuba anyukele ezulwini, uYesu waqinisekisa ukuba nasemva kokufa kwakhe lo msebenzi wawuqalisayo wawuza kuqhubeka. (Yohane 14:12) Wayalela abafundi bakhe ukuba baye kubantu bazo zonke iintlanga ‘babafundise ukuba bazigcine zonke izinto awabayalela zona.’ Eyona njongo yalo msebenzi ichazwe kwakulo ntetho kuba uYesu wongezelela wathi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi.”—Mateyu 28:19, 20; IZenzo 1:8.
Kwakhona qwalasela umzekelo kaPawulos. Akuba eguqukile waba ngumKristu, akazange abe nazintloni zokwabelana nabanye ngokholo lwakhe. (IZenzo 9:17-19, 22) Yayilisiko likaPawulos ukuthetha kwizindlu zesikhungu ‘engqina ngeembekiselo ukuba kwakuyimfuneko ngoKristu ukubandezeleka nokuvuka kwabafileyo.’ Ngobuchule ‘wayeqiqa ngeZibhalo’ ukuze ‘eyisele amaYuda namaGrike.’ Ngokutsho kwenye imbekiselo, igama lesiGrike elithi ‘ukweyisela’ lithetha “ukutshintsha indlela umntu acinga ngayo ngokuqiqa naye okanye ngokumbonisa imilinganiselo efanelekileyo.” Ngenxa yokuqiqa ngendlela eyeyiselayo kukaPawulos wakwazi ‘ukweyisela isihlwele esikhulu wasiphethulela kolunye uluvo.’—IZenzo 15:3; 17:1-4, 17; 18:4; 19:26.
Ngaba Kukunyanzela Okanye Kukweyisela?
Namhlanje, igama elithi “ukuguqula abantu” lisetyenziswa ekuguquleni abantu ngokubanyanzela. IBhayibhile ayikuxhasi oko. Ngokwahlukileyo ifundisa ukuba abantu badalwa banelungelo lokuzikhethela indlela abamele baphile ngayo. Oku kuquka nokwenza isigqibo sokukhonza uThixo.—Duteronomi 30:19, 20; Yoshuwa 24:15.
UYesu walihlonela ilungelo abalinikwe nguThixo engabanyanzeli abantu ukuba bamkele iimfundiso zakhe ngokusebenzisa amandla negunya awayenalo. (Yohane 6:66-69) Ezama ukufikelela iintliziyo zabo babemphulaphula wayeqiqa nabo, esebenzisa imizekeliso yaye ebuza nezabo izimvo. (Mateyu 13:34; 22:41-46; Luka 10:36) UYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba nabo babahlonele abantu.—Mateyu 10:14.
Kuyabonakala ukuba uPawulos walandela loo mzekelo kaYesu kubulungiseleli bakhe. Ngoxa wayeseyisela abo babemphulaphula ngokuqiqa nabo ngeZibhalo, uPawulos wayeyihlonela indlela abavakalelwa ngayo neembono zabo. (IZenzo 17:22, 23, 32) Wayeqonda ukuba kukuthanda uThixo noKristu okufanele kusishukumisele ukuba sikhonze uMdali wethu. (Yohane 3:16; 21:15-17) Ngoko isigqibo sethu sokukhonza uThixo ngumbandela wobuqu.
Isigqibo Sobuqu
Xa besenza izigqibo ezibalulekileyo, njengokuthenga indlu, uhlobo lomsebenzi nendlela yokukhulisa abantwana, abantu abalumkileyo abakwenzi oko ngokungxama. Bakuhlolisisa ngenyameko oku, becinga ngezinto ezibandakanyekileyo baze bacele namacebiso. Isigqibo basithabatha emva kokuba benze uhlolisiso ngezi zinto.
Ukwenza isigqibo ngendlela esimele simkhonze ngayo uThixo kokona kufuna ixesha nomgudu ngaphezu kwaso nasiphi na esinye isigqibo ebomini. Ukwenza eso sigqibo kuya kuchaphazela indlela esiphila ngayo ngoku, yaye okona kubaluleke ngakumbi kukuba kuya kuchaphazela ithemba lethu ngekamva lobomi obungunaphakade. AmaKristu enkulungwane yokuqala aseBhereya ayekwazi kakuhle oku. Nakuba umpostile uPawulos wazishumayelayo kuwo iindaba ezilungileyo, sekunjalo azihlolisisa ngenyameko iZibhalo yonke imihla ukuze aqiniseke ukuba zaziyinyaniso kusini na ezo zinto ayezifundiswa. ‘Ngoko ke abaninzi kuwo baba ngamakholwa.’—IZenzo 17:11, 12.
Namhlanje amaNgqina kaYehova ayaqhubeka nomsebenzi wokufundisa nokwenza abafundi owaqaliswa nguYesu. (Mateyu 24:14) Ayalihlonela ilungelo labanye lokuzikhethela unqulo. Kodwa ngokuphathelele ukwabelana nabanye ngeenkolelo zonqulo lwawo, alandela umzekelo omiselwe eBhayibhileni. Ngokunyaniseka, aqiqa ngeZibhalo ngoko akugqala njengomsebenzi osindisa ubomi.—Yohane 17:3; 1 Timoti 4:16.