IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g02 10/8 iphe. 32
  • Iintsapho Zinako Ukonwaba!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iintsapho Zinako Ukonwaba!
  • Vukani!—2002
Vukani!—2002
g02 10/8 iphe. 32

Iintsapho Zinako Ukonwaba!

ELINYE ibhinqa elihlala kwisixeko saseMaladzyechna, eBelarus, sabhalela kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova eRashiya. Lachaza ukuba linomyeni nabantwana ababini. Labhala lathi: “Mna nomyeni wam siyathandana. Noko ke, mvanje ndiye ndaphawula ukuba njengoko sinethuba sihlala kunye, sicatshukiswa nazizinto ezincinane size sixambulisane. Kwiinyanga ezimbalwa ezidluleyo, ndadibana nomnye umntu esitratweni waza wandinika iphecana elinomxholo othi Bunandiphe Ubomi Bentsapho. Ndaqala ndatsalwa ngumfanekiso omhle wentsapho eyonwabileyo. Kamva ndalifunda ndaza ndalinika nomyeni wam.

“Ndingathi nje, intsapho yethu iye yatshintsha ngendlela engummangaliso. Ngoku siyaqonda ukuba iintsapho zinako ukonwaba. Eyona nto ifunekayo kukuzinikela, uthando nokwabelana. Into ebalulekileyo kukuphila ngokuvumelana nemithetho kaThixo, ukuthanda uThixo nabantu, kuquka amalungu entsapho nabantu ongaqhelananga nabo.”

Laqukumbela ngelithi: “Ngoku yonk’ into ihamba lula yaye ndonwabile. Sifuna ukuqhubeka sifunda iBhayibhile size sifundise nabantwana bethu.”

Sinethemba lokuba nawe uya kungenelwa ngokufunda iphecana elithi Bunandiphe Ubomi Bentsapho. Singakuvuyela ukukuthumelela nencwadi enamaphepha ali-192 enomxholo othi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Ukuze uzifumanele eli phecana nale ncwadi, nceda uzalise iphetshana elingezantsi uze ulithumele kwidilesi ebhalwe kulo okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.

□ Ncedani nindithumelele iphecana elithi Bunandiphe Ubomi Bentsapho nencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho.

□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share